“INkosi Ithetha no-Eliya,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“INkosi Ithetha no-Eliya,” Amabali eTestamente eNdala
1 OoKumkani 19
INkosi Ithetha no-Eliya
Ukumamela ilizwi leNkosi
Ukumkani u-Ahabhi waxelela u-Izebhele ukuba iNkosi yayoyise ababingeleli bakaBhahali. U-Izebhele wayenomsindo kwaye wathi wayeya kubulala u-Eliya.
1 OoKumkani 19:1–2
Ukuhlala ekhuselekile, u-Eliya waye wahamba kwilizwe lakwaSirayeli. Waye wahamba iintsuku ezingama-40 nobusuku obungama-40, wayezilile njengoko wayehamba. Waze wafika kwiNtaba yaseSinayi kwaye wafumana umqolomba wokuzimela. INkosi yaxelela u-Eliya ukuba aye phezulu entabeni khon’ ukuze Yona ikwazi ukuthetha no-Eliya.
1 OoKumkani 19:3, 8–11
Umoya onamandla wafika kwaye wophula amatye awayengqonge umqolomba abaziingceba. Emva koko, inyikima yashukumisa umhlaba. Emva koko kwaqala umlilo. U-Eliya weva izandi ezingxolayo zomoya, nenyikima, kunye nomlilo. Kodwa ilizwi leNkosi lalingekho kwezo zandi zengxolo.
1 OoKumkani 19:11–12
Emva koko u-Eliya weva lizwi elizolileyo elincinane. Yena wayesazi ukuba leyo yayiNkosi. INkosi yaye yabuza u-Eliya ukuba wayesenzani apho.
1 OoKumkani 19:12–13
U-Eliya watsho ukuba wayezimelele ukuhlala ekhuselekile. Bonke abaprofeti babebulelwe, kwaye abantu babengayifuni iNkosi.
1 OoKumkani 19:14
INkosi yaye yamthuthuzela u-Eliya kwaye yamxelela kwakhona ukuba amaSirayeli amaninzi awayesayinqula iNkosi. INkosi yaye yacela u-Eliya ukuba abuyele ekhaya ayokulungisa omnye umprofeti. Igama lalo mprofeti omtsha yayingu-Elisha
1 OoKumkani 19:15–18