“UYosefu kunye neNdlala,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UYosefu neNdlala,” Amabali eTestamente eNdala
Genesis 42–46
UYosefu kunye neNdlala
Ithuba likabhuti lokumanya usapho lwakhe
Usapho lukaYakobi lwalulambile ngenxa yendlala. Ngoko ke uYakobi wathumela oonyana bakhe eYiputa ukuba bayothenga ukutya. Waye wagcina unyana wakhe omncinane ekhaya, uBhenjamin. Wayesoyika ukulahlekelwa nguBhenjamin njengokufana nangoko wayelahlekelwe nguYosefu kwiminyaka emininzi ngaphambili. Wayengazi ukuba oonyana bakhe abadala babethengise uYosefu njengekhoboka.
Genesis 42:1–4
Ngeli xesha, uYosefu wayeyinkokheli enkulu eYiputa. Wayephethe ekuthengiseni ngelixa lendlala. Oobhuti baye badibana noYosefu baze bamcela ukutya. Babengamboni.
Genesis 42:5–8
UYosefu wababona, kodwa wenza ngathi akabazi. Waye wabuza ngosapho lwabo ukubona ukuba utata wakhe kunye nomntakwabo uBhenjamin babesaphila.
Genesis 42:10–14
Emva koko uYosefu wanika abantakwabo ukutya. Waye wabaxelela ukuba bangabuyeli okunye ukutya okungakumbi ngaphandle kokuba babuya nomntakwabo omncinane, uBhenjamin.
Genesis 42:15–20
Xa usapho lwaye lwaphelelwa kukutya kwakhona, uYakobi wayesazi ukuba kwakumele athumele uBhenjamin kunye nabanye oonyana bakhe ukuba babuyele eYiputa. UYakobi wayesasoyika ukuyekela uBhenjamin ukuba ahambe. Kodwa uYuda, omnye woobhuti, wathembisa ukuba wayeya kumkhusela uBhenjamin.
Genesis 43:1–15
Xa oobhuti babebuyela eYiputa, uYosefu wenza kujongeke ngathi uBhenjamin wayebe indebe yesilivere. Wayefuna ukubona ukuba abantakwabo babetshintshile na. UYuda wacenga uYosefu ukuba angamohlwayi uBhenjamin kodwa ohlwaye uYuda endaweni yakhe.
Genesis 44
UYosefu wayonwabele ukubona ukuba abantakwabo babetshintshile. Babemthanda uBhenjamin kangangokuba babemkhusele. Ngoko ke, ekugqibeleni, uYosefu waye wabaxelela ukuba wayengubani.
Genesis 42:21–24; 45:1–4
UYosefu waye wabaxolela abantakwabo njengoko babemthengise njengekhoboka. UYosefu wathi kwakuyindlela yeNkosi yokunceda usapho lwabo ukuba lusinde endlaleni.
Genesis 45:5–8
Abantakwabo boYosefu babuyela kutata wabo, uYakobi, kwaye bamxelela konke oko kwakwenzekile. UYakobi wahambisa usapho lwakhe lonke eYiputa.
Genesis 45:24–28; 46:1–26
UFaro walwamkela usapho lukaYakobi. Waye wabanika umhlaba kunye nezilwanyane ukuze babenako ukubanokutya okuninzi. Usapho lukaYakobi lwaye lwaphila ngoxolo ixesha elide.
Genesis 45:16–23