“U-Eliya nabaBingeleli bakaBhahali,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“U-Eliya nabaBingeleli bakaBhahali,” Amabali eTestamente eNdala
1 OoKumkani 18
U-Eliya nabaBingeleli bakaBhahali
Umprofeti weNkosi equbisebene nababingeleli bobuxoki
Ubukumkani bukaSirayeli baqhubekeka ngokusokola kokungabinawo amanzi. Ukumkani u-Ahabhi waxelela abantu ukuba balandele uthixo wobuxoki obizwa ngokuba nguBhahali.
1 OoKumkani 18:1–2, 17–18
INkosi yathumela umprofeti u-Eliya ukuba ayokudibana no-Ahabhi. U-Eliya wamemela bonke abantu phezu kwentaba. Wamemela ukumkani nababingeleli bakhe kumcelingeni wokubona okokuba iNkosi okanye uBhahali wayenguThixo wenene na.
1 OoKumkani 18:19–21
U-Eliya wawuchaza umcelimngeni. Yena nababingeleli babeya kukwenza idini lenkunzi yenkomo esibingelelweni, kodwa babengazukuwubasa ngokwabo umlilo. Endaweni yoko, ababingeleli babeya kuthandaza kuBhahali ukuba enze kubekho umlilo. Ngoko ke u-Eliya wayeya kuthandaza eNkosini ukuba yenze kubekho umlilo. U-Eliya wayesazi ukuba uThixo wokwenene qha owayeya kukwenza kubekho umlilo lowo.
1 OoKumkani 18:22–25
Ababingeleli bakaBhahali bathandaza kuthixo wabo ukusukela ekuseni ukuya emini emaqanda, kodwa akukho nto eyenzekayo. U-Eliya waqhula kunye nabo kwaye wathi uthixo wabo uBhahali wayelele mhlawumbi.
1 OoKumkani 18:26–27
Ababingeleli baye babanomsindo, baxhumela phezu kwesibingelelo, kwaye bakhwaza kwade kwangorhatya. Babethemba ukuba uthixo wabo wayeya kuphendula, kodwa akuzange kubekho mlilo.
1 OoKumkani 18:28–29
Emva koko kwafika ithuba lika-Eliya. Yena wokhela iNkosi isibingelelo, womba umsele ongqunge isibingelelo, kwaye walungisa idini.
1 OoKumkani 18:30–32
U-Eliya wacela abantu ukuba bagcwalise imiphanda emine ngamanzi kwaye bawagalele phezu kweenkuni eziphezu kwesibingelelo sakhe amaxesha amathathu. Amanzi amanzisa iinkuni kunye nesibingelelo. Agcwalisa wonke umsele.
1 OoKumkani 18:33–37
U-Eliya waye wathandaza eNkosini ukuba ibonakalise amandla okwenene kaThixo. Umlilo weNkosi wehla kwaye watshabalalisa idini, neenkuni, namatye, kunye namanzi. Abantu babesazi ukuba uThixo ka-Eliya wayenguThixo wenyaniso. U-Eliya wathandazela ukuba imbalela iphele, kwaye iNkosi yathumela imvula.
1 OoKumkani 18:38–41