“U-Elisha Uphilisa uNahaman,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“U-Elisha Uphilisa uNahaman,” Amabali eTestamente eNdala
2 OoKumkani 5
U-Elisha Uphilisa uNahaman
Indlela ummangaliso omkhulu wokulandela ukholo nje olungenamsebenzi
Kude eSiriya kwakuhlala indoda egama linguNahaman. Wayengumphathi omkhulu womkhosi wamaSiriya. Kodwa uNahaman wayenesifo solusu esibuhlungu esasibizwa ngokuba liqhenqa.
2 OoKumkani 5:1
Isicaka senkosikazi kaNahaman sasiyintombazana yomSirayeli. Intombazana yayinokholo eNkosini. Yona yathi okokuba ukuba uNahaman wayengandwendwela umprofeti u-Elisha, uNahaman wayeya kuphiliswa kweso sifo.
2 OoKumkani 5:2–4
UNahaman wahamba indlela ende uyokufuna u-Elisha. UNahaman wayecinga ukuba wayeya kuphiliswa ngommangaliso omkhulu.
2 OoKumkani 5:5–8
UNahaman weza kwikhaya lika-Elisha kunye nezicaka zakhe, namahashe akhe, kunye neenqwelo zokulwa zakhe. U-Elisha wathumela isicaka sakhe ukuba sinike uNahaman imiyalelo yeNkosi. INkosi yayiya kumphilisa uNahaman ukuba wayezihlambile eMlanjeni iYordan amaxesha asixhenxe.
2 OoKumkani 5:9–10
UNahaman wayenomsindo kuba wayefuna umprofeti weNkosi aphumele ngaphandle kwaye amphilise ngokukhawuleza. UNahaman waye wakhalaza ukuba uMlambo iYordan wawungalunganga njengemilambo emikhulu yaseSiriya.
2 OoKumkani 5:11–12
Kodwa izicaka zikaNahaman zabuza ukuba kwakungani uNahaman wayengenakwenza umsebenzi omncinane ngoluhlobo. Nokuba yayingavakali kakuhle kuNahaman, umprofeti weNkosi wayemcelile ukuba enze oko.
2 OoKumkani 5:13
UNahaman waye wayeka ukubanekratshi kwaye wamamela izicaka zakhe. Waye wazihlamba eMlanjeni iYordan amaxesha asixhenxe. Emva koko iNkosi yaye yamphilisa uNahaman, njengoko u-Elisha wayetshilo. UNahaman wayesazi ukuba u-Elisha wayengumprofeti kwaye iNkosi yayiphila.
2 OoKumkani 5:14–15