“U-Isaya uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“U-Isaya uMprofeti,” Amabali eTestamente eNdala
Isaya 6–7; 9; 53–54
U-Isaya uMprofeti
Iziprofeto ezimalunga neNkosi uYesu Krestu
AmaSirayeli ayoyiswe amaxesha amaninzi kwaye ayefuna iNkosi ukuba iwakhusele. Ngenye imini etempileni, iNkosi yaye yabiza indoda egama lingu-Isaya ukuba afundise abantu malunga nokuza kukaYesu Krestu. U-Isaya wayebathanda abantu kwaye wabafundisa ngendlela uKrestu awayenokubasindisa ngayo.
Isaya 6:1–8
U-Isaya wafunda malunga nokuba uYesu Krestu wayeya kuza ngenye imini azosindisa abantu baKhe esonweni. Kodwa ayingomntu wonke owambona Yena njengoMsindisi wabo. U-Isaya wayekhathazekile ngenxa yokuba wayesazi abantu abaninzi babengenakukholelwa kuYesu Krestu.
Isaya 6:9–13; 7:14; 53:1–9
Kodwa u-Isaya waprofeta ngoKubuya kweSibini kukaYesu Krestu. UYesu Krestu wayeya kubuya abe nguKumkani womhlaba wonke. Wayeya kuza kwakhona kwaye azalisekise icebo likaBawo ngokuzisa ububele kunye noxolo ngonaphakade. U-Isaya wathi wonke umntu wayeya kumazi uYesu Krestu unguMsindisi wabo.
Isaya 9:6–7; 54:1–10