“U-Abraham no-Isake,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“U-Abraham no-Isake,” Amabali eTestamente eNdala
Genesis 17:21–22
U-Abraham no-Isake
Utata, nonyana, kunye nedini
U-Abraham noSara baye babanosana oluyinkwenkwe, njengoko iNkosi yayithembisile. Baluthiya ngokuba ngu-Isake.
Genesis 17:9; 21:1–3
Babemthanda u-Isake. Bamfundisa ukuba akhethe okulungileyo kwakunye nokuba athembele eNkosini.
Genesis 21:8
INkosi yathembisa u-Abraham noSara ukuba ngaye u-Isake usapho lwabo lwaluya kukhula lusikelele umhlaba wonke. Kodwa ngenye imini iNkosi yaye yaxelela u-Abraham ukuba athathe u-Isake amse kwiNtaba iMoriya kwaye anikezele ngaye njengedini.
Genesis 17:1–8; 22:1–2
Endleleni yabo eya entabeni, u-Isake waye wabuza ukuba yayiphi na imvana yedini. U-Abraham wathi iNkosi yayiya kubonelela ngayo.
Genesis 22:4–8
Entabeni iMoriya, u-Abraham wakha isibingelelo waze wabeka iinkuni phezu kwaso.
Genesis 22:8–9
Njengoko iNkosi yayiyalele, u-Abraham waye wacela u-Isake ukuba angqengqe phezu kwesibingelelo. U-Isake wayemthembile u-Abraham njengokufana noMsindisi uYesu Krestu wayemthembile uYise.
Genesis 22:9
Xa u-Abraham wayesele eza kwenza idini ngo-Isake, ingelosi yeNkosi yaye yammisa. U-Abraham wabonisa ukholo lwakhe kwiNkosi. U-Abraham wayesazi ukuba wayeya kusoloko elandela iNkosi.
Genesis 22:10–12
U-Abraham waphakamisa amehlo wabona inkunzi yegusha ibambeke etyholweni. INkosi yabonelela ngenkunzi yegusha isenzela idini.
Genesis 22:13
U-Abraham no-Isake baye bafunda ngendlela uBawo Osezulwini awayeya kunikela ngayo ngoNyana waKhe uYesu Krestu njengedini. INkosi uYesu Krestu yayimthemba u-Abraham kuba wayethobela. U-Abraham wayesithemba isithembiso seNkosi sokokuba ngenye imini usapho lwakhe lwaluya kukhula lwegqithe inani leenkwenkwezi esibhakabhakeni.
Genesis 22:17–18; Yakobi 4:5