“UMoses kunye neNyoka yoBhedu,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UMoses kunye neNyoka yoBhedu,” Amabali eTestamente eNdala
Numeri 21
UMoses kunye neNyoka yoBhedu
Ukufunda ukubanokholo kuyo iNkosi
Xa amaSirayeli ayehamba entlango, ayehlala elibala iNkosi kwaye ekhalaza. INkosi yaye yathumela iinyoka ukuwanceda ukuba athobeke kwaye ayikhumbule Yona. Iinyoka zaye zaluma abantu, kwaye abantu abaninzi baye basweleka.
Numeri 21:1–6
Kungekudala abantu baye baguquka. Baye bacela uMoses ukuba athandaze eNkosini kwaye ihambise iinyoka. INkosi ayizange izisuse iinyoka. Kodwa Yona yenza indlela yokuba abantu babenokusindiswa ukuba babelunyiwe.
Numeri 21:7
INkosi yaxelela uMoses ukuba enze inyoka yobhedu kwaye ayincamathisele epalini. Xa abantu babelunyiwe kwaye bejonga enyokeni elubhedu, iNkosi yayibasindisa. INkosi yawanceda amaSirayeli ukuba athobeke kwaye nokuba athembele kuYo.
Numeri 21:8–9; 1 Nifayi 17:41; Hilamani 8:14–15