“UHagare,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UHagare,” Amabali eTestamente eNdala
Genesis 16
UHagare
Icebo leNkosi ngentombi yaYo
UHagare wayesisicaka sikaSara. USara wayemdala kwaye wayengenabo abantwana. Waye waxelela umyeni wakhe, u-Abraham ukuba atshate uHagare khon’ ukuze babenako ukubanabantwana. U-Abraham noHagare baye batshata, kwaye kungekudala uHagare wayeza kubanomntwana.
Genesis 16:1–3
UHagare noSara baqala ukungavani. UHagare wakhetha ukubalekela entlango.
Genesis 16:4–6
Njengoko uHagare wayehamba, waye wadinwa kakhulu kwaye wanxanwa. Ekugqibeleni, waye wafika kwindawo enamanzi waze waphumla apho.
Genesis 16:7
INkosi yayisazi ngeengxaki zikaHagare kwaye yayinecebo lokumnceda. Yona yathumela ingelosi ukuba imcele abuyele emva ku-Abraham noSara. Yathembisa ukuba usapho lukaHagare lwaluya kwanda. Yona yathi umntwana lowo wayeza kubanaye yayiyinkwenkwe kwaye kwakumele amthiye igama elingu-Ishmayeli.
Genesis 16:7–14
UHagare wayethembele eNkosini kwaye wayithobela ingelosi. Waye wabuyela ku-Abraham noSara. UHagare waye wafumana inkwenkwe, kwaye igama layo yayingu-Ishmayeli. UHagare wayesazi ukuba iNkosi yayibagadile.
Genesis 16:11, 15