“UYakobi noSapho lwaKhe,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UYakobi noSapho lwaKhe,” Amabali eTestamente eNdala
Genesis 27–33
UYakobi noSapho lwaKhe
Indlela iNkosi egcina ngayo izithembiso zaYo
UYakobi washiya ikhaya lakhe ebaleka umntakwabo u-Esawu owayenomsindo. Utata kaYakobi wamsikelela ukuba afumane kwaye atshate umfazi owayethanda iNkosi nowayegcina imithetho yaYo.
Genesis 27:42–46; 28:1–5
Ngexesha uYakobi wayehamba-hamba, iNkosi yaye yamndwendwela ngombono. Yona yathembisa ukusoloko ikunye noYakobi. UYakobi wathembisa ukunika iNkosi isishumi sako konke owayekufumene.
Genesis 28:10–16, 20–22
INkosi yathembisa uYakobi ukuba wayeya kubanabantwana abaninzi. Ngabantwana bakaYakobi, iintsapho zomhlaba zaziya kusikelelwa ngokuba zazi uMsindisi. Usapho lukaYakobi kwimihla yokugqibela lubizwa ngokuba luyindlu kaSirayeli.
Genesis 28:3–4, 14; 1 Nifayi 10:14
UYakobi wahamba waya kwilizwe elalibizwa ngokuba yiHaran. Apho kulo waye wathandana nomfazi olilungisa ogama linguRakeli.
Genesis 27:43; 29:9–20
UYakobi wavuma ukusebenzela utata wakhe, uLabhan iminyaka esixhenxe, ukuba uLabhan wayeya kumvumela ukuba atshate uRakeli. ULabhan wavuma. UYakobi wasebenza iminyaka esixhenxe.
Genesis 29:21–27
Kodwa uLabhan wayefuna uLeya, intombi yakhe endala, kube yeyona etshata kuqala. Ngexesha lomtshato, uLabhan wakhohlisa uYakobi kwaye wamtshatisa noLeya endaweni yoko. Kodwa uYakobi wayethanda uRakeli. Waye wathembisa ukusebenza eminye iminyaka esixhenxe ukuba wayenokubanako ukumtshata. ULabhan wavuma, kwaye usapho lukaYakobi lwaqala ukukhula.
Genesis 29:28–35; 30:3–13, 17–24; Yakobi 2:27–30
ULabhan akazange ahlawule uYakobi ngokufanelekileyo. Kodwa iNkosi yamsikelela uYakobi ngezilwanyana ezininzi kwaye yaxelela uYakobi ukuba abuyele ekhaya.
Genesis 30:31, 43; 31:1–7, 17–18
Endleleni yakhe eya ekhaya, uYakobi weva ukuba umntakwabo u-Esawu kunye namadoda angama-400 ayesiza kuhlangana naye.
Genesis 32:3–6
UYakobi wayecinga ukuba u-Esawu wayesamqumbele. UYakobi wayesoyikisela ukhuseleko losapho lwakhe, ngoko ke waluthatha walusa kwindawo ekhuselekileyo kwaye wathandaza.
Genesis 32:7–24
UYakobi wathandaza ubusuku bonke kwade kwabakusasa. INkosi yandwendwela uYakobi kwaye yamsikelela. INkosi yaxelela uYakobi ukuba wayeya kuba yinkokheli enkulu kubantu abaninzi. INkosi yalitshintsha igama likaYakobi yalenza uSirayeli,
Genesis 32:24–30
Kungekudala u-Esawu kunye namadoda akhe bamfumana uYakobi nosapho lwakhe. U-Esawu wayengasamqumbelanga uYakobi. Waye wabaleka waya kuhlangana noYakobi kwaye wamwola. Wayonwabe kakhulu ukumbona kwakunye nokudibana nosapho lwakhe. UYakobi naye wayonwabele ukubona u-Esawu kwakhona.
Genesis 33:1–7
INkosi yaye yazigcina izithembiso zaYo kuYakobi ubomi bakhe bonke. UYakobi wafika ekhayeni nosapho lwakhe kwaye bazinza khona. Ukususela ngoko, uYakobi waye wabizwa ngokuba nguSirayeli, kwaye nosapho lwakhe lwalubizwa ngokuba ngamaSirayeli. Waye waqhubekeka ukuyigcina imithetho kunye nokunqula iNkosi.
Genesis 33:17–20