“UMoses eNtabeni yaseSinayi,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UMoses eNtabeni yaseSinayi,” Amabali eTestamente eNdala
Eksodus 19–20; 24; 31–34; Duteronomi 4–7
UMoses eNtabeni yaseSinayi
Ukunceda abantu bakhumbule iNkosi
UMoses kunye namaSirayeli bahamba entlango. Bafika kwintaba eyayibizwa ngokuba yiNtaba yaseSinayi.
Eksodus 19:1
UMoses waye wakhwela entabeni wayokuthetha neNkosi. INkosi yaxelela uMoses ukuba Yona yayifuna ukuthetha namaSirayeli ubuso ngobuso.
Eksodus 19:3, 9–11
AmaSirayeli eza emazantsi weNtaba yaseSinayi, kwaye iNkosi yenza ukuba ilifu lomsi ukuba ungqonge intaba. INkosi yayikwilifu. Yaye yathetha namaSirayeli kwaye yawanika imithetho. Intaba yaye yanyakaza ngelixa Yona yayithetha.
Eksodus 19:16–19; 20:1–17; Duteronomi 4:12–13, 33; 5:4–5
AmaSirayeli aye oyika. Aye acela uMoses ukuba athethe neNkosi khon’ ukuze uMoses awaxelele oko iNkosi yayikufuna.
Eksodus 20:18–19
UMoses wathatha u-Aron nabadala bamaSirayeli abangama-70 wabasa entabeni ukuba bayofumana iimfundiso ezingakumbi zeNkosi. INkosi yavela kubo.
Eksodus 24:1, 9–11
INkosi yaxelela uMoses ukuba ashiye abadala aqhubeke anyukele phezulu entabeni. UMoses waye wathobela. INkosi yaye yasebenzisa umnwe waYo ukubhala umthetho waYo kunye nemithetho yaYo phezu kwamatye. Kangangeentsuku ezingama-40, iNkosi yafundisa uMoses izinto ezininzi.
Eksodus 24:12–18; 31:18
Ngexesha uMoses wayephezu kweNtaba yaseSinayi, abantu bakwaSirayeli baye badinwa kukummela. Baye baxelela u-Aron ukuba abenzele umfanekiso oqingqiweyo ukuba bawunqule njengendlela ababesenza ngayo eYiputa. U-Aron waye waqokelela yonke igolide yabo kwaye wenza umfanekiso oqingqiweyo wethole.
Eksodus 32:1–4
AmaSirayeli aye anqula ithole legolide kwaye anikela neminikelo. Ayesithi ithole legolide lilo elabakhulula eYiputa, hayi iNkosi,
Eksodus 32:4–6, 21–24
INkosi yayisazi ukuba amaSirayeli ayenqula isithixo kwaye ayeyilibele Yona. Yona yayalela uMoses ukuba abuyele kwaye axelele abantu ukuba baguquke.
Eksodus 32:7–10
UMoses wehla eNtabeni yaseSinayi kwaye wabona amaSirayeli enqula ithole legolide. Wayequmbile kakhulu. Abantu babengalungelanga ukuthobela umthetho nemiyalelo iNkosi eyayibhalile. UMoses waye wophula amatye kwaye watshabalalisa ithole legolide. Waye wanceda amaSirayeli ukuba aguquke kwaye akhumbule uThixo wawo wokwenene.
Eksodus 32:15–20, 25–29
UMoses wacela iNkosi ukuba ixolele amaSirayeli kwaye yenze izithembiso kunye nawo kwakhona. UMoses wathembisa ukuwakhokela kunye nokuwafundisa.
Eksodus 32:30–34
INkosi yacela uMoses ukuba enze amatye amatsha kwakunye nokuba abuyele eNtabeni yaseSinayi. INkosi yenza isithembiso esitsha kunye namaSirayeli kwaye yawanika iMithetho Elishumi.
Eksodus 20:2–17; 34:1–17, 28; Duteronomi 6:24–25; 7:12–13