“UKumkani uDavide,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UKumkani uDavide,” Amabali eTestamente eNdala
1 Samuweli 18–19; 31; 2 Samuweli 1; 5; 11–12
UKumkani uDavide
Ukusokola kokumkani
Ukumkani uSawule, oyikumkani yamaSirayeli, wachukunyiswa kukuba uDavide woyisa uGoliyati. USawule wenza uDavide inkokheli yemikhosi yakhe.
1 Samuweli 18:5
UDavide wayeyithanda iNkosi kwaye wayesoloko efuna ukwenza okulungileyo. Abantu bakwaSirayeli babemthanda uDavide.
1 Samuweli 18:6–7
USawule waye waba nomona kwaye wazama ukubulala uDavide. Kodwa uDavide wayelandela iNkosi, kwaye iNkosi yamkhusela kuSawule.
1 Samuweli 18:6–16; 19:1
AmaSirayeli alwa kwiimfazwe ezininzi. Ngenye imini uSawule kunye noonyana bakhe baye baswelekela edabini. UDavide wayebathanda kakhulu kwaye wayekhathazekile ngokuva ngokufa kwabo. Ngoku amaSirayeli ayedinga ukumkani omtsha. INkosi yaye yakhetha uDavide ukuba abe yikumkani. Abantu babonwabile.
1 Samuweli 31:2–6; 2 Samuweli 1:11–12; 5:1–5
INkosi yamsikelela uKumkani uDavide kwaye yamkhokela. Ngoncedo lweNkosi, umkhosi kaDavide waye woyisa iintshaba zawo.
2 Samuweli 5:6–10, 17–25
Ngenye imini xa uDavide kwakumele aye edabini, waye wahlala ekhaya. Waye wabona umfazi omhle. Igama lakhe yayinguBhatshebha, kwaye uDavide wayefuna ukumtshata. Kodwa wayesele etshatele ku-Uriya, owayelijoni emkhosini kaDavide.
2 Samuweli 11:1–3
UDavide wayefuna ukutshata uBhatshebha, ngoko ke waye wathumela umyeni wakhe u-Uriya kwidabi elalinobungozi khon’ ukuze u-Uriya abulawe.
2 Samuweli 11:4–17
Kungekudala uDavide waye wava ukuba u-Uriya uswelekele edabini. UDavide wathumela izicaka zakhe ukuba zizise uBhatshebha endlwini yakhe, kwaye waye wamtshata.
2 Samuweli 11:24, 26–27
Kodwa iNkosi yayingonwabanga ngoko uDavide wayekwenzile. INkosi yathumela uNatan, umprofeti, ukuba ayoxelela uDavide ukuba isono sakhe sasingqongqo kangakanani. UDavide waye wakhathazeka kakhulu ngoko wayekwenze ku-Uriya noBhatshebha. Wathandaza kwaye wazilela ukuba axolelwe yiNkosi.
2 Samuweli 11:27; 12:1–13