“UYosefu eYiputa,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UYosefu eYiputa,” Amabali eTestamente eNdala
Genesis 39–41
UYosefu eYiputa
Ikhoboka liba yinkokheli
UYosefu wathengiswa njengekhoboka kwindoda eyayigama linguPotifare. UPotifare wayesebenzela uFaro, umlawuli waseYiputa. UPotifare wayebona ukuba iNkosi yayimnceda uYosefu. Wayemthemba uYosefu kwaye wamenza umphathi wendlu yakhe kunye nento yonke awayenayo.
Genesis 39:1–6
Umfazi kaPotifare wayethanda uYosefu. Wayefuna uYosefu ukuba ophule imithetho yeNkosi kunye naye. UYosefu wamxelela ukuba hayi.
Genesis 39:7–10
Umfazi kaPotifare wayengamameli, ngoko ke uYosefu waye wabaleka. Waye waqumbela uYosefu.
Genesis 39:11–12
Waye wabonisa uPotifare icuntswana lemphahla kaYosefu. Waye waxokisela uPotifare ngoYosefu. UPotifare wafaka uYosefu entolongweni.
Genesis 39:13–20
UYosefu wayohlukanisiwe kusapho lwakhe. Wayelikhoboka, kwaye ngoku wayelibanjwa. Kodwa iNkosi yaye yamnceda uYosefu. UYosefu akazange anikezele. INkosi yaye yasikelela umphathi wentolongo ukuba abone okulungileyo kuYosefu. Umphathi waqala ukumthemba, ngoko wenza uYosefu umphathi wamanye amabanjwa.
Genesis 39:21
UYosefu wadibana namabanjwa amabini, umbhaki nomngcamli, ababesebenzela uFaro. Bobabini babenamphupha awangaqhelekanga. Ngamandla eNkosi, uYosefu wawachaza ukuba ayethetha ukuthini. Iphupha lomngcamli lalithetha ukuba wayeya kukhululwa. Emva kweentsuku ezintathu, waye wakhululwa ukuba ayokusebenzela uFaro kwakhona.
Genesis 39:22–23; 40:1–21
Ngenye imini uFaro wayekhathazwe ngamaphupha akhe. Kwakungekho mntu owayenokumxelela ukuba ayethetha ukuthini na.
Genesis 41:1–8
Ngoko ke umngcamli waye wakhumbula ukuba uYosefu wayekwazi ukuchaza amaphupha.
Genesis 41:9–13
UYosefu waye wakhutshwa entolongweni ukuba aze kuchaza amaphupha kaFaro. UYosefu wathi amaphupha ayethetha ukuba iYiputa yayiya kubaneminyaka esixhenxe yokutya okuninzi ilandelwe yiminyaka esixhenxe yendlala enokutya okuncinci. UYosefu waxelela uFaro ukuba iYiputa kwakumele yonge ukutya okongezelelekileyo ngelixa leminyaka elungileyo.
Genesis 41:14–36
UFaro wayesazi ukuba uYosefu oko wayekuthethile malunga namaphupha wakhe kwakuyinyani. Waye wamkhulula uYosefu entolongweni kwaye wenza uYosefu inkokheli enkulu kwelaseYiputa. Kwiminyaka esixhenxe, uYosefu waye wanceda iYiputa ukuba igcine ukutya okongezelelekileyo.
Genesis 41:37–53
Indlala yaye yafika. Ngeli xesha, akukho namnye owayenokukhulisa ukutya. Abantu baye baya eYiputa beyokuthenga ukutya oko uYosefu wayekugcinile. Ngenxa kaYosefu, amaYiputa aye onga ukutya okwaneleyo ukuwanceda nabanye ukuba basinde endlaleni.
Genesis 41:54–57