“U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi,” Amabali eTestamente eNdala
2 OoKumkani 6
U-Elisha kunye noMkhosi weNkosi
Iinqwelo zokulwa zomlilo zeNkosi
AmaSiriya ayengawathandi amaSirayeli. Ukumkani wamaSiriya wathumela umkhosi wakhe ukuba ayokubamba umprofeti u-Elisha. Ebusuku, umkhosi waye wangqonga isixeko apho u-Elisha wayekuso.
2 OoKumkani 6:8–14
Isicaka esincinane sika-Elisha saye savuka kwaye sabona umkhosi wamaSiriya. Saye sabuza u-Elisha ukuba benzeni na. U-Elisha wamxelela umfana omncinane ukuba angoyiki. Yena wathi umkhosi obalwelayo wawumkhulu ngaphezu kwalowo wawulwela abangakubo.
2 OoKumkani 6:15–16
U-Elisha wacela iNkosi ukuba ibonise umfana omncinane oko u-Elisha wayekubonile. INkosi yambonisa umkhosi wasezulwini kunye namahashe kunye neenqwelo zokulwa zomlilo zokubakhusela. Umkhosi wamaSiriya waye wamfamekiswa ngamandla kaThixo. Abazange baphinde balwe namaSirayeli.
2 OoKumkani 6:17–23