“UKumkanikazi u-Estere,” Amabali eTestamente eNdala (2022)
“UKumkanikazi u-Estere,” Amabali eTestamente eNdala
Estere 2–5; 7–9
UKumkanikazi u-Estere
Ukukhalipha ngexesha lobungozi
Amanye amaSirayeli ayebizwa ngokuba ngamaYuda. U-Estere wayeliYuda elalihlala ePersi. Abazali bakhe babeswelekile, ngoko ke umzala wakhe uMordekayi nguye owayemkhathalela. Wayemenyelwe kwitrone kakumkani kunye namanye amantombazana amancinane ebukumkanini. Ukumkani wayefuna ukumkanikazi omtsha, kwaye waye wakhetha u-Estere.
Estere 2:2–7, 16–17
Ukumkani wayenesicaka esigama linguHaman owaye wakhulela emandleni amakhulu. UHaman wayencedisa ukumkani ekuphatheni ilizwe. Ukumkani wenza wonke umntu ukuba aguqe kuHaman.
Estere 3:1–2
Kodwa uMordekayi akazange aguqe kuHaman. UMordekayi wayeguqa kwiNkosi kuphela. Oku kwenza uHaman ukuba abenomsindo. Wayefuna ukohlwaya uMordekayi kunye nawo onke amaYuda.
Eksodus 20:5; Estere 3:5–6, 8
UHaman waxelela ukumkani ukuba amaYuda ayengayilandeli imithetho kakumkani. Ngoko ke ukumkani wavumela uHaman ukuba enze umthetho omtsha: ngosuku oluthile, onke amaYuda ayeya kubulawa.
Estere 3:8–11, 13
UMordekayi wacela u-Estere ukuba athethe nokumkani. Ukumkani wayenako ukutshintsha umthetho kaHaman kwaye asindise amaYuda. Kodwa u-Estere wayesoyika. Ngamanye amaxesha ukumkani wayebabulala abantu ababeza kuthetha naye ngaphandle kwesimemo.
Estere 4:5–11
UMordekayi wacela u-Estere ukuba acinge ngamaYuda awayeya kubulawa. UMordekayi wathi kusenokwenzeka ukuba iNkosi yayibeke u-Estere kwitrone kakumkani ukusindisa amaYuda.
Estere 4:13–14
U-Estere wayesazi ukuba kwakufuneka athethe nokumkani, nokokuba kwakuthetha ukuba naye wayesenokubulawa. U-Estere wacela onke amaYuda kunye nezicaka zakhe ukuba bazile ukutya kunye naye.
Estere 4:15–16
Emva kokuzila ukutya iintsuku ezintathu, u-Estere wazilungisa kwaye waya kubona ukumkani.
Estere 5:1
Xa wayesondela kukumkani, waye wolula intonga yakhe. Oku kwakuthetha ukuba ukumkani wayevuyela ukumbona kwaye wayengazokumbulala. Waye wambuza ukuba wayefuna ntoni na. U-Estere waxelela ukumkani ukuba abantu bakhe babesengozini. Ngenxa yomthetho kaHaman, yena kunye nawo onke amaYuda ebukumkanini babeya kubulawa.
Estere 5:2–3; 7:4–6
Ukumkani waye wabanomsindo kuHaman kwaye wambulala. Ukumkani wenza umthetho omtsha owawukhusela amaYuda. Ngoku ayevumelekile ukuba azikhusele nakubani na owayezama ukubalimaza.
Estere 7:9–10; 8:10–11
Ukholo luka-Estere eNkosini kunye nenkalipho yakhe yokuthetha nokumkani yabasindisa abantu bakhe. Endaweni yokufa nosizi, kwaye kwabakho isidlo. AmaYuda aye abhiyoza.
Estere 8:16–17; 9:18–32