“EyeSilimela 29–EyeKhala 5 . ‘Ukuba uYehova nguThixo, Landelani Yena’: OoKumkani I 12–13; 17–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeSilimela 29–EyeKhala 5 . ‘Ukuba uYehova nguThixo, Landelani Yena,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Elijah Contends against the Priests of Baal [U-Eliya uPhikisana naBabingeleli bakaBhahali], nguJerry Harston
EyeSilimela 29–EyeKhala 5: “Ukuba uYehova nguThixo, Landeleni Yena”
OoKumkani I 12–13; 17–22
Indlu kaSirayeli yayikwisiphithiphithi. Ubukumkani babohlukene, izizwe ezilishumi zakha uBukumkani baseMantla bakwaSirayeli ze izizwe ezibini zenza uBukumkani baseMazantsi bakwaYuda. Kodwa okubi mpela kunokwahlukana kwazo esinye kwesinye yayikukwahlukana kwezi zizwe zizombini neminqophiso yazo. Ookumkani abakhohlakeleyo babakhokelela kude abantu eNkosini, baze abantu abaninzi baxengaxenga kukholo lwabo.
Kule meko, iNkosi yabiza u-Eliya ukuba abe ngumprofeti. Ubomi bakhe bubonisa ukuba umntu angaba nokholo olukhulu eNkosini nkqu nakwiimeko ezimbi. Ngamanye amaxesha iNkosi iyaphendula kolo kholo ngemimangaliso yasesidlangalaleni, njengomlilo owehla ezulwini. Kodwa Yena kananjalo uyasebenza imimangaliso ethulileyo, yabucala, njengokuhlangabezana neemfuno zomhlolokazi othembekileyo nonyana wakhe. Kwaye amaxesha amaninzi imimangaliso yeNkosi iba yeyomntu ngamnye kangangokuba yaziwa ngumntu omnye kuphela—ngokomzekelo, xa iNkosi izityhila kuwe “ngolwandile lokuphephezela okuhle” (OoKumkani I 19:12).
Ngokungakumbi ngo‑Eliya, bona “Eliya” KwiSikhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
OoKumkani I 12:1–20
Iinkokeli ezinjengoKrestu zikhonza abantu ezibakhokelayo.
Ungayichaza njani impazamo uKumkani Rehabheham, unyana kaSolomon, awayenzayo kubo OoKumkani I 12:1–14? Zeziphi iimpawu zokuba njengoKrestu ezazinokumnceda uRehabheham ukuba asindisive ubukumkani bakhe? (bona umqolo 7; UMateyu 20:25–28; Mozaya 2:10–21). Ungazisebenzisa njani ezi mpawu njenge nkokeli—nokuba kukubizo lwaseBandleni okanye njenge nkokeli yobomi bakho?
OoKumkani I 17:8–16; 19:19–21
Isimemo sokwenza idini lithuba lokusebenzisa ukholo lwam kuYesu Krestu.
Umprofeti u-Eliya wacela umhlolokazi ukuba amphe ukutya namanzi phambi kokuba azondle yena nonyana wakhe owayelambile. Kwakutheni ukuze enze lo nto? Kodwa isicelo sika-Eliya sinokubonwa njengentsikelelo kolu sapho luncinci. Babedinga iintsikelelo zeNkosi, kwaye idini lihlala lizisa iintsikelelo—kuquka nentsikelelo yokholo olomeleleyo.
Njengoko ufunda OoKumkani I 17:8–16, yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ungulomhlolokazi. Yintoni ekuchazayo ngaye? Ungenza uludwe lwezinto ezingakhethwayo ezidinga ukholo kuYesu Krestu (ngokomzekelo, bona For the Strength of Youth: A Guide to Making Choices [2022]). Ufunda ntoni kulo mhlolokazi malunga nokusebenzisa ukholo lwakho?
Izenzo zika-Elisha kubo OoKumkani I 19:19–21 zifana njani nezo zomhlolokazi?
Cinga ngamadini othe wawenza ukuze ulandele uMsindisi. Yintoni OoKumkani I 17:8–16; 19:19–21 akufundisa yona ngala madini? Ingaba ulwazi lwakho ngoMsindisi lukunceda njani xa ekucela ukuba wenze amadini? Ingaba Yena uye wakusikelela njani?
Elijah and the Widow of Zarephath
OoKumkani I 18
“Ukuba uYehova nguThixo, landelani Yena.”
AmaSirayeli asenokuba ayevakalelwa kukuba anezizathu ezilungileyo zokunqula uBhahali, owayesaziwa njengesithixo sezaqhwithi nemvula. Emva kweminyaka emithathu yembalela, babedinga imvula ngokunxunguphala. Unqulo lukaBhahali lalwamkelekile eluntwini kwaye lwalukhuthazwa ngukumkani nokumkanikazi. Njengoko ufunda OoKumkani I 18, cinga ngokuba kutheni umntu ngosuku lwethu asenokungabi nazigqibo zizinzileyo ngokulandela uThixo. Kwesi sahluko, yintoni ocinga ukuba iNkosi yayizama ukuyifundisa malunga Ngayo buqu? Ngawaphi amava akuncedileyo ukuba uzinikele ekulandeleni uMsindisi?
Umzobo ka-Eliya, nguWilson Ong
OoKumkani I 19:1–18
INkosi ihlala ithetha ngeendlela ezizolileyo, nezilula.
Ngokungekuhle, ummangaliso wakwiNtaba yeKarmele awuzange ulenze lula ulungiselelo luka-Eliya. Ngokwenene, ubomi bakhe babusengozini, kwaye kwanyanzeleka ukuba azimele emqolombeni entlango. Apho, esokola ngobulolo nokutyhafa, waye wanamava neNkosi awayehluke kakhulu kwinto eyayenzekile kwiNtaba yeKarmele. Yintoni amava ka-Eliya kubo OoKumkani I 19:1–18 akufundisa yona ngendlela iNkosi enxibelelana ngayo nawe ngamaxesha entswelo?
Cinga nzulu ngamaxesha ovakalelwa ukuba iNkosi iye yathetha nawe ngayo. Ungayicacisa njani indlela Yena aqhagamshelana ngayo nawe. Kutheni lento amagama “encinci” “nezolileyo” izindlela ezingcono zokucacisa ilizwi loMoya. Ngawaphi amanye amagama owafumana ku Hilamani 5:30; IMfundiso neMinqophiso 6:22–23; 11:12–14? Yintoni ekufuneka uyenzile ukuze ufumane isikhokelo seNkosi rhoqo?
Bona kananjalo Indumiso 46:10.
Sebenzisa indlela zokuva ukuze uphucule ukufunda. Xa sisonke sifunda ngehlabathi ngendlela ezintlanu zokuva. Ukusebenzisa ezi ndlela kungakuphucula ukufunda ivangeli. Ngokomzekelo, cinga ngemifanekiso okanye izandi onokuzisebenzisa ukuze ubonakalise amagama “elizolileyo” kunye ”elincinci” njengoko ufunda kwaye ufundisa ngelizwi leNkosi kubo OoKumkani I 19.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
OoKumkani I 17
INkosi indisikelela njengoko ndinokholo kuYo.
-
Ukuze uncede abantwana bakho bafunde amabali okholo kubo OoKumkani 17, ungababonisa imifanekiso okanye izinto ezibambekayo ukuze ubonise amabali, njengeentaka, isonka, okanye inkwenkwe. Njengoko uxelela abantwana bakho la mabali, bameme ukuba bakhangele umfanekiso okanye into ebambekayo ehambelana nebali ngalinye. “U-Eliya uMprofeti” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 121–24) angakunceda ufundise la mabali. Ingaba ibali ngalinye lisifundisa ntoni ngoku bonakalisa ukholo kuYesu Krestu?
1:58Elijah the Prophet
-
Nceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokulubonisa ngalo ukholo lwabo kuYesu Krestu. Cula ingoma nabo malunga nokholo, njengo “I Have Faith in the Lord, Jesus Christ” [NdinoKholo kwiNkosi, uYesu Krestu] (Ithala leeNcwadi zeVangeli), nize nabelane omnye nomnye ngezinto enizifundileyo kule ngoma malunga nokholo.
Umzobo ka-Eliya nokunyangwa konyana womhlolokazi, ngu-Edmund Brock
OoKumkani I 17:8–16
Xa iNkosi indicela ukuba ndenze idini, mna ndingathobela ngokholo.
-
Mhlawumbi abantwana bakho bangazoba umfanekiso wento iNkosi eyaicela umhlolokazi ukuba ayinike u-Eliya (bona OoKumkani I 17:12–13) noko kwafunyanwa ngumhlolokazi njengembuyekezo (bona OoKumkani I 17:15–16). (Bona elale veki iphepha lomsebenzi.) Banokujonga kananjalo nemifanekiso yabanye abantu abanikezela ngento ababeyifuna ukuze bafumane engcono. Mema abantwana bakho ukuba bakhangele imifanekiso kuyo Incwadi yoMsebenzi yobuGcisa yeVangeli okanye Yizani, Nindilandele. Yintoni iNkosi efuna ukuba siyenze idini? Yona isisikelela njani?
OoKumkani I 18:17–39
Mna Ndingakhetha ukulandela uYesu Krestu.
-
Njengoko nifunda OoKumkani I 18:17–39 kunye, abantwana bakho bangakhetha ivesi baze bazobe umfanekiso wento echaza yona. Bangasebenzisa imifanekiso yabo ukuze babalise ibali ngamazwi wabo. (Bona kananjalo “UEliya naBabingeleli bakaBhahali,” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 125–28.)
2:17Elijah and the Priests of Baal
-
Nceda abantwana bakho bacinge ngeemeko abonokuthi badinge ukwenza isigqibo sokuba bamlandele okanye bangamlandeli uYesu Krestu. Mhlawumbi bangazoba imifanekiso yabo buqu bekhetha okulungileyo. Yabelanani ngokuba kutheni nikhetha ukulandela uYesu.
OoKumkani I 19:9–12
INkosi ithetha nam ngelizolileyo, elincinci ilizwi loMoya oyiNgcwele.
-
Njengoko ushwankathela OoKumkani I 19:9–12, mema abantwana bakho ukuba benze izenzo ezibonisa umoya omkhulu, inyikima, nomlilo. Emva koko bameme ukuba bahlale bezolile njengoko nisithi kunye “[emva komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle]”(umqolo 12). (Bona kananjalo “INkosi iThetha noEliya,” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 129–31.) Xelela abantwana bakho ngamaxesha othe waba namava elizwi elizolileyo, elincinci loMoya oyiNgcwele.
1:48The Lord Speaks to Elijah
-
Yintoni enokusiphazamisa ekuqapheleni uMoya? Yintoni enokusinceda ukuba simve Yena?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.