Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 22–28. “Yiva ke emaZulwini ukuThandaza Kwabo”: USamuweli II 11–12; OoKumkani I 3; 6–9; 11


“EyeSilimela 22–28. ‘Yiva ke emaZulwini ukuThandaza Kwabo’: USamuweli II 11–12; OoKumkani I 3; 6–9; 11,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeSilimela 22–28. ‘Yiva ke emaZulwini ukuThandaza Kwabo,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

USolomon enikezela itempile

Solomon Dedicates the Temple at Jerusalem [USolomon unikezela iTempile eYerusalem], nguJames Tissot nabanye

EyeSilimela 22–28: “Yiva ke emaZulwini ukuThandaza Kwabo”

USamuweli II 11–12; OoKumkani I 3; 6–9; 11

USawule, uDavide, noSolomon, iinkokeli ezintathu zokuqala zakwaSirayeli, zonke ziqale ngesithembiso esikhulu. Benentobeko, benesibindi, kwaye belumkile, kubo ngamnye wafumana uthando olugqithisileyo kwiNkosi—noko ke ekuqaleni. Ngokulusizi, ikumkani nganye kananjalo yangenelela kubuthathaka bomntu nokuhendwa. Zabeka iminqweno yazo phambi kweyeNkosi. Kwaye ke njengoko sibone ngokuphinda‑phindayo kwizibhalo—nakubo obethu ubomi—oko kukhokelele kwintlekele.

Kodwa kwenzeka into ebalulekileyo ngexesha lokuphatha kukaSolomon eyanika ithemba elithile lozinzo kubomi babantu bomnqophiso. USolomon wakha itempile. Yayiya kuba yeyona ndlu yeNkosi isisingxina kunokuba umnquba wayeyiyo. Kwaye yayiyakumela obona bukho busisingxina beNkosi phakathi kwabantu baYo. USolomon wayesazi ukuba abantu bayakuqhubeka bejongana nobuthathaka nezilingo zeentlobo ezahlukeneyo. Ekunikezeleni entsha nengcwele indlu, uSolomon wacenga iNkosi, “Ukuba … babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, … Yiva ukuthandaza kwabo” (OoKumkani I 8:47–49). Leyo yingxenye yoko iminqophiso yetempile ithi isenzele thina—isidalela uqhagamshelwano kuThixo. Zikhuselela thina isithembiso sokuba ngenguquko yethu nenceba yaKhe, Yena unako “ukuhlala phakathi [kwethu] kwaye angaze asishiye (OoKumkani I 6:13).

Ngesishwankathelo sencwadi yooKumkaniI, bona “OoKumkani” kwisiKhokelo kwiZibhalo.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

USamuweli II 11; 12:1–14

umfanekiso weseminari
INkosi inokundinceda ndenze ukhetho olulungileyo xa ndihendeka ukuba ndone.

Ngamanye amaxesha sijonga abantu ababonakala bomelele kukholo lwabo, kwaye sicingele ukuba abachaphazeleki kukuhendeka. Intlekele yokhetho lukaDavide njengoko kuchaziwe kuye USamuweli II 11 ibonakalisa ngokucacileyo ukuba oko akunjalo. Cingisisa ngezifundo ongazifunda kumava akhe. Imibuzo efana nale isenokunceda ufunde USamuweli II 11–12:

  • Loluphi ukhetho uDavide awalwenzayo olwathi lwamkhokelela phantsi kwindlela yesono esikhulayo? Loluphi ukhetho olulungileyo awayenokulwenza endaweni yoko?

    4:15

    To Look Upon

    Ukusebenzisa iividiyo. Iividiyo zinokunceda ubenomfanekiso-ngqondweni weengxelo kwizibhalo kwaye ucingisise ngendlela ezisebenza ngayo kuwe. Cingisisa ngendlela unokuzisebenzisa ngayo ukukhuthaza ukufundisa nokufunda. Ngokomzekelo, ngelixa ubukele “To Look Upon” (Ithala Leencwadi lweVangeli), cinga ngokunqumamisa ividiyo kwiindawo ezahlukeneyo ukuze nicingisise okanye nixoxe ngeminye yemibuzo ecetyisiweyo kulo msebenzi.

  • Ingaba utshaba luzama njani ukukhokelela phantsi endleleni yesono? Loluphi ukhetho ongalwenza ngoku ukuze uhlale ukhuselekile ngokomoya?

  • Phawula indlela asabela ngayo uDavide kwibali likaNathan kuye USamuweli II 12:1–6. Yintoni kwindlela asabela ngayo ecebisa malunga nokuba uDavide uzibona njani? Yintoni iNkosi eyenzileyo ukuncea ukuba uzibone ngokuchanekileyo ngakumbi?

  • Ungazishwankathela njani iziganeko zika Samuweli II 11–12 kwisivakalisi esinye esilumkisayo?

Ukufunda malunga nokhetho olungalunganga lukaDavide kusenako ukukhokelela ukuba ufunde malunga nobungozi bezinto zoburheletya nesono sesondo. Mhlawumbi unokujonga kula mthombo webhunga owayenokuthi amncede uDavide enze ukhetho olungcono.

Bona kananjalo 2 Nifayi 28:20–24.

2:36

Watch Your Step

OoKumkani I 3:1–15

Isipho sokwahlula sindinceda ukuba ndohlule phakathi kokulungileyo nokugwenxa.

Ukuba iNkosi ibingathi kuwe, “Cela into, ndikuphe” (OoKumkani I 3:5), yintoni ubungayicela? Yintoni ekuchukumisayo malunga nesicelo sikaSolomon? Cinga nzulu malunga nokuba kutheni “intliziyo evayo” yokuba “ohlule phakathi kokulungileyo nokungendawo” (umqolo 9) isisipho esixabisekileyo? Yintoni ongayenza ukufuna esi sipho?

Bona kananjalo Moronayi 7:12–19.

OoKumkani I 6–9; 9:1–9

Ngeminqophiso eyenziwe kwindlu yeNkosi, iNkosi ihlala kunye nam.

Kubo OoKumkani I 6–7 uyakufumana inkcazo enenkcukacha yendlu engcwele uSolomon awayakhela iNkosi. Iinkcukacha zingangabonakali zingabalulekanga kangako kuwe njengoko zazi njalo kumaSirayeli wamandulo. Kodwa ukufunda ezi zahluko kunokukunika umbono wokuba kwakubaluleke njani kubo ukuba babenendlu yeNkosi. Kutheni kubalulekile kuwe?

Unakho ukucingisisa ukuba zintoni amalungu ahlukeneyo etempile kaSolomon anokuyifuzisela. Ngokomzekelo, qwalasela ukuba ikherubhi, imithi, neentyatyambo kubo OoKumkani I 6:35 zinokumela ntoni. (Bona kananjalo IGenesis 3:24.)

Isahluko 8 sibhala umthandazo kaSolomon xa egqibe itempile (bona imiqolo 22–61). Cingisisa ngokwenza uluhlu lweentsikelelo uSolomon awazicelayo. Yintoni ekuchukumisayo ngezi ntsikelelo? (Qwalasela kananjalo izithembiso zeNkosi kubo OoKumkani II 6:11–13; 9:1–9.) Ukuba ukhe waya endlwini yeNkosi, cinga malunga namava akho okunqula phaya. Ukugcina iminqophiso yetempile kukuncede njani ufikelele kwiintsikelelo zeNkosi?

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 109.

ITempile yaseBarranquilla Colombia

ITempile yaseBarranquilla Colombia

OoKumkani I 8:61; 11:1–11

“Intliziyo Yakhe yayingagqibelelanga kwakunye neNkosi.”

Kuthetha ukuthini ukuba “mayiphelele intliziyo yenu … kuYehova uThixo wethu”? (OoKumkani II 8:61). Ingaba oko kohlukile kwizenzo zethu zibe zigqibelele? Njani njalo? Funda OoKumkani I 11:1–11, kwaye uqwalasele into eyathethwa yiNkosi malunga nentliziyo kaSolomon. Unakho ukucingisisa okokuba zikhona na iimpembelelo ebomini bakho ezinokuguqulela intliziyo yakho isuke kwiNkosi ize ibhekise “kwabanye oothixo.”

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

USamuweli II 11

INkosi inokundinceda xa ndihendwa.

  • UKumkani uDavide” kuwo AmaBali eTestamente eNdala, 117–20 unokunceda uxelele abantwana bakho ibali eliku Samuweli II 11 Ungacela abantwana bakho bachonge ukhetho olungalunganga lukaDavide alwenzileyo kwaye bacebise ukhetho olulungileyo ebenokuba ulwenzile endaweni yoko. Zeziphi ezinye zezinto esinokuzenza xa sihendwa ezinokusinceda senze ukhetho olulungileyo?

    2:11

    King David

  • Ukufunda malunga nentlekele yezono zikaDavide kusenokuba lithuba elilungileyo lokuxoxa ngeengozi zezinto zoburheletya. (Ithala Leencwadi zeVangeli) zinesikhokelo esiluncedo. Nceda abantwana bakho benze isicwangciso malunga nento abazakuyenza xa behlangabezana nezinto zoburheletya.

    5:46

    What should I do when I see pornography?

OoKumkani II 8:22–61

Ukwenza iminqophiso endlwini yeNkosi— nokuyigcina yona—kundinceda ndihambe ngeendlela zaYo.

  • Njengoko wena nabantwana bakho nifunda malunga nokunikelwa kwetempile kubo Ookumkani I 8, unako ukujonga kwimifanekiso yeetempile kulwandlalo lwale veki. Vumela abantwana bakho bathethe malunga neenkcukacha abazibona kwimifanekiso. Unokugxininisa imiqolo 57–58. Kuthetha ukuthini “ukuhamba ngeedlela [zeNkosi] zonke”? (Ookumkani I 8:58). Mhlawumbi abantwana bakho banokuthabatha unyathelo lwempendulo nganye abayinikelayo.

  • Xelela abantwana bakho ukuba ukugcina iminqophiso oyenze etempileni kukunceda uhambe njani kwiindlela zeNkosi. Unokubaxelela ukuba iyintoni na leminqophiso (bona General Handbook, 27.2, kwiThala leencwadi zeVangeli).

ITempile kaSolomon

Umzobo wetempile kaSolomon, nguSam Lawlor

1 OoKumkani 11:1–11

Ndingabeka iNkosi kuqala ebomini bam.

  • Ukufunda malunga nokuba abafazi bakaSolomon bamphembelela njani kunokukhokelela kwincoko malunga nemizekelo “yabanye oothixo”—okanye izinto abantu abazinqulayo okanye abazithandayo endaweni yeNkosi. Sibonakalisa njani ukuba siyayithanda Yona ngaphezulu kwayo yonke enye into ebomini bethu?

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

ITempile kaSolomon

Dedication of the Temple of Solomon in Jerusalem [Unikezelo lweTempile kaSolomon eYerusalem], nguWilliam Hole

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: Ukwenza iminqophiso endlwini yeNkosi kundinceda ndihambe ngeendlela zaYo.