Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 1–7. “Intliziyo Yam Idlamkile ngoYehova”: URute; USamuweli I 1–7


“EyeSilimela 1–7. ‘Intliziyo Yam Idlamkile ngoYehova”: Rute; USamuweli I 1–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeSilimela 1–7. ‘Intliziyo Yam Idlamkile ngoYehova,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

URute noNahomi behamba kunye

Whither Thou Goest [Apho Uya Khona], nguSandy Freckleton Gagon

EyeSilimela 1–7: “Intliziyo Yam Idlamkile ngoYehova”

URute; USamuweli I 1–7

Ngamanye amaxesha sibanomfanekiso-ngqondweni wokokuba ubomi bethu bumele ukulandela indlela ecacileyo ukusukela ekuqaleni ukuya ekupheleni. Umgama omfutshane phakathi kwamanqaku amabini ngumgca othe tye, emveni kwakho konke. Kwaye kanti ubomi bugcwele rhoqo kukulibaziseka nemijekelezo esithatha isise kwiindlela ezingalindelekanga.

URute noHana ngokuqinisekileyo babekuqonda oku. URute wayengenguye umSirayeli, kodwa wayetshate omnye, kwaye xa umyeni wakhe wayeswelekile, kwakumele enze ukhetho. Ingaba wayeya kubuyela kusapho lwakhe, kubomi bakhe bakudala, abuqhelileyo, okanye wayeya kuwonga ukholo lwamaSirayeli nekhaya elitsha nomazala wakhe? (bona URute 1:4–18). Icebo likaHana lobomi bakhe yayikukuzala abantwana, kodwa wayengakwazi, kwaye oko kwamshiya “ukrakra umphefumlo” wakhe (bona USamuweli I 1:1–10). Njengoko ufunda malunga noRute noHana, cinga ngokholo ekwakumele babenalo ukuhamba kwiindlela zabo ezazingalindelekanga. Emva koko cinga malunga nohambo lwakho. Lohlukile kolo lukaRute noHana—kwakunye nakolukabani na. Kodwa kuzo zonke izilingo nezimangaliso eziphakathi kwangoku nendawo yakho yangonaphakade, ungafunda ukutsho oku kunye noHana, “Intliziyo yam idlamkile ngoYehova” (USamuweli I 2:1).

Jonga kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo ukuze ufumane isishwankathelo seencwadi zika Rute naye USamuweli I.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

URute

UYesu Krestu angaguqula intlekele ibe luloyiso.

Ubomi bunzima kumhlolokazi nangaliphi na ixesha. Kodwa xa umyeni kaRute wafayo, imeko yakhe yayinzima kakhulu. Kwisithethe samaSirayeli ngelo xesha, ibhinqa elingenamyeni okanye oonyana lalingenalungelo lokuba nezinto yaye zazimbalwa gqitha iindlela zokuziphilisa. Njengoko ufunda ibali likaRute, qaphela indlela iNkosi eyathi yaguqula ngayo intlekele yaba ziintsikelelo ezinkulu. Yintoni oyiphawulayo ngoRute ekusenokwenzeka ukuba yathi yamnceda? UBhohazi wamkhulula njani uRute kwimeko awayekuyo? (bona URute 4:4–10). URute noBhohazi babefana njani noYesu Krestu?

URute; USamuweli I 1

Ndingamthemba uThixo ukuba uya kundikhokela aze andincede kungakhathaliseki ukuba imeko yam injani.

Mhlawumbi uphulukene nelahleko enkulu, efana naleyo yayenzeke kuRute, noNahomi (bona URute 1:1–5). Okanye mhlawumbi, njengoHana, ulangazelela iintsikelelo ongekazifumani (bona USamuweli I 1:1–10). Aba bafazi balubonisa njani ukholo lwabo kuThixo? Yintoni oyifundayo kwimizekelo yabo?

Kakade ke, asinguye wonke umntu othandazela umntwana abe sele emfumana, yaye asingabo bonke abafelwa liqabane baphinde batshate. Kodwa wonke umntu oguqukela kuMsindisi ufumana uncedo nenkokhelo yaKhe. Cinga ngendlela othe wena “wazimela phantsi kwamaphiko” eNkosi (URute 2:12) ngamaxesha akho obunzima.

UHana nomntwana wakhe

For This Child I Prayed [Ndandithandazela Lo Mntwana], nguElspeth Young

USamuweli I 2; 4–7

Ukufumana uncedo lweNkosi, kufuneka ndiyithembe kwaye ndithobele imiyalelo yaYo.

Xa iintshaba zawo zahlaselayo, kuyabonakala ukuba amaSirayeli ayecinga ukuba netyeya yomnqophiso kwakuya kuwakhusela. Njengoko ufunda USamuweli I 4–6, cinga ngokuba kutheni loo nto ingasebenzanga. (Phawula izenzo ezingezizo zoonyana baka-Eli, ababekhonza njengababingeleli emnqubeni, kuye USamuweli I 2:12–25.) Ucinga ukuba iNkosi yayizama ukubafundisa ntoni abantu baYo? Ufunda ntoni koko kwenzeka kumaFilisti emva kokuba eyithimbile ityeya? (bona izahluko 5–6). Ufunda ntoni kwiinzame zikaSirayeli zokufumana kwakhona ukhuselo lweNkosi kuye USamuweli I 7?

Unokukhuthazwa ngokufunda umbongo kaHana wendumiso kuye USamuweli I 2:1–10. Yintoni oyifumanayo kumazwi akhe eyayinokunceda oonyana baka-Eli namanye amaSirayeli?

USamuweli I 3

umfanekiso weseminari
Ndingaliva kwaye ndilithobele ilizwi leNkosi.

Ngamanye amaxesha, usenokuvakalelwa njengoSamuweli, owalivayo ilizwi leNkosi kodwa akazange aliqonde. Njengathi sonke, uSamuweli kwakumele afunde indlela yokuqonda ilizwi leNkosi. Njengoko ufunda USamuweli I 3, yintoni oyifunda kule nkwenkwana emalunga nokuva nokuthobela ilizwi leNkosi? Ungaphengulula kananjalo ezi zibhalo zongezelelweyo kwaye wenze uluhlu lwezikhokelo ezinokunceda umntu aqonde ilizwi leNkosi: OoKumkani I 19:11–12; ULuka 24:15–32; 3 Nifayi 11:3–7; IMfundiso neMinqophiso 6:22–23; 8:2–3; 9:7–9.

Ngamanye amaxesha, usenokuvakalelwa kukuba amazulu avaliwe yaye uThixo akafuni kuthetha nawe. UMongameli uRussell M. Nelson wathi: “Ngaba ngokwenene uThixo ufuna ukuthetha nawe? Ewe!” (“Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Liahona, UCanzibe 2018, 93–96). Njengokuba ufunda umyalezo kaMongameli Nelson, yintoni oyifumanayo ekuphembelelayo ukuba uve kwaye uthobele ilizwi leNkosi? UMongameli Nelson ukumema ukuba wenze ntoni, kwaye ziziphi iintsikelelo azithembisayo? &160; Cinga ngokukhetha into enye onokuyenza ukuba “nikhulise amandla enu omoya okufumana isityhilelo.”

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

URute

Ndiyakwazi ukubonisa uthando nobubele kubantu abandingqongileyo.

  • Njengoko usabelana nabantwana bakho ngebali likaRute (ungasebenzisa “URute noNahomi” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 100–103), bameme ukuba baphakamise izandla ngalo lonke ixesha besiva isenzo sobubele ebalini. Banokwaba kananjalo indlela abavakalelwa ngayo xa abanye benobubele kubo, okanye xa benobubele kwabanye. UMsindisi ube nobubele njani kuthi?

    2:0

    Ruth and Naomi

URute; USamuweli I 1

Ndinganalo ukholo kwiNkosi.

  • Amabali kaRute noHana anokukhuthaza abantwana bakho ukuba bahlale bethembekile ngamaxesha obunzima. Cinga ngokubanceda benze itshati elula enezihloko Izilingo, Izenzo, Iintsikelelo. Emva koko ninokufunda kunye URute 1:3–5, 8, 16; 2:1–3, 8–12; 4:13–17; USamuweli I 1:1–18 uze babhale phantsi kwezihloko oko bakufumana kule miqolo. Ingaba uRute noHana balubonisa njani ukholo lwabo kuThixo? Wena okanye abantwana bakho ningabelana ngemizekelo yendlela iNkosi ekusikelele ngayo ngamaxesha anzima.

USamuweli I 1:1–18

UBawo waseZulwini uyayiva kwaye uyayiphendula imithandazo yam.

  • Ukufunda malunga noHana, abantwana bakho banokufunda kuye USamuweli I 1:1–18 okanye “UHana” kuwo Amabali eTestamente eNdala (104–5). Kusenokuba mnandi ukuphosa ibhola emntwaneni uze ubameme ukuba babalise inxalenye yebali phambi kokuba udlulisele ibhola komnye umntu. Sifunda ntoni ngomthandazo kumzekelo kaHana?

    1:15

    Hannah

    3:9

    Hannah's Faith

USamuweli no-Eli

Samuel Tells Eli the Truth [USamuweli uxelela u-Eli iNyaniso], nguRobert T. Barrett

USamuweli I 3:1–10

Ndingaliva kwaye ndilithobele ilizwi leNkosi.

  • Mhlawumbi umdlalo olula unokunceda abantwana bakho bafunde kumava kaSamuweli ngesityhilelo. Omnye umntwana unokuzenza uSamuweli, kwaye omnye azenze u‑Eli njengokuba ufunda USamuweli I 3:1–10 (bona kananjalo “USamuweli uMprofeti” kuwo Amabali eTestament eNdala, 106–9). Sifunda ntoni kuSamuweli ngendlela yokuva ilizwi leNkosi? Sibonisa njani ukuba sikulungele ukuphulaphula xa iNkosi ithetha nathi?

    2:10

    Samuel the Prophet

    1:58

    Samuel and Eli

  • Buza abantwana bakho ukuba bangacacisa njani komnye umntu indlela iNkosi ethetha ngayo nabo. Ungabanceda bajonge iimpendulo kuyo IMfundiso neMinqophiso 6:22–23; 8:2–3; 9:7–9.

Nceda abantwana bakho bafunde ukuqaphela uMoya. Akukho lula ukwahlula phakathi kweemvakalelo zethu noMoya oyiNgcwele. Wonke umntu uyasokola koku ngamanye amaxesha. Thatha lonke ithuba onokuthi uncede abantwana bakho babone xa beva impembelelo yoMoya. Ngokomzekelo, njengokuba ufunda USamuweli I 3:1–10 nemiqolo ecetyiswayo kwiMfundiso neMinqophiso, ungabelana ngamava apho iNkosi ikufundise khona engqondweni nasentliziyweni yakho.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

USamuweli evuka ebhedini

Boy Samuel Called by the Lord [Inkwenkwe uSamuweli ibizwe yiNkosi], nguHarry Anderson

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: UBawo waseZulwini uyayiva kwaye uyayiphendula imithandazo yam