Yizani, Nindilandele 2024
EyeSilimela 8–14. “UYehova Ukhangela Intliziyo”: USamuweli I 8–10; 13; 15–16


“EyeSilimela 8–14. ‘UYehova Ukhangela Intliziyo’: USamuweli I 8–10; 13; 15–16,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyeSilimela 8–14. ‘UYehova Ukhangela Intliziyo“’ Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

UYesu ephethe umsimelelo

Beside Still Waters [Ecaleni kwaManzi Acwengileyo], nguSimon Dewey

EyeSilimela 8–14: “UYehova Ukhangela Intliziyo”

USamuweli I 8–10; 13; 15–18

USawule wayengumgcini wama-esile. Nangona wayemde kwaye emhle, yena waye “mncinci [kwelakhe] iliso” kwaye wayelibona lisezantsi ilifa losapho lwakhe (bona USamuweli I 9:2–3, 21; 15:17). Ngosuku awayesaziswa ngalo phambi kwamaSirayeli ngokuba ungukumkani wawo, akazange afike; wayesoyika kangangokuba “[waye]zimele yena” (USamuweli I 10:21–22). Xa ujonga kuSawule, usenokuba awuzange ucinge ukuba wayeza kukhokelela amaSirayeli ukuba oyise iintshaba zawo—okanye kamva wayeza kuba nekratshi aze avukele ngokuchasene neNkosi.

UDavide wayengumgcini wezimvu. Wayengena mzimba ubanzi ngokuncomekayo oku kwabantakwabo abasixhenxe abadala. Ngomhla uSamuweli aweza ngawo ezokukhetha ukumkani kaSirayeli, kwakungabonakali kufanelekile ukubandakanya uDavide phakathi kwabo banokuba ngabagqatswa, ngoko wayeshiywe neegusha emasimini. Xa ujonge uDavide, wawungena kuqashela ukuba wayeya kuba nokholo nenkalipho yokongamela isigebenga kwaye abe yeyona kumkani yakwaSirayeli iphumelele ngokubalaseleyo.

Kodwa iNkosi ibona ngaphaya kwezinto esibizwa ngazo, inkangeleko yethu yomzimba, izinto ezisenza sibe neentloni. Yena endaweni yoko ujonga “ intliziyo” (USamuweli I 16:7). Kwaye naxa intliziyo yethu ingalunganga ngokwaneleyo, ukuba sinomnqweno, Yena uyakusinika “ntliyiziyo yimbi” (USamuweli I 10:9).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

USamuweli I 8

UYesu Krestu nguKumkani wam.

USamuweli I 8 ubalisa ngesiganeko esasiya kusitshintsha unaphakade isiphelo samaSirayeli. Ukuze akhuseleke ngokuchasene neentshaba zawo, amaSirayeli ayefuna le nto abamelwane babo awayenayo—ikumkani eyayiza kuwalawula. Njengoko ufunda malunga nesicelo sabo nempendulo yeNkosi, cinga ngokuba ujonga kubani ukuze ukhuseleke kwaye ukhokelwe. Cingisisa ngokuba kuthetha ntoni ukuvumela iNkosi “ilawule [kuwe]” (USamuweli I 8:7).

Kwiiveki ezizayo, uzakufunda ngeqela leekumkani ezafumana ubizo lokuba zikhokele uSirayeli. Njengoko ufunda ngazo, cingisisa ngale mibuzo ilandelayo:

  • Zazaliseka njani izilumkiso zeNkosi ku Samuweli I 8:10–18?

  • Bachatshazelwa njani abantwana bakaSirayeli kukukhetha kwabo ukuba nekumkani yasemhlabeni?

  • Ingaba wahluke njani uYesu Krestu kwiikumkani zasemhlabeni? Cingisisa ngokuba zeziphi iimpembelelo zehlabathi oyakudinga ukuzisusa ebomini bakho ukuze uvumele uKrestu abe nguKumkani wakho.

USamuweli I 9–10; 16:1–13

UThixo ubiza abantu ngesiprofeto ukuze bakhonze ebukumkanini baKhe.

Funda ngokuba uThixo wazikhetha njani ikumkani kwaSirayeli ku Samuweli I 9–10 kunye 16 (bona ngakumbi 9:15–17; 10:1–12; 16:1–13). Khangela amabinzana akunceda ukuba ukuqonde ukuba kuthetha ukuthini “ukubizwa nguThixo, ngesiprofeto” kwiBandla leNkosi namhla (Izivumo zoKholo 1:5). Use nokucingisisa ngokuzibeka endaweni yenkokeli enikezela ngobizo (uSamuweli), umntu lowo unikwa ubizo (uSawule noDavide), nabantu abaye babanika ubizo lokukhonza (amaSirayeli). Yintoni oyifunda emazwini nakwizenzo zabo kwezi zahluko?

USamuweli uthambisa uSawule

Umzekeliso kaSamuweli ethambisa uSawule, nguP. UMann, © Lifeway Collection/imvume ivela goodsalt.com

USamuweli I 13:5–1415

“Ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo.”

Xa kucingwa ngendlela awayenobuphakuphaku ngayo uSawule ku Samuweli I 10, kuyakhwankqisa ukufunda ngo “kuvukela” kunye “neenkani” emva kokuba eye waba yikumkani (USamuweli I 15:23). Ucinga ukuba kwakutheni ukuze kwenzeke oku? Ku Samuweli I 13:5–14, zeziphi iindlela zokucinga nezokuziphatha ezakhokelela koku kuwa kwakhe?

Ku Samuweli I 15, uyakufunda ngomyalelo ovela eNkosini awaye uSawule akawuthobela kuba ecinga okokuba waye nesizathu ezisivakalayo. Ukuze ufunde ekukhetheni okungachanekanga kukaSawule, jonga umqolo 22 uze usebenzise amagama wezinto endaweni ka “umbingelelo” no “kwamanqatha eenkunzi” ezikhangeleka zilungile kodwa zingabalulekanga njengokumamela nokuthobela ilizwi leNkosi. Uye wasikelelwa njani njengoko ububeka intando kaThixo phambili kubomi bakho?

USamuweli I 16:6–12

umfanekiso weseminari
“UYehova ukhangela intliziyo.”

Ingaba wakhe wenza isigqibo esisekelwe “kwinkangeleko yomphandle” yento okanye yomntu, uze ufumanise ukuba wenze isiphoso? Mhlawumbi watya into eyayingemnandanga njengoko ikhangeleka. Okanye uye wagweba umntu ngokungenaluvelwano.

Xa uSamuweli wayefuna ikumkani entsha kaSirayeli, iNkosi yamfundisa indlela engcono. Funda ngayo ku Samuweli I 16:6–7, kwaye cinga ngokwenza uludwe lweendlela abantu abagweba ngazo abanye “ngenkangeleko yomphandle.” Kuthetha ntoni ukukhangela “entliziyweni,” njengoko iNkosi isenza? (USamuweli I 16:7). Ungafumana imizekelo ya lento, nayo, kumyalezo kaMdala Giraud-Carrier. Mhlawumbi ungacinga ngamaxesha uMsindisi wajonga ngaphesheya kwenkangeleko yangaphandle yomntu. (Bona, ngokomzekelo, UMarko 12:41–44; Luka 5:1–11; 19:1–9; UYohane 4:5–30; Moses 6:31–36.) Yintoni oyifunda kuloo mizekelo?

Ungawulandela njani umzekelo woMsindisi kwindlela obabona ngayo abanye—nawe? Ukwenza oku kunokuluchaphazela njani unxibelelwano lwakho okanye ubudlelwane bakho nabanye? Cinga ngokuxelela umntu ngobuhle obubona kwintliziyo yabo.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

USamuweli I 8

UYesu Krestu nguKumkani wam.

  • Njengoko ufunda USamuweli I 8 nabantwana bakho, bancede bafumane izizathu uSamuweli awaxelela amaSirayeli okokuba ukuba nekumkani kwakungengo mbono mhle. Kutheni kungcono ukuba noYesu Krestu njengoKumkani wethu? Mhlawumbi ningenza isithsaba sephepha kunye kwaye nitshintshiselane ukusinxiba nokwabelana ngento esinokuyenza ukubonakalisa ukuba siyamfuna uYesu ukuba abe nguKumkani wethu. (Bona kananjalo UYeremiya 23:5; IMfundiso neMinqophiso 45:59.)

USamuweli I 8:6; 9:15–17; 10:1–24; 16:1–13

Abantu abakhonza eBandleni babizwa nguThixo.

  • Iimbali zikaThixo ekhetha uSawule noDavide ukuba babe ziikumkani zingabanceda abantwana bakho baqonde ukuba banikwa njani ubizo lokukhonza abantu eBandleni namhla ngesityhilelo. Ukuze ubafundise amabali, ungabhala phantsi iziganeko ezivela kumabali asemaphepheni acukuceziweyo, kwaye abantwana bakho bangawabeka ngokulandelana kwawo njengoko nifunda imiqolo yezibhalo kunye (bona kananjalo “UDavide oMncinane” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 110–11). Emva koko ungathetha ngamaxesha uThixo awakusikelela ngamandla asemoyeni okuzalisekisa indima okanye ubizo (bona USamuweli I 10:9–10).

    1:16

    Young David

  • Eli lisenokuba lixesha elihle lokufundisa abantwana bakho ngesivumo sokholo sesihlanu. Baxelele ukuba walufumana njani ubizo lwakho eBandleni. Uzazi njani ukuba ububizwe nguThixo?

USamuweli ethambisa uDavide ukuze abe ngukumkani

The Prophet Samuel Anoints David to Be King of Israel in Bethlehem [UMprofeti uSamuweli uthambisa uDavide ukuze abe ngukumkani kaSirayeli eBethelehem], nguBalage Balogh

USamuweli I 16:1–13

“UYehova ukhangela intliziyo.”

  • Isifundo sento singabanceda abantwana bakho baqonde umgaqo ku Samuweli I 16:7. Ngokmzekelo, usenokuba bonisa ukutya okuthile okanye incwadi enomkhavarisho okanye into esongelwe kuyo engahambelani ncam nezinto eziqulathileyo. Ingaba USamuweli I 16:7 kwaye nesi sifundo sento sicebisa ntoni malunga ngendlela ekumele sizibona ngayo thina nabanye abantu.

    Sebenzisa izifundo zento. Xa abantwana benento abanokuyibona bayibambe enonxibelelwano nomgaqo wevangeli, base nokuyikhumbula ngcono. Umzekelo, njengoko ufunda USamuweli 16:7 nabo, ungabanceda bafumane imizekelo yezinto eziqhatha amehlo ukubonisa inqaku lokuba kumele sizame ukubona ngohlobo uThixo abona ngalo—ngokukhangela “intliziyo”—kunezigwebo ezisekelwe “kwinkangeleko yomphandle.”

  • Wena nabantwana bakho ningabelana ngamava enifunde kuwo ukuba kutheni kumele “[u]khangel[e] intliziyo” hayi “inkangeleko yomphandle” kuphela (umqolo 7). Nise nokuthatha amathuba nixelelana ngeempawu enizibona kwiintliziyo zomnye nomnye.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

USamuweli ethetha noSawule

Samuel Instructing Saul [USamuweli uYala uSawule], nguTed Henninger

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: UYehova ukhangela intliziyo