“EyeSilimela 15–21. ‘IMfazwe yekaYehova”: USamuweli I 17–18; 24–26; USamuweli II 5–7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeSilimela 15–21. ‘IMfazwe yekaYehova,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
David and Goliath [UDavide noGoliyati], nguSteve Nethercott
“EyeSilimela 15–21: “IMfazwe yekaYehova”
USamuweli I 17–18; 24–26; USamuweli II 5–7
Ukusukela ngelixa izizwe zakwaSirayeli zazizinze kwilizwe lesithembiso, amaFilisti ayesisigrogriso esiqhubekekayo kukhuseleko lawo. UYehova wayebahlangule izihlandlo ezininzi ngaphambili, kodwa ngoku amadoda amakhulu akwaSirayeli ayesithi, “Masibe nokumkani … [wokokuba] aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu” (USamuweli I 8:19–20). Ngoko uSawule wathanjiswa njengokumkani. Ukanti xa ingxilimbela eyayisongela uGoliyati yacela umngeni kwimikhosi yakwaSirayeli, uSawule—njengaye wonke umkhosi wakhe—“wayesoyika kakhulu” (USamuweli I 17:11). Ngaloo mini, yayingenguye uKumkani uSawule owasindisa uSirayeli kodwa inkwenkwana eyalusayo egama linguDavide, eyayinganxibanga zixhobo kodwa yayambethe ukholo olungenakugqojozwa eNkosini. Eli dabi labonakalisa kuSirayeli, kwakunye nakubani na onamadabi omoya awalwayo, ukuba “akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova” kwaye nokokuba “imfazwe yekaYehova” (USamuweli I 17:47).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
USamuweli I 17
Ngoncedo lweNkosi, ndingoyisa nawuphi na umngeni.
Ibali likaDavide noGoliyati lelinye lawona mabali aziwa kakhulu kwizibhalo. Kakade ke, sidla ngokugxila kuDavide. Kodwa ngeli xesha, njengokuba ufunda USamuweli I 17, cingisisa kananjalo ngamazwi abanye abantu kwesi sahluko (bona uluhlu olungezantsi). Ufunda ntoni ngabo neenjongo zabo? Ufunda ntoni ngoDavide? Wahluke njani?
-
UGoliyati: imiqolo 8–10, 43–44
-
U-Eliyabhi: umqolo 28
-
USawule: umqolo 33
-
UDavide: imiqolo 26, 32, 34–37, 39, 45–47
Ibali lakho, nangona lingaziwa njengelikaDavide, liqinisekile ukuba liquka imiceli mngeni elingana noGoliyati yokoyiswa namathuba okubonisa ukholo eNkosini. Umzekelo kaDavide ukufundisa ntoni ngokujamelana nobunzima kwibali lakho? #&160; Khangela iimpendulo kwimibuzo efana nale: INkosi ifuna ukuba ndiyibone njani imingeni yam? Uye wandinceda njani Yena kwixesha elidlulileyo? Ndingabonisa njani ukuba ndiyamthemba Yena ukuba abhale ibali lam?
Usenokuba sele uyazi ukuba kukho izahluko ezibuhlungu kamva kwibali likaDavide (bona, ngokomzekelo, USamweli II 11). Ukuba ubunokufumana ithuba lokucebisa uDavide emva kwedabi lakhe noGoliyati, ubuya kuthini? Eli cebiso lingasebenza njani kubomi bakho?
#&160;
The Lord Will Deliver Me
USamuweli I 17:26–50
Umntu omnye onokholo kuKrestu angenza umahluko.
Ukongeza kwimicelimngeni yobuqu, sikwajongene neengxaki ezinkulu nezintsonkothileyo ezichaphazela ihlabathi liphela. Xa imikhosi yobubi “[ihlanganiselwa ndawonye] … [ukuze kuliwe]” nxamnye nomkhosi wokulungileyo (USamuweli I 17:1), sisenokuzibuza ukuba imigudu yethu ngabanye inokuwenza njani umahluko. Yintoni oyifumanayo kwibali likaDavide ekunika ithemba?
#&160;
True Friendship and Self-Respect [Ubuhlobo Bokwenene Nokuzihlonela], nguWilson Ong (detail)
USamuweli I 18
“UYonatan wamthanda [uDavide] njengomphefumlo wakhe.”
Njengoko ufunda USamuweli I 18, cinga ngokuthelekisa uSawule nonyana wakhe uYonatan (owathi, ukuba kwakungekho ngoDavide, wayenokucinga ukuba uya kuba ngukumkani olandelayo). USawule noYonatan basabela njani kwimpumelelo kaDavide? Yintoni onokuyifunda kula mava?
Ufumana ntoni kwisimo sengqondo nakwizenzo zikaYonatan ekukhumbuza ngoYesu Krestu?
“Fanekisa izibhalo” (1 Nifayi 19:23). Izibhalo zisinika amathuba amahle okufunda kwiimpembelelo nakwizenzo zabantu abafana noDavide, uYonatan noSawule. Uya kufumanisa ukuba akukho namnye kwizibhalo ongenasiphako. Ngoko njengoko ufunda, ngokomzekelo, ngokhetho lukaDavide lokuthembeka, vuleleka kananjalo ekufundeni nakwiimpazamo zakhe. Ukwenjenjalo kunokusinceda sibone ubuthathaka esinabo kuthi kwaye “sifunde ukulumka ngakumbi kunokuba [abanye] bebenjalo” (Mormoni 9:31).
USamuweli I 24–26
Uxolelo yindlela eqinisekileyo eya eluxolweni nasempilweni.
Kuye USamuweli I 24–26, khangela izifundo malunga nekratshi, uxolelo, nokuzeyisa. #&160; UDavide, u-Abhigali, nabanye bakubonakalisa njani—okanye basilela ukubonisa—ukuzola okunjengokukaKrestu kwezi zahluko? Ngawaphi amathuba onawo okubonisa ukuzola okunjengoKrestu?
#&160; U‑Abhigali ufana njani noYesu Krestu?
USamuweli II 5:17–25
INkosi ingandinika isikhokelo.
Kwanasemva kokuba uDavide oyise uGoliyati, iingxaki zakhe namaFilisti zazingekapheli. Njengoko ufunda USamuweli II 5:17–25, cinga ngendlela umzekelo kaDavide ongakunceda ngayo kwimicelimngeni ojongene nayo (bona kananjalo USamuweli I 23:2, 10–11; 30:8; USamuweli II 2:1 Ingaba usikeleleka kanjani ngokwenza intshukumo kwisityhilelo osifumanayo?
USamuweli II 7
Yintoni “indlu” iNkosi eyayiyithembise uDavide?
Xa uDavide wanikela ngokwakhela iNkosi indlu, itempile ukutsho (bona USamuweli II 7:1–3, iNkosi yaye yaphendula ngokuthi okaDavide unyana wayeya kuyakha (bona imiqolo 12–15; bona kananjalo IziKronike I 17:1–15). INkosi yatsho kwakhona ukuba Yona yayiya kwakhela uDavide “indlu,” kutsho ukuthi inzala, kwaye ukuba itrone yakhe yayiya kuqhubeka ngonaphakade (bona USamuweli II 7:11, 16, 25–29; Indumiso 89:3–4, 35–37 Esi sithembiso saye sazalisekiswa kuYesu Krestu, uKumkani wethu waNaphakade, owayeyinzala kaDavide (bona UMateyu 1:1; Luka 1:32–33; Yohane 18:33–37).
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
USamuweli I 17:20–54
Ukholo kuYesu Krestu lungandinceda ndibe nenkalipho.
-
Usenokufuna ukusebenzisa “UDavide noGoliyati” kuwo Amabali eTestament eNdala, 112–16, ukunceda abantwana bakho baqhelane nento eyenzekayo kuye USamuweli I 17:20–54. Emva koko ungabavumela ukuba babalise ibali kwakhona besebenzisa imifanekiso okanye imizobo yemigca kolu lwandlalo. Babuze ukuba yintoni abacinga ukuba iNkosi ifuna bayifunde kweli bali.
2:36David and Goliath
-
Wena nabantwana bakho ninokwenza uludwe lweengxaki ezinzima abanokujamelana nazo ebomini babo. Emva koko bancede bakhangele izinto ezathethwa nguDavide ezinokunceda kolu celomngeni (bona USamuweli I 17:26, 32, 34–37, 45–47). Yabelana ngendlela uYesu Krestu akuncede ngayo ngexesha lemicelimngeni.
-
#&160;
USamuweli I 18:1–4
Abahlobo bokwenene banokuba yintsikelelo evela kuThixo.
-
Unokubanceda njani abantwana bakho bafunde kubuhlobo bukaYonatan noDavide? Enye indlela ibiya kuba kukunika umntwana ngamnye iintliziyo ezimbini ezingamaphepha, enye imele uDavide ize enye imele uYonatan. Emva koko fundani kunye amabinzana ambalwa avela kuye USamuweli I 18:1–4 agxininisa uthando ababenalo aba bahlobo babini omnye komnye. Abantwana bakho banokubhala okanye bazobe emaphepheni abo aziintliziyo ukuba banokulubonisa njani uthando kumhlobo.
USamuweli II 5:19, 23
Ukuba ndifuna inkokhelo, ndingacela uBawo waseZulwini.
-
Kwezi zahluko, uDavide waba ngukumkani wakwaSirayeli. Kusenokuba mnandi kubantwana bakho ukuzenza ukumkani okanye ukumkanikazi. Yiyiphi imithetho abangayenza? Bangayaphi ukufumana uncedo? Nceda abantwana bakho baqonde ukuba xa uDavide efuna uncedo, “wabuza,” okanye wathandazela iimpendulo. Ngokomzekelo, njengoko ufunda USamuweli II 5:19, 23, mema abantwana ukuba baphulaphule igama elithi “wabuza” baze basonge izandla xa beliva. Kwakutheni ukuze uDavide afune uncedo lweNkosi kwindima yakhe entsha?
-
Xelelanani ngamaxesha apho nanithandazela uncedo lukaBawo waseZulwini. Kwenza wuphi umahluko ukuba Yena akuncede?
USamuweli II 7:16–17
UYesu Krestu nguKumkani wam waNaphakade.
-
Ookumkani esifunda ngabo kwiTestamente eNdala bonke babeneziphene, yaye izikumkani zabo zonke zaphela. Kodwa uYesu Krestu unguKumkani ofezekileyo yaye uya kulawula ngonaphakade. Ungabanceda abantwana bakho bakufumanise oku ngokufunda kunye oko umprofeti uNatan wakuxelela uKumkani uDavide kuye USamuweli II 7:16–17. Kwakunokwenzeka njani ukuba ubukumkani bukaDavide bungabi nasiphelo? Nceda abantwana bakho bafumane baze bafunde izibhalo ezifundisa ukuba uYesu Krestu, inzala kaDavide, unguKumkani wethu, njengo Luka 1:32–33; UYohane 18:33–37; naso Isityhilelo 19:16 UYesu wahluke njani kookumkani basemhlabeni? Simbeka njani uYesu Krestu njengoKumkani wethu onguNaphakade?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.