“EyeKhala 13–19. ‘Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli’: Ookumkani II 16–25,” EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyeKhala 13–19. ‘Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
The Flight of the Prisoners [Ukubaleka kwamaBanjwa], nguJames Jacques Tissot nabanye
EyaKhala 13–19: “Wakholosa ngoYehova uThixo kaSirayeli”
OoKumkani II 16–25
Ngaphandle kolungiselelo olunomtsalane lomprofeti u-Elisha, abantu bobuKumkani baseMantla bakwaSirayeli zange baguquke. Ekugqibeleni, ubuKhosi base-Asiriya boyisa kwaye bazichithachitha izizwe ezilishumi zakwaSirayeli. Ngeli lixa, ubuKumkani baseMazantsi bakwaYuda babungenzi kakuhle: unqulo-zithixo lwalugqugqisile nalapho.
Kodwa phakathi kwako konke oku konakala ngokwasemoyeni, iingxelo zezibhalo zikhankanya ookumkani bakwaYuda ababini abangamalungisa abathi, okwexeshana, babuyisela abantu babo eNkosini. Omnye wabo yayinguHezekiya. Ngexesha lokulawula kwakhe, ama-Asiriya oyisa uninzi lwamaYuda. Kodwa uHezekiya nabantu bakhe babonisa ukholo eNkosini, eyathi yahlangula iYerusalem ngendlela engummangaliso. Kamva, exesheni elithile emva kowexuko, uYosiya waqalisa ukuba yikumkani. Ephenjelelwe yinxalenye yokuphinda kufunyaniswe incwadi yomthetho kaMoses, uYosiya wazisa iinguqu ezazivuselela ubomi benkolo yabantu bakhe abaninzi.
NjengoSirayeli noYuda, sonke senza izigqibo ezilungileyo nezingalunganga. Xa sisiva ukuba ubomi bethu budinga uhlaziyo oluthile, singathatha inkuthazo kula mabala mabini aqaqambileyo kwiminyaka emnyama kwimbali yakwaYuda. Mhlawumbi imizekelo kaHezekiya noYosiya ingasikhuthaza ukuba “sikholose ngoYehova uThixo wethu” (OoKumkani II 18:22).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
OoKumkani II 18–19
Ndingathembela eNkosini xa ukholo lwam luvavanywa.
Uninzi lwethu lunawo amava avavanya ukholo lwethu. KuHezekiya nabantu bakhe, elinye lolo vavanyo lweza xa umkhosi wase‑Asiriya wawusondele eYerusalem. Njengoko ufunda OoKumkani II 18–19, yibanomfanekiso-ngqondweni wokuba wawuhlala eYerusalem ngeli xesha. Ngowawuzive njani, ngokoomzekelo, ukuva ungcikivo lwama-Asiriya kubo OoKumkani II 18:28–37; 19:10–13? Yintoni ongawawuyenzile? Thelekisa izizathu zama-Asiriya ukuze amaSirayeli angayithembi iNkosi nezizathu uSathana asinika zona ukuze sithandabuze ukholo lwethu namhlanje. Unako kananjalo ukwahlula izizathu zama-Asiriya nezizathu zakho zokuba kutheni na uyithemba iNkosi.
Yintoni oyifunda kwizenzo zikaHezekiya kule meko? (bona OoKumkani II 19:1–7, 14–19). INkosi yaphendula njani? (bona OoKumkani II 19:35–37). Kutheni ucinga ukuba uHezekiya wahlala ethembekile? (bona OoKumkani II 18:5–7). Cinga nzulu ngokuba iNkosi ikuxhase njani kumaxesha obunzima. Uziva uphefumlelwe ukuba wenze ntoni ukuze unyuse ukuthembela kwakho kuYo?
Yintoni oyifumana kwezi zixhobo ezikuncedayo?
Bona kananjalo IziKorinike II 31–32; 3 Nifayi 3–4.
Sebenzisa uncedo lwezifundo lwezibhalo. Ibandla libonelela ngezixhobo ezininzi ukukunceda uqonde izibhalo. Ngokomzekelo, kwiThala Leencwadi zeVangeli unokufumana IsiKhokelo kwiZibhalo, kunye Iimagazini zeBandla. Ukongeza, njengoko ufunda iTestamente eNdala, ungafumana umxholo neembono eziluncedo kuzo “Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni” inqaku ku Yizani, Nindilandele. Inqaku elinesihloko “UYesu Uya Kuthi kuSirayeli Wonke, ‘Hamba Siye Ekhaya’” lingancada isifundo sakho sabo Ookumkani II 16–25.
OoKumkani II 19:20–37
Zonke izinto zisezandleni zeNkosi.
USenaribhe, ukumkani wase-Asiriya, wayenesizathu esivakalayo sokukholelwa ukuba umkhosi wakhe wawuya kuyoyisa iYerusalem (bona Ookumkani II 17; 18:33–34; 19:11–13). Kodwa iNkosi yayinomyalezo malunga noSenaribhe, owanikwa ngomprofeti u‑Isaya. Ibhaliwe kubo OoKumkani II 19:20–34. Zinyaniso zini ozifumanayo kumyalezo weNkosi ezikunceda ukuba ube nokholo kuYo nakwicebo laYo?
OoKumkani II 21–23
Izibhalo zingayiguqulela intliziyo yam eNkosini.
Ingaba wakha waziva ngathi uswele nto ngokwasemoyeni? Mhlawumbi uvakalelwa kukuba ubudlelwano bakho noThixo bunokuba bomelele ngakumbi. Yintoni ekuncedileyo ukuba ubuyele kuYe? Cinga nzulu ngale mibuzo njengoko ufunda OoKumkani II 21–23, echazayo ngokuba ubuKumkani bakwaYuda bawa njani kude eNkosini phantsi kukaKumkani uManase (bona OoKumkani II 21) nendlela uKumkani uYosiya awabanceda ngayo ukuba baguqulele kuYo kwakhona (bona OoKumkani II 22–23). UYosiya nabantu bakhe baguquka njani yaye kwakutheni ukuze batshintshe? (bona OoKumkani II 22:8–11; 23:1–6, 21, 24).
UMongameli uSpencer W. Kimball wabiza ibali liKumkani uYosiya “elinye lawona mabali abalaseleyo kuzo zonke izibhalo” (Teachings of Presidents of the Church: Spencer W. Kimball [2006], 62). Mhlawumbi ungacinga ngamava xa isiqendu sesibhalo esingcwele “[sa]sebenza ngamandla” kuwe. Yintoni onokuyenza ukufumana amava angakumbi afana nalawo?
Bona kananjalo Alma 31:5.
Josiah and the Book of the Law
OoKumkani II 23:1–15
Umnqophiso kukuzibophelela komphefumlo-wonke phakathi kwam neNkosi.
Yintoni ekuchukumisayo malunga nomnqophiso uYosiya awawenzayo kubo Ookumkani II 23:3? Njengoko uqhubeka ukufunda isahluko 23, qaphela into uYosiya awayenzayo ukubonisa ukuzibophelela kwakhe eNkosini (bona kananjalo umfanekiso ekugqibeleni kolu lwandlalo). Ungabonisa njani ukuzibophelela kwakho kuYo?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
OoKumkani II 18:3–6; 19:14–19.
Ndingamthemba uBawo waseZulwini noYesu Kresu.
-
Kubo OoKumkani II 18:3, 5–6, nceda abantwana bakho bafumane ukuba yintoni eyenza uHezekiya ikumkani elungileyo. Njengokuba nifunda kunye Ookumkani II 19:14–19, banako ukufumana ukuba wabonisa njani ukuba wayeyithembile iNkosi. Unokujonga kumifanekiso kaYesu kwaye nithethe malunga nokuba kutheni sinako ukumthemba? Singakubonisa njani ukuba siyayithemba iNkosi?
OoKumkani II 22:1–7
UBawo waseZulwini noYesu Krestu banako ukundithemba.
-
Kubo Ookumkani II 22:1, nceda abantwana bakho bafumane ukuba uYosiya wayemdala kangakanani xa wayesiba yikumkani. Sifunda ntoni malunga noYosiya ku mqolo 2? Qwalasela umsebenzi onokubonisa ukulandela iNkosi nokungajiki “ecaleni ukuya ngakwisandla sasekunene okanye ekhohlo.”
-
Abasebenzi abachazwa kubo OoKumkani II 22:3–7 babethenjiwe ngemali yokwakha itempile “ngokuba basebenza benyanisekile” (umqolo 7). Emva kokufunda le miqolo, wena nabantwana bakho ninokuthetha ngezinto enithe nathenjwa ngazo. Singathembeka njani njengaba basebenzi kule miqolo?
A scribe bringing a scroll of scripture to King Josiah [Umbhali esiza nomsongo wezibhalo kuKumkani uYosiya]; umfanekiso nguRobert T. Barrett
OoKumkani I 22:8–11; 23:2–3
Izibhalo zindifundisa ukulandela uYesu Krestu.
-
Ukwazisa ibali leKumkani uYosiya kubo Ookumkani II 22–23, ungafihla ikopi yezibhalo kwindawo ethile egumbini. Mema abantwana bakho ukuba bayifumane. Emva koko unokwabelana ngokuba kwenzeka ntoni xa omnye wabafundisi bakaYosiya bafumana izibhalo etempileni (bona OoKumkani II 22:8–11; bona kananjalo “UKumkani uYosiya” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 148–49). Yintoni enokuthi yenzeke kuthi ukuba besingenazo izibhalo? Yabelana omnye nomnye ngokuba kutheni nivuya kukuba sinezibhalo namhlanje.
1:36King Josiah
-
Emva kokufunda Ookumkani II 23:2–3, wena nabantwana bakho ningathetha malunga nezibhalo ezithe zanikhuthaza nina ukuba “[ni]landela iNkosi” (umqolo 3).
OoKumkani II 23:1–3
Ndiyakuyigcina iminqophiso yam kunye noThixo.
-
Xa uYosiya nabantu bake bafunda imithetho kaThixo, benza umnqophiso wokuyiphila yona. Funda malunga noku nabantwana bakho kubo Ookumkani II 23:1–3, kwaye ubancede bafumane amagama okanye amabinzana abonisa ukuba abantu babeziva njani malunga nemithetho yeNkosi. Mhlawumbi abantwana bakho banokuma bathethe malunga nokuba kungathetha ntoni ukuba “[yima] eminqophisweni.” Emva koko banokuhamba kwindawo kwaye bathethe malunga nokuba kungathetha ukuthini ukuba “landela iNkosi.” Okulandelayo, banokubeka izandla zabo kwiintliziyo zabo kwaye bacebise iindlela esinokugcina ngazo iminqophiso “ngeentliziyo [zethu] zonke.”
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.