“EyoMdumba 23–EyoKwindla 1. “Ngaba ikhona into eNzima Kakhulu kwiNkosi?”: IGenesis 18–23,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMdumba 23–EyoKwindla 1. “Ngaba ikhona into eNzima Kakhulu kwiNkosi?,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Sarah and Isaac [USara no-Isake], nguScott Snow
EyoMdumba 23–EyoKwindla 1: “Ngaba Ikho Into eNzima Kakhulu kuThixo?”
IGenesis 18–23
Ubomi buka-Abraham, obuzele ziziganeko zombini ezihlasimlisa umzimba nezibangela imincili, bubungqina benyani awayifundayo u-Abraham embonweni—ukuba silapha emhlabeni ukuba sizokuhlolwa, “sibone ukuba [siya] kuzenza zonke izinto naziphina iNkosi uThixo [wethu] aya kusiyalela zona” (Abraham 3:25). Ngaba u-Abraham noSara babeza kuhlala bethembekile? Ngaba babeya kuqhubeka benokholo kwidinga likaThixo lenzala eninzi, kwanaxa babengekabi nabantwana ebudaleni babo? Yaye akuba ezelwe u-Isake, ngaba ukholo lwabo lwaluya kunyamezela into engazange icingelwe—umyalelo wokubingelela kwaloo nyana uThixo wayethembise ukuzalisekisa ngaye loo mnqophiso?
U-Abraham noSara babemthembile uThixo, kwaye naYe wayebathemba (bona IGenesis 15:6; AbaseRoma 4:3). Kwi Genesis 18–23, sifumana amabali kubomi buka-Abraham, uSara, nabanye anokusenza ukuba sicinge ngokuvuma kwethu ukukholelwa kwizithembiso zikaThixo, ukubaleka ububi kwaye singaze sijonge ngasemva, kwaye sithembele kuThixo kungathaleleki idini. Ngokusivavanya, uThixo kananjalo uyasiphucula.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IGenesis 18:9–14; 21:1–7
INkosi izalisekisa izithembiso zaYo ngexesha laYo.
INkosi yenze izithembiso ezizukileyo kwabathembekileyo, kodwa ngamanye amaxesha iimeko zobomi bethu zinokusenza sizibuze ukuba zinokwenzeka njani na ezo zithembiso. U-Abraham noSara kusenokwenzeka ukuba bavakalelwa ngaloo ndlela. Yintoni oyifunda kumava wabo? Kungaluncedo ekuqaliseni isifundo sakho ngokujonga kwakhona oko iNkosi yayithembise u-Abraham kwi Genesis 17:4, 15–22. Basabela njani u-Abraham noSara? (bona kananjalo Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 17:23 [kwi Genesis 17:17, umbhalo osezantsi b]; IGenesis 18:9–12). Iphendule njani iNkosi ukubanceda ukuba babe nokholo ngakumbi kwizithembiso zaYo? (bona IGenesis 18:14).
Ufumana ntoni kule miqolo eyakha ukholo lwakho? Ngawaphi amanye amava—ebomini bakho okanye bomnye umntu—awaqinise ukholo lwakho ukuba iNkosi iya kuzizalisekisa izithembiso zaYo ngexesha laYo nangendlela yaYo? Ungacingisisa kananjalo ngendlela onokulugcina ngayo ukholo lwakho xa iintsikelelo ezithenjisiweyo zinga funyanwa kobu bomi. Sisiphi isiluleko osifumanayo kuwo AmaHebhere 11:8–13 nomyalezo kaMongameli uRussell M. Nelson UKrestu Uvukile; Ukholo Kuye Luya Kususa Iintaba”? (Liyahona, UCanzibe 2021, 75–77).
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 88:68.
IGenesis 19:12–29
INkosi undiwisele umthetho wokuba ndibubaleke ububi, ndingabheki mva.
Ufunda ntoni wena ngokubaleka ubungendawo njengoko ufunda ngoLote nangosapho lwakhe? Ngokomzekelo, yintoni ekuchukumisayo ngoko kwathethwa nokwenziwayo ziingelosi ukuze zincede uLote nentsapho yakhe babaleke intshabalalo? (bona IGenesis 19:12–17). Ikunceda njani iNkosi wena nosapho lwakho ukuba nibaleke okanye nifumane ukhuseleko kwiimpembelelo ezimbi ezisehlabathini? Cinga ngeemeko apho unokuhendeka ukuba “[ujonge] ngasemva” (umqolo 26) xa ubufanele ukukhangela phambili unokholo kuMsindisi. Yintoni ULuka 9:62 ayongezayo ekuqondeni kwakho le ngcamango?
Bona kananjalo Inguqulelo kaJoseph Smith, Genesis 19:9–15 (kwisihlomelo seBhayibhile).
IGenesis 19:26
Yintoni awayenza umfazi kaLote engalunganga?
UMdala Jeffrey R. Holland wafundisa:
“Ngokucacileyo, into eyayingalunganga kumfazi kaLote kukuba wayengajonganga mva kuphela; entliziyweni yakhe wayefuna ukuya emva. Kuya kubonakala ukuba kwanangaphambi kokuba adlule kwimida yesixeko, wayesele ekhumbula le nto wayeyinikwa yiSodom neGomora. …
“Kunokwenzeka ukuba umfazi kaLote wakhangela ngasemva ngocaphuko kwiNkosi ngoko yayicela ukuba akushiye ngasemva. … Ngoko asikokuba wajonga ngasemva; wajonga ngasemva elangazelela. Ngamafutshane, ukunamathela kwakhe kwixesha elidlulileyo kwakuyodlula intembelo awayenayo ngekamva. Kuyabonakala ukuba loo nto yayiyinxalenye yesono sakhe.
“… Ndiyanibongoza ukuba ningahlali kwiintsuku ezidlulileyo okanye nilangazelele ilize lezolo, nokuba belilungile kangakanani izolo. Ixesha elidlulileyo kufuneka kufundwe kulo kodwa kungahlalwa kulo. Sijonga ngasemva ukubanga amalahle kumava abengezelayo kodwa hayi uthuthu. Yaye sakuba sikufundile oko simele sikufunde yaye sizise okona kulungileyo siye sakufumana, emva koko sikhangela phambili size sikhumbule ukuba ukholo lusoloko lubhekiselwe kwikamva. …
“… Ukuhlala kubomi obudlulileyo, kuquka iimpazamo ezidlulileyo, akulunganga nje! Asiyiyo ivangeli kaYesu Krestu. …
“Kubo bonke [abantu] bazo zonke izizukulwana, ndiyakhwaza, ‘Khumbula umkaLote’ [ULuka 17:32]. Ukholo lolwekamva. Ukholo lwakhela phezu kokudlulileyo kodwa soze lunqwenele ukuhlala apho. Ukholo luyathemba ukuba izinto ezintle zigcinelwe umntu ngamnye kuthi kwaye ukuba uKrestu ngokunyanisekileyo ‘ngumbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho’ (AmaHebhere 9:11” (“The Best Is Yet to Be,” Ensign, Jan. 2010, 24, 26–27).
Abraham and Isaac [U-Abraham no-Isake], nguScott Snow
IGenesis 22:1–19
Ukuvuma kuka-Abraham ukunikezela ngo-Isake ngumfanekiso kaThixo noNyana waKhe.
Asizazi zonke izizathu zokuba uThixo ayalele u-Abraham ukuba anikele ngo-Isake njengedini, siyazi ukuba yayiluvavanyo lokholo lwakhe kuThixo. Siyazi kananjalo yayi “ngumfuziselo kaThixo nalowo oKuphela koZelweyo uNyana” (UYakobi 4:5). Njengoko ufunda IGenesis 22:1–19, unokukhangela imiqondiso okanye ukufana phakathi komnikelo ka-Abraham ngo-Isake nomnikelo kaBawo woNyana waKhe, uYesu Krestu. Cinga ngokubhala okufumanayo kwitshathi efana nale:
|
U-Abraham no-Isake |
UBawo waseZulwini noYesu Krestu |
|---|---|
U-Abraham no-Isake U-Isake wayekuphela konyana ozelwe ngu-Abraham noSara (IGenesis 22:2; bona kananjalo AmaHebhere 11:17) | UBawo waseZulwini noYesu Krestu UYesu Krestu nguNyana oKuphela koZweleyo kaBawo oNgunaphakade (UYohane 3:16) |
U-Abraham no-Isake U-Isake wayeza kunikelwa endaweni yemvana (IGenesis 22:7–9) | UBawo waseZulwini noYesu Krestu UYesu Krestu yiMvana kaThixo (UYohane 1:29) |
Yeyiphi imifuziselo okanye ukufana kwedini lentlawulelo loMsindisi okufumana kunentsingiselo? #&160; Ungabhala kananjalo iimvakalelo zakho ngoBawo waseZulwini noYesu Krestu nedini laBo ngenxa yakho.
#&160; #&160; #&160;
#&160;
Akedah (The Binding)
Sebenzisa okubonwayo ukufundisa. Ukongeza ukwahluka ekufundiseni nasekufundeni, ungasebenzisa umfanekiso omnye okanye ngaphezulu kolu lwandlalo njengoko ufunda amabali kwi Genesis 18–23. Ngokomzekelo, wena nosapho lwakho okanye iklasi yakho ninokuphawula iinkcukacha kwimifanekiso ka-Abraham no-Isake. Thethani ngokuba kutheni ezi nkcukacha zibalulekile ebalini, nize nifumane ezi nkcukacha kwizibhalo. Ziwubalaselisa njani umfuziselo webali wedini loNyana kaThixo?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IGenesis 17:15–21; 18:14; 21:1–7
Ndingamthemba uThixo ukuba uya kuzigcina izithembiso zakhe.
-
Ukuze ufunde ngentembelo ka-Abraham noSara ngezithembiso zikaThixo, wena nabantwana bakho ninokuthetha ngexesha ekwafuneka balinde into ababeyifuna ngokwenene. Usenokujonga umfanekiso kaSara no-Isake ekuqaleni kolu lwandlalo uze uthethe ngesithembiso uThixo awasenza kuye naku-Abraham. (bona kananjalo “U-Abraham noSara,” kuwo Amabali eTastamente eNdala, 28–31). Nceda abantwana bakho bacinge ngezinto uThixo asithembise zona ukuba sihlala sithembekile. Bakhuthaze ukuba babe nomonde kwaye bathembe ukuba uThixo uya kuzigcina izithembiso zakhe.
2:20Abraham and Sarah
-
Ukuze uncede abantwana bakho bafunde inyaniso ebalulekileyo kwi Genesis 18:14, unokubhala igama ngalinye elikwisivakalisi sokuqala saloo mqolo kwiziqwenga zephepha. Emva koko waxube amaphepha, uze umeme abantwana bakho babeke amagama ngokulandelelana kwawo. Wena nabantwana bakho ninokufunda IGenesis 17:15–21; 21:1–7 ukufumana umzekelo wento eyenziwe yiNkosi eyayibonakala ingenakwenzeka. Yabelana nabantwana bakho ukholo lwakho lokuba iNkosi iyakuzalisekisa izithembiso zaYo, nokuba zibonakala zingenakwenzeka okanye zithatha ixesha elide.
IGenesis 19:15–26
Ndinokububaleka ububi.
-
Buza abantwana bakho ngeemeko apho umntu anokubamema ukuba benze into abayaziyo ukuba ayilunganga. Singazi “saba” njani ezi meko? Shwankathela IGenesis 19:15–26 ngokucacisa ukuba usapho lukaLote lwaluhlala kwisixeko esikhohlakele kakhulu kwaye iingelosi zalulumkisa ukuba luhambe. Njengoko wena nabantwana bakho nifunda kunye imiqolo 15–17, 26, babuze ukuba kusenokuthetha ntoni kuthi namhlanje “ukusaba” ububi kwaye “singabheki ngasemva” (umqolo 17).
Sodom [iSodom], nguJulius Schnorr von Carolsfeld
IGenesis 22:1–14
U-Abraham wayithobela iNkosi.
-
Ukusebenzisa imifanekiso ka-Abraham no-Isake neyokubethelelwa eMnqamlezweni (bona Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 9, 57) inokunceda abantwana bakho bathelekise ibali kwi Genesis 22 nedini loMsindisi (bona UMateyu 27:26–37). Yintoni esinokuyifunda ngoBawo waseZulwini noYesu Krestu kwingxelo ka-Abraham no-Isake neyokubethelelwa eMnqamlezweni? (Bona kananjalo “U-Abraham no-Isake,” Amabali eTestamente eNdala, 34– 37.)
2:0Abraham and Isaac
-
Ngaba unokucinga ngomdlalo olula onokuwudlala nabantwana bakho ofuna balandele ulwalathiso? Mhlawumbi izikhokelo zingakhokelela kumfanekiso ofihlakeleyo woMsindisi. Umdlalo ungaphembelela incoko ngezinto uBawo waseZulwini asiyalele ukuba sizenze ukuze siphile naYe noYesu Krestu kwakhona. #&160; Iphepha lomsebenzi wale veki linokunceda ngokunjalo.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.