Yizani, Nindilandele 2024
EyoKwindla 2–8. “Mvumele uThixo oNgamele”: IGenesis 24–33


“EyoKwindla 2–8. ‘Mvumele uThixo oNgamele’,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoKwindla 2–8. ‘Mvumele uThixo oNgamele’,” Yizani, Nindilandele: 2026

U-Esawu uthengisa ngelungelo lakhe lobuzibulo kuYakobi esenzela isitya sesidlo

Esau Sells His Birthright[U-Esawu uThengisa ngoBuzibulo Bakhe], nguGlen S. Hopkinson (inkcukacha)

EyoKwindla 2–8; “Mvumele uThixo oNgamele”

IGenesis 24–33

Uzifumanela njani intsikelelo eyeyakho kuThixo? Usenokuthi ibali likaYakobi, umzukulwana ka-Abraham noSara, libali lendoda eyafunda impendulo yalo mbuzo. Kwinkcubeko apho unyana oyinkulu ebefumana intsikelelo yelungelo lobuzibulo, uYakobi wazalwa engowesibini, ebambe isithende somntakwabo oliwele lakhe, u-Esawu. Igama “Yakobi” lithetha “mthatheli-ndawo”— lowo uthatha indawo yomnye. UYakobi waphila ngokulifanela elo gama lakhe ngokuzama, ngaphezulu kwesihlandlo esinye, ukuthatha indawo ka-Esawu yokuba ngoyena awayeya kufumana intsikelelo yelungelo lobuzibulo (bona IGenesis 25:30–34; 26:34–35; 27:36). Isiphumo saba kukungavani kusapho, kwaye uYakobi kwanyenzeleka ukuba asabe asingise entlango ukuze ubomi bakhe bukhuseleke.

Iminyaka emininzi emvakoko, uThixo wayalela ukuba uYakobi abuyele kokwabo. Endleleni, uYakobi, ngentobeko, kwakhona wafuna intsikelelo kuThixo. Izibhalo zicacisa elixesha njengo “kuzamana” kukaYakobi, kwaye yena wabhengeza okokuba waye engazukunikezela “ukuba akuthanga undisikelele” (IGenesis 32:26). Emva koko kweza isifundo—kunye nentsikelelo. UThixo watshintshela igama likaYakobi kuSirayeli—othetha ukuthi, phakathi kwezinye izinto, “mvumele uThixo oNgamele.” USirayeli wafunda okokuba ukuze ufumane iintsikelelo zikaThixo ezinelona xabiso libalaseleyo, iintsikelelo zomnqophiso waKhe, akuyomfuneko ukuthatha indawo yomnye umntu. Iintsikelelo zaKhe azithengwa okanye zithinjwe okanye ziphunyelelwe. Yena unikeza ngazo simahla kubo bonke abo baphila ngokulifaneleyo igama likaSirayeli—ba mvumele uThixo ongamele kubomi babo.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

IGenesis 24

Umtshato womnqophiso ubalulekile kwicebo likaThixo lanaphakade.

Njengoko ufunda IGenesis 24, zibuze okokuba kwakutheni na u-Abraham wawuthatha ngokokuba wawubaluleke kakhulu umtshato wonyana wakhe. Kutheni umtshato ubalulekile kuThixo?

Zeziphi iimpawu ozifumana kuRebheka ezinokuba negalelo kumtshato nosapho olomeleleyo? (bona ngakumbi imiqolo 15–28, 57–61).

IGenesis 25:29–34

Mna ndingazixabisa izinto zanaphakade ngaphezu kwezinto zethutyana.

Kwisiko lika-Isake noRebheka, unyana omdala wayefumana ilungelo lobuzibulo, oko kwakuthetha ukuba nelona lifa likhulu, elalihamba noxanduva olukhulu lokukhathalela usapho. Njengoko ufunda IGenesis 25:29–34, cinga ngesizathu sokuba kwakutheni u-Esawu wayenomdla wokuncama ilungelo lakhe lobuzibulo xa litshintshiswa nesidlo. Zeziphi izifundo ozifumanela wena buqu kule ngxelo? Kusenokukunceda ukwenza uludwe olubini: (1) iintsikelelo zikanaphakade uThixo afuna ukukunika zona kunye (2) nezinto zehlabathi ezisenokukuphazamisa. Emva koko ungafunda isicatshulwa, ufake amagama athatha indawo ka “ilungelo lobuzibulo” kwinto esuka kuluhlu lokuqala kunye no “sidlo” kwinto esuka kolwesibini. Uza kugqalisela njani kuMsindisi neentsikelelo zaKhe zevangeli?

Bona kananjalo UMateyu 6:19–33; M. Russell Ballard, “Remember What Matters Most [Khumbula Eyona Nto inoBuzaza ngokuBalaseleyo],” Liyahona, uCanzibe 2023, 105–7.

UYakobi eBheteli

Jacob at Bethel [UYakobi eBheteli], nguJames Smetham

IGenesis 28

umfanekiso weseminari
Iminqophiso yendlu yeNkosi izisa amandla kaThixo ebomini bam.

Ngelixa wayelele kumqamelo wamatye, uYakobi waba nelitshintsha ubomi iphupha. Lona lalingamava angcwalisekileyo kangangokuba uYakobi wathiya lo ndawo ngokuba yiBheteli, okanye “yindlu kaThixo,” ebhengeza, “Kunjenje ke uYehova ukho kule ndawo” (IGenesis 28:16).

Njengoko ufunda IGenesis 28, use nokuzibuza ukuba yintoni eyenza la mava angcwaliseka kakhulu kuYakobi. Yintoni eyayisenzeka kuye ngelo xesha? Unokuba wayevakalelwa kanjani? Use nokukhangela amagama namabinzana kuyo imiqolo10–22 akukhumbuza ngendlu yeNkosi. Zeziphi iimpembelelo ozifumanayo ngoThixo, indlu yaKhe, neminqophiso yaKhe?

Ekupheleni kolu lwandlalo kukho umfanekiso ozotywe ngepeyinti obonisa iphupha likaYakobi; use nokubhekisa kuwo njengoko ufunda. Ukuba ubunokuzenzela owakho umfanekiso ozotyiweyo weliphupha, ubuza kwenza ntoni? Zeziphi inyaniso ezivela kweli bali obunokuzama ukuzizoba?

Ingaba itempile ikunceda njani ukuba uzive ukufuphi kuThixo? Use nokufuna ukuhlola iminqophiso neentsikelelo yendlu yeNkosi kwi General Handbook, 27.2 (Ithala leeNcwadi zeVangeli). Ukugcina le minqophiso kuwazisa njani amandla kaThixo ebomini bakho?

Yiba nobuchule bokuyila. Kukho iindlela ezininzi zokufunda kwizibhalo ngaphandle kokuzifunda kuphela. Abanye abantu bafumanisa ukuba baziqonda ngcono izibhalo ukuba bazoba imifanekiso yamabali. Abanye bafumana iingqiqo zosemoyeni kumculo ongcwele onxulumene nezibhalo. Ungazisikeli umda wokuphelela kwindlela enye yokufunda; zivumele ukuzama iindlela ezahlukileyo.

IGenesis 29:31–35; 30:1–24

INkosi iyandikhumbula ezilingweni zam.

Njengoko ufunda IGenesis 29:31–35 kunye 30:1–24, khangela amagama achaza inceba kaThixo kuRakeli noLeya. Cinga nzulu ngendlela uThixo “uzibonile ngayo iintsizi [zakho],” kwaye “wa[ku]khumbula” (IGenesis 29:32; 30:22).

IGenesis 32–33

UMsindisi angaluphilisa usapho lwam.

Njengoko uYakobi wayebuyele kwaKanan, “woyika kunene kwaye wabandezeleka” ngendlela awayeza kumamkela ngayo, umntakwabo, u-Esawu (IGenesis 32:7). Njengoko ufunda IGenesis 32–33, cinga nzulu ngobudlelwane bosapho lwakho—mhlawumbi ngokungakumbi kulowo udinga ukuphiliswa. Mhlawumbi eli bali lingakukhuthaza ukuba ufikelele komnye umntu. Imibuzo efana nale inokukhokela ukufunda kwakho:

  • Wakulungiselela njani uYakobi ukudibana no-Esawu?

  • Yintoni egqamileyo kuwe malunga nomthandazo kaYakobi ofumaneka kuyo IGenesis 32:9–12?

  • Ufunda ntoni malunga noxolelo kumzekelo ka-Esawu?

  • UMsindisi unokusinceda njani siphilise ubudlelwane bosapho?

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IGenesis 24:10–21

Ndinokuba nobubele kwabanye.

  • Ukubonisa ngokugqamileyo umzekelo wobubele obuncomekayo bukaRebheka, Ungabonisa abantwana bakho umfanekiso ongezantsi okanye iphepha lomsebenzi wale veki njengoko ushwankathela ibali kuyo IGenesis 24:10–21. Abantwana bakho banokukonwabela ukulilinganisa eli bali. Oku kuse nokukhokelela kwingxoxo ngezenzo zobubele wena nabantwana bakho enakhe nazibona.

  • Cinga ngokucula ingoma ngoobubele kunye, njenge“Kindness Begins with Me” (Children’s Songbook, 145). Abantwana bakho banokuphulaphula igama elithi “ububele” (okanye igama elifanayo) baze beme xa beliva. Singanabo njani ububele njengoRebheka?

umzobo kaRebheka

Old Testament Heroes [AmaQhawe eTestamente eNdala], ngu Dilleen Marsh (inkcukacha)

IGenesis 25:21–34

Iintsikelelo zanaphakade zibaluleke ukodlula izinto zehlabathi.

  • Cinga ngokusebenzisa “UYakobi no-Esawu” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 38–41) ukuze uncede abantwana bakho baliqonde ibali elikuyo IGenesis 25:21–34. Mhlawumbi abantwana bakho banganomfanekiso-ngqondweni wokuba u-Esawu ucela ingcebiso yabo ngokuba umele arhwebe ilungelo lakhe lobuzibulo ngesidlo na. Ingaba bangathini kuye?

    2:5

    Jacob and Esau

  • Zintoni izinto ezibaluleke ngokungunaphakade kuwe nabantwana bakho? Mhlawumbi abantwana bakho bangafumana imifanekiso okanye izinto ezimele ezi zinto. Ingaba singayibonisa njani iNkosi ukuba ezi zinto zibalulekile kuthi?

IGenesis 28:10–22

Iminqophiso indinceda ndibuyele kuBawo waseZulwini.

  • Njengoko nifunda IGenesis 28:10–22 kunye, ningasebenzisa ileli okanye izinyuko (okanye umfanekiso ofana nalo usekupheleni kolu lwandlalo) ukuze nithethe ngokuba iminqophiso ifana njani neleli. Mhlawumbi abantwana bakho bangenza ngathi bakhwela kwileli, kumtsi ngamnye, bathethe ngamaxesha esithi sithembise ngawo ukuthobela uThixo, njenga xa sibhaptizwa, sithabatha umthendeleko okanye sisiya etempileni. Ingaba iminqophiso isisondeza njani kuThixo?

IGenesis 32:6–11; 33:1–4

UBawo waseZulwini noYesu Krestu bandinceda mna ndiluthande usapho lwam.

  • Ukwazisa le miqolo, use nokucacisa okokuba emva kweminyaka emininzi yeemvakalelo ezinzima, uYakobi wayeza kuhlangana no-Esawu kwakhona. Fundani kunye IGenesis 32:6–11. Wavakalelwa njani uYakobi? Ingaba yintoni awayenzayo ukuze afumane uncedo? Fundani kunye IGenesis 33:1–4 ukuze nikubhaqe okokuba iNkosi yamphendula njani umthandazo kaYakobi. Ukuba uYakobi no-Esawu bebe nokuthetha nathi namhlanje, bebe nokuthini na ukusinceda xa kukho imbambano kusapho lwethu?

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UYakobi ephupha ngeleli nangeengelosi ezehlayo zisuka ezulwini

Jacob’s Dream [Iphupha likaYakobi], nguJ. Ken Spencer

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: Ndingaba nobubele kwabanye