“EyoKwindla 16–22. ‘UThixo Wacinga Okulungileyo’: IGenesis 42-50,” EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoKwindla 16–22. ‘UThixo Wacinga Okulungileyo’,” Yizani, Nindilandele: 2026
Forgiveness [Uxolo], nguMegan Rieker
EyeKwindla 16-22: “UThixo Wacinga Okulungileyo”
IGenesis 42–50
Kwakuyiminyaka engama-22 oko uYosefu wathengiswa ngabantakwabo eYiputa. UYosefu wayejamelene nezilingo ezininzi, kuquka izityholo zobuxoki nokuvalelwa entolongweni. Xa ekugqibeleni wabona kwakhona abantakwabo, uYosefu wayengumphathi wayo yonke iYiputa, engowesibini kuphela kuFaro. Weyenako ukuziphindezela lula kubantakwakhe, kwaye ukuqwalasela into abayenzayo kuYosefu, oko kusenokubonakala kuqondeka. Kwaye ngoko uYosefu wabaxolela. Ayiphelelanga apho, kodwa wabanceda babona injongo yobuthixo ekubandezelekeni kwakhe. “UThixo wacinga okulungileyo” (IGenesis 50:20), wabaxelela, ngokuba wambeka endaweni yokusindisa “nendlu yonke kayise” (IGenesis 47:12) kwindlala.
Ngeendlela ezininzi, uYosefu wayefana noYesu Krestu. Nangona izono zethu zabangela ukuba uYesu abandezeleke kakhulu, uyasixolela, esihlangula kwisiphelo esibi kakhulu kunendlala. Nokuba sidinga ukufumana ukuxolelwa okanye sinikele ngalo—ngaxesha lithile sonke sidinga ukuzenza zombini—umzekelo kaYosefu usikhombisa kuMsindisi, owona mthombo wokuphilisa noxolelaniso.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IGenesis 45:5–7; 47:12
“UThixo wandithuma ngaphambi kwenu ukuba ndinisindise.”
Ukhe waqaphela naziphi na izinto ezifanayo phakathi kobomi bukaYosefu nomsebenzi wokucamagushela kaYesu Krestu? Ukubona eminye imizekelo yoku kufana, zama ukuthelekisa:
-
IGenesis 37: 3; kwakunye UMateyu 3:17.
-
IGenesis 37:26–28 kwakunye UMateyu 26:14–16.
-
IGenesis 45:5–7 kwakunye ULuka 4:18.
-
IGenesis 47: 12; kwakunye UYohane 6:35.
Zeziphi iimvakalelo onazo malunga noMsindisi nomsebenzi waKhe njengoko ufunda le mihlathi?
IGenesis 45; 50:15–21
Uxolelo luzisa ukuphila.
Ufunda ngoYosefu exolela abantakwabo ngezinto ezimbi abazenzileyo kunokukwenza ukuba ucinge ngomntu osasokolayo okwangoku ukuba umxolele. Le mibuzo ilandelayo inokukunceda njengoko uzamana nokuwusebenzisa lo mgaqo:
-
Kutheni kwakusenako ukubanzima kuYosefu ukuxolela abantakwabo? (ukubona oko bakwenzayo kuye, bona IGenesis 37). Ngawaphi amava okanye izimilo ezazinako ukunika uYosefu amandla okuxolela? bona, ngokomzekelo, IGenesis 45:1–15 okanye 50:15–21).
-
Zeziphi iintsikelelo ezezayo kuxolelo lukaYosefu kubantakwabo? Ngokomzekelo, thelekisa ubudlelwane kusapho lukaYakobi ekuqaleni kwebali (bona, ngokomzekelo, IGenesis 37:3–11) nobudlelwane ekugqibeleni (bona IGenesis 45:9–15; 50:15–21). Bezinoku guquka njani izinto ngokwahlukileyo ukuba uYosefu wayengazimiselanga ukuxolela?
-
Cinga ngokubhala phantsi igama lomntu onokudinga uxolelo lwakho—nokuba kanti abalucelanga uxolo. Yintoni onokuyenza ukumema amandla oMsindisi okuphilisa kuyo loo meko? Ukuba ukuxolela kubonakala kunzima kakhulu, cinga ngokuphonononga ingcebiso kaMdala uGerrit W. Gong kwimihlathi emithandathu yokugqibela yomyalezo wakhe “Happy and Forever [Uyolo noNaphakade)” (Liyahona, EyeNkanga. 2022, 85). Yintoni oyifumanayo ethi ikunike ithemba lokuba unako ukuxolela?
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 64:9–11; “Forgiveness: My Burden Was Made Light” [“Forgiveness: My Burden Was Made Light“] (ividiyo), iThala leeNcwadi zeVangeli.
Forgiveness: My Burden Was Made Light
IGenesis 49
UYakobi wanika usapho lwakhe iintsikelelo zesiprofeto.
Iintsikelelo zikaYakobi kwinzala yakhe ziqulathe imifanekiso ebonakalayo, kodwa ayilulanga ukuyiqonda. Ngombulelo, ivangeli ebuyisiweyo isinika uncedo. Xa ufunda intsikelelo kaYosefu kuyo IGenesis 49:22–26, funda nale miqolo ilandelayo, kwaye ubone ukuba zeziphi izinto eziyifundisayo: 1 Nifayi 15:12; 2 Nifayi 3:4–5; Yakobi 2:25; IMfundiso neMinqophiso 50:44.
Njengoko ufunda ngentsikelelo kaYuda kuyo IGenesis 49:8–12, khumbula ukuba uYesu Krestu wayeyinzala kaYuda. Ufumana ntoni kwezi vesi ezikukhumbuza ngoMsindis? (Bona kananjalo Izithyilelo 5:5–6, 9; 1 Nifayi 15:14–15; IMfundiso neMinqophiso 45:59; 133:46–50).
Ukufunda ezi ntsikelelo kunokuphembelela ukuba uphonononge eyakho intsikelelo kasolusapho—okanye, ukuba awunayo yona, uze uyifumane. Ngawaphi amazwi namabinzana kwintsikelelo yakho aguqulela iingcinga zakho kuYesu Krestu?
IGenesis 50:19–21
UThixo unako ukundinceda ndifumane intsingiselo kwizilingo zam.
Nangona ibinako ukungacaci ngexesha ajongene nayo, uYosefu ekugqibeleni wakwazi ukujonga emva kubunzima bakhe eYiputa kwaye abone ukuba “UThixo wacinga okulungileyo” (IGenesis 50:20). Ukuba wawukhe wanako ukumndwendwela uYosefu ngexesha wayesemgodini okanye entolongweni, wawunokumthuthuzela njani? Inganako njani IGenesis 50:19–21 ukukunceda ngamaxesha akho ezilingo?
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 122; “How Firm a Foundation,” Hymns, inani. 85.
Joseph Smith among the Prophets [UJoseph Smith phakathi kwabaProfeti], nguPaul Mann (iinkcukacha)
IGenesis 50:24–25
“INkosi, uThixo wam, iya kuphakamisa imboni.”
Njengoko ufunda IGenesis 50:24–25 kwakunye ku Guqulelo lukaJoseph Smith, IGenesis 50:24–38 (in the Bible appendix), cingisisa ukuba kutheni kwaku nokubaluleka kuYosefu ukwazi malunga noMoses noJoseph Smith kwiinkulungwane ezingaka zeminyaka ngaphambili. UJoseph Smith wazizalekisa njani iziprofeto zikaYosefu ngaye? (bona IMfundiso neMinqophiso 1:17–23; 20:7–12; 39:11; 135:3).
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IGenesis 42– 42; 45:4–15
Ndinokubonisa uthando noxolelo kusapho lwam.
-
Kusenokuba mnandi kubantwana bakho ukuthetha malunga nebali likaYosefu edibana kwakhona nosapho lwakhe (bona IGenesis 42–44). Okanye bangasebenzisa “uYosefu kunye neNdlala” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 57–60) okanye imifanekiso ekolu lwandlalo ukufundisana ibali. Nantsi imibuzo enokunceda abantwana bakho bafunde kwibali:
-
Yintoni uYosefu awayenzayo ukubonisa uthando kusapho lwakhe? (bona IGenesis 45:4–15).
-
Ucinga ukuba kwakutheni uYosefu ze axolele abantakwabo?
-
Ucinga ukuba abantakwabo uYosefu babeziva njani xa babefumanisa ukuba uYosefu wabaxolela? Ngubani ebomini bakho odinga ukuxolelwa? Ungalubonisa njani uthando noxolelo?
2:26Joseph and the Famine
-
Njengoko ulungiselela ukufundisa, buza, “Baza kwenza ntoni abantwana ukuze bafunde?” Ngokomzekelo, kulo umsebenzi abantwana bakho benza umdlalo webali okanye babalise kwakhona ibali. Ukwenza oku kuya kubanceda bakhumbule konke okwenzekileyo nemigaqo yevangeli equlathwe ebalini.
-
Wena okanye abantwana bakho ninako ukufuna ukwabelana ngamava xa babexolele umntu okanye xa umntu waxolela bona.
IGenesis 48:8–9
INkosi iyandinceda ngeentsikelelo zobubingeleli.
-
Wena nabantwana bakho ninako ukujonga umfanekiso kaYakobi esikelela oonyana bakhe ekupheleni kolu lwandlalo kwaye nixoxe ngento eyenzekayo (bona IGenesis 48:8–9). Ukuba kuyadingeka, cacisa ukuba uYakobi, uyise kaYosefu, wayefuna ukunika iintsikelelo zobubingeleli kusapho lwakhe. Mhlawumbi ninako ukwabelana kunye nawaphi na amava eninawo ekufumaneni uncedo kuThixo ngentsikelelo yobubingeleli. Zeziphi ezinye zezizathu esinokuthi sicele intsikelelo yobibungeleli?
IGenesis 45:5–11
UBawo waseZulwini wathumela uYesu Krestu azokundisindisa.
-
Ungabanceda njani abantwana bakho babone uMsindisi kwibali lika Yosefu esindisa usapho lwakhe kwimbalela? Cinga ngokwenza itshathi enemihlathi emibini ebhalwe uYosefu no Yesu Krestu. Nceda abantwana bakho bakhangele ngabini ezilandelayo izibhalo kwaye bagcwalise kwitshati ngezinto athi uYosefu noYesu abanazo ezifanayo: IGenesis 37:3 kunye UMateyu 3:17; IGenesis 37:26–28 kunye UMateyu 26:14–16; IGenesis 45:5–7 kunye ULuka 4:18; kunye IGenesis 47:12 kunye UYohane 6:35.
-
Buza abantwana bakho kuthetha ukuthini ukusindisa okanye ukuhlangula umntu. Ukuba omnye wabo ukhe wanawo amava okusindiswa okanye okuhlangulwa kwingozi, mmeme abelane. UYosefu ubasindise njani abantakwabo? (bona IGenesis 42:1–3; 45:5–7). Emva koko ningajonga umfanekiso woMsindisi kunye kwaye ucele abantwana bakho ukuba bathethe ngendlela uYesu asisindisa ngayo.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.