“EyoKwindla 23–29. ‘Ndawukhumbula uMnqophiso Wam’: IEksodus 1–6,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoKwindla 23–29. ‘Ndawukhumbula uMnqophiso Wam’,” Yizani, Nindilandele: 2026
Moses and the Burning Bush [UMoses neTyholo eliVuthayo], nguHarry Anderson
EyoKwindla 23–29: “Ndawukhumbula uMnqophiso Wam”
IEksodus 1–6
Isimemo sokuhlala eYiputa salusindisa usapho lukaYakobi. Kodwa emva kwamakhulu eminyaka, inzala yabo yenziwa amakhoboka kwaye yagrogriswa nguFaro omtsha “owayengamazi uYosefu” (IEksodus 1:8). Kwakuza kuba yinto yemvelo kumaSirayeli ukuba azibuze ukuba kutheni uThixo evumele le nto ukuba yenzeke kubo, abantu baKhe bomnqophiso. Ingaba Yena wawukhumbula umnqophiso awawenzayo nabo? Ingaba babese ngabantu baKhe? Ingaba Yena wayeyibona indlela ababebandezeleka ngayo?
Kunokubakho amaxesha apho uye uzive ngathi ufuna ukubuza imibuzo enje. Usenokubuza, “Ingaba uThixo uyayazi into endikuyo? Ingaba Yena uyaziva na izibongozo zam zoncedo? Ukukhululwa kukaSirayeli eYiputa kuyiphendula ngokucacileyo imibuzo enjalo: UThixo akabalibali abantu baKhe. Yena uyayikhumbula iminqophiso yaKhe nathi kwaye uya kuyizalisekisa ngexesha laKhe nangendlela yaKhe. “Ndiya kukukhulula ngengalo eyoluliweyo,” Yena utsho. “NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo [yenu]” (IEksodus 6:6–7).
Iingcebiso Zokufunda eKhaya naseBandleni
IEksodus 1–2
UThixo angasebenza ngam ukuze azalisekise iinjongo zaKhe.
Ingaba yintoni ekuphembelelayo ngamabhinqa achazwe kuyo IEKsodus 1–2? Wona alizalisekisa njani icebo likaThixo elenzelwe abantu baKhe? Ingaba yintoni oyifundiswa zinzame zawo malunga nokukhonza kumsebenzi kaThixo?
IEksodus 1–3
UYesu Krestu unguMkhululi wam.
Phambi kokuba uqalise ukufunda ku-Eksodus, use nokucinga ngobunzima oqubisana nabo—into onethemba lokuba iNkosi ingakukhulula kuyo. Ngawaphi amagama namabinzana kuyo IEksodus 1–3 avakala eyelelene nokuthinjwa ngokomoya okanye ezinye izinto esiqubisana nazo namhlanje? Qaphela kananjalo nokokuba abantwana bakaSirayeli bakukhangela njani ukukhululwa nokuba yaphendula njani iNkosi (bona, ngokomzekelo, IEksodus 2:23–25; 3:7–8). Ingaba iNkosi ikwenze njani na “[ukwehla] ke [i]ze ku[ku]hlangula” wena?
Kwincwadi ye-Eksodus iphela, use nokuqaphela nazo ezinye izinto eziyeleleneyo phakathi koMoses noYesu Krestu (bona IDuteronomi 18:18–19; 1 Nifayi 22:20–21). Ngokomzekelo, zeziphi izinto eziyeleleneyo ozibona phakathi kwayo IEksodus 1:22; 2:1–10 naye UMateyu 2:13–16? Okanye phakathi kwayo IEksodus 24:18 naye UMateyu 4:1–2? Yintoni ovakalelwa ukuba iNkosi ifuna uyiqonde malunga naYo ngenkqu nangamandla waYo?
Khangela imiqondiso engqina ngoYesu Krestu. “Unako … ufumana uthelekiso kubomi boMsindisi kubomi babaprofeti namanye amadoda nabafazi abathembekileyo kwizibhalo. [Ukwenza njalo] kuityhila iinyaniso ngoMsindisi kwiindawo onokuthi ungazihoyi” (bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 7; bona kananjalo UHoseya 12:10).
Faith at Water’s Edge [Ukholo kwiNyele yaManzi], ngu-Anne Marie Oborn
IEksodus 3:1–6
Mna ndingabonisa intlonipho kwizinto ezingcwele neendawo .
Ungacinga ngexesha owakhe wabanento ngalo ekuzalisa ngokumangaliswa nokuthi nqa? Waye waphendula njani? Ungazichaza njani izimvo owazivayo?
Unalonto engqondweni, funda IEksodus 3:1–6. Yintoni ekuchukumisayo ngamava aphefumlelweyo kaMoses? Yintoni awayenzayo uMoses ukuze abonise intlonipho kuThixo? Loluphi unxibelelwano olubona phakathi kwezenzo nentlonipho yakhe kwizinto ezingcwele?
Ukufunda ezi vesi kuse nokuchukumisa ukuba ucinge ngezinto ezingcwele neendawo ezingcwele ebomini bakho. Kutheni zingcwele kuwe? Uzinika impatho eyahluke njani kwezinye izinto zesiqhelo?
Ngenene, naxa siye sanamava okwasemoyeni amangalisayo, kukho ingozi yokuba singabi nanonophelo kwizinto ezingcwele. Uyinqanda njani lento? Nantsi imiyalezo emibini ethetha ngalomba; khetha ubemnye, uze ukhangele amazwi anokukunceda: Ulisses Soares, “In Awe of Christ and His Gospel” (Liyahona, Canzibe 2022, 115–17); Gérald Caussé, “Is It Still Wonderful to You?” (Liyahona, Canzibe 2015, 98–100).
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 6:10–12; 63:64.
IEksodus 3–4
UThixo ubanika amandla abo Yena ababizayo ukuba benze umsebenzi waKhe.
Namhlanje simazi uMoses njengomprofeti nenkokeli enkulu. Kodwa uMoses wayengaziboni ngolo hlobo ngokuya yayiqala ukumbiza iNkosi. Njengoko ufunda IEksodus 3–4, dwelisa izinto awayenengxaki ngazo uMoses nendlela iNkosi eyaphendula ngayo kwinto nganye. Yintoni oyifumanayo kwezi zahluko enokukhuthaza xa uziva ungafaneleki? Ungaba ukhe wambona nini uThixo ekupha amandla wena nabanye okwenza umsebenzi waKhe?
IEksodus 5–6
Iinjongo zeNkosi ziya kuzalisekiswa ngexesha laYo.
Kuse nokutyhafisa okokuba xa iinzame zenene zethu zokwenza okulungileyo zingabonakali ziphumelela—xa sizama ukwenza intando yeNkosi kodwa singade sizibone iziphumo esizilindeleyo. Ukuze ufunde ngamava ayelelene nalawo uMoses waye waba nawo, funda IEksodus 5:4–9, 20–23. Ingaba iNkosi yamnceda njani uMoses ukuze abe nokongamela izimvo zakhe zokutyhafa? (bona IEksodus 6:1–13). Ingaba iNkosi ikuncede njani ukuba uphikelele ekwenzeni intando yaYo?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Ngenxa yokuba le Cawe yiCawe yesihlanu enyangeni, ootitshala basePrayimari bayakhuthazwa ukuba basebenzise imisebenzi yokufunda “kwiSihlomelo B: Ukulungiselela Abantwana uBomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo.”
IEksodus 1–2
UThixo angasebenza ngam ukuze azalisekise iinjongo zaKhe.
-
UMoses wayenendima enkulu kakhulu ekukhulweni kukaSirayeli ebukhobokeni. Kodwa ngewayengazange akwazi ukwenza oku ukuba umama wakhe, udadewabo, intombi kaFaro, namanye amabhinqa ayenyanisekile ayengamkhuselanga kwaye engamnonophelanga. Nceda abantwana bakho bafunde ngalamabhinqa kuyo IEksodus 1:15–20; IEksodus 2:2–10 (bona kananjalo INumeri 26:59); no Eksodus 2:16–21. Use nokusebenzisa nalo iphepha lomsebenzi wale veki nalo “Usana olunguMoses” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 61–63) ukuze ubalise ngamabali wawo. Aba bafazi banceda njani ukufezekisa icebo likaThixo? Thethani omnye nomnye ngabanye abantu obathandayo abancedisa kumsebenzi kaThixo, kuquka ngeendlela ezincinci nezilula. Sinokuwulandela njani umzekelo wabo?
1:36Baby Moses
IEksodus 3:1–5
Mna ndingaziphatha ngentlonipho indawo ezingcwele.
-
Emva kokufunda IEksodus 3:1–5 kunye, cela abantwana bakho ukuba bashwankathele ezi vesi ngamazwi wabo (bona kananjalo “UMoses uMprofeti” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 64–66). Ingaba uMoses wayibonisa njani intlonipho kubukho beNkosi? Ingaba iNkosi ifuna ukuba siyibonise njani intlonipho? Use nokubacela kananjalo abantwana ukuba bakuncede ufumane (okanye uzobe) imifanekiso yeendawo ezingcwele okanye imisebenzi ekumele sibe nentlonipho kuyo. Yintoni esinokuyenza ukuze senze ikhaya lethu indawo engcwele?
1:26Moses the Prophet
-
NJengoko usenza, abantwana bakho base nokukhangela amagama okanye amabinzana acacisa ngokuba kuthetha ukuthini ukuba nentlonipho. Ukuba besizisa umhlobo wethu enkonzweni okokuqala ngqa, singayicacisa njani intsingiselo yokuba nentlonipho?
Moses and Aaron Speak to the People [UMoses no-Aron bathetha nabantu], nguJames J. Tissot
IEksodus 3–4
Xa iNkosi indicela ukuba ndenze into, Yona iyakundinceda ukuba ndiyenze.
-
Ukusebenzisa imbali ekuyo IEksodus 3; 4:1–17, vumela abantwana bakho ukuba banikane amathuba bezenza ngathi banguMoses. Kuse nokuba mnandi ukubandakanya izinto okanye iimpahla zeqonga, ezinjenge thotshi nesityalo ukuze simele ityholo elivuthayo. Nceda abantwana bakho ukuba babhaqe okokuba wayevakalelwa njani uMoses ngomsebenzi iNkosi eyayimnike wona (bona IEksodus 3:11; 4:1, 10). Mhlawumbi ningabelana ngamaxesha enathi naba nokuvakalelwa okukwanje. Yeyiphi ingcebiso ebesinokuyabela uMoses ukuze imncede? Funda ngokuba yamkhuthaza njani uMoses iNkosi kuyo IEksodus 3:12; 4:2–9, 11–12. Balisela abantwana ngokuba wakunceda njani uMsindisi ufezekise ubizo, ulandele impembelelo, okanye wenze into eyayinzima kuwe.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.