“EyoKwindla 30–uTshazimpuzi 5. ‘Uya Kuginya Ukufa Kuphele”: IPasika Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoKwindla 30–uTshazimpuzi 5. ‘Uya Kuginya Ukufa Kuphele,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Umzekeliso wengcwaba elingenanto
EyoKwindla 30–uTshazimpuzi 5: “Uya Kuginya Ukufa Kuphele”
IPasika
Ubomi bukaYesu Krestu “busembindini wayo yonke imbali yabantu” (“UKrestu Ophilayo: Ubungqina babaPostile,” Ithala leencwadi zeVangeli). Ithetha ntoni loo nto? Ngokuyinxenye, kuthetha ukuba ubomi boMsindisi buphembelela isiphelo sanaphakade sakhe wonke umntu owakhe waphila okanye oya kuphila. Usenokuthi kananjalo uVuko lukaYesu Krestu, ngaloo Cawe yokuqala yePasika, ludibanisa bonke abantu bakaThixo kwimbali yonke: abo bazalwa phambi koVuko lwaKhe bakhangele phambili kulo ngokholo (bona UYakobi 4:4), kwaye abo bazelwe kamva bakhangela emva kulo ngokholo. Njengoko sifunda iingxelo zeTestamente eNdala neziprofeto, asikhe silibone igama likaYesu Krestu, kodwa siyabubona ubungqina bokholo lwamakholwa amandulo nokulangazelela uMesiya noMkhululi wabo. Ke thina esimenyelwe ukukhumbula Yena sinokuva unxibelelwano nabo babejonge phambili kuYe. Kuba ngenene uYesu Krestu ubuthwele “ubugwenxa bethu sonke” (UIsaya 53:6; ugxininiso longeziwe) kwaye “kuKrestu sonke siya kuphiliswa” (KwabaseKorinte I 15:22; ugxininiso longeziwe).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Abaprofeti bamandulo nabangoku bangqina ngedini lentlawulelo loMsindisi.
Imihlathi emininzi kwiTestamente eNdala ikhomba kubulungiseleli boMsindisi nedini lokucamagushela. Itafile engezantsi idwelisa eminye yale mihlathi. Njengoko ufunda le miqolo, zeziphi iimvakalelo eziza kuwe ngoMsindisi?
|
ITestamente eNdala |
ITestamente eNtsha |
|---|---|
ITestamente eNdala UZekariya 9:9 | ITestamente eNtsha UMateyu 21:1–11 |
ITestamente eNdala UZekariya 11:12–13 | ITestamente eNtsha UMateyu 26: 14–16; 27:3–8 |
ITestamente eNdala UIsaya 53:4 | ITestamente eNtsha UMateyu 8:16–17; 26:36–39 |
ITestamente eNdala UIsaya 53:7 | ITestamente eNtsha UMarko 14:60–61 |
ITestamente eNdala Indumiso 22:16 | ITestamente eNtsha UYohane 19:17–18; 20:25–27 |
ITestamente eNdala Indumiso 22:18 | ITestamente eNtsha UMateyu 27:35 |
ITestamente eNdala Indumiso 69:21 | ITestamente eNtsha UMateyu 27:34–48 |
ITestamente eNdala Indumiso 118:22 | ITestamente eNtsha UMateyu 21:42 |
ITestamente eNdala UIsaya 53:9, 12 | ITestamente eNtsha UMateyu 27:57–60; UMarko 15:27–28 |
ITestamente eNdala UIsaya 25:8 | ITestamente eNtsha UMarko 16:1–6; ULuka 24:6 |
ITestamente eNdala UDaniyeli 12:2 | ITestamente eNtsha UMateyu 27:52–53 |
Iziprofeto ezifundisa ngoMsindisi zininzi kwaye zicace ngakumbi kwiNcwadi kaMormoni. Cinga ukuba ukholo lwakho lomelezwa njani yimihlathi efana nale: 1 Nifayi 11:31–33; 2 Nifayi 25:13; Mozaya 3:2–11; Alma 7:10–13.
Abaprofeti bemihla yokugqibela bayaqhubekeka ukunika ubungqina obukhethekileyo bukaYesu Krestu nomsebenzi waKhe wokucamagushela. Njengokuba umamela kwikomfa yajikelele kule mpelaveki yePasika, qaphela ubungqina bukaKrestu obuvayo. Bukufundisa ntoni ngaYe?
UYesu Krestu undinika uxolo novuyo.
IPasika lixesha lolonwabo, kuba ilixesha lokubhiyozela iNtlawulelo yoMsindisi noVuko. Kwaye kanti, nangexesha lePasika, baninzi abantu abangaziva bonwabile ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Yintoni onokuyenza ukusasaza uxolo loMsindisi novuyo ngale Pasika?
Enye ingcamango kukufumana imiyalezo kwizibhalo malunga noxolo novuyo uYesu Krestu alunikelayo, ezifana nezi: Iindumiso 16:8–11; 30:2–5; UIsaya 12; 25:8–9; 40:28–31; UYohane 14:27; 16:33; Alma 26:11–22. Cinga ngendlela onokwabelana ngayo nabanye ngale miyalezo. Ngokomzekelo, mhlawumbi unokwenza amakhadi ePasika ukwabelana ngawo, ngokusekelwe kule miyalezo. Yiba nomthandazo malunga nokuba ngubani ofuna ukufumana umbuliso wakho wePasika. Unokuthatha isigqibo kananjalo sokwabelana ngemiyalezo yakho kwimidiya yokuncokola, apho abantu abaninzi banokuyibona.
&160; &160; &160;
&160;
Why Weepest Thou [ULilelani Na], nguSimon Dewey (inkcukacha)
Ngenxa yeNtlawulelo yaKhe, uYesu Krestu unamandla okundinceda ndoyise isono, ukufa, izilingo, nobuthathaka.
Nanku umsebenzi onokukunceda ubone iintsikelelo ezininzi eziza ngoYesu Krestu neNtlawulelo yaKhe. Funda izibhalo ezingezantsi malunga nento uYesu Krestu asinceda ngayo ukuba soyise. Zama ukuhlela iziqendu zibe zezi ndidi: isono, ukufa, izilingo, nobuthathaka (ezinye iziqendu zinokungena kudidi olungaphezulu kolunye). Njengokuba ufunda, zeziphi iimpembelelo onazo malunga namandla oMsindisi?
-
UIsaya 61:1–3
-
UHezekile 36:26–28
-
UMateyu 11:28–30
-
ULuka 1:46–55
-
AbaseRoma 8:35–39
Unokumcacisela njani umhlobo ongengomKrestu isizathu sokuba uYesu Krestu ebalulekile kuwe? &160; &160;
&160;
UYesu Krestu wahlawula elona xabiso liphezulu lokusindiswa kwam.
Ufunda ntoni kule miqolo ilandelayo ngexabiso uYesu Krestu alihlawulelayo ngosindiso lwakho: UIsaya 53:3–5; Mozaya 3:7; IMfundiso neMinqophiso 19:16–19? Leliphi ixabiso elahlawulwa nguBawo waseZulwini? (bona UYohane 3:16).
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UYesu Krestu wabandezeleka waza wandifela.
-
Iveki yePasika lixesha elilungileyo lokufundisa abantwana bakho ngento uMsindisi asenzela yona eGetsemane nasemnqamlezweni. Ungaqala ngokubabonisa imifanekiso engezantsi kwaye ubavumele bathethe malunga nokwenzekayo emifanekisweni. Ngelixa abantwana bakho bejonge emifanekisweni, unokufunda imiqolo echaza ezi ziganeko (bona UMateyu 26:36–46; 27:35–50; Luka 22:39–46; UYohane 19:16–30). Abantwana bakho banokubonisa iinkcukacha kwimifanekiso abayiva kwiindinyana.
Ekhohlo: Christ in Gethsemane [UKrestu eGetsemane], nguHarry Anderson Ekunene: The Crucifixion [Ukubethelwa Emnqamlezweni], nguHarry Anderson
-
Sisikelelwa njani ngenxa yedini likaYesu ngenxa yethu? Nceda abantwana bakho bakhangele amagama namabinzana aphendula lo mbuzo ku Isaya 53:4–12; Alma 7:11–13; nayo IMfundiso neMinqophiso 19:16–19. Yabelanani omnye nomnye ngendlela eniziva ngayo ngoMsindisi emva kokufunda ezi zibhalo.
UYesu Krestu wavuka ekufeni ngenxa yam.
-
&160; Emva koko vumela abantwana bakho babalisele wena ibali.
-
Cinga ngendlela oza kubanceda ngayo abantwana bakho bafumane uvuyo kuKrestu ngale Pasika. Ngokomzekelo, ningacula kunye iculo lePasika enilithandayo, elinjengo “Christ the Lord Is Risen Today” (Hymns, no. 200) or “Gethsemane” (Ithala leeNcwadi zeVangeli). Ukufumana ezinye iingoma malunga noVuko, ungajonga kwisalathiso sezihloko ze Hymns kunye Children’s Songbook. Wena nabantwana bakho ninokwabelana omnye nomnye ngesizathu sokuba nizithanda ezi ngoma nendlela eniziva ngayo xa nizicula. Ezi ngoma zisifundisa ntoni ngoBawo waseZulwini noYesu Krestu?
Abantwana bangawuva uMoya kodwa bangadinga uncedo lokuqaphela impembelelo yaKhe. “Fundisa abantwana ngeendlela ezahlukeneyo uMoya anxibelelana ngayo nathi. Bancede baqonde ilizwi laKhe njengokuba Yena ethetha nabo. Oku kuyakubanceda bakhulise umkhwa wokufuna nokwenza intshukumo kwisityhilelo sobuqu kubo bonke ubomi babo” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 32). Ngokomzekelo, njengokuba nicula iingoma ngoMsindisi nabantwana bakho, nijonga imifanekiso yaKhe, okanye nifunda amabali ngaYe, yabelanani ngeemvakalelo zomoya eninazo.
-
&160; &160; &160; &160;
Abaprofeti bangqina ngoYesu Krestu neNtlawulelo yaKhe.
-
Njengokuba wena nabantwana bakho nibukela inkomfa yajikelele kule mpela veki yePasika, bancede baqaphele xa amangqina akhethekileyo oMsindisi enika ubungqina boVuko. Mhlawumbi ungenza umdlalo wayo—bameme ukuba basukume ngalo lonke ixesha besiva amagama afana nePasika okanye iNtlawulelo okanye uVuko. Yabelanani omnye nomnye ngokuba kutheni ninombulelo ngobungqina babaprofeti abaphilayo boMsindisi.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.