Yizani, Nindilandele 2024
UTshazimpuzi 13–19. “Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova”: IEksodus 14–18


“UTshazimpuzi 13–19. ‘Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova: IEksodus 14–17 ” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“UTshazimpuzi 13–19. ‘Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova,”’ Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026

ULwandle oluBomvu

UTshazimpuzi 13–19: “Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova”

IEksodus 14–18

AmaSirayeli ayevalelekile. ULwandle oluBomvu lwalukwelinye icala, kwaye umkhosi kaFaro wawusiza kwelinye. Ukubaleka kwabo eYiphutha, kwakubonakala ngathi kuya kuba kokwexeshana. Kodwa uThixo wayenomyalezo kumaSirayeli awayefuna ukuba bawukhumbule ezizukulwaneni zawo: “Musani ukoyika. … UYehova uya kunilwela” (IEksodus 14:13–14).

Ukusukela ngelo xesha, xa abantu bakaThixo bedinga ukholo nenkalipho, baye babalise elibali. Xa uNifayi wayefuna ukukhuthaza abantakwabo, wathi, “Masomelele njengoMoses; kuba ngokwenene wathetha namanzi oLwandle oluBomvu kwaye ohlukana ngapha nangapha, kwaye noobawo bethu bawela, baphuma ekuthinjweni, emhlabeni owomileyo” (1 Nifayi 4:2). Xa uKumkani uLimhayi wayefuna ukuba abantu bakhe abaseluthinjweni ukuba “baphakamise iintloko zabo, kwaye bagcobe,” wabakhumbuza ngeli bali linye (Mozaya 7:19). Ke wenza njalo no-Alma, xa wayefuna ukungqina kunyana wakhe ngamandla kaThixo (bona Alma 36:28). Kwaye xa sifuna ukuhlangulwa—xa sifuna ukholo oluthe chatha ukuze “[si]lubone usindiso lukaYehova”—singakhumbula indlela “wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli” (IEksodus 14:13, 30).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

IEksodus 14; IEksodus15:1–21

INkosi ingenza “[umsebenzi om]khulu” ebomini bam.

Njengoko ufunda IEksodus 14:1–10, khawufane ucinge ukuba aziva njani amaSirayeli njengoko ayebona umkhosi kaFaro usondela. Mhlawumbi uziva ngathi ufuna ummangaliso ukuze uphile kulo mcelimngeni ujamelene nawo. Ufumana ntoni kuyo IEksodus 14:13–31 ekuphembelela ukuba ukhangele amandla kaThixo ebomini bakho? Cingisisa ngendlela owabone ngayo amandla aKhe kwixesha elidlulileyo. Yintoni oyifunde ngaYe kula mava?

IEksodus 15:1–19 yingoma yokudumisa awathi ayicula amaSirayeli emva kokuba iNkosi yahlula kubini uLwandle oluBomvu. Ngawaphi amabinzana kule ngoma owafumana enentsingiselo ngakumbi?

Bona kanajalo IMfundiso neMinqophiso 8:2–3.

IEksodus 15:22–27; 16:1–15; 17:1–7

INkosi inokwenza izinto ezikrakra zibe mnandi.

Ukufunda ngohambo lukaSirayeli kuse nokukukhokelela ukuba ucinge ngezinto kubomi bakho ezikhangeleke “[zi]krakra” okwa manzi aseMara (bona IEksodus 15:23–27). Ingaba INkosi izenze zamnandi njani izinto ezikrakra ebomini bakho? Ingaba aye anexabiso eliyintoni la mava ebomini bakho?

Uyakuqaphela eminye imizekelo yamava akrakra amaSirayeli kuyo IEksodus 16 kunye no 17. Kuyahenda ukugxeka ukumbombozela okanye ukukhalaza kwabo, kodwa njengoko ufunda, cinga ngokuba ukhe wenza into ekwanje na. Ufunda ntoni kumava amaSirayeli enokukunceda umbombozele ngokucuthekileyo kwaye uthembele ngokupheleleyo ngakumbi kuThixo? Zikufundisa ntoni ezi vesi ngoThixo?

Bona kananjalo 1 Nifayi 2:11–12.

AmaSirayeli eqokelela imana

AmaSirayeli eqokelela imana Neo-gothic fresco, eTrnava (inkcukacha)

IEksodus 16

umfanekiso weseminari
INkosi indibonelela ngokondliwa kwasemoyeni imihla ngemihla.

Kuba sonke sidinga ukuba sitye, iNkosi isoloko ithelekisa izinto zasemoyeni ekutyeni. Khangela izifundo zaYo zokomoya kumava amaSirayeli kwimana kwi Eksodus 16. Ngokomzekelo, yintoni oyifumana kwimiqathango yeNkosi ku Eksodus 16:16, 19, 22–26 ekwasebenza ekondliweni kwasemoyeni?

Ukuze ubhaqe ezinye izifundo iNkosi enokufuna ukuba uzifunde kulo mmangaliso, cinga nzulu ngemibuzo enje ngale:

  • Ingaba yintoni iNkosi endinika yona efana nemana yemihla ngemihla eyathi Yona yayinika amaSirayeli?

  • Yintoni endinokuyenza efana nokuqokelela imana?

2:52

Daily Bread: Pattern

3:12

Daily Bread: Experience

3:0

Daily Bread: Change

Cinga ngezinye izinto, ngaphandle kokutya, ozenza imihla ngemihla. Ingaba kutheni ezinye izinto kufuneka zenziwe imihla ngemihla ukuze zibe nefuthe? Yintoni oziva uphenjelelwe ukuba uyenze ukuze ukhangele amava okwasemoyeni emihla ngemihla?

5:27

Daily Restoration

IEksodus 17:1–7

UYesu Krestu ulilwalwa lam lokomoya namanzi aphilayo.

Cinga ngoMsindisi njengoko ufunda IEksodus 17:1–7. UYesu Krestu ufana njani nelwalwa kuwe? (bona Indumiso 62:6–7; Hilamani 5:12). Yena ufana njani namanzi? (bona UYohane 4:10–14; AbaseKorinte I 10:1–4; 1 Nifayi 11:25).

Khangela izinto eziphathwayo ezingqina ngoKrestu. Qho xa izibhalo zichaza izinto ezinokuba yimoqondiso kaYesu Krestu, njenge Eksodus 17:1–7 isenza njalo, isenokuba lithuba lesifundo sento. Ukujonga okanye ukubamba ilitye okanye amanzi kungakwenza lula ukuqonda ukuba zifana njani ezi zinto noYesu Krestu. Ukuba ungabandakanya iindlela zokuva ezininzi ekufundeni, kuyakukhumbuleka kwaye kube nefuthe.

IEksodus 17:8–16; 18:13–26

Abafundi bancedisana “ukuthwala umthwalo” wokwenza umsebenzi weNkosi.

Kuse nokubakho amaxesha onokuthi uzive unokungqamana noMoses—xa abanye bexhomekeke kuwe, kodwa zona “izandla [zakho zivakala] zidinwa” (IEksodus 17:12). Ngamanye amaxesha usenokuba njengo-Aron, uHure, noYitro, abaye baxhasa uMoses. Zibeke kwisikhundla somntu ngamnye kwaba njengoko ufunda IEksodus 17:8–16; 18:13–26, kwaye ubone ukuba iNkosi ikufundisa ntoni ngomsebenzi waYo.

Bona kananjalo Mozaya 4:27; 18:8–9.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IEksodus 14:5–22

INkosi ingenza “[umsebenzi om]khulu” ebomini bam.

  • Xa iNkosi yayisahlula uLwandle oluBomvu, uMoses namaSirayeli bayibona ukuba inamandla kangakanani Yona. Vumela abantwana bakho bacinge ngendlela emnandi yokulinganisa ibali ku Eksodus 14:5–22 (bona kananjalo “IPasika” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 70–74). Mhlawumbi ungalungisa izitulo okanye iingubo kwaye “[zi]hlulelane” okoLwandle oluBomvu. Emva koko ningabelana kunye ngokuba niwabone njani amandla kaThixo kubomi benu.

    2:54

    The Passover

  • Ingaba yintoni IMfundiso neMinqophiso 8:2–3 eyongezayo ekuliqondeni kwethu eli bali ku Eksodus 14? Cinga ngokuxelela abantwana bakho ngamava apho uMoya oyiNgcwele wakuxelela into engqondweni okanye entliziyweni yakho, uze ubameme ukuba bathethe ngawabo amava.

IEksodus 15:22–25

INkosi inokwenza izinto ezikrakra zibe mnandi.

  • Mhlawumbi wena nabantwana bakho ningasela into emnandi nekrakra ngelixa nifunda IEksodus 15:22–25 kunye. Ingaba uMsindisi uwenze “[a]mnandi” njani amava “[a]krakra” ebomini bethu?

IEksodus 15:23–25; 16:14–15; 17:1–6

UYesu ungaManzi wam Aphilayo, iSonka sam soBomi, neLwalwa lam.

  • Njengokuba wena nabantwana bakho nifunda IEksodus 15:23–25; 16:14–15; 17:1–6, bavumele bakuncedise ufumane izinto zokunceda ekubalisweni kwebali ngalinye—njenge sebe (lokunyanga amanzi aseMara), inkonkxa okanye imbiza (ukuze igcwaliswe yimana), nelitye (Lenzelwe amanzi aseHorebhe). La mabali asikhumbuza ntoni ngoko uYesu Krestu asenzela kona? Njengenxalenye yengxoxo yenu, ninokufunda UMateyu 7:24–27; UYohane 4:10–14; 6:29–35, 48–51; Hilamani 5:12; IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79.

umfanekiso ubonisa ngoMoses, u-Aron, noHure

One Before God [Omnye Phambi koThixo], nguJoseph Brickey (inkcukacha)

IEksodus 17:8–16; 18:13–26

Ndinganceda “ukuthwala umthwalo” wokwenza umsebenzi weNkosi.

  • Njengoko ufunda IEksodus 17:8–16, ungamema umntwana anyusele izandla zakhe phezulu emoyeni. Xa umntwana edinwa, abanye abantwana bangancedisa, ngolwa hlobo u-Aron noHure abancedisa ngayo uMoses. Ingaba eli bali lifundisa ntoni ngendlela esinokubunceda ngayo ubukumkani bukaThixo buphumelele? Ungafunda nayo IEksodus 18:13–26 kwaye uthethe ngoxanduva olunzima lwabantu abakhonza kwiwadi yakho. Yintoni esinokuyenza namhlanje ukunceda iinkokeli zeBandla, ngokufanayo nokuba u-Aron noHure banceda umprofeti uMoses?

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UMoses esahlula uLwandle oluBomvu

Crossing the Red Sea [Ukuwela kuLwandle oluBomvu], nguOtto Semler

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: INkosi ingenza “[umsebenzi om]khulu” ebomini bam.