“UTshazimpuzi 6–12. ‘Yikhumbuleni Le Mini, Niphume Ngayo eYiputa,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“UTshazimpuzi 6–12. ‘Yikhumbuleni Le Mini, Niphume Ngayo eYiputa,” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Illustration of Moses and Aaron in the court of Pharaoh [Umfanekiso kaMoses no–Aron kwinkundla kaFaro], nguRobert T. Barrett
UTshazimpuzi 6–12: “Yikhumbuleni Le Mini, Niphume Ngayo eYiphuta”
IEksodus 7–13
Isibetho emva kwesibetho sathwaxa iYiphutha, kodwa uFaro wala ukukhulula amaSirayeli. Kodwa kwangoko uThixo waqhubeka ebonisa amandla aKhe kwaye wanika uFaro amathuba okwamkela “ukuba ndiyiNkosi” kwaye “akukho unjengam emhlabeni wonke” (IEksodus 7:5; 9:14). Ngeli xesha, uMoses namaSirayeli kwakumele ukuba babebukele ngamehlo ezi mpawu zamandla kaThixo ezazenzelwa bona. Ngokuqinisekileyo le miqondiso iqhubekayo yayiqinisekisa ukholo lwabo kuThixo kwaye yayisomeleza ukuzimisela kwabo ekulandeleni umprofeti kaThixo. Kwandula, emva kokuba izibetho ezisithoba zohlulekile ukukhulula amaSirayeli, yayisisibetho seshumi—ukufa kwezibulo, kubandakanya nezibulo likaFaro—okwathi ekugqibeleni kwaphelisa ukuthinjwa kwabo. Oku kubonakala kufanelekile kuba kuzo zonke iimeko zokuthinjelwa ngokomoya, inye kuphela indlela yokuqhwesha. Lidini likaYesu Krestu kuphela, iZibulo—igazi leMvana engenasiphako—eliya kusisindisa thina.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Eksodus 7–11
Ndingakhetha ukuthambisa intliziyo yam.
Ngethemba lokuba, intando yakho ayinakuze iphikise ngokuchaseneyo nentando kaThixo njengoko yayinjalo ekaFaro. Nangoku, sonke sinamaxesha apho iintliziyo zethu zingathambanga njengoko bekufanele ukuba zinjalo. Yintoni ebalaseleyo kuwe malunga neempendulo zikaFaro kwizibetho ezikwi Eksodus 7:14–25; 8:5–32; 9:1–26; 10:12–29; 12:29–33? Phawula ingcaciso kwinguqulelo kaJoseph Smith ye Eksodus 7:3, 13; 9:12.
Kutheni u”ilukhuni” iyingcaciso elungileyo yentliziyo kaFaro? Qwalasela into oyifundayo kule miqolo malunga nokuba nentliziyo ethambileyo: 1 Nifayi 2:16; Mozaya 3;19; Alma 24:7–8; 62:41; Etere 12:27. Njengoko ufunda malunga neziphumo zokubalukhuni kwentliziyo kaFaro, cingisisa ngemeko yentliziyo yakho. Loluphi utshintsho oziva uphenjelelwa ukuba ulwenze?
IEksodus 12:1–42
UYesu Krestu unako ukundisindisa ngenxa yeNtlawulelo yaKhe.
Ekuphela indlela amaSirayeli ayenokuhlangulwa ngayo kwisibetho seshumi, esichazwe kwi Eksodus 11:4–5, yayikukulandela ngqo imiyalelo uYehova awayinika uMoses kwi Eksodus 12, isiko elaziwa ngokuba yiPasika. IPasika isifundisa ngemiqondiso ukuba kanye njengokuba iNkosi yahlangula amaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, inokusikhulula nathi kubukhoboka besono. Ukujonga lo mqondiso kwi Eksodus 12:1–42, unakho ukusebenzisa itshati efana nale:
|
Umqondiso |
Iintsingiselo ezinokwenzeka |
Umyalezo kaThixo kum |
|---|---|---|
Umqondiso Ukuqala kweenyanga (umqolo 2; iNkosi yayalela amasirayeli ukuba asebenzise esi siganeko ukuphawula ukuqala kwekhalenda yawo). | Iintsingiselo ezinokwenzeka Oku kwakuya kuba sisiqalo esitsha sakwaSirayeli. Babeza “kuzalwa ngokutsha.” | |
Umqondiso Imvana (imiqolo 3–5). | Iintsingiselo ezinokwenzeka Bona UYohane 1:29; 6:54; 1 Petros 1:19. | |
Umqondiso Igazi lemvana emigubasini yomnyango (imiqolo 7, 13, 23). | Iintsingiselo ezinokwenzeka Bona Mozaya 4:2; Isithyilelo 12:11. | |
Umqondiso Isonka esingenagwele (imiqolo 8, 15, 19–20). | Iintsingiselo ezinokwenzeka Igwele linako ukuba ngumqondiso worhwaphilizo ngoba lonakalisa yonke into. Bona UMateyu 16:6–12; UYohane 6:35. | |
Umqondiso Imifuno ekrakra (umqolo 8). | Iintsingiselo ezinokwenzeka Isikhumbuzo sobukrakra besono nokuthinjwa. Bona IEksodus 1:14; Moses 6:55. | |
Umqondiso Ukutya ngokukhawuleza, ukunxibela ukuhamba (umqolo 11). | Iintsingiselo ezinokwenzeka Umqondiso wokungxamiseka kokushiya ukuthinjwa sisono. Bona IGenesis 39:12; UTimoti II 2:22. | |
Umqondiso Umtshabalalisi (imiqolo 13, 23). | Iintsingiselo ezinokwenzeka | |
Umqondiso AmaSirayeli ayekhululekile ekugqibeleni (imiqolo 29–32). | Iintsingiselo ezinokwenzeka | |
Yintoni enye oyifumana kwimiyalelo nemiqondiso yePasika ekukhumbuza ngoYesu Krestu nangeNtlawulelo yaKhe? Le miqondiso icebisa ntoni kuwe malunga nendlela yokufumana iintsikelelo zeNtlawulelo yaKhe?
Yizani kuKrestu ngokuchonga imiqondiso engqina ngaYe. “Zonke izinto,” yatsho iNkosi, “zidalelwe kwaye zenzelwe ukunika ubungqina ngam” (Moses 6:63; bona kananjalo 2 Nifayi 11:4). Kwi Eksodus 12, imiqondiso efana nemvu, igazi, isonka segwele, imimangaliso, nokukhululwa konke kwalatha kuKrestu. “Sakuba siqonda ukuba ezi zinto zinxulumana njani noMsindisi, zingasifundisa ngamandla neempawu zaKhe” (Ukufundisa ngendlela yoMsindisi, 7).
In Remembrance of Me [Ukundikhumbula], nguWalter Rane
IEksodus 12:14–17, 24–27; 13:1–16
Umthendeleko uyandinceda ukuba ndikhumbule ukuhlangulwa kwam ngoYesu Krestu.
UMsindisi wayalela ukuba amaSirayeli ahlale ekhumbula iPasika ngonyaka ngamnye ukunceda bona ukuba bakhumbule ukuba Yena wabahlangula, nkqu nasemva kokuthinjwa kwabo kwakuyinkumbulo ekude. Njengoko ufunda imiyalelo yaKhe kwi Eksodus 12:14–17, 24–27; 13:1–16, cinga ngento oyenzayo ukukhumbula iintsikelelo zikaThixo kuwe. Ungasigcina njani eso sikhumbuzo “kwizizukulwana zakho”? (bona IEksodus 12:14, 26–27).
Kokuphi ukufana okubonayo phakathi kweenjongo zesidlo sePasika nomthendeleko? Yintoni ongayenza ukuze “usoloko ukhumbula” uYesu Krestu? (Moronayi 4:3; 5:2)>
Unako kananjalo ukucingisisa ngezinye izinto iNkosi efuna ukuba uzikhumbule; bona, ngokomzekelo, Hilamani 5:6–12; Moronayi 10:3; IMfundiso neMinqophiso 3:3–5, 10; 18:10; 52:40.
Always Remember Him
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Eksodus 7–11
INkosi inawo amandla phezu kwezinto zonke.
-
Izibetho ezichazwe kwi Eksodus 7–11 zabonisa amaYiphutha namasirayeli ukuba iNkosi inamandla amakhulu. Inkosi izakunceda abantwana bakho kubomi babo bonke xa benokholo emandleni aKhe. Ukunceda bona bafunde kweli bali, unokunika umntwana ngamnye iphepha elahlulwe kumacandelo ali-10, kwaye ubameme ukuba bazobe umfanekiso wezibetho ezichazwe kule miqolo: IEksodus 7:17–18; 8:1–4; 8:16–17; 8:20–22; 9:1–6; 9:8–9; 922–23; 10:4–5; 10:21–22; 11:4–7 (bona kananjalo “IZibetho zaseYiputa“ kuwo Amabali eTestamente eNdala, 67–69). Fundani kunye IEksodus 7:5 no 9:14 ukucacisa ukuba kutheni iNkosi yathumela izibetho.
2:3The Plagues of Egypt
-
Yabelana nabantwana bakho ngokuba iNkosi yakubonisa njani “ukuba akukho unje [ngaYe] ehlabathini lonke” (IEksodus 9:14). Bavumele babelane ngokuba bazi njani ukuba iNkosi inamandla.
IEksodus 8:28–32; 9:7
INkosi ingandinceda ndibenentliziyo ethambileyo.
-
Ukunceda abantwana bakho babenomfanekiso ngqondweni wokuba kuthetha ukuthini ukuba nentliziyo ethambileyo, kunokuba mnandi ukubabonisa into elukhuni, njenge litye, nayo enye ethambileyo nefunxayo, njenge siphontshi. Unako kananjalo nokugalela amanzi phezu kwezi zinto ukubonisa ukuba intliziyo ethambileyo ifumana njani ngokulula ilizwi leNkosi. Ninako ukwandula ngokufunda kunye imiqolo embalwa echaza ukuba uFaro waphendula njani kwizibetho ezazithunyelwe yiNkosi (bona IEksodus 8:28–32; 9:7). Yiphi kwizinto iyeyona imele intliziyo okanye isimo sesimilo sikaFaro? Kuthetha ukuthini ukuba nentliziyo ethambileyo? (bona Mozaya 3:19).
-
Wena nabantwana bakho ninokwenza uluhlu lwezinye izenzo ezinokubonisa xa sinentliziyo elukhuni (ngokomzekelo, ukusebenzisa amazwi angenabubele okanye ukungafuni ukwabelana). Singayibonisa njani iNkosi ukuba sifuna ukuba neentliziyo ezithambileyo.
IEksodus 12:1–13
Umthendeleko unokundinceda ndikhumbule uYesu Krestu.
-
IPasika yafundisa amaSirayeli ukuba ajonge phambili kuMsindisi nedini laKhe awalenzela thina. Njengoko nijonga-jonga IEksodus 12:1–13 kunye, nceda abantwana bakho babone unxibelelwano phakathi kweenkcukacha zePasika nentlawulelo kaYesu Krestu (bona kananjalo “IPasika“ kuwo Amabali eTestamente eNdal, 70–74). Ngokomzekelo, uYesu ufana njani nemvu echazwe ku mqolo 5?
2:54The Passover
-
Njengoko sithabatha umthendeleko, siye sikhumbule uMsindisi nedini laKhe awalenzela thina. Ungabonisa abantwana bakho umfanekiso womthendeleko kwaye uthethe malunga nokuba lo mmiselo usinceda njani sikhumbule uYesu Krestu. Ungabanceda abantwana bakho bafumane igama ”khumbula” kumthandazo wezibhalo ezingcwele (bona Moronayi 4–5). Okanye nicule kunye iculo enilithandayo malunga nomthendeleko, kwaye uncede abantwana bakho baqaphele imvakalelo yoxolo abanayo xa becinga ngoMsindisi. Singayikhangela njani la mvakalelo ngelixa sithatha umthendeleko?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.