Yizani, Nindilandele 2024
UTshazimpuzi 20–26. “Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza”: IEksodus 19–20; 24; 31–34


“UTshazimpuzi 20–26. ‘Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza”: IEksodus 19– 20; 24; 31–34 Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“UTshazimpuzi 20–26. ‘Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

UMoses ephethe amacwecwe eMithetho Elishumi

Moses and the Tablets [UMoses namaCwecwe], nguJerry Harston (inkcukacha)

UTshazimpuzi 20–26: “Konke Akuthethileyo uYehova Sokwenza”

IEksodus19–2024; 31–34

Nangona oonyana bakaSirayeli babembombozela yaye behexa ngaphambili, xa uMoses wawufunda umthetho emazantsi entaba yeSinayi, bawenza lo mnqophiso: “Yonke into ayithethileyo uYehova, soyenza siyive” (IEksodus 24:7). UThixo waye wabizela uMoses phezulu entabeni, emxelela ukuba akhe umnquba ukuze ”ndihlale phakathi kwabo” (IEksodus 25:8).

Kodwa xeshikweni uMoses wayephezulu entabeni efunda ngendlela amaSirayeli aweyenokuba nabo ubukho bukaThixo phakathi kwabo, amaSirayeli ayesemazantsi wentaba esenza ithole legolide endaweni yoko ukuze alinqule. Kwangoko besanda ukuthembisa “ungabi nathixo bambi,” bona “batyeke msinya” emithethweni kaThixo (IEksodus 20:3; 32:8; bona kananjalo IEksodus 24:3). Kwakuyinguqu emangalisayo, kodwa thina sazi ngamava okokuba ukholo nembophelelo ngamanye amaxesha zingoyiswa kukungabi namonde, luloyiko, okanye yintandabuzo. Njengoko sifuna ubukho beNkosi ebomini bethu, kuyakhuthaza ukwazi ukuba iNkosi ayizange inikezele kuSirayeli wamandulo kwaye Yona ayisayi kusincama nabantu esibathandayo—kuba Yena “unemfesane unobabalo, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba nenyaniso” (IEksodus 34:6).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

IEksodus 19:3–6

Abantu bomnqophiso weNkosi bayindyebo kuYe.

UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa: “KwiTestamente eNdala, igama lesiHebhere apho ngaqhelekanga aguqulelwe khona ngu segullah, elithetha ‘ibango lexabiso,’ okanye ‘indyebo.’ … Ukuze thina sichongwe zizicaka zeNkosi njengabantu bakhe [aba]ngaqhelekanga luncomelo olulelona luphezulu” (“Children of the Covenant,” Ensign, UCanzibe 1995, 34). Amazwi kaMongameli Nelson ayichaphazela njani indlela oqonda ngayo IEksodus 19:3–6? INkosi ikubonise njani ukuba Yona iyakuxabisa wena?

IEksodus 19:10–11, 17

Amava angcwele afuna ukulungiselelwa.

INkosi yaxelela uMoses ukuba abantwana bakaSirayeli kufuneka balungiswe ngaphambi kokuba “bahlangane noThixo” (IEksodus 19:10–11, 17) kwaye bagcine umnqophiso naYe (bona IEksodus 19:5). Ulungiselela njani amava omoya, kuquka umthendeleko nemimiselo yetempile? Unokubanceda njani abanye balungiselele? Ufunda ntoni ngokulungiselela ku Luka 6:12–13; Enoshe 1:2–6; Alma 17:2–3?

INtaba yeSinayi, eYiputa

Le ntaba yaseYiputa ngokwesithethe kukholelwa ukuba yiNtaba yeSinayi.

IEksodus 20:1–17

umfanekiso weseminari
Ukuthobela imiyalelo kaThixo kuzisa iintsikelelo.

Ngelixa amaSirayeli ayehlanganisene emazantsi eNtaba yeSinayi, aliva ilizwi likaThixo linika iMithetho eliShumi (bona IDuteronomi 4:12–13). Lena, kakade, ayisiyiyo kuphela imiyalelo kaThixo—mininzi eminye kwizibhalo. Ngoko njengoko ufunda IEksodus 20:1–17, zibuze ukuba kwakutheni ukuze uThixo ayigxininise le ilishumi ngokukodwa. Nantsi isampula yetshathi onokuyisebenzisa xa ucinga ngokubaluleka kweMithetho eliShumi ebomini bakho:

Umthetho

Ngamanye amazwi, iNkosi indicela ukuba …

Iintsikelelo ezifumaneka ngokuphila lo myalelo

  • Ukugcina le mithetho ilishumi ikunceda njani ugcine imithetho emibini emikhulu uYesu awayinikela kuye UMateyu 22:34–40?

  • Zeziphi izinto onokuhendwa ukuze uzibeke phambi koThixo? Ziziphi iintsikelelo ozibonileyo ngokubeka uThixo kwindawo yokuqala?

  • Ungaphendula uthini kumntu othi iMithetho Elishumi yanikwa kudala kodwa ayisasebenzi namhlanje? Yeyiphi imizekelo yobomi bakho onokuthi wabelane ngayo njengenxalenye yempendulo yakho? #&160;

  • UMsindisi usizalisekise njani isithembiso kuyo IEksodus 20:6 ebomini bakho?

#&160;

IEksodus 24:1–11

Ukwenza iminqophiso kubonisa ukuvuma kwam ukuthobela umthetho kaThixo.

Njengoko ufunda IEksodus 24:3–8, cingisisa iminqophiso oyenzileyo noThixo. Ngoxa umnqophiso wamaSirayeli wawuquka izithethe ezahlukileyo kwezo zifunwa nguThixo namhlanje, usenokuphawula izinto ezifanayo. Ngokomzekelo, imiqolo 4, 5, kunye no 8 ikhankanya isibingelelo, amadini wezilwanyane, negazi. Ingaba ezi zinto zingamela ntoni, kwaye ingaba zinxulumene kanjani neminqophiso yakho?

IEksodus 32–34

Isono kukumka kuThixo; inguquko kukubuyela kuYe, umke ebubini.

Zama ukuzibeka endaweni yamaSirayeli—usentlango, uMoses sele ehambile kangangeentsuku ezingama-40, kwaye ungquzulwano namaKanan ngelizwe lesithembiso lukwikamva lakho (bona IEksodus 32:1–8). Kutheni ucinga ukuba amaSirayeli ayefuna ithole legolide? Yintoni ekuphembelelayo malunga nesicelo sikaMoses kwiNkosi kuyo IEksodus 33:11–17?

Nangona isono samaSirayeli sasiqatha, eli bali likwaquka nomyalezo kaThixo wenceba nowoxolelo. Ikufundisa ntoni IEksodus 34:1–10 malunga noMsindisi? (bona IEksodus 32:30–32; Mozaya 14:4–8; 15:9; IMfundiso neMinqophiso 45:3–5).

IEksodus 31:13–16

ISabatha ngumqondiso.

UMongameli uRussell M. Nelson wacacisa: “Kwiminyaka yam yobutsha, ndafunda umsebenzi wabanye ababequlunqe uludwe lwezinto ezimele zenziwe nezinto ezingafanele zenziwe ngeSabatha. Kwade kwasemva kwexesha apho ndaye ndafunda kwizibhalo ukuba ukuziphatha nesimo sam sengqondo ngeSabatha zazingumqondiso phakathi kwam noBawo wam waseZulwini [bona IEksodus 31:13; UHezekile 20:12, 20]. Ngaloo ngqiqo, andisafuni uluhlu lwezinto omele uzenze nezingamele zenziwe. Xa kwakufuneka ndenze isigqibo enoba umsebenzi othile wawufanelekile okanye wawungafanelekanga ngeSabatha, ngokulula ndazibuza, ‘Nguwuphi umqondiso endifuna ukuwunika uThixo?’ Lo mbuzo walwenza lwacaca ukhetho lwam malunga nomhla weSabatha” (“The Sabbath Is a Delight,” Liyahona, UCanzibe 2015, 130) Cingisia ukuba ngowuphi na umqondiso ofuna ukumnika uThixo ngokugcina kwakho iSabatha.

IEksodus 34:1–4

Yintoni umehluko phakathi kweentlobo ezimbini zamacwecwe amatye uMoses awenzayo?

Xa uMoses wayesehla entabeni, waye wazisa umthetho owawubhalwe emacwecweni amatye. Emveni kokufumana okokuba amaSirayeli ayewuphulile umnqophiso wabo, uMoses waye wophula amacwecwe (bona IEksodus 31:18; 32:19). Kamva, uThixo waye wayalela uMoses ukuba enze olunye uluhlu lwamacwecwe amatye kwaye awathathe awase entabeni (bona IEksodus 34:1–4). Yona Inguqulelo kaJoseph Smith, ye-Eksodus 34:1–2 (kwisihlomelo seBhayibhile) icacisa okokuba uluhlu lwamacwecwe amatye lwaluquka imimiselo kaThixo “yocwangco olungcwele” okanye uBubingeleli bukaMelkitsedeke. Uluhlu lwesibini lwaluquka “umthetho wemiyalelo yenyama.” Lo yayingumthetho onganeno owawulawulwa “bububingeleli obunganeno” (bona IMfundiso neMinqophiso 84:17–27, owawenzelwe ukulungiselela amaSirayeli umthetho ophezulu nobubingeleli obuphezulu ukuze akwazi ukungena kubukho bukaThixo.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IEksodus 20:3–17

UThixo undinika imiyalelo kuba Yena ufuna ndonwabe.

  • Ungakwenza njani ukufunda ngeMithetho Elishumi kube mnandi ebantwaneni bakho? Njengoko nifunda IEksodus 20:3–17 kunye, vumela abantwana bakho bakuncede ufumane okanye uzobe umfanekiso ozomela iMithetho eLishumi. Emva koko abantwana bakho banokutshintshana ngokukhetha umfanekiso kwaye bathethe ngendlela abanokuwuphila ngayo loo myalelo. Yabelanani omnye nomnye ngendlela ukuphila lo myalelo kukuzisela ulonwabo.

  • #&160; #&160;

Xa abantwana besabelana ngamava omoya, ubungqina babo buyakhula. Imibuzo oyibuzayo inokukhuthaza abantwana bakho ukuba babelane ngendlela abaziva ngayo ngoMsindisi kwaye nendlela ukuphila ivangeli ebasikelele ngayo (bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi32). Xa besenza oku, banikela ubungqina. Cinga ngendlela onokukwenza ngayo oku njengoko uxoxa ngeentsikelelo ezifumaneka ngokuphila iMithetho eliShumi.

IEksodus 20:12

INkosi ifuna ukuba ndikhulise ubizo lwam.

  • Nceda abantwana bakho bafunde ibinzana elithi “Beka uyihlo nonyoko” (IEksodus 20:12). Usenokufuna ukuchaza ukuba “ukubeka” umntu kusenokuthetha ukumbonisa imbeko okanye ukumzisela ulonwabo. Wenza ntoni uYesu ukuhlonipha umama waKhe wasemhlabeni noBawo waKhe waseZulwini? (bona ULuka 2:48–51; UYohane 19:26–27). Mhlawumbi abantwana bakho banokutshintshana ngokulinganisa izinto abanokuzenza ukuze bahlonele abazali babo, ngoxa abanye abantwana beqikelela oko bakwenzayo.

IEksodus 31: 13, 16–17

Ukuhlonipha iSabatha luphawu lothando lwam eNkosini.

  • Abantwana bakho basenokukonwabela ukujonga imizekelo yemiqondiso—njengemiqondiso yendlela okanye iimpawu kwisakhiwo. Ziziphi iinjongo zemiqondiso? Abantwana bakho ke banokufumana igama elithi “umqondiso” kwi Eksodus 31:13, 16–17. Yathini iNkosi ngomqondiso phakathi kwethu naYo? Yabelanani ngezinye zeendlela wena nosapho lwakho enizama ngazo ukubonisa uthando lwenu eNkosini ngeSabatha.

UMoses ephethe iMithetho Elishumi

Umzekeliso kaMoses ebambe iMithetho Elishumi, nguSam Lawlor (inkcukacha)

IEksodus 32:1–8, 19–24, 34: 6–7

Andiyi “kumka” kwiindlela zikaThixo.

  • Cinga ngokusebenzisa “UMoses eNtabeni yaseSinayi” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 77–82) ukunceda abantwana bakho bafunde ibali kuyo IEksodus 32:1–8, 19–24. Kutheni kwakuphosakele nje ukuba amaSirayeli anqule umfanekiso oqingqiweyo endaweni kaThixo?

    2:55

    Moses on Mount Sinai

  • Kusenokuba mnandi ukwenza indledlana emgangathweni (okanye ufumane ekufuphi nekhaya lakho) ukuze uzekelise la mazwi aku Eksodus 32:8: “Batyekile kamsinya endleleni.” Ngelixa behamba phezu kwendlela, abantwana bakho banokuthetha malunga nezihendo esijongana nazo zokuba simke kuThixo. Yintoni esincedayo ukuba sihlale kwindlela kaThixo—size sibuyele kuyo ukuba siye saphambuka? (bona IEksodus 34:6–7).

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UMoses ephosa phantsi iMithetho Elishumi

Worship of the Calf [Ukunqulwa kweThole], nguW. C. Simmonds

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: UThixo undinika imiyalelo kuba yena ufuna ndonwabe.