“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Umnquba neDini,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: iTestamente eNdala 2026 (2026)
“Umnquba neDini,” Yizani, Nindilandele—ITestamente eNdala: 2026
Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni
Umnquba neDini
Njengoko sifunda iTestamente eNdala, ngamanye amaxesha siye sifumane imihlathi emide emalunga nezinto ezazibalulekileyo ngokucacileyo eNkosini kodwa isenokuvala ingabalulekanga ngoko nangoko kuthi namhlanje. IEksodus 25–30; 35–40 nayo ILevitikus 1–9; 16–17 yimizekelo. Ezi zahluko zichaza ngokweenkcukacha umnquba wakwaSirayeli entlango nangamadini wezilwanyana ekwakumele enziwe khona apho. Umnquba yayiyitempile ephathekayo, indawo yeNkosi yokuhlala phakathi kwabantu baYo.
Iitempile zethu zanamhlanje zabelana ngezinto ezifanayo nezo zomnquba wakwaSirayeli, kodwa ngokuqinisekileyo azifani nenkcazelo ekwi–Eksodus. Kwaye asibulali zilwanyana ezitempileni zethu—iNtlawulelo yoMsindisi yaphelisa idini lezilwanyana phantse eminyakeni engama–2,000 eyagqithayo. Kodwa nangaphandle kwezi zantlukwano, kunexabiso elikhulu namhlanje ekufundeni malunga neentlobo ngeentlobo zonqulo zakwaSirayeli wamandulo, ingakumbi ukuba siziqonda njengoko babesenza abantu bakaThixo kwiNcwadi kaMormoni—njengendlela “yokomeleza ukholo lwabo kuKrestu” (Alma 25:16). Xa siqonda umqondiso womnquba nedini lezilwanyana, sinokufumana ukuqonda kokomoya okuya komeleza ukholo lwethu kuKrestu.
Sacrifice of a Lamb [Idini leMvana], nguRobert T. Barrett
Umnquba Womeleza UKholo kuYesu Krestu
Xa uThixo wayeyalela uMoses ukuba okhe umnquba kwinkampu yamaSirayeli, Yena wayichaza injongo yawo: “ndihlale phakathi kwabo” (IEksodus 25:8). Ngaphakathi komnquba, ubukho bukaThixo babumelwe yityeya yomnqophiso—ibhokisi yeenkuni, igqunywe ngegolide, iqulethe uxwebhu olubhalwe umnqophiso kaThixo nabantu baKhe. Ityeya yayigcinwa kwelona lingcwele, liphakathi naphakathi igumbi, yahluliwe kuwo wonke umnquba ngesigqubuthelo. Esi sigqubuthelo sinako ukubonisa ukwahlulwa kwethu kubukho bukaThixo ngenxa yoKuwa, nanjenge ndlela yethu yokubuyela kuYe—ngoMsindisi.
Ngaphandle nje kukaMoses, sazi ngomntu omnye kuphela owayenako ukungena “kwingcwele kangcwele” (IEksodus 26:34)—umbingeleli omkhulu. Ngokufana nabanye ababingeleli, kwakumele aqale ahlanjwe kwaye athanjiswe kwaye ambathiswe izambatho ezingcwele ezaziphawula i-ofisi yakhe. Kanye ngonyaka, ngomhla owawubizwa ngokuba nguMhla weNtlawulelo, umbingeleli omkhulu waye anikele amadini egameni labantu ngaphambi kokungena yedwa emnqubeni. Esigqubuthelweni, yena wayetshisa isiqhumiso. Umsi onevumba owawunyukela ezulwini wawumele imithandazo yabantu eyayinyukela kuThixo. Umbingeleli omkhulu, ephethe igazi eliphuma kwidini lesilwanyana, ebegqitha kwisigqubuthelo kwaye asondele kwitrone kaThixo, eyayiphawulwe yityeya yomnqophiso.
Usazi oko ukwaziyo ngoYesu Krestu nangendima yaKhe kwicebo likaBawo waseZulwini, ingaba uyabona ukuba umnquba usalathisa njani kuMsindisi? Njengokufana nomnquba, netyeya eyayingaphakathi kwawo, zazimele ubukho bukaThixo phakathi kwabantu baKhe, uYesu Krestu waye bubukho bukaThixo phakathi kwabantu baKhe. Njengombingeleli omkhulu, uYesu Krestu nguMlamleli phakathi kwethu noThixo uBawo. Yena waye wagqitha kwisigqubuthelo esenzela intethelelo yethu ngenxa yegazi ledini laKhe.
Eminye imiba yomnquba wakwaSirayeli isenokuvakala ngathi iqhelekile kuwe, ingakumbi ukuba wawukhe waya etempileni uyokufumana imimiselo yakho. Itempile yindlu yeNkosi—indawo yaKhe yokuhlala phakathi kwabantu baKhe. Njengengcwele kangcwele yomnquba, igumbi leselestiyali etempileni limele ubukho bukaThixo. Ukungena, kufuneka kuqala sihlanjwe kwaye sithanjiswe. Sinxiba izambatho ezingcwele. Senza iminqophiso. Sithandaza esibingelelweni apho imithandazo inyukela khona kuThixo. Kwaye ekugqibeleni sigqitha kwikhuselo ukungena kubukho bukaThixo.
Mhlawumbi eyona nto ebaluleke kakhulu efanayo phakathi kweetempile zanamhlanje nomnquba wamandulo yileyo yokuba zombini, ukuba ziqondwa ngokuchanekileyo, zomeleza ukholo lwethu kuYesu Krestu kwaye zisingcwalisa ngombulelo wedini leNtlawulelo yaKhe. UThixo ufuna bonke abantwana baKhe ukuba bangene kubukho baKhe; Yena ufuna “ubukumkani bababingeleli”nababingelelikazi (Eksodus 19:6). Kodwa izono zethu ziyasithintela ekubeni sizuze loo ntsikelelo, kuba “ayikho into engacocekanga enokuhlala noThixo” (1 Nifayi 10:21). Ngoko ke uThixo uYise wathumela uYesu Krestu, owethu “umbingeleli omkhulu wazo izinto ezilungileyo eziza kubakho” (AmaHebhere 9:11). Yena usivulela isigqubuthelo kwaye uxhobisa bonke abantu bakaThixo ukuba “sisondele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba” (AmaHebhere 4:16).
Namhlanje, injongo yeetempile ingaphezulu kokuzuza ukuphakanyiswa kwethu. Emveni kokuzifumanela imimiselo yethu nokwenza iminqophiso noThixo, singema endaweni yezinyanya zethu size sizifumanele imimiselo yazo. Ngaloo ndlela, singaba yinto ethile efana nombingeleli omkhulu wamandulo—kwaye uMbingeleli Omkhulu Ophakemeyo—evulela abanye indlela eya kubukho bukaThixo.
Idini Lomeleza UKholo kuYesu Krestu
Imigaqo yentlawulelo noxolelwaniso iyafundiswa ngokunamandla kwisenzo samandulo sedini lesilwanyana, elalikho kwakudala ngaphambili komthetho kaMoses. U-Adam no-Eva banikela idini. Babeluqonda uphawu lwalo olubhekisele kwidini loMsindisi. Kwaye bona bakufundisa oku kubantwana babo.
Indlela yophawulo lwedini lesilwanyana isenokuba yayibonakala ichukumisa ngoMhla weNtlawulelo kuSirayeli wamandulo (“Yom Kippur” ngesiHebhere). Imfuneko yalo msitho wonyaka wawuye wachazwa kwi Levitikus 16:30: “Ngaloo mhla uyakuthi umbingeleli enze intlawulelo yenu, ukuze anihlambulule, ukuze nihlambuluke kuzo zonke izono zenu phambi kweNkosi.” Oku kwavumela ubukho bukaThixo buhlale phakathi kwabantu. Le ntlawulelo yayifezekiswa ngemisitho eyahlukeneyo. Komnye wayo le, ibhokhwe yayibulawa njengomnikelo wezono zabantu, kwaye umbingeleli omkhulu wayethatha igazi lebhokhwe alise kwindawo engcwele. Kamva, umbingeleli omkhulu wayebeka izandla zakhe phezu kwebhokhwe ephilayo kwaye avume izono zabantwana bakaSirayeli—ngophawulo agqithisele ezo zono ebhokhweni. Ibhokhwe yayisandula iqhutyelwe ngaphandle kwenkampu yakwaSirayeli.
Kula masiko, iibhokhwe zazimele uYesu Krestu, ethatha indawo yabantu abanezono. Isono kufuneka singavunyelwa kubukho bukaThixo. Kodwa kunokuba kutshatyalaliswe okanye kuqhutyelwe aboni ngaphandle, uThixo waye wabonelela ngenye indlela—ibhokhwe yayiya kubulawa okanye iqhutyelwe ngaphandle endaweni yoko. “Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo ubugwenxa babo” (ILevitikus 16:22).
La masiko ayekhomba kwindlela uThixo awayebonelele ukusibuyisa ngayo kubukho baKhe—uYesu Krestu neNtlawulelo yaKhe. UMsindisi “uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu,” nkqu “nobugwenxa bethu sonke” (Isaya 53:4, 6). Yena wema endaweni yethu, wanikela ngobomi baKhe ukuhlawula isohlwayo sesono, kwaye ngoko ke waze woyisa ukufa ngoVuko lwaKhe. Idini likaYesu Krestu yayilelona “dini elikhulu nelokugqibela; ewe, hayi idini lomntu, nalo elesilo” kodwa ngokungcono kube “lidini elingenasiphelo nelanaphakade” (Alma 34:10). Yena wayeyinzaliseko yento yonke yamadini amandulo awayekhomba kuyo.
Ngenxa yesi sizathu, emveni kokuba idini laKhe laligqityiwe, Yena wathi, “Aniyi kuphinda ninikele kum impalalo-gazi; ewe amadini enu … aya kupheliswa. … Kwaye niya kunikela njengedini kum intliziyo eyaphukileyo nomoya otyumkileyo” (3 Nifayi 9:19–20).
Ngoko ke xa ufumana imihlathi kwiTestamente eNdala emalunga namadini nomnquba, (okanye, kamva, itempile)—kwaye uya kuzifumana zibeninzi—ukhumbule ukuba eyona njongo esisiseko sako konke kukomeleza ukholo lwakho kuMesiya, uYesu Krestu. Qhagamshelanisa oko ukufundileyo kwaye ufunde ngokudumisa kwakho kwindlu yaKhe. Vumela intliziyo yakho nengqondo yakho ukuba ziguqukele kuYe. Cinga nzulu ngoko Yena athe wakwenza ukukubuyisela kubukho bukaThixo—kwaye nangoko uya kukwenza ukulandela Yena.