“UCanzibe 18–24. ‘Yomelele, Ukhaliphe: UYoshuwa 1–8; 23–24,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“UCanzibe 18–24. ‘Yomelele, Ukhaliphe,” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Moses Ordaining Joshua [UMoses eMisela uYoshuwa], nguDarrell Thomas (inkcukacha)
UCanzibe 18–24: “Yomelela, Ukhaliphe”
UYoshuwa 1–8; 23–24
Kwakuthathe izizukulwana ezininzi, kodwa isithembiso seNkosi sasiseza kuzalisekiswa: abantwana bakaSirayeli babesecicini lokuzuza njengelifa ilizwe lesithembiso. Kodwa endleleni yabo kwakumi uMlambo iYordan, iindonga zeYeriko, nabantu abanamandla ababeyilahlile iNkosi (bona 1 Nifayi 17:35). Kwaye babeya kuqubisana nako konke oko ingekho inkokeli yabo eyintanda uMoses. Le meko kusenokwenzeka ukuba yayenze amaSirayeli azive buthathaka, esoyika, kodwa iNkosi yathi: “Yomelela, ukhaliphe.” Sesiphi isizathu ababenaso sokukhalipha? Kwakungekho ngenxa yamandla abo—okanye nkqu akaMoses okanye akaYoshuwa—kodwa ngokuba “uYehova uThixo wakho unawe, apho sukuba usiya khona” (UYoshuwa 1:9). Xa sinemilambo yethu ekumele siyiwele neendonga ekumele siziwise, izinto ezimangalisayo zingenzeka ebomini bethu, kuba nguye “uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi [kwethu]” (Yoshuwa 3: 5).
Ukufumana isishwankathelo sencwadi kaYoshuwa, bona “Yoshuwa” KwiSikhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UYoshuwa 1:1–9
UThixo uya kuba nam njengoko ndizama ukunyaniseka kuYe.
Khawufane ucinge ukuba kwakunjani ukubizwa kukaYoshuwa endaweni kaMoses. Qaphela into eyathethwa yiNkosi ku Yoshuwa 1:1–9 ukumkhuthaza. Cinga ngemingeni enzima ojamelana nayo; yintoni kwezi vesi ekunika inkalipho?
Igama uYoshuwa (Yehoshuwa okanye Yeshuwa ngesiHebhere) lithetha “UYehova uyaSindisa.” Kwaye igama Yesu liphuma ku Yeshua. Ngoko xa ufunda ngoYoshuwa, cinga ngendima yakhe yokukhokela abantwana bakaSirayeli bawele uMlambo iYordan baye kwilizwe lesithembiso. Ingaba luyelelene njani ulungiselelo lwakhe kolo uKrestu asenzela lona?
UYoshuwa 1:8
Ilizwi likaThixo lingayenza iphumelele indlela yam.
Njengoko Yona yakhuthaza uYoshuwa, iNkosi yanikeza ngengcebiso ku Yoshuwa 1:8 malunga nezibhalo, okanye “incwadi yomyalelo.” Xa ucingisisa ngobunzima boxanduva lukaYoshuwa, kwakutheni le ngcebiso yayinokunceda nje?
Xa iNkosi isimema ukuba sifunde izibhalo, Yona ihlala isebenzisa amagama angaphaya kokufunda nje. Yona kananjalo ithembisa ngeentsikelelo ezinkulu. Olu ludwe lungezantsi lungakunceda ukuba ubhaqe ezi zimemo neentsikelelo ezithenjisiweyo:
|
Isimemo |
Iintsikelelo ezithenjisiweyo. | |
|---|---|---|
|
UYoshuwa 1:8 | Isimemo Cinga nzulu imini nobusuku | Iintsikelelo ezithenjisiweyo.
|
Isimemo
| Iintsikelelo ezithenjisiweyo.
| |
Isimemo
| Iintsikelelo ezithenjisiweyo.
| |
Isimemo
| Iintsikelelo ezithenjisiweyo. Phumelela kwilizwe | |
Isimemo
| Iintsikelelo ezithenjisiweyo.
| |
Isimemo
| Iintsikelelo ezithenjisiweyo.
| |
|
Russell M. Nelson, “Mveni Yena,” Liyahona, UCanzibe 2020, umhlathi wokugqibela kwiphepha 89 | Isimemo
| Iintsikelelo ezithenjisiweyo.
|
INkosi izigcine njani ezi zithembiso ebomini bakho? Ngoku ingalixesha elilungileyo lokuvavanya imikhwa yakho yokufunda izibhalo. Yintoni ehamba kakuhle? Yintoni oyiva ikuphembelela ukuba uyenze ngokukakumbi ukuze ube namava anentsingiselo nelizwi likaThixo?
UYoshuwa 2
Ukholo nemisebenzi xa zizombini ziyimfuneko kusindiso.
AmaKrestu eTestamente eNtsha abona uRahabhi njengomzekelo wamandla okholo nemisebenzi (bona AmaHebhere 11:31; UYakobi 2:25). Njengoko ufunda UYoshuwa 2, cingisisa ngendima yokholo nemisebenzi kaRahabhi ekusindiseni yena, nosapho lwakhe, neentlola zakwaSirayeli. Oku kukufundisa ntoni ngendlela ukholo lwakho kuKrestu nemisebenzi yakho enokuba nempembelelo ngayo kuwe nakwabanye?
URahabhi esefestileni yakhe. Waiting for the Promise [Ukulindela iSithembiso], ngu-Elspeth Young (inkcukacha)
UYoshuwa 3–4
Ngokholo kuYesu Krestu, Mna ndingaba namava “emimangaliso” kaThixo.
INkosi yenza imimangaliso phakathi kwabantu baYo njengoko yabakhokelela kwilizwe lesithembiso, kwaye iyakwenza njalo nakuwe. Nantsi imibuzo ethile yokukhokela ekufundeni kwakho UYoshuwa 3–4:
-
Kutheni ucinga ukuba amaSirayeli kwakufuneka azingcwalise ngaphambi kokuba awele uMlambo iYordan? (bona UYoshuwa 3:5).
-
Qaphela ukuba umlambo wohlukana emva kokuba ”iinyawo zababingeleli … zithi xumbu elunxweni lwamanzi” (UYoshuwa 3:13, 15). Ingaba kutheni kubalulekile oku?
-
Ezinye iziganeko ezibalulekileyo eziliqela zenzeka kuMlambo iYordan—bona OoKumkani II 2:6–15; 5:1–14; naye UMarko 1:9–11. Luluphi uqhagamshelwano olubona phakathi kwezi ziganeko?
-
INkosi iyenze njani “imimangaliso” ebomini bakho? (UYoshuwa 3:5). Ungayiva—okanye uyiqaphele—njani loo mimangaliso rhoqo? (ngokomzekelo, bona UYoshuwa 3:17).
UYoshuwa 6–8
Intobeko izisa amandla kaThixo ebomini bam.
UYoshuwa 6–8 zithetha ngamadabi kwimihlaba yaseYeriko nase-Ayi. Njengokuba uzifunda ezizahluko, qaphela indlela osilwa ngayo isihendo ebomini bakho (ngokomzekelo, bona UYoshuwa 7:10–13). Ufunda ntoni ngendlela uThixo angakunceda ngayo nento ekufuneka uyenzile ukufikelela emandleni aKhe? Ngokomzekelo, yintoni ekuchukumisayo ngemiyalelo yeNkosi yokuthatha iYeriko? (bona UYoshuwa 6:1–5). Mhlawumbi ingxelo ku Yoshuwa 7 ingakuphembelela ukuba ubone ukuba “kukho nto isingelwe phantsi” ebomini bakho ekufuneka uyisusile (UYoshuwa 7:13).
UYoshuwa 23–24
“Zinyuleleni namhla oyena niyakumkhonza.”
Iimfundiso zokugqibela zikaYoshuwa kumaSirayeli ku Yoshuwa 23–24 ziquka izilumkiso ezibalulekileyo, ingcebiso, neentsikelelo ezithenjisiweyo. Mhlawumbi ungenza uluhlu loko ukufumanayo. Ukucingisisa yonke into amaSirayeli ayedlula kuyo, ucinga ukuba kwakutheni ukuze uYoshuwa akhethe ukubaxelela ezi zinto ekupheleni kobomi bakhe? Yintoni oyifumanayo ekhuthazayo ukuba “unamathele eNkosini”? (UYoshuwa 23:8).
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UYoshuwa 1–4; 6
“Yomelela, Ukhaliphe”
-
Nantsi indlela enye yokunceda abantwana bakho “[B]omelele, [ba]khaliphe” (UYoshuwa 1:6) ngoYesu Krestu. Bameme ukuba bafumane ibinzana apho eliphinda phindiweyo ku Yoshuwa 1:6, 9, no 18, kwaye balibhale okanye balibethelele engqondweni. Nceda abantwana bakho bacinge ngeemeko apho banokudinga lomyalezo kuzo, kanye njengokuba uYoshuwa wenza. Nisenokuhlola kunye amanye amabali ku Yoshuwa 1–4; 6 (bona kananjalo “UYoshuwa uMprofeti” kunye “URahabhi kunye neeNtlola” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 85–91). Bakubonakalisa njani ukukhalipha nokomelela eNkosini abantu abaku lamabali?
2:59Joshua the Prophet
1:39Rahab and the Spies
UYoshuwa 1:8
Ukufunda izibhalo kuzisa iintsikelelo.
-
Ukufunda UYoshuwa 1:8 kunga phembelela abantwana bakho ukuba bazifundele izibhalo ngokwabo. Bancede bafumane amagama kule vesi ebafundisa ukuba njani kwaye kutheni kumele sifunde izibhalo. Base nokukhangela into efanayo ku 1 Nifayi 15:23–24; 2 Nifayi 31:20; 32:3; UYakobi 4:6; Hilamani 3:29–30. Use kwanokubanceda benze kwaye balandele icebo lokufunda izibhalo.
UYoshuwa 3–4
Kumele ndibhaptizwe ukuze ndingene kubukumkani bezulu.
-
Use nokusebenzisa ibali lamaSirayeli ewela uMlambo iYordan njengophawu lobhaptizo—sinekezela ngobomi bethu obudala entlango kwaye siqalisa obutsha kubudlelwane bomnqophiso noThixo. Njengoko nifunda kunye ku UYoshuwa 3–4 (okanye “UYoshuwa uMprofeti” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 85–89), nise nako nokujonga umfanekiso kaYesu ebhaptizwa uze ucacise okokuba uYesu wabhaptizwa kulo mlambo mnye amaSirayeli ayewuwela. Yabelanani omnye nomnye ngokuba ukubhaptizwa kufana njani nokuqalisa ubomi obutsha kubukumkani bukaYesu Krestu.
2:59Joshua the Prophet
UYoshuwa 24:15
Mna ndingakhetha ukukhonza uYesu Krestu.
-
Yintoni onokuyenza ukuze uncede abantwana bakho bafunde ukukhetha ukulandela uYesu Krestu, njengoko uYoshuwa wacela amaSirayeli ukuba enjenjalo? Use nokuba mema ba:
-
Babethelele ibinzana elifutshane engqondweni elisuka ku Yoshuwa 24:15. Zama ukuyenza yonwabise kubantwana bakho. Inani lamagama abawabethelela engqondweni lingaxhomekeka kubudala babo.
-
Khangelani amabali malunga nabantu abakhetha ukukhonza uYesu Krestu. Bangajonga kuyo incwadi UMhlobo, kwi Ncwadi yoMsebenzi yoBugcisa yeVangeli, okanye Amabali eTestamente eNdala namanye amabali ezibhalo.
-
Dlalani ukulinganisa iimeko apho bangakhetha khona ukulandela nokukhonza uMsindisi.
-
Sebenzisa imidlalo eyahlukileyo. “Bonke abantwana bohlukile, kwaye njengoko bekhula, iimfuno zabo ziya kutshintsha. Ukuzenza zahluke iindlela zokufundisa kuya kukunceda ukwazi ukuhlangana nezidingo zabo ezahlukileyo” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 31).
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.