“UCanzibe 4–10 ‘Musani Ukugwilika kuYehova, Musani Ukoyika,’”: INumeri 11–14; 20–24; 27 Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“UCanzibe 4–10 “Musani Ukugwilika kuYehova, Musani Ukoyika,”’ Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Intlango engaseSinayi Peninsula
UCanzibe 4–10: “Musani Ukugwilika kuYehova, Musani Ukoyika”
INumeri 11–14; 20–24; 27
Nkqu nangeenyawo, ngokwesiqhelo bekungenakuthatha iminyaka engama–40 ukuhamba kwintlango yaseSinayi ukuya kwilizwe lesithembiso eKanan. Kodwa abantwana bakaSirayeli babedinga ixesha elingako—hayi ukuhamba umgama wobubanzi bomhlaba kodwa ukuhamba umgama wokomoya: umgama owawuphakathi kwabo bantu babengabo nabo babenokuba ngabo njengabantu bomnqophiso kaThixo.
Incwadi yeNumeri ichaza ezinye zezinto ezenzeka ebudeni baloo minyaka ingama-40, kuquka nezifundo ababemele bazifunde oonyana bakaSirayeli ngaphambi kokuba bangene kwilizwe ledinga. Baye bafunda ngokunyaniseka kwizicaka zeNkosi (bona INumeri 12). Baye bafunda malunga nokuthembela emandleni eNkosi, naxa ikamva libonakala ithemba lalo lingekho (bona INumeri 13–14). Kwaye baye bafunda ukuba ukungabi nalukholo kuzisa ukwenzakala emoyeni, kodwa babenokuguquka kwaye bajonge kuMsindisi ukuze baphiliswe (bona INumeri 21:4–9
Sonke siyafana namaSirayeli ngeendlela ezithile. Sonke siyazi ukuba kunjani ukuba kwintlango yokwasemoyeni, kwaye nezifundo abaye bazifunda zingasinceda silungiselele ukungena kwelethu ilizwe lesithembiso: ubomi banaphakade noBawo wethu waseZulwini.
Ngesishwankathelo ngencwadi yeNumeri, bona “INumeri” kwiSikhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
INumeri 11:11–17, 24–29; 12
Isityhilelo siyafumaneka kuthi sonke, kodwa uThixo ukhokela iBandla laKhe ngomprofeti waKhe.
Kwi Numeri 11:11–17, 24–29, qaphela ingxaki uMoses awayejongene nayo nesisombululo uThixo awaye wacebisa ngaso. Yintoni ocinga ukuba uMoses wayeyithetha xa wayesithi wayenqwenela “[okokuba] bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti”? (umqolo 29).
Esithi sonke singasifumana isityhilelo, nangona kunjalo, akuthethi ukuba sonke singabakhokela abantu bakaThixo ngendlela awabakhokela ngayo uMoses. Isiganeko esikuyo Numeri 12 siyakucacisa oku kakuhle. Zeziphi izilumkiso ozifumana kwesi sahluko? Yintoni oziva ukuba iNkosi ifuna uyiqonde malunga nesityhilelo sobuqu nokulandela umprofeti waKhe?
Bona kananjalo 1 Nifayi 10:17; IMfundiso neMinqophiso 28:1–7; Dallin H. Oaks, “Two Lines of Communication,” Liyahona, EyeNkanga. 2010, 83–86.
Gqalisela kweyona nto ibaluleke ngokubalaseleyo. Abanye abantu baye bonganyelwe zingceengcebiso zokufunda ngeveki ku Yizani, Nindilandele. Njengoko uhlola la magqabantshintshi, landela uMoya. Cinga ngezinto ozidingayo nezinto ezidingwa ngabo ubafundisayo. Ukuqonda nokusebenzisa ngokupheleleyo umgaqo omnye evekini kunokuba luncedo ngakumbi kunokufunda izahluko ezininzi nje kuphela.
INumeri 12:3
“UMoses [waye] lulamile kunene”
Abanye abantu bayamangaliswa kukufunda ukuba uMoses, inkokeli eyayinamndla eyema phambi koFaro kwaye yenza imimangaliso ngamandla kaThixo, yayi “lulamile kunene” (INumeri 12:3). Kuthetha ukuthini ukululama? Cinga ngokufunda inkcazelo kaMdala uDavid A. Bednar yolulamo kumyalezo wakhe “Meek and Lowly of Heart” (Liyahona, UCanzibe 2018, 30–33) okanye ku “Bulali, Lulama, kwiSikhokelo kwiziBhalo (Ithala leeNcwadi zeVangeli).
Yintoni oyifunda kumzekelo wokululama kaMoses kuyo IEksodus 18:13–25; INumeri 11:26–29; INumeri 12; KumaHebhere 11:24–27; no Moses 1:10–11? Use nokucinga nzulu nangokuba uMsindisi walubonisa njani ululamo (bona UMateyu 11:29; 27:11–14; ULuka 22:41–42; UYohane 13:4–5). Ikufundisa ntoni le mizekelo?
INumeri 13–14
Ngokholo eNkosini, ndingaba nethemba lekamva.
Njengoko ufunda INumeri 13–14, zama ukuzibeka endaweni yamaSirayeli. Ucinga ukuba kutheni ayefuna “ukubuyela eYiphutha” nje? (INumeri 14:3). Ingaba ubungawuchaza njani “umoya” wumbi uKalebhi awayenawo? (INumeri 14:24). Yintoni ekukholisayo malunga nokholo lukaKalebhi noYoshuwa, kwaye ubungayisebenzisa njani imizekelo yabo kwiimeko ojongene nazo?
Ishumi leentlola zakwaSirayeli zazisoyika; UYoshuwa noKalebhi babenokholo. Joshua and Caleb: Obedient Spies [UYoshuwa noKalebhi: Iintlola eziThobelayo], nguDouglas Klauba. © Lifeway Collection/licensed from goodsalt.com
INumeri 21:4–9
Ukuba ndijonga kuYesu Krestu ngokholo, Yena angandiphilisa ngokwasemoyeni.
Abaprofeti beNcwadi kaMormoni babelazi ibali elifumaneka kuyo INumeri 21:4–9 kwaye babekuqonda ukubaluleka kwalo ngokwasemoyeni. Funda iimfundiso ngeli bali ku 1 Nifayi 17:40–41; Alma 33:18–22; no Hilamani 8:13–15. Nantsi eminye imibuzo ongayicinga nzulu njengoko ufunda:
-
Ingaba yintoni enokuba imelwe yinyoka yobhedu?
-
Kunokumela ntoni ukulunywa zinyoka?
-
AmaSirayeli kwakumele “[ajonge] inyoka yobhedu” (Numeri 21:9) ukuze aphiliswe. Ucinga ukuba kutheni abanye abantu bala ukujonga? Ingaba into eyelelene nale ikhe yenzeke kuwe?
-
Yintoni oyiva ikuphembelela ukuba uyenze ngokupheleleyo ukuba “ukhangela kuye uNyana kaThixo ngokholo” ukuze uphile? (Hilamani 8:15).
Ukufunda ezindinyana kuse nokukukhumbuza ngamanye amaxesha kwizibhalo apho abantu babedinga ukugcina ukugqalisela kwabo kuKrestu. Ngokomzekelo, thelekisa lo myalezo we Numeri 21:4–9 no Mateyu 14:25–31 no 1 Nifayi 8:24–28 (bona nayo imifanekiso ekupheleni kolu lwandlalo). Yintoni ethanda ukusitsalela kude kuKrestu? Kungaba ubasikelela njani abantu abahlala begqalisele kuYe?
INumeri 22–24
Ndingayilandela intando kaThixo, nokuba abanye bandithundezela ekubeni ndingenzi njalo.
Xa uBhalaki, ukumkani wamaMowabhi, weva ukuba amaSirayeli ayesondela, waye wabiza uBhileham, indoda eyayisaziwa ngokunika iintsikelelo neziqalekiso. UBhalaki wayefuna ukuba aqelekise amaSirayeli. Qaphela indlela uBhalaki awazama ngayo ukuthundeza uBhileham (bona INumeri 22:5–7, 15–17, kwaye ucinge ngezihendo ojongene nazo ezikhabana nentando kaThixo. Yintoni ekukholisayo malunga neempendulo zikaBhileham kwiNkosi kwi Numeri 22:18, 38; 23:8, 12, 26; 24:13? Ngelishwa, kubonakala ngathi uBhileham ekugqibeleni waye wanikezela kuxinzelelo kwaye wangcatsha uSirayeli (bona INumeri 31:16; Yuda 1:11). Cinga nzulu ngokuba ungahlala unyaniseke kanjani eNkosini nangona kukhona uxinzelelo oluphuma kwabanye.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
INumeri 11: 4–10
Mna ndingaba nombulelo koko uThixo andinike kona.
-
Buza abantwana bakho ukuba bayayikhumbula na eminye yemimangaliso iNkosi eyayenzayo ukuze incede amaSirayeli (bona “Izibetho zaseYiputa” kunye “IPasika” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 67–74). Emva koko ungabashwankathelela INumeri 11:4–10, ugxininisa ukuba amaSirayeli ayelibele iintsikelelo zawo kwaye ayekhalaza. Zeziphi iintsikelelo esizilibalayo ngamanye amaxesha?
INumeri 12
INkosi ifuna ndilandele umprofeti waYo.
-
Ukwenza intshayelelo ye Numeri 12, ungaxelela abantwana bakho ukuba iNkosi yayinga kholisekanga ngu-Aron noMiriyam, umntakwabo Moses nodadewabo. Bameme ukuba bafunde INumeri 12:1–8 ukuze bafumanise ukuba kwakutheni? Cingisisa ngokusebenzisa INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli ukuze uncede abantwana bakho bafumane imizekelo yabantu kwizibhalo ababe mhloniphile umprofeti weNkosi baze basikeleleka. Sisikeleleka njani xa silandela umprofeti weNkosi?
INumeri 21:6–9
Mna ndingajonga kuYesu Krestu.
-
Ungasebenzisa “UMoses kunye neNyoka yoBhedu” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 83–84 ukuze uncede abantwana bakho bafunde ukuba kwaye kwenzeka ntoni kwi Numeri 21:6–9. Ingaba ifana njani inyoka yobhedu noYesu Krestu? (bona UYohane 3:14–15). Abantwana bakho base nokonwabela ukwenza inyoka ngephepha nokubhala kulo izinto ezilula abanokuzenza ukuze “[ba] khangele kuye uNyana kaThixo ngoKholo” (Hilamani 8:15).
1:2Moses and the Brass Serpent
-
Abantwana abadala bangakhetha esinye sezi zibhalo baze babelane ngoko zikongezayo kulwazi lwabo lwebali: 1 Nifayi 17:41; Alma 33:18–20; Hilamani 8:13–15; IMfundiso neMinqophiso 6:36.
Bronze Serpent [Inyoka yoBhedu], nguBrent Evans
INumeri 22–24
Ndingayilandela intando kaThixo, nokuba abanye bandithundezela ekubeni ndingenzi njalo.
-
Shwankathela INumeri 22:1–18 usenzela abantwana bakho, ugxininisa ukuba uBhileham wala ukuqalekisa abantu bakaThixo, nangona uBhalaki, ukumkani wakwaMowabhi, wayemnika amawonga nobutyebi. Emva koko unokunceda abantwana bakho baphande kwezi ndinyana zilandelayo ukuze bafumane amabinzana abavakalelwa kukuba abonisa ukuba uBhileham wayefuna ukulandela uThixo: INumeri 22:18; 23:26; 24:13. Mhlawumbi abantwana bakho bangakhetha ibinzana libe linye abalithandayo balibhale kwikhadi ukubanceda ukuba bangalibali ukuthobela iNkosi.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.
Ngentla ekhohlo: The Crucifixion of Christ [UkuBethelelwa kukaKrestu]. Ngentla ekunene: Moses and the Brass Serpent [UMoses kunye neNyoka yoBhedu], nguJudith Mehr. Ezantsi ekhohlo: Finisher of Faith [Mgqibelelisi woKholo], nguKelsy noJesse Lightweave. Ezantsi ekunene: Lehi’s Dream [Iphupha likaLihayi], nguJerry Thompson