“UCanzibe 11–17. ‘Uzigcine Hleze Umlibale uYehova”: IDuteronomi 6–8; 15; 18; 29–30; 34,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“UCanzibe 11–17. ‘Uzigcine Hleze Umlibale uYehova,’” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Moses on Mount Nebo [UMoses kwiNtaba yeNebho], nguJohn Steel, © Providence Collection/licensed from goodsalt.com
UCanzibe 11– 17: “Uzigcine, Hleze Umlibale uYehova”
IDuteronomi 6–8; 15; 18; 29–30; 34
Ulungiselelo lukaMoses lwasemhlabeni lwaye lwaqala entabeni, xa uThixo wayethetha naye kwityholo elivuthayo (bona Eksodus 3:1–10). Kwaye lwaye lwaphelela entabeni, emva kweminyaka engama–40, xa uThixo wayekrobisa uMoses kwilizwe lesithembiso phezu kwentaba yeNebho (bona IDuteronomi 34:1–4). UMoses wayechithe ubomi bakhe elungiselela abantwana bakaSirayeli ukuba bangene kwilizwe lesithembiso, kwaye incwadi yeDuteronomi ibhalwe imiyalelo yakhe yokugqibela, nezikhumbuzo, neenkuthazo, nemibongozo kubantwana bakaSirayeli. Ukufunda amazwi akhe kwenza kucace okokuba injongo yokwenene yolungiselelo lukaMoses—ukulungiselelwa kwabantu ababekudinga—kwakungekho malunga nokuphila entlango, nokoyisa izizwe, okanye ukwakha uluntu. Kwakumalunga nokufunda ukuthanda uThixo, ukumthobela Yena, kwakunye nokuhlala bethembekile kuYe. Lulo olo ulungiselelo thina sonke esiludingayo ukuze singene kwilizwe lesithembiso lobomi banaphakade. Ngoko ke nangona uMoses wayengazange abeke nyawo “ezweni elibaleka amasi nobusi” (IEksodus 3:8), ngenxa yokholo nokunyaniseka kwakhe, waye wangena kwilizwe lesithembiso elo uThixo wayelilungiselele bonke abo bamlandelayo Yena.
Ukufumana inkcazelo ngokubanzi ngencwadi yeDuteronomi, bona “IDuteronomi” kwisiKhokelo kwiZibhalo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IDuteronomi 6:4–7; 8:2–5, 11–17; 29:18–20; 30:6–10, 14–20
“Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke.”
Umthetho kaMoses wawuquka imisitho emininzi yangaphandle nezithethe. Njengoko uya kubona kwisiluleko sikaMoses kwiDuteronomi, iNkosi yayikwaxhalabele imo yangaphakathi yabantu baKhe—imeko yasemoyeni yeentliziyo zabo.
Kwimihlathi engezantsi, khangela igama elithi intliziyo, kwaye ucingisise ukuba linokufuzisela ntoni na. Unokucinga ngezi ndinyana njengohlobo lokuxilonga ngokomoya entliziyweni yakho. Loluphi uxilongo onokuzinika lona? Luluphi unyango onokulumisela ukuze uphucule impilo yokomoya yentliziyo yakho? Bhala phantsi izimvo zakho:
-
IDuteronomi 6:4–7:
-
IDuteronomi 8:2–5:
-
IDuteronomi 8:11–17:
-
IDuteronomi 29:18–20:
-
IDuteronomi 30:6–10:
-
IDuteronomi 30:14–20:
Enye indlela yokulungelelanisa iingcinga zakho inokuba kukuzoba intliziyo kwaye ubhale ngaphakathi kuyo izinto ethi iNkosi kufuneka ube nazo entliziyweni yakho. Emva koko unokubhala ngaphandle kwayo izinto ofanele uzikhuphe entliziyweni yakho.
Umbonisa njani ukuba umthanda ngentliziyo yakho yonke uThixo?
Funa ukuqonda okungokwakho kwasemoyeni. Yizani, Nindilandele ucebisa imihlathi nemigaqo onokuthi ugxile kuyo kwizibhalo, kodwa ungakuvumeli oko kukuthintele ukufunda kwakho. Njengoko ufunda iDuteronomi, usenokufumanisa umgaqo ongabalaseliswanga apha. Vumela uMoya ukukhokelele koko udinga ukufunda.
IDuteronomi 6:4–12, 20–25
“Uzigcine, Hleze Umlibale uYehova.”
Uninzi lwamaSirayeli olwaluya kungena kwilizwe lesithembiso lwalungazange lubone izibetho eYiputa okanye luwele uLwandle oluBomvu. UMoses wayesazi ukuba wona—kunye nezizukulwana ezilandelayo—zaziya kudinga ukukhumbula imimangaliso kaThixo nemithetho kaThixo ukuba ahlale engabantu bakaThixo.
Sesiphi isiluleko osifumana kuyo IDuteronomi 6:4–12, 20–25 esingakunceda ukhumbule izinto ezinkulu uThixo akwenzele zona? Yintoni oziva uchukumiseke ukuba uyenze ukuze ilizwi leNkosi imihla ngemihla “libe sentliziyweni yakho”? (umqolo 6).
IDuteronomi 15:1–15
Ukunceda abasweleyo kubandakanya izandla ezinesisa neentliziyo ezizithandelayo.
Asikafiki kumhla “kungabikho hlwempu [phakathi kwenu]” (IDuteronomi 15:4), ngoko imigaqo yokunceda amahlwempu kuyo IDuteronomi 15 iseluncedo, nokuba izenzo ezithile zitshintshile. Qaphela ukuba imiqolo 1–15 ifundisa ntoni na malunga nokuba kutheni sinceda abantu abasweleyo nokuba isimo sethu sengqondo kufuneka sibe njani.
Kuthetha ukuthini “usivule kakhulu isandla sakho” kubantu abasweleyo? (imiqolo 8–11). Ufunda ntoni kumzekelo weNkosi ngokunceda abantu abasweleyo? (bona umqolo 15).
IDuteronomi 18:15–19
UMoses “wayefana” noYesu Krestu.
UPetros, noNifayi, noMoronayi, noMsindisi Buqu bonke baye baphawula ngesi siprofeto esikuyo IDuteronomi 18:15–19 (bona Izenzo 3:20–23; 1 Nifayi 22:20–21; Imbali—kaJoseph Smith 1:40; 3 Nifayi 20:23). Yintoni oyifundayo malunga noMsindisi kule miqolo? Cinga ngoko ukufunde ngoMoses kwezi veki zimbalwa zidlulileyo. UMoses “ufana” njani noYesu Krestu?
UYesu Krestu waxelela abantu baKhe kwi-Melika yakudala, “mna ndinguYe owathi wathetha ngaye uMoses” (3 Nifayi 20:23).
IDuteronomi 29:9; 30:15–20
INkosi iyandimema ukuba ndikhethe phakathi kokulungileyo nokubi.
Kusenokuba mnandi ukuthelekisa amazwi kaMoses kuyo IDuteronomi 29:9; 30:15–20 nezinye zeemfundiso zokugqibela zikaLihayi kusapho lwakhe 2 Nifayi 2:26–29; 4:4. ULihayi wandisa njani into eyayifundiswa nguMoses? Yintoni oyifumanayo kule miqolo ekuphembelela ukuba “ukhethe ubomi”? (IDuteronomi 30:19).
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IDuteronomi 6:5
Ndiyakwazi ukumthanda uThixo ngentliziyo yam yonke.
-
Ukuze uncede abantwana bakho baqonde IDuteronomi 6:5, unokuzoba intliziyo, umfanekiso womzimba, nengalo eyomeleleyo. Abantwana bakho banokwalatha emifanekisweni njengoko ufunda amagama athi “intliziyo,” “umphefumlo” nelithi “amandla” akuloo mqolo. Siyibonisa njani iNkosi ukuba siyithanda ngentliziyo yethu yonke, ngomphefumlo, nangamandla ethu ephela?
IDuterenomi 6:6–15
Ndinokuligcina ilizwi likaThixo entliziyweni yam.
-
Funda kunye nabantwana bakho ingcebiso yeNkosi kumaSirayeli yokubeka izicatshulwa zezibhalo apho babenokuzibona yonke imihla (bona IDuterenomi 6:6–9). Oku kunokukukhuthaza wena nabantwana bakho ukuba nicinge ngeendlela zokuqinisekisa ukuba “aniyilibali iNkosi” (umqolo 12) kwaye nikhumbule into enenzele yona.
-
Usenokuyikhomba ukuba IDuteronomi 6:13, 16 kunye no 8:3 yanceda uMsindisi ngexesha elibalulekileyo ebomini baKhe. Ukuze nibone ukuba njani, fundani kunye UMateyu 4:1–10. Emva koko ninokwabelana omnye nomnye ngezicatshulwa zezibhalo eziye zaninceda ngamaxesha obunzima.
IDuteronomi 18:15–18
AbaProfeti bafundisa ngoYesu Krestu
-
Njengoko nifunda kunye IDuteronomi 18:18 nceda abantwana bakho baqonde ukuba uMprofeti ofana noMoses kulo mqolo nguYesu Krestu. Mhlawumbi usenokujonga imifanekiso yezinto uMoses awazenzayo nezinto ezenziwa nguYesu Krestu, uze uvumele abantwana bakho bazithelekise (bona Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 15, 16, 38, 39). Yintoni umprofeti wethu ophilayo ayifundise ngoMsindisi?
IDuteronomi 29:12–13; 30:8–10
Ngenxa yeminqophiso yam, ndiyinxalenye yabantu bakaThixo.
-
Ukuthetha ngayo IDuteronomi 29:12–13 kubonelela ngethuba kuwe nabantwana bakho lokuthetha ngeminqophiso abaya kuyenza okanye abaseyenzile noBawo waseZulwini. Kuthetha ukuthini ukuba ngabantu bakaThixo? Izithembiso zethu zisenza njani abantu bakaThixo? (bona umqolo 13; bona kananjalo Mozaya 18:8–10).
-
Ukuba abantwana bakho bafuna ukuncedwa baqonde oko kuthethwa ngumnqophiso, cebisa ukuba bafumane ingcaciso yo “Mnqophiso” kwiSikhokelo SeZibhalo (Ithala leeNcwadi zeVangeli). Zeziphi izithembiso uThixo namaSirayeli abazenzayo omnye nomnye IDuteronomi 30:8–10? Zeziphi izithembiso esizenzileyo noThixo? (bona IMfundiso neMinqophiso 20:37, 77). Ezi zithembiso zisidibanisa njani kunye naYe?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.