Yizani, Nindilandele 2024
EyoKwindla 9–15. “UYehova Waye Naye uYosefu”: IGenesis 37– 41


“EyoKwindla 9–15. ‘UYehova Waye Naye uYosefu’: IGenesis 37– 41,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoKwindla 9–15. ‘UYehova Waye Naye uYosefu’,” Yizani, Nindilandele: 2026

Abantakwabo Yosefu beyithatha ingubo yakhe

Joseph and His Brothers [UYosefu naBantakwabo], nguSam Lawlor

EyoKwindla 9–15: “UYehova Waye Naye uYosefu”

IGenesis 37–41

Siyazi ukuba uThixo uyabasikelela abantu abamthembayo Yena nabagcina imiyalelo yaKhe. Kodwa ngamanye amaxesha akubonakali njalo. Ngamanye amaxesha umntu okholose ngoThixo uyaxhatshazwa aze alahlwe ngamalungu entsapho. Ngamanye amaxesha umntu owala ngenkalipho ukwaphula umthetho wobunyulu uye atyholwe ngobuxoki. Xa izinto ezinjalo zisenzeka kuthi, sisenokuhendeka ukuba simqumbele uThixo. Sisenokuzibuza, “Yintoni ingongoma yokuzama ukwenza into elungileyo ukuba kubonakala nje ukwenza ubomi bube nzima?”

UYosefu, unyana kaYakobi, umele ukuba wayezibuza oko. Ngamanye amaxesha, le ndoda ithembekileyo yayiphumelela; ngamanye amaxesha, kwakubonakala ngathi okukhona wayethembekile kokukhona ejamelana nobunzima. Kodwa uYosefu zange ayilahle iNkosi, kananjalo neNkosi ayizange imlahle uYosefu. Oko akuthethi ukuba iNkosi yazinqanda izinto ezimbi ukuba zenzeke kuYosefu, kodwa kuyo yonke loo nto, “uYehova [waye]naye” (IGenesis 39:3).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

IGenesis 37:1–28; 39; 41:9–45

INkosi iya kuba nam ebunzimeni bam.

Amaxesha namaxesha, ithamsanqa lalibonakala limshiya uYosefu, kodwa iNkosi ayizange yenze njalo. Njengoko ufunda ibali likaYosefu, cingisisa ngale mibuzo: Wenza ntoni uYosefu ukuhlala kufutshane neNkosi? INkosi yayikunye “naye” njani? (bona IGenesis 39; 40:1–19; 41:9–45). Ufunda ntoni kwibali likaYosefu enokukunceda uqaphele ubukho beNkosi ebomini bakho?

Unokubuza kananjalo imibuzo efanayo ngobomi bakho. Bobuphi ubungqina obubonileyo bokuba iNkosi ayikushiyanga ngexesha lokulingwa kwakho? Cinga ngendlela onokwabelana ngayo ngamava akho kunye namalungu osapho nezizukulwana ezizayo (bona 1 Nifayi 5:14).

Kakade ke, uya kuba nezinye izilingo kwixesha elizayo. Yintoni onokuyenza ngoku ukuze uqinisekise ukuba ezi zilingo azikutsaleli kude neNkosi? Cinga ngokubhala ileta ukukhuthaza ubuqu bakho bexesha elizayo ukuba buhlale busondele kuYo nokuba kwenzeka ntoni na. &160;

Bona kanajalo UYohane 14:18; AbaseRoma 8:28; Alma 36:3; IMfundiso neMinqophiso 121:7–8.

IGenesis 37:5–11; 40; 41:1–38

Ukuba ndithembekile, iNkosi iya kundikhokela kwaye indiphembelele.

UYosefu wayenesiphiwo sokucalula imiyalezo evela eNkosini ngamaphupha. Unokufunda ntoni ku Genesis 37:5–11; 40:5–8; 41:14–25, 37–38 malunga nokwamkela nokuqonda isityhilelo esisuka kwiNkosi? Ngokomzekelo, ungafunda ntoni kumzekelo kaYosefu xa isityhilelo sibonakala sinzima ukusiqonda? (bona IGenesis 40:8; 41:16).

Cingisisa ngendlela iNkosi ekutyhilela ngayo intando yaYo kuwe. Wenza ntoni ukwenza intshukumo kwisityhilelo Yona ekunike sona? Ulufuna kanjani ukhokelo olongezelelweyo kuYo?

UYosefu etolika amaphupha

Joseph Interpreting the Butler and Baker’s Dreams [UYosefu Etolika Amaphupha oMngcamli noMbhaki], nguFrançois Gérard

IGenesis 39:1–20

umfanekiso weseminari
Ngoncedo lweNkosi, ndingasibaleka isilingo.

Ukuba uYosefu wayenokunikela isiluleko ngendlela yokuxhathisa isilingo sokwenza isono sesondo, ucinga ukuba ebenokuthini? Cinga ngoku njengoko ufunda ngamava akhe kwi Genesis 39. Ngokomzekelo, khawucinge ngendlela uYosefu anokusabela ngayo kwizinto ezimxhalabisayo ezinje ngezi:

  • Ukuba akukho mntu uyaziyo into endiyenzayo, yintoni ingxaki enkulu? (bona imiqolo 8–9).

  • Ndiyazama ukuxhathisa, kodwa isihendo asibonakali siphela (bona umqolo 10).

  • Ndimele ndenze ntoni xa ndikwimeko apho isilingo sinamandla? (bona umqolo 12).

&160;

Kakade ke, umzekelo kaYosefu unokusebenza nakwezinye iintlobo zesihendo. Ngomzekelo kaYosefu engqondweni, cinga ngokwenza isicwangciso sokuphepha nokuxhathisa isilingo. Ngokomzekelo, usenokucinga ngesilingo uze ubhale phantsi iimeko omele uziphephe nendlela “yokusaba” ngayo xa kuvela isilingo.

Isihendo

Iimeko zokuphetshwa:

Cwangcisa ukuphendula:

Nazi ezinye izibhalo ezinokwazisa isicwangciso sakho. Ufunda ntoni ngazo ngasinye malunga nendlela uMsindisi angakunceda ngayo ukuxhathisa isilingo? UMateyu 4:1–11; AbaseKorinte I 10:13; 1 Nifayi 15:23–24; 3 Nifayi 18:17–18.

Njengoko usenza isicwangciso sakho, kusenokukunceda ukucinga ngamaxesha adluleyo apho wasiphepha okanye wasixhathisa ngempumelelo isilingo. Ukuncede njani uMsindisi? (bona 2 Nifayi 4:18–33).

IGenesis 41:15–57

INkosi iya kundinceda ndilungiselele ubunzima obunokwenzeka.

Ukutolika kukaYosefu iphupha likaFaro kukhokelele kwingcebiso elumkileyo nesebenzayo yokusinda kwindlala (bona IGenesis 41:15–57). Cinga ukuba yeyiphi na imiyalezo yomoya iNkosi enokuba nayo yakho kule ngxelo. Uziva njani ukuba Yona ifuna ulungiselele ubunzima kwikamva lakho?

Bona kananjalo David A. Bednar, “We Will Prove Them Herewith,” Liyahona, EyeNkanga. 2020, 8–11.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IGenesis 37

Ndinokuba nobubele kusapho lwam.

  • Ukufunda ngeemvakalelo ezibuhlungu zentsapho kaYosefu kunokubangela ingxoxo ngendlela esifanele siwaphathe ngayo amalungu entsapho. Ukubalisa ibali likaYosefu nabantakwabo kwi Genesis 37, ungasebenzisa imifanekiso ekolu lwandlalo okanye ngaphakathi “Amaphupha Awaphenjelelweyo kaYosefu” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 47–51). Vumela abantwana bakho babelane ngeenkcukacha abazaziyo ngebali. Usenokucela abantwana bakho ukuba babe nomfanekiso-ngqondweni wabo babekwintsapho kaYosefu. Babeza kuthini okanye benze ntoni ukuze babe ngabaxolelanisi kusapho? Ngokomzekelo, kuthetha ukuthini “ukuthetha ngoxolo” kusapho lwethu? (umqolo 4). UYesu Krestu ungumxolelanisi njani kwintsapho kaThixo?

    2:17

    Joseph’s Inspired Dreams

IGenesis 37:18–28; 39:20–23; 41:38

UThixo unokundinceda xa kusenzeka izinto ezimbi.

  • Xa abantwana bakho bejamelene namaxesha anzima, kufuneka bazi ukuba iNkosi iya kuba nabo, njengokuba Yona yayikunye noYosefu. Mhlawumbi unokunceda abantwana bakho babhale uludwe lwezinto ezibuhlungu ezehlela uYosefu (bona IGenesis 37:23–28; 39:20; or “Amaphupha Awaphenjelelweyo kaYosefu” kunye “ UYosefu eYiputa,” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 47–51, 52–56). Emva kobunzima ngabunye ababufumanayo, mema abantwana bakho ukuba baphinde, “UYehova Waye Naye uYosefu” (IGenesis 39:2).

    2:17

    Joseph’s Inspired Dreams

    2:50

    Joseph in Egypt

  • Mhlawumbi abantwana bakho bangaphengulula kwi Genesis 39:1–3, 20–23 yonke imizekelo yebinzana elithi “UYehova waye naye uYosefu” namabinzana afanayo. Bavumele babelane ngento abacinga ukuba ithethwa leli binzana. Sazi njani ukuba iNkosi inathi? Xelelanani ngendlela enaziva ngayo ukuba uThixo wayenani ngexesha lobunzima.

UYosefu entolongweni

Joseph of Egypt in Prison [UYosefu waseYiputa entolongweni], nguJeff Ward (inkcukacha)

IGenesis 39:7–12

Ngoncedo lweNkosi, ndingasibaleka isilingo.

  • Nasi isifundo sento esinokunceda abantwana bakho balandele umzekelo kaYosefu wokubaleka umfazi kaPotifare: Sebenzisa oomazibuthe ababini ukumela uYesu Krestu noSathana. Sebenzisa into encinci yentsimbi, njengekliphu yephepha, ukumela thina. Emva koko vumela abantwana bakho babone ukuba ifuthe lomazibuthe kwinto yentsimbi linamandla kangakanani xa besondeza into kuyo. Amava kaYosefu kwi Genesis 39:7–12 ayibonisa njani le nyaniso? Yintoni esinokuyenza ukuze sisuke esonweni sisondele kuYesu? &160;

    2:58

    Temptation Fades as We Seek Christ in Every Thought

    Sebenzisa umculo. Amaculo nezinye iingoma ezingcwele zinganceda abantwana baluve uthando lukaThixo, bave uMoya, kwaye bafunde iinyaniso zevangeli. Uncuthu lwengoma, izingqisho, neemvano-siphelo ezilula zinganceda abantwana bakhumbule iinyaniso zevangeli kwiminyaka ezayo. Njengoko ucula nabantwana, bancede bafumane kwaye baqonde imigaqo efundiswa kwiingoma (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi32).

  • Nceda abantwana bakho bacinge ngezilingo abanokujamelana nazo. Bavumele badlale indima yokuba “bangasaba” njani kwezi zilingo.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Abantakwabo Yosefu beyithatha ingubo yakhe

Joseph, the Dream Interpreter [UYosefu, Itoliki yePhupha], nguKristi Kirisberg Harmon

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: Ndinokuba nobubele kusapho lwam