Yizani, Nindilandele 2024
EyoMdumba 16–22. “Ukuba nguMlandeli Omkhulu woBulungisa”: IGenesis 12–17; Abraham 1–2


“EyoMdumba 16–22. ‘Ukuba nguMlandeli Omkhulu woBulungisa”: IGenesis 12–17; Abraham 1–2” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoMdumba 16–22. ‘Ukuba nguMlandeli Omkhulu woBulungisa’,” Yizani, Nindilandele: 2026

UMelkitsedeke ebeke izandla zakhe phezu kwentloko ka-Abram emsikelela

Melchizedek Blesses Abram [UMelkitsedeke uSikelela u-Abram], nguWalter Rane (inkcukacha)

EyoMdumba 16–22: “Ukuba nguMlandeli Omkhulu Wobulungisa”

IGenesis 12–17; Abraham 1–2

Ngenxa yomnqophiso owenziwa nguThixo kunye naye, u-Abraham wabizwa ngokuba “nguyise wabathembekileyo” (IMfundiso neMinqophiso 138:41) kunye “noMhlobo kaThixo” (UYakobi 2:23). Izigidi ngezigidi namhlanje zimhlonipha njengokhokho wazo ngqo, kwaye abanye baye bamkelwa kusapho lwakhe ngokuguqukela kwivangeli kaYesu Krestu. Ukanti yena ngokwakhe u-Abraham wayevela kusapho olwalunenkathazo—utata wakhe, owayelushiyile unqulo oluyinene lukaThixo, wazama ukuba u-Abraham enziwe idini loothixo bobuxoki. Nangona kwakunjalo, umnqweno ka-Abraham yayikukuba “ngumlandeli omkhulu ngakumbi wobulungisa” (Abraham 1:2), kwaye ingxelo yobomi bakhe ibonisa ukuba uThixo wawenza umnqweno wakhe. Ubomi buka-Abraham bume njengobungqina bokuba nokuba injani na imbali yosapho lomntu, ikamva lingazaliswa lithemba.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

Abraham 1:1–19

UThixo uya kundisikelelela ngokholo neminqweno yam elungileyo.

“Thina siphenjelelwa ziintsapho zethu [kunye] nesiko lethu,” uMdala Neil L. Andersen wafundisa, “kwaye ke ndiyakholelwa ukuba kukho indawo ngaphakathi kuthi esiyilawula ngokukodwa kwaye siyidale. … Ekugqibeleni, iminqweno yethu yangaphakathi inikwa ubomi kwaye ibonakala kukhetho lwethu nakwizenzo zethu” (“Educate Your Desires, Elder Andersen Counsels,” ChurchofJesusChrist.org). Cingisisa ngokokuba u-Abraham 1:1–19 ukubonisa njani oko kwafundiswa nguMdala Andersen. Imibuzo efana nale inganceda:

  • Ingaba wayenqwenela ntoni u-Abraham? Yayicace njani iminqweno yakhe kwizenzo zakhe? Ingaba wayixhasa njani uThixo iminqweno yakhe?

  • Ithini iminqweno yakho? Ingaba icace njani kwizenzo zakho? Ingaba ukuxhasa njani uThixo?

  • Ngowuphi umyalezo le miqolo enawo owenzelwe abo banamalungu osapho angenamnqweno wobulungisa?

Omnye yeyona ibalaseleyo kwiminqweno ka-Abraham noSara—ukuba nomntwana—awuzange uzaliseke kwiminyaka emininzi (bona IGenesis 15:1–6). Ingaba yintoni oyifunda KumaHebhere 11:8–13 ngendlela u-Abraham noSara abajamelana ngayo nesi silingo? Ingaba uMsindisi ukunceda njani ukuba “uthakazele” kwizithembiso zaKhe, nokuba zona zise “kude”?

1:38

Deliverance of Abraham

IGenesis 12:1–3; 13:15–16; 15:1–6; 17:1–8, 15–22; Abraham 2:6–11

umfanekiso weseminari
UThixo ufuna ukuba mna ndenze kwaye ndigcine iminqophiso kunye naYe.

Kutheni kubalulekile kuwe ukuba wazi malunga nomnqophiso uThixo awamenza no-Abraham? Ngenxa yokuba uThixo efuna ukwenza umnqophiso onjalo kunye nawe. Yena wathembisa ukuba lo mnqophiso uya kuqhubekeka kwinzala, okanye “imbewu,” ka-Abraham kunye nokuba “bonke abayamkelayo le Vangeli baya … kubalelwa kwimbewu yakh[e]” (bona Abraham 2:10–11). Ngamanye amagama, lo mnqophiso uqhubekeka kuwe—xa ubhaptiziwe nangakumbi xa usenza iminqophiso etempileni (bona KumaGalati 3:26–29; IMfundiso neMinqophiso 132:30–32).

Ngenxa yesosizathu, usenokufuna ukufunda u-Abraham 2:6–11 kwaye wenze uluhlu lokuba yintoni, ncakasana, uThixo awayithembisa u-Abraham noSara (bona kananjalo IGenesis 12:1–3; 13:15–16; 15:1–6; 17:1–8, 15–22). Ezi ntsikelelo zingasebenza njani kuwe?

Ezinye zezi zithembiso zinezinto zanaphakade ezingqamene nazo. Izithembiso ezinjengokulidla ilifa ilizwe okanye inzala enkulu zizalisekiswa naphakade njani? (bona IMfundiso neMinqophiso 131:1–4; 132:20–24, 28–32).

Ngaphandle kokuthembisa ngeentsikelelo, uThixo waxelela u-Abraham “ube yintsikelelo” (IGenesis 12:2; ugxininiso longezelelwe). Ucinga ukuba kuthetha ukuthini oko? Ingaba uya kuba yintsikelelo njani? (bona Abraham 2:11).

Ukuze ufundise ngeminqophiso, uMdala Dale G. Renlund wathetha ngamazakazi ase-Amazon River, waze uMongameli Emily Belle Freeman wathetha ngokuhamba indlela enamatye ngeqatha elophukileyo (bona “Accessing God’s Power through Covenants,” Liyahona, uCanzibe 2023, 35–37; “Walking in Covenant Relationship with Christ,” Liyahona, EyeNkanga 2023, 76–79). Komnye wayo okanye kuyo yomibini le miyalezo khangela izivakalisi ezinceda ekuphenduleni umbuzo “Kutheni uThixo efuna ukuba ndenze iminqophiso naYe?”

Mema abantu ukuba bafundisane. Ukuba ufundisa usapho lwakho okanye iklasi yaseBandleni malunga neminqophiso, cingisisa ngokunika umntu ngamnye ukuba afunde inxalenye yomyalezo kaMdala Renlund okanye ekaMongameli Freeman. Emva koko bona bangabelana nosapho okanye iklasi iphela ukuba bafunde ntoni. Oku kuvumela abantu ukuba bangqine okanye bafunde omnye komnye, kwaye oko kumema uMoya. (Bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi,26.)

Bona kwanaye kananjalo Topics and Questions, “Abrahamic Covenant,” Ithala leeNcwadi zeVangeli; “Iingcinga zokuGcinwa eNgqondweni: UMnqophiso,” kwesi sixhobo.

U-Abraham noSara

The Abrahamic Covenant [UMnqophiso ka-Abraham], nguDilleen Marsh (inkcukacha)

IGenesis 14:18–19; Guqulelo lukaJoseph Smith, Genesis 14:25–40

“UMelkitsedeke wayeyindoda yokholo.”

Yiba nomfanekiso-ngqondweni ubusazisa uMelkitsedeke kumntu obengamazi. Ungathini? Khangela iingcebiso ku Guqulelo lukaJoseph Smith, Genesis 14:26–27, 33–38 (kwiSihlomelo [seBhayibhile]); Alma 13:13–19; IMfundiso neMinqophiso 107:1–4. Zeziphi iimpawu ezinje ngezikaKrestu ozifumana kwezingcaciso ngoMelkitsedeke? Ukufunda ngobomi bukaMelkitsedeke kungaba kuyichaphazela njani indlela obubona ngayo ububingeleli bukaMelkitsedeke?

IGenesis 14:18–24; Guqulelo lukaJoseph Smith, Genesis 14:36–40

U-Abraham wabhatala isishumi.

Ufunda ntoni ngendlela u-Abraham awayebubona ngayo ubutyebi ku Genesis 14:18–24 naku Guqulelo lukaJoseph Smith, Genesis 14:36–40 (kwiSihlomelo [seBhayibhile])? Ngokomzekelo, qaphela impendulo yakhe kukumkani waseSodom kuyo IGenesis 14:23. Kungaba ukuthobela umthetho wesishumi uyichaphazele njani indlela oyibona ngayo imali?

IGenesis 16

UThixo uyandiva mna.

Njengoko ufunda IGenesis 16, use nokucinga ngexesha owawuvakalelwa ngathi awuphethwanga kakuhle ngayo, njengoko kwakunjalo kuHagare. Qaphela ukuba “u-Ishmayeli” uthetha ukuba “uThixo [u]vile.” Ingaba uThixo ukubonise njani na ukuba ukuvile wena?

Bona kananjalo “Secret Prayer,” Hymns, nombolo 144.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Abraham 1:18; 2:8

UYesu Krestu uya kundikhokela ngesandla saKhe.

  • Njengoko wena nabantwana bakho nifunda ku Abraham 1:18 no 2:8, ungabamema ukuba bamamele ukuba leliphi ilungu lomzimba elikhankanywe kuzo zombini iivesi. Mhlawumbi ungadlala umdlalo apho umntwana avala amehlo akhe uze umkhokelele umntwana kwindawo ethile ngesandla. Emva koko ungathetha ngokuba kuvakala njani ukuba uYesu Krestu asikhokele ngesandla okanye asikhusele.

IGenesis 13:5–12

Mna ndingaba nguye umxolelanisi.

  • Abantwana bakho base nokonwabela ukulinganisa ibali elisuka kuyo IGenesis 13:5–12, benze ngathi bangu-Abraham, uLote, nabelusi. Singawulandela njani umzekelo ka-Abraham wokuba ngumxolelanisi kunye nosapho okanye abahlobo bethu? Zama ukwenza umdlalo olinganisa iimpendulo zabo.

U-Abraham ethetha noLote

Lot’s Choice [Ukhetho lukaLote], by William Fredericks © Providence Collection/licensed from goodsalt.com

IGenesis 13:16; IGenesis 15:1–6; 17:1–8; Abraham 2:9–11

UThixo ufuna ukuba mna ndenze iminqophiso naYe.

  • Cinga ngokubonisa abantwana bakho inkonkxa yesanti, iinkwenkwezi ezisesibhakabhakeni ebusuku, okanye umfanekiso osesiphelweni solu lwandlalo. Oku kuse nokubanceda baziqiqele izithembiso zikaThixo kuyo IGenesis 13:16; 15:1–6. Thetha ngokuba ukufunde njani ukuzithemba izithembiso zikaThixo, nkqu nangamaxesha ezikhangeleka zingena kwazi ukwenzeka ngawo.

  • Ukuze ufundise abantwana bakho ngeminqophiso, bacele ukuba bathethe ngexesha apho benza isithembiso khona okanye bathenjiswa ngumntu. Ukuba kuluncedo, yaba imizekelo eyeyakho—uquke neminqophiso oyenze noThixo kubhaptizo okanye etempileni. Ingaba iminqophiso yakho ibuchaphazele njani ubudlelwane bakho noThixo? Khetha amabinzana ambalwa kuyo IGenesis 15:1–6; 17:1–8; Abraham 2:9–11 ukuze wabe ezinye zeentsikelelo uThixo awathembisa ngazo u-Abraham noSara.

  • Ukuze uncede abantwana bakho phambi kokuba babhaptizwe, ungasebenzisa amanye amacebo emidlalo ekuboniswa ngayo kuso Isihlomelo A okanye Isihlomelo B.

Abraham 1:12–17; IGenesis 16:7–11

UThixo uyandiva mna.

  • Xa ubomi buka-Abraham babusengozini, waye wathandaza kuThixo. Xa uHagare wayeyedwa entlango, wafunda okukuba uThixo wamva. Cingisisa ngokwabelana nabantwana bakho ngalamabali omabini: “UAbraham noSara” kunye naye “UHagare” kuwo Amabali eTestamente eNdala, 28–31, 32–33. Yintoni esiyifundayo malunga noThixo kula mabali? Emva koko ninokwabelana omnye nomnye ngamava xa navakalelwa kukuba uThixo univile. Ingoma enjengo “A Child’s Prayer” (Children’s Songbook, 12–13) inganceda ekungxinisiseni lomthetho-siseko.

2:20

Abraham and Sarah

1:23

Hagar

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

USara ejonge phezulu kwiinkwenkwezi

Pondering God’s Promise [Ukucingisisa Isithembiso sikaThixo], nguCourtney Matz.

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: UThixo ufuna ukuba mna ndenze iminqophiso naYe.