“EyoMdumba 9–15. ‘UNowa Wafumana Ubabalo Emehlweni ENkosi: IGenesis 6–11; Moses 8” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMdumba 9–15. ‘UNowa Wafumana Ubabalo Emehlweni eNkosi’,” Yizani, Nindilandele: 2026
Jehovah Keeps a Promise [UYehova uGcina Isithembiso], nguSam Lawlor
EyoMdumba 9–15: “UNowa Wafumana Ubabalo Emehlweni eNkosi”
IGenesis 6–11; Moses 8
Siphila kwimihla yokugqibela, sinesizathu esikhethekileyo sokunikela ingqalelo kwibali lesiKhukula. Xa uYesu Krestu wafundisa ukuba masilinde njani ukuBuya kwaKhe okweSibini, Yena wathi, “Njengoko kwakunjalo ngemihla kaNowa, kuya kubanjalo ekuzeni koNyana woMntu” (Joseph Smith—Mateyu 1:41 Ukongeza, amagama achaza usuku lukaNowa, anjengo “lwalonakele” kwaye “lwaluzele lungonyamelo,” anokuchaza nje ngokulula ixesha lethu. (IGenesis 6:12–13; Moses 8:28). Ibali leNqaba yaseBhabheli livakala lisebenza kumhla wethu, kunye nenkcazo yalo yekratshi elilandelwa kukudideka nokwahlukana.
Ezi ngxelo zakudala zibalulekile hayi nje kuba zisibonisa ukuba ubungendawo buyaziphindaphinda kuyo yonke imbali. Okubaluleke ngakumbi, zisifundisa ukuba senze ntoni ngayo. UNowa “wafumana ubabalo emehlweni eNkosi” (Moses 8:27). Kwaye iintsapho zikaYerede nomntakwabo zaguqukela eNkosini zaze zakhuselwa ekudidekeni neyantlukwano eBhabheli (bona Etere 1:33–43). Ukuba siyazibuza ukuba singazigcina njani kunye neentsapho zethu sikhuselekile ngamaxesha orhwaphilizo nobundlobongela, amabali akwezi zahluko anokuninzi okungasifundisa kona.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IGenesis 6; Moses 8
Kukho ukhuseleko lokomoya ngokulandela umprofeti weNkosi.
Ngaba kukho nantoni na oyibonayo kwingcaciso yomhla kaNowa ebonakala ifana neemeko zomhla wethu? Kokuthe ngqo, jonga ku Moses 8:15–24, 28,. Yeyiphi imixholo oyibona iphindaphindiwe?
Okunye okubalulekileyo okufanayo oyakukubona kukuba uThixo wabiza uNowa ukuba abengumprofeti, kwaye Yena umbizile umprofeti nanamhlanje. Cinga ngokwenza uluhlu lweenyaniso ozifundayo ngabaprofeti ku Moses 8:13–30. Umprofeti wethu ophilayo ufana njani noNowa? Kunjalo, umprofeti weNkosi namhlanje akalumkisi ngesikhukula okanye asimemele sincede ukwakha umkhombe. Kodwa yintoni le asilumkisa ngayo? Kwaye ingaba yintoni asimemela ukuba siyenze? Mhlawumbi usenokukhetha esinye isilumkiso nesinye isimemo ezibonakala zibaluleke ngakumbi kuwe.
UMdala u-Allen D. Haynie wafundisa, “Ogqibeleleyo nonothando uBawo waseZulwini uyikhethile indlela yokuthyila inyaniso ebantwaneni baKhe ngomprofeti” (“A Living Prophet for the Latter Days,” Liyahona, UCanzibe 2023, 25). Cinga ngokufunda umyalezo kaMdala uHaynie, ukhangela izizathu zokuba nomprofeti luphawu lothando lukaBawo waseZulwini. Ukulandela umprofeti weNkosi kukuncede njani ukuba uzive ukhuselekile uphila kwimihla yokugqibela?
Why Do We Have Prophets?
IGenesis 6:5–13
Isikhukula yayisisenzo senceba kaThixo.
Abanye abantu bayazibuza malunga nobulungisa bukaThixo ngokuthumela isiKhukula ukuze “sitshabalalise abantu” (IGenesis 6:7). Umdala uNeal A. Maxell wacacisa ukuba ngexesha lesiKhukula, ”urhwaphilizo lwalufikelele kwinqanaba lokutshabalalisa ukuzikhethela ukuba imimoya yayingenako, ngobulungisa, ukuthunyelwa apha” (We Will Prove Them Herewith [1982], 58). Usenokucinga kananjalo ngokuba isiKhukula yayisisenzo senceba njani? Yintoni oyifumana kwi Genesis 6:5–13 ebonisa inceba ethambileyo yeNkosi nothando lwabantu?
IGenesis 9:8–17
Iimpawu okanye imiqondiso indinceda ukuba ndikhumbule iminqophiso kunye neNkosi.
Ngoku ka Genesis 9:8–17, yintoni umgca-mabala anokuyizisa engqondweni yakho? Ungacinga kananjalo ngokwenza uluhlu lwezinye izinto (ezifana nemiqondiso, izinto, okanye nayiphi na enye) uThixo akunike yona ukukukhumbuza wena ngeminqophiso yakho. Zikufundisa ntoni ezi zinto? Zikunceda njani ukuba ukhumbule?
The Tower of Babel [INqaba yeBhabheli] , nguDavid Green
IGenesis 11:1–9
Ukulandela uYesu Krestu yiyo yodwa indlela eya kuBawo waseZulwini.
Ingxelo yabantu baseBhabheli besakha inqaba inikezela umahluko onomdla kwingxelo ka-Enoki nabantu bakhe besakha iZiyon, obuthe wayifunda kwiveki ephelileyo. Omabini amaqela abantu ayezama ukufikelela ezulwini kodwa ngeendlela ezahlukileyo. Abantu baseZiyon balifumana njani izulu? (bona Moses 7:18–19, 53, 62–63, 69). Yintoni oyifunda kwi Genesis 11:1–9 naku Hilamani 6:26–28 malunga nabantu baseBhabheli? Yintoni le esifundisa yona malunga nezethu iinzame zokubuyela kubukho bukaThixo? Yintoni uThixo asinike yona ukusinceda thina “sifikelele emazulwini”? (Genesis 11:4; bona kananjalo UYohane 3:16).
Fundani ngokuzimisela. Ukufunda kunga bandakanya ngaphezulu nje kokufunda okanye ukumamela. Ngokomzekelo, xa ufunda ngeNqaba yaseBhabheli, wena nosapho lwakho okanye iklasi ninokubhala, kwiziliphu zamaphepha, izinto ezisisusa kuThixo. Emva koko, kwezinye iziliphu zamaphepha, ninokubhala izinto ezisisondeza kufuphi kuThixo. Cwangcisa iqela lokuqala lamaphepha kwimilo yenqaba nelesibini iqela kwimilo yetempile.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IGenesis 6:14–22; 7–8; Moses 8:16–24
Ukulandela umprofeti weNkosi kuyakundisikelela mna nosapho lwam.
-
Abantwana abaninzi bayalithanda ibali likaNowa nomkhumbe. Cinga ngokunika abantwana bakho amathuba babelane ngoko bakwaziyo malunga nayo. Abantwana bakho bangonwabela ukwenza imidlalo kwiinxalenye zebali—ngokomzekelo, ngokwenza ngathi basebenzisa isixhobo ukwakha umkhombe okanye ukuhamba okwezilwanyana zingena kumkhombe.
-
Njengoko nithetha ngoNowa kunye, nceda abantwana bakho babone ukuba sisikeleleke njani ukuba nomprofeti kaThixo namhlanje. Nceda abantwana bakho bakhangele ku Moses 8:16–24 ukuze bafumane izinto uNowa awazifundisayo ezo abaprofeti beNkosi basazifundisayo namhlanje. Sisikeleleka kanjani xa sithobela ezi mfundiso?
IGenesis 9:15–16
UThixo uzakuzigcina izithembiso zaKhe kum.
-
Abantwana bakho banokonwabela ukuzoba okanye ukufakela imibala kumgca-mabala ngelixa uthetha malunga nento omele yona. Yintoni uThixo awayefuna uNowa nosapho lwakhe bayicinge nanini na xa bebona umgca-mabala?
-
Unako kananjalo ukubonisa abantwana bakho into onayo ekukhumbuza ngento ebalulekileyo ebomini bakho, njengo msesane womtshato, umfanekiso, okanye ijenali. Vumela abantwana bakho babelane ngeyabo imizekelo. Oku kunokukhokelela kwincoko ngezinto ezisinceda sikhumbule iminqophiso yethu, njengomthendeleko, osinceda sikhumbule umnqophiso wethu wokubhaptizwa wokulandela uYesu Krestu (bona IMfundiso neMinqophiso 20:75–79).
UThixo waxelela usapho lukaNowa ukuba umgca-mabala uyakuba “yimiqondiso yeminqophiso endiyenzayo phakathi kwam kunye nawe” (IGenesis 9:12).
IGenesis 11:1–9
Ukulandela uYesu Krestu yiyo yodwa indlela eya ezulwini.
-
Kunokuba mnandi ukwakha inqaba ngeebhloko okanye ezinye izinto nabantwana bakho. Njengoko usenza njalo, cacisa ukuba abantu baseBhabheli babecinga ukuba banokufika ezulwini ngokwakha inqaba ende. Ningajonga kunye emva koko kumfanekiso woMsindisi kwaye ubuze abantwana bakho ukuba Yena usinceda njani sifikelele ezulwini. Emva koko ninokuthetha kunye nonke malunga nezinto eninokuzenza ukulandela uMsindisi.
-
Ukongeza ekufundeni ibali lenqaba yaseBhabheli kwi Genesis 11:1–9, wena nabantwana bakho ninokufunda ku Hilamani 6:28. Ngokwa lo mqolo, kwakutheni abantu baseBhabheli bakha inqaba? Kwakutheni ukwakha inqaba kwakuyindlela engalunganga yokufikelela ezulwini? Emveni koko ungakhangela 2 Nifayi 31:20–21 no Hilamani 3:28 ukufumana indlela elungileyo yokufikelela ezulwini. Ngcebiso ethini esasinokuyinika abantu baseBhabheli?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.