“EyoMqungu 26–EyoMdumba 1. ‘Nifundise Ezi Zinto Ngokukhululekileyo Ebantwaneni Benu”: IGenesis 5; Moses 6 ” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMqungu 26–EyoMdumba 1. ‘Nifundise Ezi Zinto Ngokukhululekileyo Ebantwaneni Benu’,” Yizani, Nindilandele: 2026
Better Than Paradise [Ngcono kuneParadesi], nguKendal Ray Johnson
EyoMqungu 26–EyoMdumba 1: “Nifundise Ezi Zinto Ngokukhululekileyo Ebantwaneni Benu”
IGenesis 5; Moses 6
Uninzi lwayo IGenesis 5 luluhlu lwezizukulwana phakathi kuka-Adam no-Eva noNowa. Sifunda ngamagama amaninzi, kodwa asifundi okuninzi ngawo. Emva koko sifunda ngalo mgca unika umdla kodwa ungacaciswanga: “Kwaye u-Enoki wahamba noThixo: akabikho; kuba uThixo wamthabatha” (IGenesis 5:24). Ngokuqinisekileyo kukho ibali malunga nala vesi! Kodwa ngaphandle kwenkcazelo engaphezulu, uluhlu lwezizukulwane luyaqhubeka.
Ngombulelo, Moses 6 utyhila iinkcukacha zebali lika-Enoki—kwaye libali ngokwenene. Sifunda ngokuthobeka kuka-Enoki, ukungazithembi kwakhe, amandla uThixo awabonayo kuye, nomsebenzi omkhulu awawenzayo njengomprofeti kaThixo. Sikwafumana nomfanekiso ocacileyo wosapho luka-Adam no-Eva njengoko lwaluqhubeka kwizizukulwana ngezizukulwana. Sifunda “ngobukhosi obukhulu” bukaSathana kodwa kananjalo nangabazali ababefundisa abantwana “ngeendlela zikaThixo” (Moses 6:15, 21). Eyona ixabiseke ngokukhethekileyo yile nto siyifundayo ngemfundiso abazali abayifundisileyo: ukholo, ukuguquka, ubhaptizo, nokwamkela uMoya oyiNgcwele (bona Moses 6:50–52). La mfundiso, njengobubingeleli obuhamba nayo, “obabukho ekuqalekeni, [kwaye] buya kubakho esiphelweni sehlabathi kananjalo” (Moses 6:7).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Isono sinciphisa amandla am okubona, ukuva, nokuva izinto zikaThixo.
Njengoko ufunda Moses 6:26–36, ufunda ntoni ngefuthe lesono? Uye walibona njani eli futhe? Zeziphi iimpawu u-Enoki awayenazo ezamnceda ukuba aligubungele eli futhe? UThixo wamsikelela njani ngenxa yoko?
UThixo undibizela ukuba ndenze umsebenzi waKhe nangona ndinobuthathaka.
Ukuba ukhe uzive wonganyelwe koko iNkosi ikubizele ukuba ukwenze, awuwedwanga. Nkqu kwa u-Enoki wayeziva ngaloo ndlela xa iNkosi yayimbizela ukuba ngumprofeti. Njengoko ufunda Moses 6:26–36, jonga ukuba kwakutheni ukuze u-Enoki azive onganyelwe nento eyathethwa yiNkosi ukumnika inkalipho.
Kwi miqolo 37–47, jonga iindlela iNkosi eyamxhasa ngazo u-Enoki kwaye yamnika amandla okwenza umsebenzi waYo (bona kananjalo Moses 7:13). Usenokuthelekisa amava ka-Enoki nalawo abanye abaprofeti ababezive benga fanelekanga ngokwaneleyo, abanje ngoMoses (bona IEksodus 4:10–16), noYeremiya (bona UYeremiya 1:4–10), noNifayi (bona 2 Nifayi 33:1–4), noMoronayi (bona Etere 12:23–29). Ingaba uva ntoni uThixo afuna ukuba uyifunde kwezi zibhalo malunga nomsebenzi Yena akunike wona?
A Seer Hath the Lord Raised Up [Imboni iNkosi iyiPhakamisile] (Moses 6:36), ngu-Eva Timothy
Abaninzi abaProfeti nabapostile bale mihla baye babonakalisa iimvakalelo eziyelelene nezo zika-Enoki xa babechaza indlela abavakalelwa ngayo emva kokufumana ubizo lwabo. Ngokomzekelo, bona ubungqina bukaMdala Ulisses Soares ku “Prophets Speak by the Power of the Holy Spirit” (Liyahona, Canzibe 2018, 98–99).
Yintoni onokuyifunda kwaba baprofeti nabapostile malunga neemvakalelo zakho zokungafaneleki ngokwaneleyo. Umve nini uMsindisi ekunceda xa Yena ebeye wakucela ukuba wenze izinto ezinzima? Cingisisa ngokubhala phantsi amava ambalwa kwikamva lakho xa uyakuthi udinge ukukholosa ngoncedo loMsindisi. Ungafikelela njani kwezi ziganeko ngokholo kuYesu Krestu?
Bona kananjalo uDavid A. Bednar, “Abide in Me, and I in You; Therefore Walk with Me,” Liyahona, Canzibe 2023, 123–25; “I’ll Go Where You Want Me to Go,” Hymns, nombolo. 270.
Ivangeli kaYesu Krestu yafundiswa ukususela kwasekuqalekeni.
Ngenxa yokuba sinencwadi kaMoses, siyazi ukuba uThixo ebefundisa abantwana baKhe indlela yokufumana ukuhlangulwa ukusukela ku-Adam no-Eva. Njengoko ufunda Moses 6:48–68, khangela into ekufuneka siyazi kwaye siyenze ukuze sihlangulwe. Qhaphela umbuzo ka-Adam kuwo umqolo 53. Ingaba wakhe wazibuza ngoko? Yintoni oyifunda kwimpendulo yeNkosi kuyo imiqolo 53–65? Use nokuyithatha le miqolo njengomyalezo weNkosi kwinkonzo yobhaptizo luka-Adam. Yintoni oyifunda ngobhaptizo kumyalezo waYo? Ucinga ukuba kutheni Yona yathelekisa ubhaptizo kuko “ukuzalwa kwakhona”? (imiqolo 59). Yintoni onokuyenza ukuze uqhubeke ngako “ukuzalwa kwakhona” kubomi bakho bonke?
Khangela imiqondiso. Kwizibhalo, izinto okanye iziganeko ziyakwazi ukumela okanye zibe ngumqondiso weenyaniso zokwasemoyeni (bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 7). Le miqondiso inokuphucula ingqiqo yakho ngaYo nemfundiso yaYo. Ngokomzekelo, yintoni oyifunda kwimiqondiso yeentliziyo neendlebe ku Moses 6:27, amehlo nodongwe ku Moses 6:35, okanye amanzi ku Moses 6:59–60?
“Nifundise ezi zinto ngokukhululekileyo ebantwaneni benu.”
Emva kokufundisa kwakhe u-Adam iinyaniso zevangeli kaYesu Krestu ku Moses 6:51–63, iNkosi yaxelela u-Adam ukuba azifundise kwizizukulwana zexesha elizayo. Cingisisa ngokwenza uluhlu lwezi nyaniso. (Kuse nokunceda ukuwahlula-hlula umqolo kumaqela amancinci evesi, njengayo imiqolo 51–52, 53–57, 58–60, 61–63). Kutheni ezi nyaniso zixabisekile kwisizukulwana ezisakhulayo sanamhanje? Yintoni enye onokuyifunda kwimiyalelo yeNkosi kubazali ku Mozaya 4:14–15 nayo IMfundiso neMinqophiso 68:25–28; 93:40–50?
Ukufunda “ngencwadi yenkumbulo” eyayigcinwe lusapho luka-Adam no-Eva kungakhuthaza wena okanye usapho lwakho ukuba luzenzele eyalo incwadi yenkumbulo. Uvakalelwa ukuba yintoni iNkosi enokufuna ukuba uyongeze? Cingisisa ngokugcina ulwazi kwincwadi yakho yenkumbulo kwi FamilySearch.org.
Bona kananjalo uDieter F. Uchtdorf, “Jesus Christ Is the Strength of Parents,” Liyahona, uCanzibe 2023, 55–59.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UThixo angandinceda ukuba ndenze izinto ezinzima.
-
Xa u-Enoki wayebizelwa ukushumayela ivangeli, wayenexhala lokuba wayezakusilela. Kodwa uThixo wamnceda. Fundani kunye eli bali ku Moses 6:26–34 . Kwakutheni ukuze u-Enoki avakalelwe ngokokuba wayengenako ukushumayela ivangeli? (bona Moses 6:31). UThixo wamnceda njani u-Enoki? (bona Moses 6:32–34; 7:13).
-
Abantwana bakho base nokuvuyela ukwabelana okanye ukulinganisa eminye imizekelo ngelixa uThixo wanceda abantu benza izinto ezinzima—ngokomzekelo, uNowa, uDavide, u-Amon, okanye uSamuweli umLeymenayithi (bona INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 7, 19, 78, 81). Unganako nokwaba amava angawakho uze uvumele abantwana bakho ukuba bathethe ngokuba uThixo ubanceda njani ukuba benze izinto ezinzima.
Ukholo kuKrestu, ukuguquka, ubhaptizo, nokwamkela uMoya oyiNgcwele kundilungiselela ukuba ndibuyele kuThixo.
-
UThixo wafundisa u-Adam oko sidinga ukukwenza ukuze sibuyele kuYe—sibe nokholo kuYesu Krestu, siguquke, sibhaptizwe, nokuba samkele isipho soMoya oyiNgcwele. Nceda abantwana bakho ukuba bafumane le migaqo ku Moses 6:52, 57. Emva koko ungabanceda ukuba babhale intetho emfutshane malunga nomnye wemigaqo. Intetho nganye ise nokuquka isibhalo esisuka ku Moses 6, amava, nobungqina. Bavumele ukuba babelane ngeentetho zabo omnye nomnye.
-
Use nako kananjalo ukubonisa ngemifanekiso emele imigaqo yokuqala yevangeli (bona inqaku lesine kuzo Izivumo zoKholo). Bamise emgceni okhokelela kumfanekiso kaYesu Krestu. Njengoko ufunda Moses 6:52, abantwana bakho banokuma ecaleni komfanekiso ochanekileyo xa besiva amagama amele umfanekiso.
-
Abantwana bakho basenokukonwabela ukucula iingoma ezifundisa ngemigaqo eku Moses 6:52, njengo “Faith,” “When I Am Baptized,” “The Holy Ghost” (Children’s Songbook, 96–97, 103, 105). Bancede ukuba bafumane le migaqo ku Moses 6:52.
UBawo waseZulwini ufuna ukuba abazali bafundise abantwana babo.
-
Ukuze ukhuthaze abantwana bakho ekuxhaseni abazali babo kuxanduva lwabo lokuba ngabo bafundisa ivangeli, cingisisa ngokucela umntwana afunde ku Moses 6:58 kwaye aqaphele umyalelo uThixo awawunika kubazali. Emva koko ungabonisa ngomfanekiso ka-Adam no-Eva befundisa abantwana babo (njenga le isesiphelweni solu lwandlalo) kwaye uvumele abantwana bakho ukuba bathethe ngalonto bayibona kumfanekiso. Abantwana bakho bangazoba imifanekiso yeEntsapho zabo zifunda izibhalo kunye, zithandaza kunye, okanye zidlala kunye.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.