“EyoMqungu 19–25. Ukuwa kuka-Adam no-Eva: IGenesis 3–4; Moses 4–5, “ Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMqungu 19–25. Ukuwa kuka-Adam no-Eva, “ Yizani, Nindilandele: 2026
Adam and Eve [U–Adam no–Eva], nguDouglas M. Fryer
EyoMqungu 19–25: Ukuwa kuka-Adam no-Eva
IGenesis 3–4; Moses 4–5
Ekuqaleni, ibali lokuwa kuka-Adam no-Eva linokubonakala ngathi liyintlekele. U–Adam no–Eva bakhutshelwa ngaphandle koMyezo omhle wase-Eden. Bathunyelwa kwihlabathi lentlungu, usizi, nokufa (bona IGenesis 3:16–19). Bohlukaniswa kuBawo wabo waseZulwini. Kodwa inyaniso ezabuyiselwa ngoMprofeti uJoseph Smith kwincwadi kaMoses zisinika imbono eyodwa ngoKuwa.
Ewe, uMyezo wase–Eden wawumhle. Kodwa u-Adam no-Eva babedinga ngaphezulu kweendawo ezintle ezibangqongileyo. Babedinga—kwaye sonke siyalidinga—ithuba lokukhula. Ukuphuma eMyezweni wase-Eden yayilinyathelo lokuqala eliya ekubuyeleni kuThixo kwaye ekugqibeleni babe njengaYe. Oko kwakuthetha ukujongana nenkcaso, ukwenza ukhetho, ukwenza iimpazamo, ukufunda ukuguquka, nokuthembela kuMsindisi, oNtlawulelo yakhe enokuthi yenze ukuqhubela phambili kunye “novuyo lokukhululwa kwethu,” (Moses 5:11. Ngoko ke xa ufunda ngokuwa kuka-Adam no-Eva, musa ukugxila kwintlekele ebonakalayo kodwa kwizinto ezinokubakho—hayi kwiparadesi u-Adam no-Eva abaphulukana nayo kodwa kubuqaqawuli ukhetho lwabo olusivumela ukuba sibufumane.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
IGenesis 3; Moses 4
UKuwa kwakuyinxalenye eyimfuneko yecebo likaThixo.
Kuyinyani ukuba ukhetho luka-Adam no-Eva laqhubela kuninzi lobunzima lwamava esijongene nawo kubomi basemhlabeni. Kodwa oko akuthethi ukuba siyalusola ukhetho lwabo. Njengoko ufunda IGenesis 3 kwakunye no Moses 4, ungazibuza, kwakutheni uKuwa ze kubaluleke kwicebo likaThixo?
Ngoku ka Moses 5:9–12, u-Adam no-Eva baziva njani malunga noKuwa? Ungawasebenzisa njani amazwi abo kumava akho kweli hlabathi liwileyo? Yintoni enye oyifundayo ku 2 Nifayi 2:19–25?
Bona kananjalo Mozaya 3:19; Alma 12:21–37; nayo IMfundiso neMinqophiso 29:39–43.
Leaving Eden [Ukushiya i-Eden], ngu-Annie Henrie Nader
IGenesis 3:1–7; Moses 4:22–31; 5:4–15
UYesu Krestu usinika ithemba nokukhululwa.
Ibali lika-Adam no-Eva lelinye lethemba nokukhululwa ngoYesu Krestu. Ukubona ukuba kutheni, ungaqala ngokukhangela iziphumo zoKuwa ku Genesis 3:1–7; Moses 4:22–31 nokuphawula okanye ukudwelisa oko ukufumanayo. Ezi ziphumo zikuchaphazela njani? Emva koko unokukhangela Moses 5:4–15, ujonga icebo likaThixo lokusihlangula kwezi ziphumo. Kutheni le nto u-Adam no-Eva “bavuya” emva kokuba ingelosi ibandwendwele? Yintoni oyifundayo kubo malunga necebo likaBawo oseZulwini?
#&160;
Because of Him
IGenesis 3:16; Moses 4:22
Ithetha ukuthini ukuba u-Adam wayeya “kulawula” u-Eva?
Lo mhlathi wesibhalo ngamanye amaxesha uye uqondwe kakubi ukuba uthetha ukuba indoda iyathetheleleka ngokuphatha umfazi wayo ngokungenanceba. Kule mihla yethu, abaprofeti beNkosi bafundise ukuba umyeni nomfazi kufuneka babonane nje ngamaqabane alinganayo ekuzalisekeni uxanduva lwabo lobuthixo kusapho (bona “USapho: Isibhengezo Kwihlabathi” [Ithala Leencwadi zeVangeli]). UMdala uDale G. Renlund noDade uRuth Lybbert Renlund bacacisa ukuba umyeni olungileyo “uya kufuna ukulungiselela; uya kuyivuma impazamo afune uxolelo; uya kukhawuleza ukubulela; uya kuthathela ingqalelo ukhetho lwamalungu osapho; uya kuva ubunzima bomsebenzi wokubonelela ‘ngeemfuno zobomi nokukhuselwa’ kusapho lwakhe; uya kuphatha umfazi wakhe ngembeko enkulu nangentlonelo. … Uya kulusikelela usapho lwakhe” (The Melchizedek Priesthood: Understanding the Doctrine, Living the Principles [2018], 23).
Ndidinga ukhetho nenkcaso ukuze ndikhule.
UMdala uDale G. Renlund wafundisa, “Injongo kaBawo wethu waseZulwini ebuzalini ayikukuba abantwana baKhe benze oko kulungileyo; kukuba abantwana baKhe bakhethe ukwenza oko kulungileyo kwaye ekugqibeleni bafane kunye naYe” (“Choose You This Day,” Liyahona, EyeNkanga. 2018, 104). Kutheni kubalulekile kwicebo likaBawo waseZulwini ukuba sikhethe ukwenza oko kulungileyo?
Njengoko ufunda Moses 4:1–4, khangela into uBawo waseZulwini noYesu Krestu abayenzayo ukukhusela ilungelo lakho lokukhetha—igunya lokuzikhethela. Ungafikelela njani kumandla abo okukhusela? #&160;
Cinga kananjalo ngokufunda into uLihayi awayifundisayo malunga negunya lokuzikhethela ku 2 Nifayi 2:11–20, 25–30. Kutheni inkcaso iyimfuneko kwigunya lokuzikhethela? Ungawubonisa njani umbulelo wakho kuYesu Krestu ngokukwenza ukuba “ukhululeke ukukhetha”? (2 Nifayi 2:27).
#&160;
Yandisa ukuthatha inxaxheba. Imisebenzi emininzi yokufunda inako ukwenziwa nje ngomntu ngamnye, usapho, okanye iklasi; kumaqela amancinane; okanye ngababini. Sebenzisa iindlela ezahlukeneyo ukuvumela abantu bathathe inxaxheba abonukuthi kungenjalo bangabinalo ithuba. Kuwo lo msebenzi, unokumema umntu omnye okanye iqela lifunde Moses 4 kunye isikhokelo sako Okwenzelwe Ukomeleza ulutsha ngelixa elinye iqela lifunda imiqolo ku 2 Nifayi 2. Banokufundisana emva koko into abayifundileyo kumacandelo abo.
USathana ufuna “ukundikhohlisa nokundimfamekisa”.
Njengoko ufunda Moses 4:4–12; 5:13–33, cinga ngokudwelisa iindlela uSathana awazizamayo ukuhenda u-Adam no-Eva nabantwana babo. Uzizama njani ezi zinto zinye namhlanje? UBawo waseZulwini ukunceda njani ukuba woyise inkohliso kaSathana?
“Mna, iNkosi uThixo … ndabombathisa.”
Emva kokuba betyile kwisiqhamo esalelweyo, u-Adam no-Eva bazama ukugquma ubuze babo. Kamva, iNkosi yazinikela ngokubombathisa. Njengoko ufunda Moses 4:13–16, 27, cinga oku kulandelayo:
-
Cingisisa yintoni enokumela ubuze nokombatha kwizibhalo (bona, ngokomzekelo, Isityhilelo 7:9, 13–15; 2 Nifayi 9:14; IMfundiso neMinqophiso 109:22–26, 76). Yintoni oyifundayo kumava ka-Adam no-Eva nobuze nokombatha?
-
Ukuba ukhe wenza isiphiwo esisekho etempileni, cinga ukuba yintoni u-Adam no-Eva abebenokuyithetha kuwe malunga nokubaluleka kweegamenti zakho zetempile nokuba zimele ntoni.
#&160;
Sacred Temple Clothing
UThixo uya kwamkela amadini am ukuba ndiwanikela ngentliziyo evumayo nethobelayo.
Njengoko ufunda Moses 5:4–9, 16–26, cinga isimo sengqondo sika-Adam no-Eva noonyana babo uKayin no-Abheli ngakwidini. Kwakutheni iNkosi ize yamkele idini lika-Abheli kodwa hayi elikaKayin?
Yintoni iNkosi ekucela ukuba uyenze idini? Ingaba ikhona into kule miqolo emilisa indlela ocinga ngayo malunga naloo madini?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UYesu Krestu usikhulula eKuweni.
-
Ukunceda abantwana bakho bakuqonde ngcono Ukuwa kuka-Adam no-Eva, unokukhuphela imifanekiso ephuma ku “uAdam no–Eva” (kuwo Amabali eTestamente eNdala, 13–16) kwaye uyisike. Emva koko ningasebenza kunye ukubeka imifanekiso ngendlela yocwangco njengoko nixoxa ngamava ka–Adam no–Eva. Njengoko nisenza, thethani malunga nokuba kutheni kwakubalulekile, kwicebo likaBawo waseZulwini, ukuba u-Adam no-Eva bawushiye uMyezo wase–Eden.
-
Abantwana bakho banokuva umbulelo ngeNtlawulelo kaYesu Krestu njengoko beqonda ukuba Yena uzoyisa njani iziphumo zoKuwa. Njengoko nifunda kunye Moses 4:25, 6:48; AbaseRoma 5:12; 2 Nifayi 2:22–23, nceda abantwana bakho bafumane iindlela zokugqibezela esi sivakalisi: “Ngenxa yoKuwa, Ndi …” Emva koko, njengoko nifunda kunye ku Moses 5:8–11, 14–15; 6:59; Alma 11:42, banokugqibezela esi sivakalisi: “Ngenxa kaYesu Krestu, Ndi …” Yabelanani kunye imibulelo yenu kuYesu Krestu.
Ndingakhetha okulungileyo.
-
Cinga ngesifundo sento esilula ukwazisa umgaqo welungelo lokuzikhethela: mema abantwana bakho bafake imibala kwiphepha lomsebenzi lale veki, kodwa banike umbala omnye ukuba bawusebenzise. Kutheni kunokubangcono ukuba nokhetho? Nisenokufunda kunye emva koko ku Moses 4:1–4 nithethe malunga nokuba kutheni uThixo efuna sikwazi ukukhetha phakathi kokulungileyo nokungalunganga. UBawo waseZulwini noYesu Krestu basinceda njani ukuba senze ukhetho olulungileyo?
-
Nceda abantwana bakho bacinge kwaye bazobe imifanekiso yokhetho olulungileyo abanokulenza ukuze balandele uYesu Krestu. #&160; Ninokuxelelana malunga nexesha apho nenza ukhetho olulungileyo kwaye nithethe malunga nendlela enaziva ngayo emva koko.
The Fall [UKuwa], nguRobert T. Barrett
Mna ndingathandaza kuBawo waseZulwini.
-
Xa u-Adam no-Eva babefuneka bawushiye uMyezo wase–Eden, babengasenako ukuba noBawo waseZulwini kwakhona. Funda ku Moses 5:4, 8 kunye nabantwana bakho, kwaye ubancede ukuba bafumane into u-Adam no-Eva abayenzayo ukuziva besondele kuYe kwaye bamve Yena. Zeziphi ezinye izinto esinokuzithetha kuBawo waseZulwini kwimithandazo yethu?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.
In Similitude of the Sacrifice of the Only Begotten of the Father [Ngokofuziselo Lomnikelo Owakhe oKuphela koZelweyo kaBawo], nguMike Malm (bona Moses 5:5–9)