“EyoMqungu 5–11. ‘Lo NguMsebenzi Wam noZuko Lwam”: Moses 1; Abraham 3” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMqungu 5–11. ‘Lo NguMsebenzi Wam noZuko Lwam’,” Yizani, Nindilandele: 2026
EyoMqungu 5–11: “Moses 1; Abraham 3: “Lo NguMsebenzi Wam noZuko Lwam”
Moses 1; Abraham 3
IBhayibhile iqala ngamazwi athi “ekuqalekeni uThixo wadala izulu nomhlaba” (Genesis 1:1). Kodwa yintoni eyayilapho ngaphambili kwesi “siqalo”? Kwaye kutheni uThixo wadala konke oku? NgoMprofeti uJoseph Smith, iNkosi inike ukhanyo ngale mibuzo.
Ngokomzekelo, Yona yasinika ingxelo yombono apho u-Abraham wabona ubukho bethu njengemimoya “phambi kokuba ihlabathi libekho” (bona Abraham 3:22–28). INkosi isinike inguqulelo ephenjelelweyo okanye uhlaziyo lwezahluko ezinthandathu zokuqala zeGenesis, ebizwa ngokuba yincwadi kaMoses—engaqali ngo “ekuqalekeni.” Endaweni yoko, iqala ngamava uMoses awaba nawo anika umxholo othile kwiBali Lendalo. Zikunye, ezi zibhalo zemihla yokugqibela ziyindawo elungileyo yokuqalisa ukufunda iTestamente eNdala kuba zijongana neminye imibuzo esisiseko enokuba sisakhelo kufundo lwethu: Ngubani uThixo? Singobani thina? Yintoni umsebenzi kaThixo, kwaye yintoni indawo yethu kuwo? Izahluko zokuqala zeGenesis zinokubonwa njengempendulo yeNkosi kwisicelo sikaMoses: “Yiba nenceba esicakeni sakho, Owu, Thixo, uze undixelele ngokunxulumene nalo mhlaba, nabemi bawo, kananjalo namazulu” (Moses 1:36).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Njengomntwana kaThixo, ndinekamva lobuthixo.
“Ukuba iNkosi ibithetha nawe ngqo,” uMongameli Russell M. Nelson wafundisa, “into yokuqala ibinokuqinisekisa ukuba uyayiqonda kukuba ungubani kanye kanye” (“Choices for Eternity” [intlanganiso yonqulo yehlabathi lonke yabantu abeselulutsha, Canzibe 2022], IThala leeNcwadi zeVangeli). Kuyalandela ke nokokuba uSathana angazama ukukulahlekisa kwakweli nqaku linye. Khangela le ndlela yenkqubo kumyalezo kaThixo kuMoses ku Moses 1:4, 6 nakwimiyalezo kaSathana ku Moses 1:12. Ufunda ntoni kwezii vesi ngezithembiso ngomahluko phakathi koThixo noSathana?
UMongameli Nelson wafundisa, “indlela ocinga ngayo ngokuba ungubani na kanye kanye ichaphazela phantse sonke isigqibo oseza kuze usithathe” (“Choices for Eternity”). Cinga ngokwenza uluhlu lwezinto ozikhethayo ngenxa yokuba isazisi sakho njengomntwana kaThixo sifika ngaphambi kwezinye iileyibhile.
Zeziphi iivesi okanye amabinzana angamanye ku Moses 1 akunceda uliqonde ixabiso lakho lobuthixo?? Use nokufunda ngokuthe vetshe ngomyalezo kaMongameli Nelson kwicandelo le “Choices for Eternity” elibizwa ngo “First: Know the truth about who you are.” Yintoni oziva uphembelelwa ukuba uyenze ukuze wenze isazisi sokuba ungumntwana kaThixo esona sazisi sakho sibaluleke ngokubalaseleyo.
Our True Identity
Ngoncedo lweNkosi, ndingamchasa uSathana.
Njengoko uMoses 1 ebonisa ngokucacileyo, amava anamandla okomoya akathethi into yokuba asisayi kulingwa kwakhona. Ngokwenene, elinye lamaqhinga kaSathana kukusilinga ukuba sithandabuze loo mava. Xa ufunda ngempendulo kaMoses kuSathana kuyo imiqolo 12–26, yintoni oyifundayo enokukunceda uhlale unyanisekile kubungqina obufumeneyo? Yayiyintoni eyade yamnceda uMoses ukuba agubungele uSathana?
Esinye isifundo esisuka kumava kaMoses kukuba uSathana usihenda ngawomgunyathi amandla neenyaniso zikaThixo. Cinga ngeentlelo ezingumgunyathi zezinto, njenge zityalo ezenziwe ngumntu okanye umntwana ongunodoli. Unokwazi njani ukuba izinto zingumgunyathi? Uze ucingisise ngezinto ezingumgunyathi uSathana azisebenzisa namhlanje ukuze akuhende. Yintoni oyifunda ku Moses 1:13–18 malunga nokuba ungaziqaphela okanye uzale njani izinto zakhe ezingumgunyathi? Ingaba ingakunceda njani iNkosi? (Bona Moses 1:24–26).
I Am a Son of God
ukufunda ekhaya kuse nokucwangciswa kodwa kananjalo kuse nokuzenzekela. “Amathuba okufundisa kusapho enzeka rhoqo kwengamiselekanga, imizuzwana yemihla ngemihla—ngelixa usitya isidlo, usenza imisebenzi yasekhaya, udlala imidlalo, [okanye] usiya [endaweni].” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 31). Ngokomzekelo, ukongezelela ekufundeni ngokuba wamchasa njani na uSathana uMoses ku Moses 1, nise nokuchitha imizuzwana embalwa ngesidlo sangokuhlwa nithetha njengosapho ngokuba niye nayichasa njani impembelelo yotshaba.
Umsebenzi kaThixo kunye nozuko lwaKhe kukundinceda ukuba ndizuze ubomi obungunaphakade.
Emva kokubona umbono weendalo zikaThixo, uMoses wathi kwiNkosi: “Ndixelele … kutheni ezi zinto zinje” (Moses 1:30). Yintoni ekuchukumisayo malunga nempendulo yeNkosi ku Moses 1:31–39? Yintoni umahluko phakathi kokungafi kunye nobomi obungunaphakade? (bona Topics and Questions, “Eternal Life,” Ithala leeNcwadi zeVangeli). Unceda njani uYesu Krestu ekuziseni oku kokubini? U-Abraham wayenombono naye, oshicilelwe ku Abraham 3. Yntoni oyifumana kuyo imiqolo 24–26 enokunceda uphendule isicelo sikaMoses?
Ndandiphila njengo moya phambi kokuba ndizalwe emhlabeni.
Kuncinci kakhulu esikwaziyo ngobomi bethu obuphambi kobu basemhlabeni. Kodwa uninzi loko sikwaziyo luvela kumbono ka Abraham 3:22–28. Njengoko ufunda le miqolo, yenza uluhlu lweenyaniso ozifumanayo—uquka iinyaniso ngawe nangoYesu Krestu. Kutheni ezi nyaniso zixabisekile kuwe? Ngowuphi umahluko ezinokuwenza ebomini bakho?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Ndingumntwana kaThixo.
-
Emva kokuba niwufunde kunye umyalezo kaThixo kuye uMoses ku Moses 1:4, cingisisa ngokuvumela abantwana bakho bajonge imifuziselo yabo esipilini kwaye bezinika umyalezo ofanayo: “Ndingumntwana kaThixo.” Emva koko babenokudlulisela umyalezo ofanayo komnye nomnye: “Ungumntwana kaThixo.” Usenokufumana nemifanekiso yabantu abahlukileyo kwaye umeme abantwana bakho ukuba bakhombe kumntu ngamnye bathi, “Lo ngumntwana kaThixo.” Yabelanani omnye nomnye ukuba kutheni nikuvuyela ukwazi ukuba ningabantwana bakaThixo. Olu lwazi luyitshintsha njani indlela eniziphatha ngayo neniphatha ngayo abanye?
-
Wena nabantwana bakho ningathelekisa umyalezo kaThixo ku Moses 1:4 nomyalezo kaSathana kuwo umqolo 12. Unokubanceda njani abantwana bakho bahlule phakathi kwemiyalezo kaThixo kubo nekaSathana?
Moses Sees Jehovah [UMoses uBona uYehova], ngu Joseph Brickey (inkcukacha)
UThixo unomsebenzi awenzele ukuba wenziwe ndim.
-
Njengoko ufunda uMoses 1:6 nabantwana bekho, nise nokuthetha nabo malunga no “msebenzi” uThixo awaye wenzele uMoses. Cingisisani ngokusebenzisa INcwadi yoMsebenzi yoBugcisa yeVangeli, amanani 13–16, okanye Amabali eTastamente eNdala, amaphepha 64–84, ukuze nincede abantwana benu babone oko uMoses wakufezekisayo ngoncedo lukaBawo waseZulwini. Uyintoni umsebenzi uThixo awenzele ukuba wenziwe sithi? (bona, ngokomzekelo, IMfundiso neMinqophiso 11:20).
Ndingazichasa izilingo zikaSathana.
-
Njengoko ufunda uMoses 1:12–26 nabantwana bakho, bancede babhaqe okokuba waye wenza ntoni uMoses ukuze achase uSathana (bona imiqolo 13, 15, 18, 20–22, 26). Kuse nokuba mnandi kubo ukuba balinganise izinto abanokuzenza ukuze bachase izihendo (njengokuthandaza, ukumka, okanye ukucela uncedo).
Ndandiphila njengo moya phambi kokuba ndizalwe emhlabeni.
-
Ukwazi malunga nobomi bangaphambi kobasemhlabeni kungabaphembelela abantwana ukuba bakhethe ngokusekelwe kwiinyaniso zanaphakade. Ukuze ubancede bafunde ngabo, ungabanika amagama namabinzana athile angundoqo ku Abraham 3:22–28, anjengo “phambi kokuba ihlabathi libekho,” “Iimiphefumlo,” “kwenza umhlaba,” no “vavanya.” Ingaba yintoni esiyifundiswa yile miqolo ngokuba kutheni uBawo waseZulwini esithumele apha emhlabeni?
-
Ingoma enjengo “I Will Follow God’s Plan” (Children’s Songbook, 164–65) inokomeleza oko u-Abraham 3 akufundisayo. Mhlawumbi use nokumema abantwana ukuba bazobe imifanekiso ehambelana nala magama.
-
Nceda abantwana bakho bacinge ngeemeko ekunyanzeleke ukuba bakhethe xa bekuzo okokuba bakwenze okanye bangakwenzi oko uThixo abacele bakwenze (bona Abraham 3:25; bona ne For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices). Bavumele bazivavanye ngeempendulo abanokuba nazo kwezi meko. Iingaba angasinceda njani uMsindisi xa sikhetha okungalunganga?
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.