Yizani, Nindilandele 2024
EyoMnga 29–EyoMqungu 4. ITestamente Yokuqala kaYesu Krestu: Intshayelelo kwiTestamente eNdala.


“EyoMnga 29–EyoMqungu 4. ITestamente Yokuqala kaYesu Krestu: Intshayelelo kwiTestamente eNdala,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“Intshayelelo kwiTestamente eNdala,” Yizani, Nindilandele: 2026

UYesu emi phezu kwenduli

EyoMnga 29–EyoMqungu 4: ITestamente Yokuqala kaYesu Krestu

Intshayelelo kwiTestamente eNdala

Xa ucinga ngokufunda iTestamente eNdala kulo unyaka, uziva njani? Unomdla? Awuqinisekanga? Uyoyika? Zonke ezi mvakalelo ziyaqondakala. ITestamente eNdala yenye yezindala iingqokelela yezibhalo emhlabeni, kwaye lento inokuzenza ngokubini zinikise umdla kwaye zoyikise. Ezi zibhalo zivela kwisiko lakudala elinokubonakala lilelangaphandle kwaye ngamanye amaxesha lingaqhelekanga okanye nokungakhululeki. Kwaye kungoku kwezi zibhalo sibona abantu benamava abonakala eqhelekile. Siqaphela imixholo yevangeli engqina ubuthixo bukaYesu Krestu nangevangeli yaKhe. Ewe, abantu abanjengo-Abraham, uSara, uHana, noDaniyeli baphila ubomi obathi, ngandlela ithile, bohluke kakhulu kobethu. Kodwa bathi kananjalo beva ukonwaba kosapho nokungaboni ngasonye kusapho, amaxesha okholo namaxesha okungaqiniseki, nempumelelo nokusilela—njengathi sonke. Okubaluleke ngakumbi, babonisa ukholo, baguquka, benza iminqophiso, baba namava okomoya, kwaye zange bancame kwisithembiso soMsindisi. Njengoko sifunda indlela uThixo awashukuma ngayo ebomini babo, nathi siyambona kobethu, kwaye sitsho kunye nomdumisi: “Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, likukukhanya emendweni wam. … Umkhonzi wakho uyalithanda” (Indumiso 119:105, 140).

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

umfanekiso weseminari
ITestamente eNdala ingqina ngoYesu Krestu.

Indlela enye yokufumana ukutya kokomoya okutyebileyo kwiTestamente eNdala kukukhangela iSonka soBomi, uYesu Krestu (bona UYohane 6:48). Ngokomzekelo, umbona njani uMsindisi kwezi zilandelayo?

  • Imana (IEksodus 16:4, 11–15; UYohane 6:35)

  • Idini lemvana (IEksodus 12:3–5; UYohane 1:29)

  • Inyoka yobhedu (INumeri 21:4–10; UYohane 3:14)

  • Yona (UYona 1:4–17; UMateyu 12:38–41)

Yintoni le mizekelo esifundisa yona malunga ngaYe? Zeziphi ezinye izalathiso kuYesu Krestu kwiTestamente eNdala osele uqhelene nazo?

Kumyalezo wakhe “Jesus Christ Is the Treasure,” Umdala uDale G. Renlund wasikhuthaza ukuba “khumbulani kwaye rhoqo nibenengqalelo kuYesu Krestu” (Liyahona, EyeNkanga. 2023, 98).

Khangela imiqondiso engqina ngoYesu Krestu. INkosi yafundisa u-Adam, “Zonke izinto zinokufana kwazo, kwaye zonke izinto zidalwe zaye zenziwa ukunika ubungqina ngam” (Moses 6:63). Nokuba uyafunda okanye uyafundisa, ukujonga kuYesu Krestu kunokunceda ufumane intsingiselo kwizibhalo kwaye kukhulise uthando lwakho nokholo kuYe. (Bona Ukufundisa ngendlela yoMsindisi7.)

UYesu Krestu nguYehova kwiTestamente eNdala.

UMongameli uDallin H. Oaks wafundisa: “UYise wamazisa uNyana waKhe Oyintanda, uYesu Krestu, njengoMsindisi noMkhululi wethu kwaye wasinika umyalelo wokuba ‘Mveni Yena.’ Ukusuka kolu lwalathiso sinokugqiba ukuba iingxelo zezibhalo zamazwi athethwe ngu ‘Thixo’ okanye ‘iNkosi’ aphantse rhoqo angakaYehova, iNkosi yethu evukileyo, uYesu Krestu” (“The Teachings of Jesus Christ,” Liahona, UCanzibe 2023, 102).

14:7

The Teachings of Jesus Christ

Xa iinkokeli zamaYuda zaphikisa uYesu ngesazisi saKhe, Yena wabhengeza, “Engekabikho u‑Abraham, besendikho kade mna.” La mazwi abothusa abantu ababemvile uYesu, kwaye babe ukugibisela Yena ngamatye (bona UYohane 8:58–59). Cinga ngokufunda kwi Eksodus 3:13–15; 6:3–5 ukubona ukuba kutheni amanye amaYuda ayecaphukile kulonto uYesu wayithethayo.

Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ukuba uYesu Krestu nguYehova?

INkosi ibuyiselo ezininzi “izinto ezicacileyo nezixabisekileyo” ngoJoseph Smith.

Kumbono, iNkosi yabonisa uNifayi ukuza ngaphambili kwebBhayibhile, icacisa ukuba “izinto ezininzi ezicacileyo nezixabisekileyo” ziyakususwa kuyo. Cinga ngokufunda 1 Nifayi 13:21–29, 38–42, ukhangela ukuba iNkosi yayikucebe njani “ukwenza kwaziwe izinto ezicacileyo nezixabisekileyo.” Ngoku ka 2 Nifayi 3:12, iBhayibhile neNcwadi kaMormon zisebenzisana njani kunye?

Njengoko ufunda iTestamente eNdala kulo nyaka, uyakufunda kananjalo ezinye zazo “ezinye iincwadi” uNifayi awazibona kwangaphambili. Ezi ziquka:

  • Incwadi kaMoses, inxalenye kaJoseph Smith yokuguqulela iBhayibhile. Ibuyisela iinyaniso neengxelo ezingafumanekiyo kumbhalo wangoku yayo IGenesis 1–6.

  • Incwadi ka-Abraham, eyayithyilwe kuJoseph Smith njengoko wayehlola imibhalo yaseYiputha yamandulo.

  • Iziqendu ezahlukeneyo ezivela kwiNguqulelo kaJoseph Smith, ezinye ezithe zabonakala kwiSikhokelo kwiZibhalo.

Nantsi eminye imizekelo yeengxelo zeTestamente eNdala ezibuyiselwe ngoJoseph Smith: Isixeko saseZiyon sika-EnokiMoses 7:18–19), Umboniso ka-Abraham webhunga emazulwini (Abraham 3:22–28), nobubingeleli bukaMelkitsedeke (UGuqulelo lukaJoseph Smith, IGenesis 14:25–40). Kutheni ezi ngxelo “zicacile kwaye zixabisekile” kuwe?

ingelosi ivela ku-Adam no-Eva

Adam and Eve Offering Sacrifices [U‑Adam no-Eva benyusa amadini], nguKeith Larson (inkcukacha)

ITestamente eNdala indinceda ndiqonde ubudlelwane bam bomnqophiso noThixo.

ITestamente eNdala libali likaThixo efuna ukusenza obaKhe “ubuncwane obukhethekileyo” ngomnqophiso (IEksodus 19:5). Ngeso sizathu, indlela elungileyo yokulungiselela ukufunda iTestamente eNdala kukufunda ngeminqophiso—ngokukodwa lowo ungunaphakade umnqophiso uThixo awawunikela kubaprofeti bamandulo njengo Abraham, u‑Isake, uYakobi, nenzala yabo. Kwaye indlela enkulu yokufunda malunga neminqophiso kukufunda umyalezo kaMongameli uRussell M. Nelson “UMnqophiso waNaphakade” (Liyahona, EyeDwarha 2022, 4–11).

Njengokuba ufunda, zibuze: Kutheni iminqophiso ibalulekile kum? Loluphi “uhlobo olulodwa lothando nenceba” endilufumana kuThixo njengoko ndigcina iminqophiso yam kunye naYe? Njengoko ufunda iTestamente eNdala kulo unyaka, zijonge izinto uThixo afuna ukukufundisa zona malunga nobudlelwane bakho bomnqophiso kunye naYe.

Bona kananjalo UYeremiya 31:31–34.

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

Ndingafunda ngoYesu Krestu kwiTestamente eNdala.

  • Amazwi nenkcubeko yeTestamente eNdala anokuba nzima kubantwana ukuba bawaqonde, kodwa unako ukubanceda babone uYesu Krestu kwimiqondiso namabali. Mhlawumbi wena nabantwana bakho ninokubukela kwimifanekiso ngezantsi, The Prophet Isaiah Foretells Christ’s Birth [Umprofeti u-Isaya uxela kwangampambili ukuZalwa kukaKrestu]. Vumela abantwana bakho babonise iinkcukacha abazibonayo. Tsala umdla wabo, kulo nkqo, usana uYesu. Emva koko ungafunda kunye nabo into u-Isaya awayibhalayo ngokuzalwa koMsindisi kuye UIsaya 7:14; 9:6. Yabelanani nabantwana bakho ngendlela eniziva ngayo malunga nokukhangela uMsindisi kwiTestamente eNdala kulo unyaka.

    U-Isaya ebhala kumsongo malunga nokuzalwa kuka Krestu.

    Isaiah Writes of Christ’s Birth [U-Isaya uBhala ngokuZalwa kukaKrestu], nguHarry Anderson

  • Wena nabantwana bakho ninokufunda kuyo Indumiso 23 okanye kuye UIsaya 53:3–9 kwaye nifumane amagama akukhumbuza ngoYesu Krestu. La magama asifundisa ntoni malunga nobomi baKhe neNtlawulelo?

UBawo waseZulwini ufuna ukwenza iminqophiso kunye nam.

  • Iminqophiso ngumxholo ophambili kwiTestamente eNdala. Ukwazisa lo mxholo ebantwaneni bakho, unokuthetha nabo malunga nezithembiso abazenzayo nabazigcinayo nosapho okanye nabahlobo nokuba kutheni ukugcina ezi zithembiso kubalulekile. Unganako emva koko ukujonga kumfanekiso wobhaptizo kwaye uthethe malunga nesithembiso, okanye umnqophiso, esiwenza kunye noThixo xa sibhaptizwa (bona Mozaya 18:10, 13). Ungaphinda kananjalo ubonise umfanekiso wetempile kwaye wabelane ngeemvakalelo zakho malunga neminqophiso esiyenzayo phaya.

  • Iphepha lomsebenzi wale veki linokunceda abantwana bakho bonwabele ukwenza kwaye bagcine iminqophiso noBawo waseZulwini.

UYesu Krestu nguYehova kwiTestamente eNdala.

  • Ingaba abantwana bakho bazi namnye onamagama ohlukeneyo kwiindawo ezahlukeneyo? Mhlawumbi umzali okanye utitshala kubhekiselwa kuye ngeendlela ezahlukeneyo emsebenzini, ekhaya, nasebandleni. Thetha ngaloo magama; nandule nifunde IEksodus 6:3 kunye kwaye umeme abantwana bakho ukuba bafumane amagama uYesu awayesaziwa ngawo phambi kokuba Azalwe (INguqulo kaJoseph Smith ye-Eksodus 6:3 icacisa ukuba abaprofeti u-Abraham, u-Isake, noYakobi babeyazi iNkosi ngeli gama.).

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

Abantu beguqe ezinyaweni zikaKrestu.

Come unto Jesus [Yizani kuYesu], nguMichael Malm

Iphepha lomsebenzi wePrayimari: UBawo waseZulwini ufuna ukwenza iminqophiso kunye nam