“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Ukufunda ITestamente eNdala,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“Ukufunda ITestamente eNdala,” Yizani, Nindilandele: 2026
Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni
Ukufunda iTestamente eNdala
Xa uNifayi wayefuna ukuphembelela abantakwabo ukuba bathembe iNkosi, wabelana ngamabali malunga noMoses neemfundiso ezivela kuIsaya. Xa uMpostile uPawulos wayefuna ukukhuthaza amaKrestu okuqala ukuba abenokholo kwizithembiso zikaThixo, wawakhumbuza malunga nokholo lukaNowa, u-Abraham, uSara, uRahabhi, nabanye. Kwaye xa uYesu Krestu waxelela iinkokeli zamaYuda ukuba, “Khangelani izibhalo,” ecacisa ukuba “ziyangqina ngam” (Yohane 5:39), izibhalo Yena awayethetha ngazo zizibhalo esizibiza ngokuba yiTestamente eNdala.
Ngamanye amazwi, xa ufunda iTestamente eNdala, ufunda amazwi athe aphembelela, athuthuzela, kwaye akhuthaza abantu bakaThixo ngoqobo lamawaka eminyaka.
Kodwa inako into ethe yabhalwa ngokwakudala kwagqithayo ikuncede ngokwenene ufumane izisombululo kwingxaki zanamhlanje? Ewe, inako! Ingakumbi ukuba uyakhumbula ukuba iTestamente eNdala enyanisweni ingabani na.
ITestamente kaYesu Krestu
Nayiphi na imingeni wena nosapho lwakho eninokuba nijongene nayo, impendulo rhoqo nguYesu Krestu. Ngoko ke ukufumana iimpendulo kwiTestamente eNdala, khangela Yena. Akusayi kuhlala kulula rhoqo. Unokudinga ukucingisisa ngomonde kwaye ufune isikhokelo sokomoya. Ngamanye amaxesha okubhekiswa kuYe kubonakala kucace gca, njengakwisibhengezo sika-Isaya “Sazalelwa umntwana, sinikwe unyana: … igama lakhe liya kubizwa … INkosi yoXolo” (Isaya 9:6). Kwezinye iindawo, uMsindisi umelwa ngobuchule, ngokusebenzisa imiqondiso nezinto ezifanayo—ngokomzekelo, ngeenkcazelo zedini lwezilwanyana okanye ingxelo kaYosefu ebaxolela abantakwabo aze abasindise bona kwindlala.
Light of the World [UkuKhanya kweHlabathi], nguScott Sumner
Ukuba ufuna ukholo olukhulu kuMsindisi njengoko ufunda iTestamente eNdala, uya kulufumana. Mhlawumbi le ingayinjongo yesifundo sakho kulo nyaka. Thandaza ukuba uMoya ukukhokelele ekufumaneni nasekugxileni kwimihlathi, nakumabali, nakwiziprofeto eziza kukusondeza kuYesu Krestu.
Kugcinwe ngoButhixo
Musa ukulindela ukuba iTestamente eNdala ibonise imbali eqinisekileyo nechanekileyo yoluntu. Leyo ayiyiyo into ababhali bokuqala nabahlanganisi ababezama ukuyenza. Eyona nkxalabo yabo yayinkulu yayikukufundisa into ngoThixo—malunga nesicwangciso saKhe sabantwana baKhe, malunga nokuba kuthetha ntoni ukuba ngabantu baKhe bomnqophiso, kwaye nangokuba intlawulelo ifumaneka njani xa sisilela. Ngamanye amaxesha babekwenza oko ngokubalisa ngeziganeko zembali njengoko babeziqonda, kubandakanywa namabali aphuma kubomi babaprofeti abakhulu. IGenesis ingumzekelo woku, nangokunjalo iincwadi ezifana noYoshuwa, AbaGwebi, kwaye naboku-1 nabe-2 ooKumkani. Kodwa abanye ababhali beTestamente eNdala babengajolisanga kwimbali nakanye. Endaweni yoko, bafundisa ngemisebenzi yobugcisa enje ngemibongo noncwadi. IiNdumiso neMizekeliso zilingene kolu luhlu. Kwaye ke kukho amazwi axabisekileyo abaprofeti, njengo Isaya noMalaki, owathetha ilizwi likaThixo kuSirayeli wamandulo—kwaye, ngommangaliso weBhayibhile, lisathetha nathi nanamhlanje.
Ingaba bonke aba baprofeti, neembongi, nabaqokeleli babeyazi ukuba amazwi abo aya kufundwa ngabantu kwihlabathi lonke liphela kwiminyaka engamawaka ngamawaka kamva? Asazi. Kodwa siyamangaliswa kukuba lento yiyo ngqo ethe yenzeka. Izizwe zavuka zaza zawa, izixeko zoyiswa, ookumkani baphila baza bafa, kodwa iTestamente eNdala yazidlula zonke, ukusuka kwisizukulwana ukuya kwisizukulwana, ukusuka kumbhali ukuya kumbhali, ukusuka ekuguqulelweni ukuya ekuguqulelweni. Kakade ezinye izinto zalahleka okanye zalungiswa, nangona kunjalo ngendlela ithile okukhulu kwalondolozwa ngokungummangaliso.
Old Testament Prophet [UMprofeti weTestamente eNdala], nguJudith A. Mehr (inkcukacha)
Ezi zizinto nje ezimbalwa onokuzigcina engqondweni njengoko ufunda iTestamente eNdala kulo unyaka. UThixo uzigcinile ezi zibhalo zamandulo kuba Yena uyakwazi kwaye noko ojongene nako. Ukulungiselele umyalezo wokomoya kula mazwi, into eza kukusondeza kuYe kwaye wakhe ukholo lwakho kwisicwangciso saKhe noNyana waKhe oyiNtanda. Mhlawumbi Yena uya kukhokelela kwisicatshulwa okanye ukuqonda okuya kuthi kusikelele omnye umntu omaziyo—umyalezo ongakwazi ukwabelana ngawo nomhlobo, ilungu losapho, okanye omnye oNgcwele. Zininzi izinto ezinokwenzeka. Ingaba leyo ayiyonto eyenza imincili ukucinga ngayo?
UNifayi wabhala, “Umphefumlo wam uyavuyiswa zizibhalo” (2 Nifayi 4:15). Mhlawumbi uyakuaziva ngendlela efanayo njengoko ufunda amazwi aliqela kumazwi afundwa nguNifayi—lawo ngoku siwabiza iTestamente eNdala.
Iincwadi kwiTestamente eNdala
Kuninzi lweenguqulelo zobuKrestu zeTestamente eNdala, iincwadi zilungelelaniswe ngokwahlukileyo kwindlela ezazicwangciswe ngayo xa zazihlanganiswa okokuqala kwingqokelela enye. Ngelixa iBhayibhile yesiHebhere ihlanganisa iincwadi kwiindidi ezintathu—umthetho, abaprofeti, nemibhalo—uninzi lweeBhayibhile zamaKrestu zicwangcisa ezi ncwadi zibe ngamanqanaba amane: umthetho (iGenesis–Deteronomi), imbali (uYoshuwa–uEstere), iincwadi zemibongo (uYobhi—INgoma kaSolomon), nabaprofeti (u-Isaya–Malaki).
Kutheni ezi ndidi zibalulekile? Kuba ukwazi ukuba luhlobo luni lwencwadi oyifundayo kunokukunceda uyiqonde ukuba uyifunda njani yona.
Nantsi into yokugcinwa engqondweni xa uqala ukufunda “umthetho,” okanye iincwadi ezintlanu zokuqala zeTestamente eNdala. Ezi ncwadi, ezibhekiselwe kuMoses ngokwasesikweni, kusenokwenzeka ukuba zadlula ezandleni zababhali abaninzi nabaqulunqi kwixesha elide. Kwaye siyayazi ukuba, ngaphaya kweenkulungwane, “inxalenye eninzi ecacileyo nexabiseke kakhulu” yathatyathwa kwiBhayibhile (bona 1 Nifayi 13:23–26). Nangoku, iincwadi zikaMoses zililizwi eliphenjelelweyo likaThixo, nangona zinjalo—njengawo nawuphi na umsebenzi kaThixo odluliselwa ebantwini basemhlabeni—zixhomekeke ebantwini abangagqibelelanga (bona Moses 1:41; IziVumo zoKholo 1:8). Amazwi kaMoronayi, ebhekisa kwingxelo yeNcwadi kaMormoni engcwele awanceda ukuyiqokelela, aluncedo apha: “Ukuba kukho iziphosiso ziimpazamo zabantu; ngako oko, musa ukugweba izinto zikaThixo” (iphepha lesihloko leNcwadi kaMormoni). Ngamanye amazwi, incwadi yesibhalo ayidingi ukukhululeka kwimpazamo yomntu ukuze ibe lilizwi likaThixo.