Yizani, Nindilandele 2024
EyoMqungu 12–18. “Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba”: IGenesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5


“EyoMqungu 12–18. ‘Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba’: IGenesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“EyoMqungu 12–18. ‘Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba’,” Yizani, Nindilandele: 2026

umhlaba nenyanga

“EyoMqungu 12–18: “Ekuqaleni uThixo Wadala iZulu noMhlaba”

IGenesis 1–2; Moses 2–3; Abraham 4–5

Ngenxa yokuba umhlaba osijikelezileyo thina umhle kwaye umhle kangaka, kunzima ukuba nomfanekiso ngqondweni womhlaba xa “kwakusenyanyeni kuselubala,” kwaye “ungenanto kwaye uyinkangala” (IGenesis 1:2; Abraham 4:2). Into enye esifundiswa yona libali leNdalo kukuba uThixo unako, ekuhambeni kwexesha, ukwenza into emangalisayo ngento engahlelwanga. Oko kuyanceda ukukhumbula xa ubomi bubonakala bunzima. UBawo waseZulwini noYesu Krestu bangaBadali, kwaye umsebenzi waBo wokudala kunye nathi awugqitywanga. Banokwenza ukukhanya kukhanye ngamaxesha amnyama kubomi bethu. Banokuzalisa ukungabinanto kwethu ngobomi. Banokusiguqula sibengabantu bobuthixo esasimele ukuba sibe ngabo. Kuthetha oko ukudalwa ngokomfanekiselo kaThixo, nokufana naYe (bona IGenesis 1:26). Sinawo amandla wokokuba sifane naYe: siphakanyisiwe, sizukisiwe, ngokwezulu.

Ukufumana inkcazo ngokubanzi ngencwadi yeGenesis, bona “Genesis” kwiSikhokelo kwiZibhalo.

umfanekiso wokufunda

Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni

IGenesis 1:1–25; Moses 2:1–25; Abraham 4:1–25

“Ngowam oKuphela koZelweyo ndadala ezi zinto.”

Nangona singazi yonke into malunga nokuba ihlabathi ladalwa njani, kungumdla ukuqaphela into uThixo akhethe ukuyiveza malunga neNdalo. Yintoni uThixo akafundisa yona ngayo ku Genesis 1:1–25; Moses 2:1–25; naye Abraham 4:1–25? Kutheni Yenae efuna ukuba wena uzazi ezi zinto? Njengoko ucingisisa ezi ngxelo, ungaqwalasela into ezikufundisa yona ngoBawo waseZulwini, uYesu Krestu, ilizwe, nawe buqu.

Unokufumana imifanekiso yendalo yaKhe ekuncedayo ukuba uzive unentlonipho kuMdali. Cinga ngokwabelana ngale mifanekiso, kunye nabo ubungqina bakho, nabanye.

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 101:32–34.

umzobo woMyezo wase-Eden

The Garden of Eden [UMyezo waseEden], nguGrant Romney Clawson

Genesis 1:26–27; Moses 2:26–27; Abraham 4:26–27

umfanekiso weseminari
Ndidalwe Ngokomfuziselo kaThixo.

Njengoko ufunda IGenesis 1:26–27; Moses 2:26–27; no Abraham 4:26–27, cingisisa kuthetha ukuthini ukudalwa “ngokomfuziselo” kaThixo okanye “ngokufana,” indoda nebhinqa. Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi iinyaniso ezi kule miqolo? Ngokomzekelo, ezi nyaniso ziyichaphazela njani indlela osibona ngayo isiqu sakho, abanye, noThixo? Zinokunceda njani xa uneemvakalelo ezimbi ngesiqu sakho?

Ukunceda ucinge malunga nale mibuzo, zama ukugqibezela isivakalisi nje ngesi: Ngokuba ndiyazi ndidalwe ngokomfuziselo kaThixo, ndikhetha uku … “ Ukuphonononga “Your body is sacred” ku For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices (amaphepha 22–29) kunokunceda. Cinga ukukhetha into ozakuyenza ukubonisa uThixo ukuba wena uyayazi into yokuba umzimba wakho ungcwele.

Oku kwahluke njani kumyalezo onokuthi uwuve kwabanye?

2:51

God's Greatest Creation

Abanye abantu banako ukutsho ukuba ukudalwa ngokomfuziselo kaThixo kuthetha ukuba zonke iingcinga zakho, iimvakalelo,e neminqweno zivunywe nguYe kwaye asidingi ukuba size (okanye asikwazi) ukuphucula. Yintoni ongayithetha kulo nto? Zeziphi iingqiqo ozifumanayo ku Mozaya 3:19 and Etere 12:27 ?

IGenesis 1:27–28; 2:18–25; Moses 3:18, 21–24; Abraham 5:14–18

Umtshato phakathi kwendoda nomfazi umiselwe nguThixo.

“U–Adam no-Eva babemanyiwe emtshatweni wexesha nangonaphakade ngamandla obubingeleli obungenasiphelo” (Russell M. Nelson, “Lessons from Eve,” Ensign, EyeNkanga. 1987, 87). Cinga nzulu ngoku njengoko ufunda IGenesis 1:27–28; 2:18–25; Moses 3:18, 21–25; no Abraham 5:14–19. Ungawuphatha njani umtshato ngobungcwele uThixo abunike wona?

Bona kananjalo KwabaseKorinte I 11:11; “USapho: ISibhengezo kwiHlabathi,” kwiThala leVangeli.

Genesis 1:28; Moses 2:28; Abraham 4:28

Ndinoxanduva lokukhathalela indalo kaThixo.

Yintoni IGenesis 1:28; Moses 2:28; no Abraham 4:28 abayicebisayo malunga noxanduva lwethu ngakwindalo kaThixo? Yintoni IMfundiso neMinqophiso 59:16–21 no 104:13–18 eziyongezayo ekuqondeni kwakho?

IGenesis 2:2–3; Moses 3:2–3; Abraham 5:2–3

UThixo wawusikelela kwaye wawungcwalisa umhla weSabatha.

UThixo wenze umhla weSabatha ukuba ubengcwele, kwaye Yena usicela ukuba siwugcine ungcwele. Njengoko ufunda IGenesis 2:2–3; Moses 3:2–3; no Abraham 5:2–3, cinga ngokuba yintoni eyenza iSabatha “isikeleleke” kuwe.

Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 59:9–13.

0:50

Highlight: The Sabbath Is a Delight

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.

umfanekiso wecandelo labantwana 01

Iingcebiso Zokufundisa Abantwana

IGenesis 1:1–25; Moses 2:1–25; Abraham 4:1–25

UYesu Krestu udale umhlaba.

  • Uyakwenza njani ukuba ukufunda malunga neNdalo kubemnandi kubantwana bakho? Unako ukubathathela kukhangelo lwangaphandle lweentlobo zezinto ezenziwa ngexesha ngalinye lebali leNdalo. Abantwana bakho bangajonga kananjalo kwimifanekiso yezinto uYesu azidalileyo. Emva koko wena nabantwana bakho ninokuthetha malunga nendlela eniziva ngayo ngoYesu Krestu emva kokuba nifunde ngeNdalo.

  • Cinga ngokucula ingoma kunye malunga nehlabathi lethu elihle. Mhlawumbi abantwana bakho banokongeza kwingoma ezinye izinto uThixo azidalileyo ezibanceda beve uthando lwaKhe.

Ncedisa abantwana bavakalise ubuchule babo. “Xa umema abantwana ukuba bazobe, bakhe, bafake imibala, okanye babhale into enxulumene nomgaqo wevangeli, ubanceda ukuba baqonde ngcono umgaqo kwaye ubanika isikhumbuzo esibambekayo ngoko bakufundileyo.” (Ukufundisa ngendlela YoMsindisi32).

Genesis 1:26–27; Moses 2:26–27; Abraham 4:26–27

Ndadalwa ngokomfanekiso kaThixo.

  • Abantwana bakho banokukhulisa imvakalelo yentlonipho kwaye bahloniphe eyabo kwakunye neyabanye imizimba njengoko befunda ukuba sonke sadalwa ngokomfanekiso kaThixo. Ukubanceda baqonde ukuba oku kuthetha ntoni, ungavumela abantwana bakho bajonge kumfanekiso wabo kwisipili okanye umfanekiso loxa ufundela uMoses 2:26–27 kubo. Unako kananjalo ukubabonisa ukuba abantwana bezilwanyana bahlala “befana” njani nabazali babo (bona umfanekiso kolu lwandlalo, ngokomzekelo). Oku kunokukhokelela kwincoko yokuba kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ukuba udalwe ngokomfanekiso kaBawo wakho waseZulwini.

    iibhere namathole
  • Wena nabantwana bakho ninokonwabela ukuzoba umzimba womntu nize nisike imizobo ibekwiiphazili. Njengoko abantwana bakho bebeka iiphazile kunye, banako ukuthetha malunga neendlela abanokubonisa ngazo uBawo waseZulwini ukuba banombulelo ngemizimba yabo.

IGenesis 2:2–3; Moses 3:2–3; Abraham 5:2–3

Imini yeSabatha ingcwele.

  • Njengoko ufunda uMoses 3:2–3, cela abantwana bakho bamamele oko uThixo akwenzileyo ngosuku lwesixhenxe. Nceda abantwana bakho bafumane okanye bazobe imifanekiso yezinto abanokuzenza ngeSabatha ukuyenza usuku olungcwele kwaye nolwahlukileyo kwezinye iintsuku. Yabelanani omnye nomnye ukuba kutheni kubalulekile kuni ukugcina imini yeSabatha ingcwele.

  • Nceda abantwana bakho badlale-indima becacisa kumhlobo ukuba kutheni bekhetha ukwenza izinto ngeSabatha ezizukisa uBawo waseZulwini noYesu. Cebisa ukuba basebenzise IGenesis 2:2–3 kwiinkcazelo zabo. Ingaba ukugcina usuku lweSabatha ngcwele kulubonisa njani uthando lwethu kuBawo waseZulwini noYesu Krestu?

Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.

UYehova uma emafini kunye nesandla saKhe phezu kwehlabathi aliququzelelayo.

The Creation (INdalo), ngu Annie Henrie Nader

Iphepha lomsebenzi wePrayimari, UYesu Krestu wadala umhlaba