“EyoMdumba 2–8. ‘INkosi Yathi Abantu baYo yiZiyon’: Moses 7,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“EyoMdumba 2–8. ‘INkosi Yathi Abantu baYo yiZiyon’,” Yizani, Nindilandele: 2026
Enoch Sees the Meridian of Time [U-Enoki ubona iXesha leMeridiyani], nguJennifer Paget
EyoMdumba 2–8: “INkosi Yathi Abantu baYo yiZiyon”
Moses 7
Kuyo yonke imbali, abantu bazamile ukufezekisa oko kwaphunyezwa ngu-Enoki nabantu bakhe: ukwakha indawo elungileyo apho kungekho intlupheko okanye ubundlobongela. Njengabantu bakaThixo, sabelana ngalo mnqweno. Siyibiza ngokuba sakha iZiyon, kwaye iquka—ukongeza ekukhathaleleni abahluphekileyo nokukhuthaza uxolo—ukwenza iminqophiso, ukuhlala kunye ngobulungisa, nokuba yinto enye omnye nomye kunye noYesu Krestu, “uKumkani weZiyon” (Moses 7:53). Ukuba ihlabathi, indawo ohlala kuyo, okanye intsapho yakho ayifani nale nto ufuna ibe yiyo, kuya kuba luncedo ukubuza oku, U-Enoki nabantu bakhe bakwenza njani? Kwenzeka njani ukuba “babenentliziyo enye nengqondo enye” (Moses 7:18) nangona imbambano yayibangqongile? Phakathi kweenkcukacha ezininzi uMoses 7 asinikayo ngeZiyon, eyona ixabiseke kakhulu kubaNgcwele beMihla yokuGqibela ingaba yile: IZiyon ayisosixeko nje—yimeko yentliziyo nomoya. IZiyon, njengoko ifundiswe yiNkosi, “abahlambulukileyo entliziyweni” (IMfundiso neMinqophiso 97:21). Ngoko ke mhlawumbi eyona ndlela ilungileyo yokwakha iZiyon kukuba siqale ezintliziyweni zethu nasemakhayeni ethu.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Ndingancedisa ekwakheni iZiyon.
Xa uMprofeti uJoseph Smith okokuqala wafunda ngo-Enoki neSixeko sakhe sobuNgcwele, yena waphenjelelwa. Yena wayesazi “imini ifikile xa iNkosi iya kuphinda imisele iZiyon emhlabeni” (Saints, 1:108–9), kwaye waqalisa umzamo wobomi bonke wokwakha iZiyon. Ukufunda uMoses 7 kunokukhuthaza ukuba uqhube loo mzamo namhlanje.
Unokuqala ngokuhlolisisa imibuzo ethi “Yintoni iZiyon?” kwaye “Yahluke njani kwihlabathi liphela?” Cinga ngokudwelisa iimpendulo eziza kuwe njengokuba ufunda uMoses 7, ngakumbi imiqolo 16–21, 27, 53, 62–69.
Iimpendulo zakho kule mibuzo zinokucacisa ukuba kusenomsebenzi omninzi ekufuneka siwenzile ukwakha iZiyon. Ngoko siwenza njani? Kungakunceda ukucinga ngamaxesha apho wawuziva “unentliziyo enye nengqondo enye” nomnye umntu (Moses 7:18). Mhlawumbi kwakusewadini, kusapho, okanye kwiqela emsebenzini okanye esikolweni. Benza ntoni abantu ukudala umanyano lobulungisa?
Nazi ezinye izibonelelo onokuthi uziphonononge ukuze ufumane imibono nenkuthazo. Khetha sibe sinye okanye ngaphezulu zokuzifunda, kwaye emva koko ubhale phantsi into oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukwakha iZiyon:
-
KwabaseFilipi 2:1–4; 4 Nifayi 1:15–18; IMfundiso neMinqophiso 97:21; 105:5.
-
D. Todd Christofferson, “One in Christ,” Liyahona, UCanzibe 2023, 77–80.
-
6:21
We Come Together & Unite As One
UThixo ufuna abantu baKhe babe “ntliziyo enye nengqondo enye” (Moses 7:18).
UYesu Krestu uyi “Kumakani yeZiyon.”
Kuthetha ntoni kuwe ukuba noYesu Krestu njengoKumkani wakho? Phawula ezinye izibizo zikaYesu Krestu kulo mqolo. Zikufundisa ntoni ngaYe? Ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukungena ngesango uze [unyuke] phezulu ngaYe”?
Bona kananjalo “Come, O Thou King of Kings,” Hymns, inani. 59.
UThixo uyalila—kwaye uyavuya—ngenxa yabantwana baKhe.
Abanye abantu bambona njengoThixo okude, ongachaphazeleki ngokweemvakalelo ngento eyenzeka kuthi. U-Enoki wafumana imbono eyahlukileyo ngoThixo kumbono obhalwe ku Moses 7. Wafunda ntoni ngoThixo—kwaye yintoni wena oyifundayo—kuyo imiqolo 28–40? Ucinga ukuba kwakutheni ukuze u-Enoki wothuswe kukubona uThixo elila? Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ukuba wenza njalo?
Njengoko lo mbono wawuqhubeka, no-Enoki walila. Kodwa uThixo wabelana naye izizathu zokuvuya. Khangela zona ku Moses 7:41–69. Yintoni oyifundayo kumbono ka-Enoki enokunceda ‘[u]phakamisele phezulu intliziyo yakho, uze uvuye,” bungakhathaliseki “ubukrakra” ebomini bakho (umqolo 44)?
Bona kananjalo uJeffrey R. Holland, “The Grandeur of God,” Liyahona, EyeNkanga. 2003, 70–73.
UYesu Krestu uyakubuya kwakhona ngemihla yokugqibela.
Umbono ka-Enoki, ngakumbi oko kubhalwe ku Moses 7:59–67, sesinye seziprofeto zokuqala zembali zokuBuya kweSibini koMsindisi. Yintoni ekuchukumisayo ngendlela le miqolo eyichaza ngayo imihla yokugqibela? Ngokomzekelo, cinga ngendlela ovakalelwa ngayo ukuba iziprofeto ezikuwo umqolo 62 ziyazaliseka. Ingaba la mabinzana akufundisa ntoni ngomsebenzi kaThixo ngemihla yokugqibela?
Bona kananjalo uHenry B. Eyring, “Sisters in Zion,” Liyahona, EyeNkanga. 2020, 67–69.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona nako Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UThixo ufuna sibe “ntliziyo enye nengqondo enye.”
-
Ukunceda abantwana bakho bafunde ngo-Enoki neZiyon, unokusebenzisa “U-Enoki uMprofeti” kuwo Amabali eTastemente eNdala (19–21). Emva koko unokucela abantwana bakho bakuncede ulibalise kwakhona ibali ngamazwi abo. Imifanekiso ka-Enoki ekolu lwandlalo inokunceda.
-
Nantsi enye indlela yokunceda abantwana bakho baqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuba “ntliziyo enye nengqondo enye” (Moses 7:18): Yenza intliziyo yephepha uze uyinqumle ibe ziziqwenga, ngokwaneleyo ukuba umntwana ngamnye abe nayo. Bavumele babhale amagama abo kwisiqwenga sabo kwaye basebenze kunye ukudibanisa intliziyo kunye. Njengoko besenjenjalo, usenokuthetha ngezinto ozithandayo ngomntwana ngamnye.
-
Nceda abantwana bakho babale ukuba kukangaphi igama elithi “Ziyon” livela ku Moses 7:18–21, 62–63, 68–69. Sihlandlo ngasinye befumana elo gama, bancede bafumanise ukuba ithini le ndinyana ngeZiyon (bona kananjalo IsiKhokelo kwiZibhalo, “Ziyon,” Ithala leeNcwadi zeVangeli). Sinokufana njani ngakumbi nabantu abachazwe kule miqolo?
Khuthaza ukufunda izibhalo ngokobuqu. Nokuba ufundisa usapho lwakho ekhaya okanye iklasi ngeCawe, enye yeendlela ezilungileyo onokuthi uncede abanye bakhe ukholo oluhlala luhleli kuYesu Krestu kukubanceda bamisele umkhwa wokuzifunela amava obuqu kunye nezibhalo. Yabelana ngamava onawo nezibhalo, kwaye ukhuthaze usapho okanye amalungu eklasi ukuba abelane ngamava abo. Xa sisiva ngendlela ukufunda izibhalo okubasikelela ngayo abanye, sihlala siphenjelelwa ukuba sifune ezi ntsikelelo zifanayo ezivela eNkosini. (Bona Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 25.)
UBawo waseZulwini ufuna ukuba ndikhethe ukulandela Yena.
-
Ukwazisa uMoses 7:32–33 ebantwaneni bakho, unokuthetha nabo ngokhetho ekusafuneka belwenzile kutshanje. Emva koko ningafunda imiqolo kunye ukufumanisa oko uBawo waseZulwini afuna sikukhethe. Luluphi ukhetho esinokulwenza ukubonisa ukuba sikhetha Yena? Mhlawumbi abantwana bakho banokutshintshana ngokudlala enye yezi zigqibo ngelixa abanye beqikelela ukuba isenzo simele ntoni.
UYesu uya kubuyela emhlabeni.
-
Ku Moses 7:59, u-Enoki ubuza iNkosi umbuzo. Mema abantwana bakho ukuba bawufumane, emva koko ubacele ukuba bafumane impendulo kuwo umqolo 60. Unokuthetha kananjalo nabo ngexesha ababelindele ukuba umntu abuyele ekhaya. Babuze ukuba baziva njani kwaye benze ntoni ukuze bazilungiselele. Singakulungiselela njani ukubuya kukaYesu?
-
Cinga ngokubonisa imifanekiso yamaxesha apho uMsindisi wabonakala ebantwini (njengayo Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 60, 82, 83, kunye 84). Benza ntoni abantu abasemifanekisweni? Bamele ukuba bavakalelwa njani abantu xa badibana noYesu? Vumela abantwana babelane ngendlela abaziva ngayo ngokubona uYesu xa Yena ebuya kwakhona.
Ngokungakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.