Yizani, Nindilandele 2024
Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Umnqophiso


“Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni: Umnqophiso,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“Umnqophiso,” Yizani, Nindilandele: 2026

umfanekiso weengcinga

Iingcinga Zokugcinwa eNgqondweni

Umnqophiso

Kuyo yonke iTestamente eNdala, uya kufunda rhoqo igama umnqophiso. Namhlanje sihlala sicinga ngeminqophiso njengezithembiso ezingcwele kunye noThixo, kodwa kwihlabathi lakudala, iminqophiso yayikwa yinxalenye ebalulekileyo yonxibelelwano lwabantu. Kukhuseleko lwabo nasekuphileni kwabo, abantu babedinga ukubanako ukuthembana, kwaye iminqophiso yayiyindlela yokufumana oko kuthembana.

Ngoko ke xa uThixo wayethetha noNowa, no-Abraham, okanye noMoses ngeminqophiso, Yena wayebamema ukuba bangene kubudlelwane bokuthembana kunye naYe. Lo mnqophiso siwubiza ngokuba ngumnqophiso omtsha nowa naphakade okanye umnqophiso ka-Abraham—oko kubhekisela kumnqophiso kaThixo no-Abraham noSara owaye wahlaziywa kwizizukulwana zabo u-Isake noYakobi (okwabizwa ngoSirayeli). KwiTestamente eNdala, wawubizwa nje ngokuba “ngumnqophiso.” Uya kubona ukuba iTestamente eNdala ngokusisiseko libali labantu abazibonele ngokwabo ukuba bazindlalifa zomnqophiso—abantu bomnqophiso.

Umnqophiso ka-Abraham uyaqhubeka ubalulekile namhlanje, ngakumbi kwaNgcwele beMihla yokuGqibela. Kutheni? Kuba nathi singabantu bomnqophiso, nokuba siyiyo okanye asiyiyo inzala ngqo ka-Abraham, no-Isake, noYakobi. Ngenxa yesi sizathu, kubalulekile ukuqonda ukuba uyintoni umnqophiso ka-Abraham nokuba usebenza njani kuthi namhlanje.

Uyintoni uMnqophiso ka-Abraham?

U-Abraham wayefuna “ukuba ngumlandeli omkhulu ngakumbi wobulungisa,” (Abraham 1:2), ngoko ke uThixo wammemela kubudlelwane bomnqophiso. U-Abraham wayengenguye owokuqala ukubanalo mnqweno, kwaye yena wayengenguye owokuqala ukufumana umnqophiso. Wona yayinguwo, emva kwako konke, umnqophiso wanaphakade. U-Abraham wakhangela “iintsikelelo zoobawo,” (Abraham 1:2)—iintsikelelo ezanikwa ngomnqophiso ku-Adam no-Eva emva koko nakwabo baye bazifuna ngenkuthalo ezi ntsikelelo.

Umnqophiso kaThixo no-Abraham wathembisa iintsikelelo ezintle: ilifa lomhlaba, inzala enkulu, ukufikelela kwimimiselo yobubingeleli, negama elaliza kuzukiswa ezizukulwaneni ezilandelayo. Kodwa ukugxila kwalo mnqophiso bekungekho nje kwiintsikelelo zika-Abraham nosapho lwakhe ababeya kuzifumana kodwa nakwintsikelelo ababeza kuba yiyo kwabanye abantwana bakaThixo. “Uya kuba yintsikelelo,” uThixo wabhengeza, “zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi” (IGenesis 12:2–3).

Ungaba lo mnqophiso wanika u-Abraham, noSara, kunye nabazukulwana babo ukuba babe kwisimo esibanika inyhweba phakathi kwabantwana bakaThixo? Kuphela nje ngokuba kuyinyhweba ukusikelela abanye. Usapho luka-Abraham lwaluza “kuphatha obu bufundisi noBubingeleli kuzo zonke izizwe” lusabelana “ngeentsikelelo zeVangeli, ezizintsikelelo zosindiso, nkqu ezobomi obungunaphakade” (Abraham 2:9, 11). Ukuba ngabantu bomnqophiso bakaThixo kwakungathethi ukuba babengcono kunabanye; kwakuthetha ukuba babe noxanduva lokunceda abanye babe ngcono.

Lo mnqophiso wawuyintsikelelo awayeyilangazelela u-Abraham. Emva kokuyifumana, wathi u-Abraham entliziyweni yakhe, “Isicaka sakho sikufune ngokunyanisekileyo; ngoku sikufumene” (Abraham 2:12).

Oko bekungamawaka-waka eminyaka eyadlulayo, kodwa lo mnqophiso ubuyiselwe kumhla wethu. Kwaye uyazaliseka kubomi babantu bakaThixo. Ukuzaliseka komnqophiso kukhula ngamandla kwimihla yokugqibela njengoko umsebenzi kaThixo uqhubela phambili, ukusikelela iintsapho kwihlabathi liphela. Kwaye nabani na, onjengo-Abraham, ofuna ukuba ngumlandeli omkhulu ngakumbi wobulungisa—nabani na ofuna iNkosi ngokunyaniseka—unokuba yinxalenye yabo.

usapho phambi kwetempile

Ingaba uMnqophiso ka-Abraham Uthetha Ukuthini Kum?

Wena unguye umntwana womnqophiso. Wenza umnqophiso noThixo xa ubhaptizwa naxa uxhamla kumthendeleko. Kwaye ufumana umnqophiso ngokuzeleyo ngemimiselo yasetempileni.

Ngayo leminqophiso nalemimiselo, thina siba ngabantu bakaThixo. Thina sibotshelelwe kuYe “ngamaqhina anaphakade.” “Xa sisenza umnqophiso noThixo,” wafundisa uMongameli Russel M. Nelson “sishiya umhlaba ongathabathi cala ngonaphakade. UThixo akayi kubulahla ubudlelwane baKhe nabo bathe bakha olo manyano kunye naYe. Enyanisweni, bonke abo benze umnqophiso noThixo banokufumana uhlobo olulodwa lothando nenceba. … Ngenxa yomnqophiso wethu kunye noThixo, Yena akanakuze adinwe kwimizamo yaKhe yokusinceda, kwaye singasoze siwuphelise umonde wenceba yaKhe kuthi.” Wena uyakukubona oku kwimbali yabantu bomnqophiso bakaThixo kwiTestamente eNdala, kwaye uyakukubona nakubomi bakho njengomnye wabantwana baKhe bomnqophiso.

UYesu eme emanzini isandla saluliwe

Be Not Afraid [Musani uKoyika], nguDan Wilson

Olu lulwazi luxabisekileyo esilunikiweyo ngenxa yeMbuyiselo yomnqophiso ka-Abraham ngoMprofeti uJoseph Smith. Ke xa ufunda ngeminqophiso kwiTestamente eNdala, sukucinga nje malunga nobudlelwane bukaThixo no-Abraham, u-Isake, noYakobi. Cinga kananjalo malunga nobudlelwano baKhe nawe. Xa ufunda ngesithembiso senzala engenakubalwa, musa ukucinga nje malunga nezigidi namhlanje ezithi u-Abraham nguyise wazo. Cinga kananjalo ngesithembiso sikaThixo kuwe seentsapho zanaphakade nenzala yanaphakade. Xa ufunda ngesithembiso sokuwudla ilifa umhlaba, musa ukucinga nje malunga nomhlaba othenjiswe u-Abraham kuphela. Cinga kananjalo ngesiphelo sokwenziwa komhlaba ubuqu isilestiyali—ukudla ilifa okuthenjiswe kubo “abonubulali” abo“balindele eNkosini” (UMateyu 5:5; Indumiso 37:9, 11). naxa ufunda ngesithembiso sokuba abantu bakaThixo bomnqophiso baya kusikelela “zonke iintsapho zomhlaba” (Abraham 2:11), musa ukucinga nje malunga nobulungiseleli buka-Abraham okanye abaProfeti abasisizukulwana sakhe. Cinga kwakhona ngento onokuyenza—njengomlandeli womnqophiso kaYesu Krestu—ukuba ube yintsikelelo kwiintsapho ezikungqongileyo.