“EyoKwindla 24–30: ‘Zonke Izinto Zimele Ukwenziwa ngoCwangco: IMfundiso neMinqophiso 27–28,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 27–28,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
EyoKwindla 24–30: “Zonke Izinto Zimele Ukwenziwa ngoCwangco”
IMfundiso neMinqophiso 27–28
Isityhilelo sasiseyinto entsha kubaNgcwele njengoko uBuyiselo lwaqhubeka lusenzeka. Amalungu antlandlolo eBandla ayesazi ukuba uJoseph Smith wayenokufumana isityhilelo seBandla. Kodwa babekwazi abanye? Imibuzo efana nale yaba nzulu xa uHiram Page, omnye wamaNgqina aSibhozo wamacwecwe egolide, wayekholelwa ukuba yena wayefumene izityhilelo zeBandla. AbaNgcwele abanyanisekileyo abaninzi babekholelwa ukuba ezi zityhilelo zazivela kuThixo. INkosi yaphendula ngokufundisa ukuba eBandleni laKhe “zonke izinto zimele ukwenziwa ngocwangco” (IMfundiso neMinqophiso 28:13). Oku kwakuthetha ukuba nomntu omnye kuphela “oya konyulwa ukufumana imiyalelo nezityhilelo” zeBandla liphela (IMfundiso neMinqophiso 28:2). Abanye, nangona kunjalo, babenako ukufumana isityhilelo sobuqu yenxalenye yabo emsebenzini weNkosi. Eneneni, amazwi weNkosi ku-Oliver Cowdery asisikhumbuzo kuthi sonke: “Kuya kunikwa wena … koko wena oya kukwenza” (IMfundiso neMinqophiso 28:15).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Ndithatha umthendeleko kwinkumbulo kaYesu Krestu.
USally Knight no-Emma Smith babebhaptizwe kweyeSilimela 1830, kodwa uqinisekiso lwabo lwaphazanyiswa lihlokondiba labaqhankqalazi. Kwiinyanga ezimbini kamva, uSally nomyeni wakhe, uNewel, batyelela u-Emma noJoseph, kwaye kwagqitywa ukuba ngoku baya kuqinisekiswa kwaye iqela liya kuthatha umthendeleko kunye. Xa wayesesendleleni eyokufuna isiselo somdiliya somthendeleko, uJoseph Smith wamiswa yingelosi.
Funda IMfundiso neMinqophiso 27:1–4 ukuze ufumanise ukuba ingelosi yamfundisa ntoni ngomthendeleko. Yintoni ekufundisa yona le miqolo malunga nendlela uMsindisi afuna wena ukuba uze ngayo kumthendeleko? Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukuthabatha kuwo “ngeliso elizinikele kuzuko [lwaKhe]”? Cingisisa ngoku—kwaye ujonge ezinye iingqiqo malunga nomthendeleko—njengoko ufunda Luka 22:19–20 no 3 Nifayi 18:1–11.
The Last Supper
Jesus Christ Blesses Bread in Remembrance of Him | 3 Nephi 18:1-7
Jesus Christ Blesses Wine in Remembrance of Him | 3 Nephi 18:8-11
Cingisisa ngento onokuyenza ukuze uzilungiselele ngcono ukuthatha inxaxheba kwimifuziselo yeNtlawulelo yoMsindisi kwaye uyiphathe ngentlonipho enkulu okanye injongo.
Sebenzisa umculo. Umculo ongcwele umema uMoya ukuba ungqine ngeenyaniso zevangeli. Unokunceda uziqonde kwaye uzive ezi nyaniso ngendlela ekhumbulekayo. Umculo kananjalo unceda ukwenza ukufunda kuthabatheke ngakumbi.
Bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79; 59:9–13;
Always Retain a Remission of Your Sins
IMfundiso neMinqophiso 27:5–14
INkosi inika abakhonzi baYo izitshixo zobubingeleli ukuba balawule umsebenzi waYo.
Wazi ntoni ngabaprofeti abakhankanywe kule miqolo? Usenokukhangela inkcukacha malunga ngabo kuso IsiKhokelo kwiZibhalo Zeziphi iintsikelelo ezivulelwe wena ngezitshixo ababenazo aba baprofeti?
IMfundiso neMinqophiso 27:15–18
Isikrweqe sikaThixo sindinceda ndime ngokuchasene nobubi.
UMongameli M. Russell Ballard wathi: “Akukho nto inye inkulu kwaye inobunganga esinokuyenza ukuzixhobisa ngokusemoyeni. Amandla womoya enyaniso akwizinto ezincinci ezininzi ezithungelwe kunye kwilaphu lokuzikhusela ngokomoya elikhusela kubo bonke ububi” (“Be Strong in the Lord,” Ensign, EyeKhala 2004, 8).
Njengokuba ufunda ngesikrweqe sikaThixo kuyo IMfundiso neMinqophiso 27:15–18, ungadala itafile efana nale. Yintoni oyenzayo ukufaka iqhekezana ngalinye lesikrweqe sikaThixo?
|
Iqhekezana lesikrweqe |
Ilungu lomzimba elikhuselweyo |
Oko elo lungu lomzimba linokumela kona |
|---|---|---|
Iqhekezana lesikrweqe Ingcina-sifuba yobulungisa | Ilungu lomzimba elikhuselweyo Intliziyo | Oko elo lungu lomzimba linokumela kona Iminqweno yam nothando |
Iqhekezana lesikrweqe Isigcina-ntloko yosindiso | Ilungu lomzimba elikhuselweyo Intloko okanye ingqondo | Oko elo lungu lomzimba linokumela kona |
Iqhekezana lesikrweqe | Ilungu lomzimba elikhuselweyo | Oko elo lungu lomzimba linokumela kona |
Iqhekezana lesikrweqe | Ilungu lomzimba elikhuselweyo | Oko elo lungu lomzimba linokumela kona |
Bona kananjalo Kwabase-Efese 6:11–18.
UYesu Krestu ukhokela iBandla laKhe ngomprofeti waKhe ophilayo.
Yiba nomfanekiso ngqondweni wokuba kunganjani ukuba nabani na ebenokufumana imiyalelo nesityhilelo seBandla liphela. Xa uHiram Page wabanga ukuba ufumane isityhilelo esinjalo, amalungu amaninzi eBandla abhideka. Kuyo IMfundiso neMinqophiso 28, iNkosi yaveza ucwangco lwesityhilelo kwiBandla laYo. Yintoni oyifundayo kweli candelo malunga nendima ekhethekileyo yoMongameli weBandla? Yintoni oyifundayo malunga nokuba angakukhokela njani uThixo?
Kwakutheni umsebenzi wobufundisi kumaLeymenayithi ubalulekile?
Enye injongo yeNcwadi kaMormoni kukuba “ukuba amaLeymenayithi eze kulwazi looyise bawo, nokokuba athi azi izithembiso zeNkosi” (IMfundiso neMinqophiso 3:20). Oku kwakungqamene nezithembiso iNkosi eyazenzayo kubaprofeti abaninzi beNcwadi kaMormoni (bona, ngokomzekelo, 1 Nifayi 13:34–41; Enoshe 1:11–18; Hilamani 15:12–13). Amalungu eBandla antlandlolo ayewabona amaNdiya aseMelika njengesizukulwana sabantu beNcwadi kaMormoni. (Indima esesikweni ebanjwe liBandla namhla kukuba amaLeymenayithi “aphakathi kookhokho bamaNdiya aseMelika” [Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni].)
Ingaba olu hambo lukufundisa ntoni ngeNkosi nomsebenzi waYo?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Umthendeleko undinceda ukuba ndikhumbule uYesu Krestu.
-
Abantwana banokuzibuza ukuba kutheni sisebenzisa amanzi kumthendeleko xa uYesu wayesebenzisa iwayini (bona Luka 22:19–20; 3 Nifayi 18:1–11). Ningafunda IMfundiso neMinqophiso 27:1–2 kunye kwaye nixoxe ngokuba kuthetha ukuthini ukuthatha umthendeleko “ngeliso elizinikele kuzuko [lukaThixo]” (umqolo 2). Yintoni esinokuyenza ukugxila kuMsindisi ngelixa sithatha umthendeleko?
-
Mhlawumbi ukuba nemifanekiso, imiqolo yezibhalo, okanye amazwi engoma ngoMsindisi kunganceda abantwana bakho ukuba bamkhumbule Yena xa bethatha umthendeleko. Basenokukonwabela ukudala incwadana eneminye yale mifanekiso, imiqolo namazwi. Basenokuzoba eyabo imifanekiso okanye bayifumane kwincwadi Umhlobo.
Inkcukacha evela The Last Supper [ISidlo Sangokuhlwa Sokugqibela], nguSimon Dewey
IMfundiso neMinqophiso 27:15–18
Isikrweqe sikaThixo siyandikhusela.
-
Ungabonisa abantwana bakho umfanekiso wesikrweqe ofana nalo ukolu lwandlalo okanye umsebenzi wephepha kulwandlalo lwencwadi Kwabese-Efese ku Come, Follow Me—For Primary: New Testament 2023. Njengokuba ufunda IMfundiso neMinqophiso 27:15–18, bancede bafumane amaqhekeza esikrweqe emfanekisweni. Isikrweqe sikaThixo sinokusinceda njani “ukumelana nomhla wobubi” (umqolo 15).
IMfundiso neMinqophiso 28:2, 6–7
Umprofeti ufumana isityhilelo seBandla; Ndingasifumana isityhilelo sobomi bam.
-
Ukuba unabantwana abaliqela, unokubamema ukuba badlale “landela inkokeli,” kodwa cela abantwana ababini nangaphezulu ukuba babe yinkokeli ngexesha elinye. Kwenzeka ntoni xa kukho inkokeli engaphezu kwenye? UBawo waseZulwini wakulungisa njani ukubhideka kwamalungu eBandla lwamandulo? Ulikhokela njani iBandla namhlanje? (bona IMfundiso neMinqophiso 28:2). Yabelana ngobungqina bakho bokuba umprofeti wangoku ubizwe yiNkosi ukuba akhokele iBandla laKhe kumhla wethu.
1:21Chapter 14: The Prophet and Revelations for the Church: September 1830
-
Ngelixa isityhilelo seBandla siyakuhlala sinikwa ngomprofeti, sonke singakhokelwa nguMoya oyiNgcwele. Unganceda abantwana bakho baphengulule ezinye zezi zibhalo zilandelayo kwaye benze uluhlu lweendlela uMoya oyiNgcwele anokusikhokela ngayo: IMfundiso neMinqophiso 28:1, 4,15; Yohane 14:26; Moronayi 8:26; 10:4–5. Yabelana omnye nomnye ngendlela enikhokelwe ngayo nguMoya oyiNgcwele.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.