“EyoKwindla 17–23: ‘Funani Izinto zeHlabathi eliNgcono”: IMfundiso neMinqophiso 23–26,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 23–26,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
EyoKwindla 17–23: “Funani Izinto zeHlabathi eliNgcono”
IMfundiso neMinqophiso 23–26
Kubantu abaninzi, ukubhaptizwa yintlonelo, yamava anoxolo. Ubhaptizo luka-Emma Smith nabanye, nangona kunjalo, lwaphazanyiswa lihlokondiba elalibagculela, libagrogrisa, kwaye labanyanzela ukuba basabe. Kamva, kanye xa uJoseph wayeza kuqinisekisa amalungu amatsha, wabanjelwa ukucaphukisa uluntu ngokushumayela kwakhe. Kuyo yonke le nkcaso, u-Emma wayeza kufumana njani isiqinisekiso sokuba wenza into elungileyo? Indawo enye esinokuyifumana sonke—ngesityhilelo esivela eNkosini. Yena wathetha no-Emma “ngezinto [zehlabathi] elingcono”—ubukumkani baKhe—nendawo yakhe kubo. Wamxelela ukuba angoyiki, “aphakamise intliziyo [yakhe] aze avuye,” kwaye “anamathele kwiminqophiso [awayeyenzile].” Kwaye la mazwi enkuthazo neengcebiso “lilizwi laKhe kubo bonke” (IMfundiso neMinqophiso 25:9–10, 13, 16).
Bona kananjalo Saints,, 1:89–90, 94–97.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UMsindisi unako ukundiphakamisa “andikhuphe kwiimbandezelo [zam].”
Isityhilelo kuyo IMfundiso neMinqophiso 24 sanikwa “ukomeleza, ukukhuthaza, nokuyalela” uJoseph Smith no-Oliver Cowdery ngexesha lovavanyo Khangela amagama kuYO IMfundiso neMinqophiso 24 lawo uziva aye nokubomeleza kwaye abakhuthaze.
Ezi zibhalo zilandelayo zicebisa ntoni kuwe malunga nendlela uMsindisi akunceda ngayo kwimicelimngeni yakho?
IMfundiso neMinqophiso 121:7–8
Isaya 40:28–31
Inkcukacha ivela He Healed Many of Diverse Diseases [Yena Waphilisa Abaninzi kwiiNtlobo ngeeNtlobo zeZifo], nguJ. Kirk Richards
Ndine ndima ebalulekileyo endimele ndiyidlale kubukumkani bukaThixo.
Njengoko u-Emma Smith wayebukele uBuyiselo lusenzeka ngomyeni wakhe, uJoseph Smith, usenokuba wayezibuza ukuba ingaba yintoni indima yakhe. Khangela iimpendulo uThixo azinikileyo kuyo IMfundiso neMinqophiso 25. Ufumana nantoni na kweli candelo ovakalelwa kukuba “lilizwi laKhe [kuwe]”? (umqolo 16).
"An Elect Lady"
IMfundiso neMinqophiso 25:5, 14
“Qhubekeka emoyeni wobulali.”
Lithetha ntoni kuwe ibinzana elithi “emoyeni wobulali? Cinga ngokukhangela icandelo 25 amagama namabinzana akunceda uqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuba nobulali. UYesu Kretu ungumzekelo njani wobulali kuwe? (bona Mateyu 11:28–30). Cinga ngezinto onokuzenza ebomini bakho “ngomoya wobulali.”
IMfundiso neMinqophiso 25:10, 13
“Bekela bucala izinto zeli hlabathi, kwaye ufune izinto ezingcono.”
Njengoko ucingisisa ingcebiso yeNkosi kuyo IMfundiso neMinqophiso 25:10, kunokunceda ukwenza uluhlu lwe “zinto zeli hlabathi” Yena afuna “uzibeke bucala.” Emva koko unokwenza uluhlu lwezinto “[zehlabathi] elingcono” Yena afuna uzifune. Usenokukhetha into enye kuluhlu lokuqala oya kuyibekela bucala nento enye kuluhlu lwesibini oya kuyifuna.
UMongameli uRussell M. Nelson unike ingcebiso nezithembiso malunga “[ukubekela] bucala izinto ezininzi zeli hlabathi.” Yijonge kwiphepha lama 77 lomyalezo wakhe “Spiritual Treasures” (Liyahona, EyeNkanga 2019). Uza kulandela njani isiluleko sakhe?
Njengoko ufunda umqolo 13, cinga ngeminqophiso oyenzileyo noBawo waseZulwini noYesu Krestu. Kuthetha ukuthini “ukunamathela” kule minqophiso? Ikunceda njani iminqophiso yakho “ukubeka bucala izinto zeli hlabathi, kwaye ufune izinto ezingcono”?
Nazi ezinye izibhalo ezinokunceda unakane phakathi “kwezinto zeli hlabathi” “izinto ezingcono”: Mateyu 6:19, 21, 25–34; Luka 10:39–42; 2 Nifayi 9:51.
Mema ukwabelana. Ukuba ufundisa abanye ngendlela “yokuzibekela bucala izinto zehlabathi,” cinga ngeendlela zokubamema ukuba babelane nabanye ngoko bakwenzayo ukuze balandele esi siluleko. Singatsala amandla amakhulu nenkalipho ngokuva iingqiqo namava omnye nomnye.
IMfundiso neMinqophiso 25:11–12
INkosi iyayoliswa “yingoma yentliziyo” yam.
Zeziphi ezinye “[zee]ngoma zakho zentliziyo”—iingoma ezivakalisa indlela oziva ngayo ngoBawo waseZulwini okanye ngoYesu Krestu? Cinga ngokucula okanye ukuphulaphula ezimbalwa zazo. Yintoni ngezi ngoma ezenza zikhetheke kuwe?
Usenokuphinda ucingisise ngendlela la maculo afana nomthandazo. Umculo ongcwele nomthandazo ufana ngantoni? Iingoma zakho ezingcwele “ziphendulwe njani ngentsikelelo”?
“Zonke izinto ziya kwenziwa ngesivumelwano esiqhelekileyo ebandleni.”
Ibinzana elithi “isivumelwano esiqhelekileyo” kulo mqolo libhekisela kwisenzo sokuphakamisa izandla zethu ukubonisa ukuba siyaxhasa kwaye sixhasa umntu ofumana ubizo okanye umiselo lobubingeleli. Ungamcacisela njani umtyeleli kwintlanganiso yeBandla ukuba kuthetha ukuthini xa sixhasa umntu?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 24:1, 8
UMsindisi unako ukundiphakamisa “andikhuphe kwiimbandezelo [zam].”
-
Emveni koko wena nabantwana bakho ninokufumanisa oko yakuthethayo iNkosi kuJoseph ngeembandezelo zakhe kuyo IMfundiso neMinqophiso 24:1, 8. Ninokwabelana omnye nomnye ngendlela iNkosi eninceda ngayo ngamaxesha anzima.
1:52Chapter 11: More People Join the Church: April–June 1830
-
Yintoni IMfundiso neMinqophiso 24:8 esifundisayo malunga nomonde? UMsindisi usenza njani ukuba sazi ukuba “unathi” ngexesha leembandezelo zethu?
2:42Continue in Patience
IMfundiso neMinqophiso 25:11–12
UYesu uyayithanda “ingoma yentliziyo.”
-
Emva kokufunda IMfundiso neMinqophiso 25:12, ningaxelelana ngeculo enilithandayo okanye ingoma yeBandla—“ingoma yenu yentliziyo”—kwaye niyicule kunye. Yabelanani omnye nomnye ukuba kutheni nizithanda ezi ngoma. Kutheni iNkosi ivuya xa sicula ezi ngoma? Ukucula kwethu kufana njani “nomthandazo [kuYe]”?
IMfundiso neMinqophiso 25:13, 15
Iminqophiso yam noBawo waseZulwini indizisela uvuyo.
-
Ukuqonda ukuba kuthetha ukuthini “ukunamathela kwiminqophiso” (IMfundiso neMinqophiso 25:13), abantwana bakho banokutshintshana ukubambelela kwinto baqinise kangangoko banako. Emva koko wena nabantwana bakho ninokuthetha ngendlela “eninamathela” ngayo okanye nibambelele kwiminqophiso yenu. Ukuba kuyimfuneko, hlola kunye nabantwana bakho iminqophiso esiyenzayo (bona Mozaya 18:8–10; IMfundiso neMinqophiso 20:37; kunye nephepha lomsebenzi wale veki).
-
Ukunika abantwana bakho umxholo wayo IMfundiso neMinqophiso 25:13, usenokubonisa ukuba le yinto iNkosi eyayixelela uEmma Smith ngokukhawuleza emva kokubhaptizwa kwakhe. Kutheni esi sisenokuba sisiluleko esihle kumntu osandul’ ukubhaptizwa?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.