“EyoKwindla 3–9: ‘Nifunde Kum’: IMfundiso neMinqophiso 19,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla:: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 19,” Yizani, Nindilandele— EyeKhaya neBandla: 2025
Inkcukacha ivela Gethsemane’s Path [Indlela yeGetsemane], nguSteve McGinty
EyoKwindla 3–9: “Funda Kum”
IMfundiso neMinqophiso 19
Kwathatha iminyaka uMartin noLucy Harris ukufumana eyona fama intle ePalmyra, eNew York. Kodwa ngo-1829 kwakucacile ukuba iNcwadi kaMormoni yayizokupapashwa nje ukuba uMartin wayenokumisa ngefama yakhe ukuhlawula umshicileli. UMartin wayenobungqina beNcwadi kaMormoni, kodwa uLucy yena wayengenabo. Ukuba uMartin wayenokuya phambili ngokumisa ngefama yakhe kunye neNcwadi kaMormoni ingathengisi kakuhle, wayeya kulahlekelwa yifama yakhe, abeke umtshato wakhe emngciphekweni, kwaye onakalise igama lakhe eluntwini. Nangona iimeko zethu zahlukile kwezikaMartin, ngaxa lithile okanye kwelinye sonke sijongana nemibuzo enzima njengaleyo wayejongene nayo: Lithini ixabiso levangeli kaYesu Krestu kum? Yintoni endizimisele ukuyincama ukuze ndakhe ubukumkani bukaThixo? UMartin Harris ekugqibeleni wagqiba ekubeni amise ngefama yakhe ukuze iikopi zokuqala ezingama-5,000 zeNcwadi kaMormoni ziprintwe. Kodwa kwa eli idini—nalo naliphi na idini esinokulenza—lincinane xa lithelekiswa nedini likaYesu Krestu, “elikhulu kunawo onke” (IMfundiso neMinqophiso 19:18), owaphuma igazi kuzo zonke iintunjana ukuze asindise abaguqukileyo.
Ngenkcukacha ethe vetshe malunga nokupapashwa kweNcwadi kaMormoni, bona Saints, 1:76–84.
Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni
IMfundiso neMinqophiso 19:1–12
“Mna, Thixo, andinasiphelo.”
UJoseph Smith wachaza ukuba isityhilelo kulo icandelo 19 “ngumyalelo … kuMartin Harris, onikwe nguye onguNaphakade” (isihloko secandelo). Khangela iindawo kuyo imiqolo 1–12 apho iNkosi igxininisa ubume bayo banaphakade. Kutheni ucinga ukuba kwakubalulekile kuMartin Harris ukwazi oku ngeNkosi? Kutheni kubalulekile kuwe ukuba uyazi?
Ucinga ukuba kutheni uYesu Krestu ebizwa ngokuba “sisiqalo nesiphelo”? (umqolo 1).
IMfundiso neMinqophiso 19:15–20
UYesu Krestu wava ubunzima ukuze ndikwazi ukuguquka kwaye ndize kuYe.
ITestamente eNtsha ichaza ukubandezeleka koMsindisi eGetsemane ngokwembono yabantu ababeyibonile. Kuyo IMfundiso neMinqophiso 19:15–20, UYesu Krestu wathetha ngokubandezeleka kwakhe ngokwembono yakhe. Njengoko ufunda le ngxelo ingcwele yobuqu, khangela indlela uMsindisi akuchaza ngayo ukubandezeleka Kwakhe. Cingisisa ngokuba yintoni igama ngalinye okanye ibinzana elikufundisa yona. Kutheni uMsindisi wayenomdla wokuva ubunzima nje? Ungafumanisa ngakumbi ku Yohane 15:13; Mozaya 3:7; Alma 7:11–12; IMfundiso neMinqophiso 18:10–13.
Iimvakalelo onazo njengokuba ufunda ngokubandezeleka koMsindisi zinokuvusa imibuzo efana nale: Kwakutheni ukuze uMsindisi abandezeleke ngenxa yezono zam? Kutheni kufuneka ndiguquke ukuze ndifumane iintsikelelo ezipheleleyo zedini laKhe? Njengoko ufundisisa, ziziphi izinto ezifika engqondweni yakho? Cingisisa ngokubhala imvakalelo yakho malunga noYesu Krestu kunye nedini laKhe ngawe.
Njengenxalenye yokufunda kunye nonqulo lwakho, ungakhangela iculo onokuthi uliphulaphule okanye ulicule elivakalisa umbulelo wakho kuMsindisi ngokubandezeleka Kwakhe endaweni yakho.
Ucinga ukuba uBawo waseZulwini noYesu Krestu bangathanda ukuba wenze ntoni njengesiphumo sento oyivileyo kwaye wayifundisisayo?
The Savior Suffers in Gethsemane
Uxolo luvela ekufundeni ngoYesu Krestu nokumlandela Yena.
Cingisisa ngesimemo soMsindisi: “Fundani Kum.” Yintoni oyifunda ngoYesu Krestu kuyo IMfundiso neMinqophiso 19? Bhala iingcinga zakho, kwaye ucingisise ngokuba ezi nyaniso zimalunga noMsindisi zingakunceda kanjani ufumane uxolo. Kuthetha ukuthini kuwe oku “hambani kubulali boMoya [waKhe]”?
Bona kananjalo uHenry B. Eyring, “Ukufumana Uxolo Lobuqu,” Liyahona, Canzibe 2023, 29–31.
Peace in Christ
IMfundiso neMinqophiso 19:26–41
Iintsikelelo zikaThixo zingaphezulu kunobutyebi basemhlabeni.
Incwadi kaMormoni ayizange ithengise kakuhle kakhulu ePalmyra. Ngenxa yoko, uMartin Harris wagqiba ekubeni athengise inxalenye enkulu yefama yakhe ukuze ahlawule ityala kumshicileli. Cingisisa idini likaMartin—neentsikelelo ozifumeneyo ngenxa yalo—njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 19:26–41. Usenokucinga kananjalo malunga nento iNkosi ekucele ukuba uyenze idini. Yintoni oyifumeneyo kule miqolo ekuphembelelayo ukuba wenze la madini “ngokugcoba” kunye “novuyo”? (bona nayo imiqolo 15–20).
Inkcukacha ivela Martin Harris Farm [Ifama kaMartin Harris], ngu-Al Rounds
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 19:16–19
UYesu Krestu wahluphekela mna.
-
Unganceda abantwana bakho bave intlonipho nombulelo ngoMsindisi ngokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 19:16–19. Cinga ngokunqumama ukuze uqinisekise ukuba abantwana bakho bayayiqonda kwaye ubavumele ukuba bavakalise iimvakalelo zabo. Ngokomzekelo, kuyo imiqolo 16, ziyintoni “ezi zinto” uYesu awabandezeleka ngazo ngenxa yethu? (bona Mozaya 3:7; Alma 7:11–12). Sifunda ntoni ekuchazeni kwaKhe ngokubandezeleka kwaKhe? Singawubonisa njani umbulelo wethu ngento Yena asenzele yona?
Chapter 51: Jesus Suffers in the Garden of Gethsemane
Nceda abantwana bafunde kwizibhalo. Abanye abantwana banexesha elinzima ukufunda izibhalo. Ukugxininisa kwindinyana okanye ibinzana elinye kunokubanceda.
-
Wena nabantwana bakho ningajonga ngaphakathi kwi Hymns okanye Children’s Songbook iingoma ezikunceda uchaze indlela ovakalelwa ngayo ngoYesu Krestu (jonga izalathiso zemixholo kwezi ncwadi).
IMfundiso neMinqophiso 19:18–19, 24
UYesu Krestu wamthobela uBawo waseZulwini, naxa kwakunzima.
-
Ukubandezeleka izono zethu kwakunzima kakhulu, kodwa uYesu Krestu wayekulungele ukukwenza oko ukuze athobele uYise nokubonakalisa uthando lwaKhe kuYe nakuthi. Ningajonga kunye kumfanekiso kaYesu Krestu ebandezeleka eGetsemane (njengaleyo ekolu lwandlalo) kwaye ucele abantwana bakho ukuba bakuxelele into abayaziyo malunga nokwenzekayo emfanekisweni. Nisenokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 19:18–19, 24 ukugxininisa ukuba ukubandezeleka izono zethu kwakuyeyona nto inzima eyakhe yenziwa nangubani na, kodwa ngenxa yokuba uYesu wayemthanda uYise nathi, Yena wayithobela intando kaThixo. (bona kananjalo Mozaya 3:7). Zeziphi izinto ezinzima uThixo afuna sizenze? Singayifumana njani inkalipho yokumthobela?
“Fundani kum, kwaye nimamele amazwi am.”
-
Unganceda abantwana bakho bacinge ngezenzo ezilula ezihamba kunye namabinzana kuyo IMfundiso neMinqophiso 19:23. Funda umqolo amatyeli amaninzi ngelixa besenza izenzo. Zeziphi ezinye iindlela esinokufunda ngazo ngoKrestu kwaye simamele amazwi aKhe?
Iintsikelelo zikaThixo zingaphezulu kunobutyebi basemhlabeni.
-
Wena kunye nabantwana bakho ningatshintshana ngokubamba ikopi yeNcwadi kaMormoni kwaye nabelane ngento eniyithandayo ngayo. Thetha ngokufutshane ngedini likaMartin Harris ukuze iNcwadi kaMormoni ishicilelwe. Yathini iNkosi kuMartin kuyo IMfundiso neMinqophiso 19:38 engayeyayimncedile ukuba athembeke kwaye athobele? Nceda abantwana bakho bacinge ngento abanokuyincama ukuze bathobele uThixo okanye bancede emsebenzini waKhe.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.