“EyoMdumba 24–EyoKwindla 2, ‘Ixabiso lemiPhefumlo Likhulu’: IMfundiso neMinqophiso 18,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 18,” Yizani, Nindilandele— EyeKhaya neBandla: 2025
EyoMdumba 24–EyoKwindla 2: “Ixabiso lemiPhefumlo Likhulu”
IMfundiso neMinqophiso 18
Kukho iindlela ezininzi ezahlukeneyo zokuzama ukulinganisa ixabiso lomntu. Isiphiwo, imfundo, ubutyebi, nenkangeleko yonke inokuchaphazela indlela esihlola ngayo abanye—kunye neziqu zethu. Kodwa emehlweni kaThixo, ukuxabiseka kwethu yinto elula ngakumbi, yaye ichazwe ngokucacileyo kuyo IMfundiso neMinqophiso 18: “Khumbula ukuba ixabiso lemiphefumlo likhulu emehlweni kaThixo” (umqolo 10). Le nyaniso ilula ichaza okuninzi koko kwenziwa nguThixo nesizathu sokuba Yena ekwenza oko. Kwakutheni ukuze ayalele uJoseph Smith no-Oliver Cowdery ukuba bamisele iBandla likaYesu Krestu kumhla wethu? (bona imiqolo 1–5). Kuba ixabiso lemiphefumlo likhulu. Kutheni “eyalela bonke abantu ezindaweni zonke ukuba baguquke” kwaye athumele abaPostile ukuba baye kushumayela inguquko? (umqolo 9). Kuba ixabiso lemiphefumlo likhulu. Yaye kwakutheni ukuze uYesu Krestu “ave ukufa ngokwasenyameni” “neentlungu zabantu bonke”? (umqolo 11). Kuba ixabiso lemiphefumlo likhulu. Ukuba kwanomnye kule miphefumlo ukhetha ukwamkela isipho soMsindisi, Uyavuya, kuba “lukhulu uvuyo lwakhe kumphefumlo oguqukayo” (umqolo 13).
Izimvo zokufunda eKhaya naseBandleni
“Yakha icawe yam.”
Kulo icandelo 18, iNkosi yanika u-Oliver Cowdery imiyalelo yokunceda ukubeka isiseko seBandla likaYesu Krestu. Uqaphela ntoni ngesiluleko Yona eyasinika—ngakumbi kuyo imiqolo 1–5? Unokucinga ngendlela esi siluleko sifanayo esisebenza ngayo kuwe njengoko “ulwakha” ukholo lwakho kuKrestu. Ngokomzekelo:
-
Yintoni “onqwenela ukuyazi” ngayo iNkosi? (umqolo 1).
-
Kuthetha ukuthini kuwe “ukuthembela kwizinto ezibhaliweyo”? (umqolo 3). UMoya “ubonakalise njani kuni” ukuba ezi zinto ziyinyani?? (umqolo 2; bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 6:22–24).
-
Ubakha njani ubomi bakho “kwisiseko sevangeli [uMsindisi] kunye nelitye [laKhe] ”? (umqolo 5).
Buza imibuzo. IMfundiso neMinqophiso ibubungqina bokuba imibuzo ikhokelela kwisityhilelo. Njengoko ufunda izibhalo, bhala imibuzo onayo. Emva koko ucingisise kwaye uthandaze ukuze ufune iimpendulo.
IMfundiso neMinqophiso 18:10–13
“Ixabiso lemiphefumlo likhulu emehlweni kaThixo.”
Sikumisa njani ukuxabiseka kwento? Ngokomzekelo, kutheni enye into emarikeni ibiza kakhulu kunenye? Njengoko ufunda icandelo 18 kule veki, ngakumbi imiqolo 10–13, usenokuthelekisa indlela abantu abadla ngokumisa ngayo ixabiso noko kwenza umphefumlo uxabiseke emehlweni kaThixo. Cinga ngokufaka igama lakho endaweni yegama elithi “umphefumlo,” “imiphefumlo,” nelithi “bonke abantu.” Le miqolo inokumnceda njani umntu othandabuza ukuxabiseka kwakhe?
Nazi ezinye izicatshulwa ezifundisa ngokuxabiseka komphefumlo: ULuka 15:1–10; UYohane 3:16–17; 2 Nifayi 26:24–28; UMoses 1:39. Ngokusekelwe kwezi zicatshulwa, unokuyishwankathela njani indlela uThixo avakalelwa ngayo ngawe? Ungakhangela umyalezo kaMongameli Dieter F. Uchtdorf “Ubalulekile Kuye” (Liyahona, Noveba. 2011, 19–22) ukufumana amagama namabinzana akuncedayo ukwazi ngexabiso lakho kuThixo.
UThixo ukubonisa njani ukuba uxabiseke kakhulu kuYe? Oku kuyichaphazela njani indlela ozijonga ngayo wena nabanye abantu?
IMfundiso neMinqophiso 18:11–16
INkosi iyavuya xa ndiguquka.
Qaphela ukuba kukangaphi amagama afana nelithi guquka kunye inguquko asetyenziswa kuyo yonke IMfundiso neMinqophiso 18. Cingisisa ngoko ukufundayo kula magama sihlandlo ngasinye esetyenziswa. Cinga ngakumbi imiqolo 11–16. Le miqolo iyichaphazela njani indlela oziva ngayo ngenguquko—inguquko yakho nomsebenzi wokumema abanye abantu ukuba baguquke baphucule? Nantsi indlela enye yokubhala oko ukufundayo: dwelisa iindlela ezininzi onokuthi ugqibezele isivakalisi “Inguquko yi .”
Bona kananjalo Alma 36:18–21; IsiKhokelo kwiZibhalo, “Inguquko],” Ithala leeNcwadi zeVangeli
Inkcukacha ivela The Prodigal [Son UNyana Wolahleko], nguClark Kelley Price
IMfundiso neMinqophiso 18:14–16
Uvuyo luvela ekuncedeni abanye beze kuKrestu.
Njengoko ufunda imiqolo 14–16, cinga oko kuthethwa “kukumemeza inguquko”—nesizathu sokuba kuzisa uvuyo olunjalo. Zeziphi ezinye iindlela oye wazifumana ukunceda abanye beze kuMsindisi kwaye bafumane uxolelo? Bakwenzele njani abanye abantu oko wena?
Bona kwanoCraig C. Christensen, “There Can Be Nothing So Exquisite and Sweet as Was My Joy,” Liahona, UCanzibe 2023, 45–47.
IMfundiso neMinqophiso 18:34–36
Ndiyaliva ilizwi leNkosi kwizibhalo.
Ukuba umntu angakubuza ukuba ilizwi leNkosi linjani, ungathini? Cinga ngalo mbuzo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 18:34–36. Ufunde ntoni ngelizwi leNkosi ngokufunda IMfundiso neMinqophiso? Yintoni onokuyenza ukuze uve ilizwi laYo imihla ngemihla ngokucace ngakumbi?
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lweencwadi Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IMfundiso neMinqophiso 18:10–13
Ngamnye wethu uxabiseke kakhulu kuThixo.
-
Njengoko wena nabantwana bakho nifunda IMfundiso neMinqophiso 18:10–13, cinga ngokufaka amagama omnye nomnye endaweni yegama elithi “umphefumlo,” “imiphefumlo,” nelithi “bonke abantu.” Emva koko unokuthetha ngendlela le miqolo isinceda ngayo ukuba siqonde indlela uBawo waseZulwini aziva ngayo ngaye ngamnye wethu.
-
Usenokubuza abantwana bakho ngezinto abantu abazibona zibalulekile. Okanye usenokubabonisa into exabisekileyo kuwe. Siziphatha njani izinto ezixabisekileyo kuthi? Emva koko vumela batshintshisane ngokujonga esipilini. Njengoko besenza, xelela umntwana ngamnye ukuba ngumntwana kaThixo kwaye baxabiseke kakhulu. Sinokubabonisa njani abanye ukuba “imiphefumlo [yabo] mikhulu” emehlweni ethu?
-
Ukugxininisa ukuba bonke abantu babaluleke kakhulu kuBawo waseZulwini, abantwana bakho banokujonga umfanekiso osekupheleni kolu lwandlalo ngelixa ufunda IMfundiso neMinqophiso 18:10–13.
Inkcukacha ivela Worth of a Soul [Ukuxabiseka koMphefumlo], nguLiz Lemon Swindle
IMfundiso neMinqophiso 18:13–16
Ukwabelana ngevangeli kuzisa uvuyo olukhulu.
-
Ukukhuthaza abantwana bakho ukuba babelane ngevangeli kaYesu Krestu, ningathetha omnye nomnye malunga namava xa nanifumene into enifuna ukwabelana ngayo nabahlobo bakho okanye usapho. Kwakutheni ukuze ufune ukwabelana ngayo, kwaye ukwabelana ngayo kukwenze waziva njani? Emva koko unokufunda IMfundiso neMinqophiso 18:13, 16. Yintoni eyivuyisayo iNkosi? Uthi yintoni Yona eyakusiphathela uvuyo thina? Wena nabantwana bakho ningathetha ngawo nawaphi na amava enibe nawo nisabelana ngovuyo lwevangeli yoMsindisi.
-
Ingoma engokwabelana ngevangeli inganceda abantwana bakho bacinge ngeendlela abanokwabelana ngazo ngevangeli.
IMfundiso neMinqophiso 18:34–36
Ndiyaliva ilizwi leNkosi kwizibhalo.
-
Abantwana bakho bangawonwabela umdlalo apho bazama ukuchonga amazwi abantu abohlukeneyo, njengamalungu osapho, abahlobo, okanye iinkokeli zeBandla. Siwaqonda njani amazwi omnye omnye? Siliqonda njani ilizwi leNkosi? Ninokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 18:34–36 ukuxoxa ngalo mbuzo. Ninokwabelana omnye nomnye ngendlela enilivile ngayo ilizwi leNkosi kwizibhalo.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.