“EyoKwindla 10–16: ‘UKuphakama kweBandla likaKrestu’: IMfundiso Neminqophiso 20–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 20–22,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
EyoKwindla 10–16: “UKuphakama kweBandla likaKrestu”
IMfundiso neMinqophiso 20–22
Umsebenzi woMsindisi wokuzisa ngaphambili iNcwadi kaMormoni ngoku wawugqityiwe. Kodwa umsebenzi waKhe woBuyiselo wawusandul’ ukuqalisa. Ukongeza ekubuyiseleni imfundiso negunya lobubingeleli, iNkosi yakwenza kwacaca ngezityhilelo zangaphambili ukuba Yona ifuna kanjalo ukubuyisela umbutho osesikweni—iBandla laYo (bona IMfundiso Neminqophiso 10:53; 18:5). Ngomhla we-6 Tshazimpuzi, 1830, amakholwa awangaphezu kwa-40 abuthelana kwikhaya leenkuni lakwaWhitmer eFayette, New York, ukuzo kungqina ukusekwa kweBandla likaYesu Krestu.
Abanye abantu bayazibuza ukuba kutheni iBandlaa elilungelelanisiweyo liyimfuneko. Impendulo inokufunyanwa, noko ngokuyinxenye, kwizityhilelo ezinxulumene nentlanganiso yokuqala yeBandla ngo-1830. Zona zichaza iintsikelelo ebezingenakubakho ukuba iBandla lokwenyani likaYesu Krestu belingazange “lisoloko lisakhiwa kwaye lisekwa” kule mihla yokugqibela (IMfundiso Neminqophiso 20:1).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UYesu Krestu ulibuyisele iBandla laKhe.
Kutheni sineBandla elungelelanisiweyo? Mhlawumbi eyona mpendulo ifanelekileyo ithi, “Kungenxa yokuba uYesu Krestu walungelelanisa.” Njengokuba ufunda IMfundiso neMinqophiso 20–21, unokuqaphela ukufana phakathi kweBandla Yena awalisekayo mandulo kwaye nelo Yena athe walibuyisela namhlanje. Sebenzisa imiqolo elandelayo ukufunda ngeBandla loMsindisi kumaxesha amandulo: Mateyu 16:15–19; Yohane 7:16–17; Kwabase-Efese 2:19–22; 3 Nifayi 11:23–26; Moronayi 4–5. Sebenzisa le miqolo ukufunda ngeBandla elibuyisiweyo: IMfundiso neMinqophiso 20:17–25, 60, 72–79; 21:1–2. Ungabhala into oyifumanayo kwitafile efana nale:
|
IMfundiso |
IMimiselo |
Igunya loBubingeleli |
Abaprofeti | |
|---|---|---|---|---|
IBandla lamandulo likaKrestu | IMfundiso | IMimiselo | Igunya loBubingeleli | Abaprofeti |
IBandla likaKrestu elibuyiseweyo | IMfundiso | IMimiselo | Igunya loBubingeleli | Abaprofeti |
Ufunda ntoni kulo msebenzi malunga nokuba kutheni uYesu Krestu waseka—kwaye walibuyisela—iBandla laKhe?
Mema ukwabelana. Xa umema abantu ukuba babelane nabanye ngoko bebekufunda bebodwa, baya kuziva bekhuthazwa ukuba baqhubeke nofundo lwabo lobuqu. Yintoni onokumema abanye ukuba babelane ngayo?
IMfundiso neMinqophiso 20:37, 75–79; 22
Imimiselo engcwele indinceda ukuba ndibe njengoMsindisi.
Xa iBandla lalilungelelaniswa, iNkosi yafundisa abaNgcwele baYo ngemimiselo engcwele, kuquka ubhaptizo nomthendeleko. Njengokuba ufunda ngale mimiselo, cingisisa ukuba ikunceda njani uzive uqhagamshelwe kuMsindisi. Ngokomzekelo, le mimiselo ikunceda njani ugcine owakho “umxhino wokumkhonza [uYesu Krestu] kude kuye esiphelweni” (umqolo 37). Unokufunda kananjalo imithandazo yomthendeleko (imiqolo 77, 79) kwaye ube nomfanekiso-ngqondweni wokuba uyiva okokuqala. Yeyiphi ingqiqo oyifumanayo?
IMfundiso neMinqophiso 20:38–60
Inkonzo yobubingeleli isikelela amalungu eBandla neentsapho zawo.
Wakhe wacinga ukuba kutheni kwakubalulekile kuMsindisi ukubuyisela ububingeleli eBandleni laKhe? Ukufunda oko Yena acela abo baphethe ububingeleli ukuba bakwenze kuyo IMfundiso neMinqophiso 20:38–60 kungakunika iingqiqo ezithile. Ukusikelele njani uMsindisi wena nosapho lwakho ngomsebenzi ochazwe kule miqolo?
Ukongeza kwabo bamiselwe kububingeleli, abafazi ababekelwe bucala ukuba bakhonze eBandleni basebenzisa igunya likaThixo njengokuba bethatha inxaxheba emsebenzini waKhe.
Ukuthobela ilizwi likaThixo ngabaprofeti baKhe kuya kundinika ukhuseleko lobuthixo.
IMfundiso neMinqophiso 21:4–9 iqulathe izimemo zokulandela umprofeti weNkosi nezithembiso ezinamandla zabantu abenzayo. Izimvo ezilandelayo zinokunceda ucingisise le miqolo:
-
Ngawaphi amagama kuyo imiqolo 4–5 achaza into uMsindisi afuna uyenze ngamazwi omprofeti waKhe ophilayo? Kutheni uziva “umonde nokholo” ziyimfuneko ukwenza oku?
-
Cingisisa umfanekiso osetyenziswa nguMsindisi kumqolo 6 ukuchaza iintsikelelo zokulandela umprofeti waKhe. Ucinga ukuba kuthethwa ngantoni ngokuthi “amasango esihogo”? INkosi “iwachithachith[ela] [wena] njani amandla obumnyama”? Kuthetha ukuthini ukuba “amazulu ashukumele ukulunga kwenu”?
-
Yintoni iNkosi ekucela ukuba uyenze ngoMongameli wangoku weBandla? INkosi izizalisekisile njani izithembiso zaYo njengokuba ulandele ingcebiso yaYo?
-
Kutheni Silandela uMprofeti:
-
Umlindi kwiNqaba:
-
Musa UkuMangaliswa:
Watchman on the Tower
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
IBandla likaYesu Krestu libuyisiwe.
-
2:37
The Church of Jesus Christ Is Organized: A joyful Church meeting
-
Mhlawumbi abantwana bakho banokutshatisa imifanekiso kaYesu, umntu olungiselelayo, ubhaptizo, nomthendeleko nemiqolo kulo icandelo 20 (bona imiqolo 21–23, 47, 72–74, 75–79). Sebenzisa le mifanekiso nemiqolo ukuxoxa ngeentsikelelo esinazo ngenxa yokuba uYesu Krestu walibuyisela iBandla laKhe.
IMfundiso neMiNqophiso 20:37, 41, 71–74
Xa ndibhaptizwa kwaye ndiqinisekisiwe, ndithembisa ukulandela uYesu Krestu.
-
Abantwana bakho bangakonwabela ukubona umfanekiso womntwana ebhaptizwa kwaye eqinisekisiwe. Banokukhomba indlela ehambelana ngayo nemiyalelo IMfundiso neMinqophiso 20:41 71–74. Sifunda ntoni kuyo IMfundiso neMinqophiso 20:37 malunga nabantu abafuna ukubhaptizwa?
3:10The Baptism of Jesus
-
Ukuba abantwana bakho sele bebhaptiziwe kwaye baqinisekisiwe, babuze malunga namava abo. Ingaba banayo imifanekiso abanokwabelana ngayo? Thetha nabo ngoko bakwenzayo ukulandela uYesu Krestu nendlela Yena abasikelela ngayo.
IMfundiso neMinqophiso 20:75–79
Ndingathabathela igama likaYesu kum kwaye ndihlale ndimkhumbula Yena.
-
Abantwana bakho banokukhangela igama elithi “bazimisele” kuzo zombini IMfundiso neMinqophiso 20:37 (malunga nobhaptizo) kunye umiqolo 77 (umthandazo womthendeleko). Yintoni uYesu Krestu afuna sizimisele ukuyenza? Mhlawumbi abantwana bakho banokujonga into enegama kuyo (njengegama lohlobo okanye igama lobuqu). Igama lisixelela ntoni ngento? Kuthetha ukuthini ukuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu?
-
Cinga ngokufunda kunye IMfundiso neMinqophiso 20:77 kwaye ucele abantwana bakho ukuba bachonge izithembiso esizenzayo njengenxalenye yomthendeleko. Mhlawumbi banokutshintshana ngokulinganisa into abanokuyenza ukuze “basoloko bekhumbula” uMsindisi kunye nokuqikelela ukuba yintoni na izenzo zomnye nomnye. Ngoko mqolo 77, sisikelelwa njani xa sisoloko simkhumbula uMsindisi?
UYesu uyandisikelela njengoko ndilandela umprofeti waKhe.
-
Emva kokufumana izimemo nezithembiso kuyo IMfundiso neMinqophiso 21:4–6, abantwana bakho banokujonga umfanekiso womprofeti wangoku kwaye babelane ngento abayifundileyo okanye abayivileyo kuYe. Yabelanani ngendlela uYesu Krestu akusikelele ngayo ngokulandela umprofeti waKhe.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.