“EyoKwindla 31–Tshazimpuzi 6: ‘UYesu Krestu Uya Kuhlanganisa Abantu baKhe’: IMfundiso neMinqophiso 29,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 29,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
EyoKwindla 31–Tshazimpuzi 6; “UYesu Krestu Uya Kuhlanganisa Abantu baKhe”
IMfundiso neMinqophiso 29
Nangona iBandla likaYesu Krestu lalisekwe ngo-1830, iinyaniso ezininzi zevangeli zaziseza kutyhilwa, kwaye amalungu aliqela wokuqala weBandla ayenemibuzo. Wona ayefundile ngeziprofeto kwiNcwadi kaMormoni malunga nokuhlanganiswa kukaSirayeli kwaye nokwakhiwa kweZiyon (bona 3 Nifayi 21). Oko kwakuya kukwenzeka kanjani? Izityhilelo uHiram Page owayebanga okokuba uzifumene zazijolise kuloo mxholo, zaye zenyusa qha ukufun’ukwazi kwamalungu (bona IMfundiso Neminqophiso 28). Abanye abantu babezibuza malunga noKuwa kuka-Adam no-Eva nangokufa kwasemoyeni. INkosi yayamkela le mibuzo ngo-1830, kwaye Yona yamkela imibuzo yethu namhlanje. “Nantoni na eniya kuyicela ngokholo,” Yona yabaxelela abaNgcwele, “nimanyene emthandazweni ngokunxulumene nomyalelo wam, niya kuyifumana” (IMfundiso Neminqophiso 29:6). Enyanisweni, njengoko isityhilelo esityebileyo ngokwemfundiso kuyo IMfundiso neMinqophiso 29 ibonisa, iNkosi ngamanye amaxesha iphendula imibuzo yethu ngokusinika inyaniso nolwazi olungaphaya koko sikucelayo.
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
UBawo waseZulwini unecebo losindiso lwabantwana baKhe.
IMfundiso Neminqophiso 29 ifundisa iinyaniso ezininzi malunga necebo likaThixo ngabantwana baKhe. Njengokuba ufunda, khangela iinyaniso ozifundayo malunga nenxalenye nganye kwezi zilandelayo necebo laKhe:
-
Ubomi bangaphambili (bona imiqolo 36–37
-
Indalo (bona imiqolo 31–33
-
Ukuwa kuka-Adam no-Eva (bona imiqolo 40–41
-
Ubomi obunokufa (bona imiqolo 39, 42–45)
-
UVuko lwabafileyo (bona imiqolo 13, 26)
-
Umgwebo wokugqibela (bona imiqolo 12–13, 27–30)
Zeziphi iingqiqo ezintsha othe wazizuza? Ukuba iluncedo kuwe, ungazibhala kwisithuba osinikiweyo kunye nemifanekiso ekupheleni kolu lwandlalo. Ezi nyaniso zibuphembelela njani ubomi bakho?
Inkcukacha evela Come Unto Me [Yizani Kum], nguJenedy Paige
IMfundiso neMinqophiso 29:1–28
UYesu Krestu uyandimema ukuba ndincedise ekuhlanganiseni abantu baKhe phambi koKuza kwaKhe kweSibini.
UYesu Krestu uthetha ngokuhlanganisa abantu baKhe “njengesikhukukazi sihlanganisa amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso” (IMfundiso Neminqophiso 29:2 Olu thelekiso lukufundisa ntoni ngoYesu Krestu? Zeziphi iingcinga ezongezelelweyo okanye iimvakalelo eziza kuwe njengoko ufunda umzekeliso wesikhukukazi namantshontsho kolu lwandlalo? Cinga malunga nendlela omve ngayo uYesu Krestu ekuqokelele kwaye ekukhusela.
Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 29:1–11, khangela iingqiqo malunga:
-
Ngoobani abaya kuhlanganiswa.
-
Kuthetha ukuthini “ukuhlanganisa” kuKrestu.
-
Kutheni sihlanganisana kuYe.
Cingisisa ukuba kutheni ufuna abanye abantu bahlanganisane kuYesu Krestu. Yintoni oziva uphefumlelwe ukuba uyenze ukunceda?
Yintoni oyiva ukuba iNkosi izama ukukufundisa yona ngomsebenzi waYo wokuhlanganisa?
A Witness of God
UMongameli uRussell M. Nelson wathi: “Ngoku ukuhlanganiswa kuthatha indawo kwisizwe ngasinye. INkosi imisele ukusekwa kweZiyon kwindawo nganye apho ithe yanika abaNgcwele baYo ukuzalwa nobuzwe babo” (“The Gathering of Scattered Israel,” Liahona, Nov. 2006, 81). Ukuhlanganiswa ngolu hlobo kusinceda kanjani “silungi[selwe] kuzo zonke izinto” kokubuya koMsindisi kwesibini? (umqolo 8; bona kananjalo imiqolo 14–28).
IMfundiso neMinqophiso 29:31–35
“Zonke izinto kum zezasemoyeni.”
Njengokuba ufunda IMfundiso neMinqophiso 29:31–35, zibuze, “Ngayiphi ingqiqo yonke imiyalelo iyeyasemoyeni na?” Usenokudwelisa imiyalelo embalwa uze ucinge iinyaniso zokomoya ezinxulumene nomnye ngamnye.
Ukwazi ukuba “zonke izinto … zezasemoyeni” kuyichaphazela njani indlela oyijonga ngayo imiyalelo kaThixo? Cinga ngokujonga ngokomoya intsingiselo okanye injongo nakweminye imiba yobomi bakho.
Bona kananjalo 2 Nifayi 9:39.
Nikela ingqalelo kuYesu Krestu. “Sonke isihloko sevangeli [li]thuba lokufundisa nokufunda ngoYesu Krestu” (Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi, 6) Ufunda ntoni ngeempawu zaKhe, iindima zaKhe, nomzekelo waKhe njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 29?
IMfundiso neMinqophiso 29:36–50
UYesu Krestu usikhulula eKuweni.
Ungayisebenzisa njani IMfundiso neMinqophiso 29:36–50 ukucacisa ukuba kutheni sifuna intlawulelo ngoYesu Krestu?
Ukuwa kuka-Adam no-Eva kwazisa ukufa nesono ehlabathini, kodwa kananjalo yalungisa indlela yenkululeko novuyo ngoKrestu. Unaloo ngcinga engqondweni, funda imiqolo 39–43 kwaye uqaphele amagama namabinzana akuzisela uvuyo. Yintoni ekuchukumisayo ngento eyathethwa ngu-Adam no-Eva ngoKuwa ku Moses 5:10–12?
Why We Need a Savior
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
UBawo waseZulwini unecebo losindiso lwabantwana baKhe.
-
Ukuqala incoko ngecebo likaBawo waseZulwini ngathi, wena nabantwana bakho ninokuthetha ngexesha apho nenza isicwangciso, esifana nohambo okanye ukuphumeza umsebenzi othile. Ungabelana ngemizekelo yezicwangciso, njengekhalenda enezinto ezibhalwe kuyo okanye imiyalelo yokwenza into. Kutheni izicwangciso ziluncedo? Ungathetha ngoko uBawo waseZulwini afuna ukukufeza kwaye nokuba icebo laKhe lisinceda njani ukuba silifezekise.
-
Ungasebenzisa imifanekiso esekupheleni kolu lwandlalo ukunceda abantwana bakho bafumane imiqolo kuyo IMfundiso neMinqophiso 29 efundisa ngeendawo ezahlukeneyo zecebo likaBawo waseZulwini. Usenokusika kananjalo imifanekiso uze ucele abantwana bakho bayibeke ngolandelelwano oluchanekileyo. Kutheni sinombulelo ukwazi ukuba uBawo waseZulwini unecebo ngathi? Ukwazi ngalo kuphembelela njani ubomi bethu bemihla ngemihla?
IMfundiso neMinqophiso 29:1–2, 7–8
UYesu Krestu uhlanganisa abantu baKhe ngaphambi kokuba eze kwakhona.
-
Emva koko ningafunda le miqolo kunye kwaye nithethe omnye nomnye malunga nendlela isikhukukazi esiwakhusela ngayo amantshontsho aso kwaye oko kufana njani noko uMsindisi anokusenzela kona.
1:24Chicks and Hens
I Would Gather Thee [Ndiyakunihlanganisa Nina], nguLiz Lemon Swindle
-
Yintoni enokuphembelela abantwana bakho ukuba bafune ukunceda uMsindisi ahlanganise abantu baKhe? Mhlawumbi bangathanda ukuva amava omntu othe “wahlanganisana” kuYe ngokuzimanya neBandla laKhe. Ngokomzekelo, ngubani owazisa usapho lwakho eBandleni? Sisikelelwe njani ngokwamkela ubizo loMsindisi lokuhlanganisana kuYe? Thina singabanceda njani abanye bahlanganisene kuYe?
3:30Video: A Message for Children from President Russell M. Nelson
UYesu Krestu uya kuza kwakhona.
-
Nceda abantwana bakho baqaphele amabinzana esibhalo anxibelelena nento esemfanekisweni okanye engomeni. Yabelana omnye nomnye ngendlela oziva ngayo ngokuza kukaYesu Krestu emhlabeni kwakhona.
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.