Tshazimpuzi 7–13: ‘Nyusani Amazwi Enu … ukuBhengeza iVangeli Yam’: IMfundiso neMinqophiso 30–36,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“IMfundiso neMinqophiso 30–36,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Tshazimpuzi 7–13: “Nyusani Amazwi Enu … ukuBhengeza iVangeli Yam”
IMfundiso neMinqophiso 30–36
UParley P. Pratt wayelilungu leBandla ithuba elingange nyanga xa wabizelwa “entlango” ukuya kushumayela sivangeli (IMfundiso neMinqophiso 32:2). UThomas B. Marsh wayelilungu ixesha elikwalincinane kunolu xa waxelelwa, “Ilixa lemishini yakho lifikile” (IMfundiso neMinqophiso 31:3). U-Orson Pratt, u-Edward Partridge, nabanye abaninzi nabo babesanda kubhaptizwa xa kwakufika ubizo lwabo lomsebenzi wevangeli. Mhlawumbi ikho into esinokuyifunda kulo mzekelo namhlanje: ukuba uyazi ngokwaneleyo ukuba wamkele ivangeli ebuyisiweyo ngobhaptizo, wazi ngokwaneleyo ukuba wabelane ngayo nabanye. Ewe, sihlala sifuna ukwandisa ulwazi lwethu lwevangeli, kodwa uThixo akazange athandabuze ukubiza ezo “zingenamfundo” ukuba zishumayele ivangeli yaKhe (IMfundiso neMinqophiso 35:13). Ngokwenyani, Yena usimema sonke, “Vula umlomo wakho ubhengeze ivangeli yam” (IMfundiso neMinqophiso 30:5). Kwaye sikwenza oko ngokugqwesileyo oko hayi ngobulumko bethu namava kodwa “ngamandla [oMoya]” (IMfundiso neMinqophiso35:13).
Iingcebiso zokufunda eKhaya naseBandleni
Ndibezelwe ukuba ndibe lingqina likaYesu Krestu.
Nokuba unobizo olusesikweni okanye awunalo njengomfundisi, unokuba lingqina likaYesu Krestu “ngamaxesha onke, nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo” (Mozaya 18:9). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 30–36, bhala oko ukufundayo ngamathuba akho okwabelana ngevangeli. Unokwenza uluhlu lwezinto iNkosi ezicelayo kuwe kwaye nolunye uluhlu lwezithembiso iNkosi ezenzayo njengokuba usabelana ngevangeli (ngokomzekelo, bona IMfundiso neMinqophiso 30:8; 31:3–5; 32:1, 5; 35:13–15, 24). Ungajonga kananjalo imigaqo enokunceda wabelane ngevangeli. Yintoni oyifumanayo ekukhuthazayo ukuba “ubhengeze iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu”? (IMfundiso neMinqophiso 31:3).
Cinga ngokufunda umyalezo wakhe ngelixa ucinga ngabantu obaziyo, abahlobo, nosapho lwakho. Zeziphi izimvo eziza kuwe malunga nendlela onokwabelana ngayo nabo “ngoko [u]kuthandayo ngayo ivangeli kaYesu Krestu”? Ngaziphi iindlela onokubamema ngazo ukuba “baze babone,” “baze bakhonze,” yaye “baze babe ngamalungu”?
Inviting All to Come unto Christ: Sharing the Gospel
IMfundiso neMinqophiso 31:1–2, 5–6, 9, 13
INkosi ingandinceda kubudlelwane bosapho lwam.
Iintsapho ngeminyaka yee-1830 zaye zasokola luninzi lwemiba iintsapho ezijongene nayo namhla. Loluphi ukhokelo nezithembiso iNkosi eyathi yazinika uThomas B. Marsh malunga nosapho lwakhe kwiMfundiso neMinqophiso 31? (bona ngakumbi imiqolo 1–2, 5–6, 9, 13). Angakunceda njani amazwi aKhe kubudlelwane bosapho lwakho?
Doctrine and Covenants 32–33; 35
INkosi indilungiselela umsebenzi Yona efuna ndiwenze.
Ukufunda ubomi babantu ekuthethwe ngabo kuyo IMfundiso neMinqophiso 32–33; 35 inokunceda uqaphele indlela iNkosi ekulungiselela ngayo umsebenzi waYo. Olu lwalamano lwabasikelela njani abantwana bakaThixo? (bona IMfundiso neMinqophiso 35).
Nanku omnye umzekelo: U-Ezra Thayer wabhala ukuba ngaxa lithile ngaphambi kokuba abhaptizwe, waba nombono apho “indoda yeza yandiphathela umqulu wephepha yaza yandinika wona, kananjalo nexilongo yaza yandixelela ukuba [ndiyidlale]. Ndamxelela ukuba andizange [ndidlale] nayiphi na ebomini bam. Uthe ungakwazi [ukuyidlala], yizame. … Yenza esona sandi simnandi endakhe ndasiva” (“Revelation, October 1830–B, Revelation Book 1,” intshayelelo yembali, josephsmithpapers.org). Xa uJoseph Smith kamva wafumana isityhilelo sika-Ezra Thayer noNorthrop Sweet, ngoku ibhalwe njengayo IMfundiso neMinqophiso 33, u-Ezra wasitolika esi sityhilelo njengomqulu wephepha kumbono wakhe. INkosi yayimlungiselela njani u-Ezra umsebenzi Yona yamnika wona kuyo IMfundiso neMinqophiso 33:1–13?
Bobuphi ubungqina obubonayo bokuba isandla seNkosi sasisebomini bamalungu eBandla bokuqala? Ngubani iNkosi embeke ebomini bakho ukuba akuncede uze kuKrestu? Ukulungiselela njani Yena ukuba usikelele abanye ngokuthembeka kwakho, uthando, okanye isimemo sakho?
IMfundiso neMinqophiso 33:12–18
Ukuba ndakha ubomi bam kwivangeli yoMsindisi, andiyi kuwa.
IMfundiso neMinqophiso 33 yayibhekiswe kuNorthrop Sweet no-Ezra Thayer, amalungu amabini amatsha eBandla. UNorthrop walishiya iBandla kungekudala nje emva kokuba esi sityhilelo sasinikeziwe. U-Ezra wakhonza ngokunyaniseka ixeshana, kodwa naye waphela esiwa. Ukufunda ngabo kweli candelo kusenokukwenza ucinge ngendlela owakhelwe ngokuqinileyo ngayo “phezu kolwalwa” (imiqolo 13) yevangeli. Zeziphi iinyaniso kule miqolo ezinokunceda uhlale uthembekile kuMsindisi?
Bona kananjalo Hilamani 5:12
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga Liyahona kunye Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha.
Iingcebiso Zokufundisa Abantwana
Kufuneka ndigxile kakhulu kwizinto zikaThixo kunezinto zomhlaba.
-
Kusenokuba mnandi kubantwana bakho ukuzama ukwenza imisebenzi emibini ngaxeshanye, njengokucengceleza amazwi kwingoma abayithandayo ngelixa bebhala amagama awo onke amalungu entsapho yabo. Kutheni kunzima ukwenza izinto ezimbini ngexesha elinye? Nisenako ke ukufunda IMfundiso neMinqophiso 30:1–2 kunye. Zeziphi ezinye “izinto zomhlaba” ezinokusiphazamisa ekukhumbuleni uYesu Krestu nevangeli yaKhe? Sinokuyigcina njani ingqalelo yethu kuYe?
IMfundiso neMinqophiso 33:2–3, 6–10
Ndingabelana ngevangeli kaYesu Krestu.
-
Ukunceda abantwana bakho baqonde IMfundiso neMinqophiso 33:8-10, ungabamema ukuba bazame ukutsho ibinzana bevale imilomo ngelixa wena okanye abanye abantwana bakho beqikelela ukuba bathini. Funda imiqolo 8–10 kwaye ubacele ukuba bavule imilomo yabo ngalo lonke ixesha ibinzana elithi “vulani imilomo yenu” liphindaphindwa. Kutheni uBawo waseZulwini efuna thina sivule imilomo yethu kwaye sabelane nabanye ngevangeli? Singaxelela ntoni usapho nabahlobo bethu ngoMsindisi okanye ivangeli yaKhe? Nisenoku cula iculo elimalunga nokwabelana ngevangeli.
-
Cinga ngokwabelana ngamava oye waba nawo anxulumene nemigaqo okanye izithembiso kuyo IMfundiso neMinqophiso 30–34. Yintoni oyifundileyo okanye waziva ngayo ngoMsindisi wakho nomsebenzi waKhe njengokuba uMkhonzile Yena?
Zininzi iindlela zokwabelana ngevangeli.
Ngqina ngeentsikelelo ezithenjisiweyo. Xa umema abantwana ukuba baphile umgaqo wevangeli, ungabelana ngezithembiso athe uThixo wazenza ebantwini abaphila lo mgaqo. Ngokomzekelo, unganika ubungqina beentsikelelo Yena asinika zona xa sivula imilomo yethu kwaye sabelane ngevangeli.
IMfundiso neMinqophiso 33:12–13
Ndinokwakhela ubomi bam kwivangeli kaYesu Krestu.
-
Ungakhupha abantwana bakho phandle babone isiseko sekhaya labo okanye isakhiwo seBandla kwaye ubacele basichaze. Kutheni isakhiwo sifuna isiseko esomeleleyo, nesiqinileyo? Funda kunye nabo IMfundiso neMinqophiso 33:12–13, kwaye nabelane omnye nomnye ngeemvakalelo zenu malunga nokuba kutheni iNkosi ifuna ukuba sakhe ubomi bethu kwivangeli yaKhe. Kutheni “ulwalwa” iligama elilungileyo lokuchaza ivangeli? Singabakha njani ubomi bethu phezu kolwalwa lwevangeli? (bona kananjalo Mateyu 7:24–29).
Ngezimvo ezingakumbi, bona ukhutsho lwale nyanga lwencwadi Umhlobo.